“Ndingakwenza Njani . . . Ngaphandle Kokuba Ndikhokelwe Nguthile?”
1 Xa umvangeli uFilipu wabuza ithenwa elinguTiyopiya ukuba ngaba lalikuqonda kusini na oko lalikufunda eLizwini likaThixo, le ndoda yaphendula yathi: “Ngokwenene, ndingakwenza njani oko, ngaphandle kokuba ndikhokelwe nguthile?” Ngovuyo uFilipu walinceda ukuba liqonde iindaba ezilungileyo ezingoYesu, okwaphumela ekubeni le ndoda ibhaptizwe ngoko nangoko. (IZe. 8:26-38) UFilipu wayethobela uthumo oluvela kuKristu lokuba ‘enze abafundi abantu beentlanga zonke, ababhaptize aze abafundise.’—Mat. 28:19, 20.
2 Simele sithobele uthumo lokwenza abafundi, njengokuba wenzayo uFilipu. Noko ke, uhlobo lwenkqubela ekhawulezayo yokomoya eyenziwa lithenwa elingumTiyopiya aludli ngakubonakala kubantu esifunda nabo iBhayibhile. Loo ndoda, eyayiguqukele ebuYudeni yayiqhelene gqitha neZibhalo, yayinentliziyo entle ekuphela kwento eyayifuneka yayikukuba yamkele ukuba uYesu wayenguMesiya othenjisiweyo. Kulucelomngeni ukuba abo sifunda nabo abaqhelananga neBhayibhile, baye balahlekiswa ziimfundiso zonqulo lobuxoki, okanye batsaliswa nzima ziingxaki ezinzima zobuqu. Yintoni eya kusinceda ukuba sibe nempumelelo ekukhokeleleni izifundo zeBhayibhile ekuzahluleleni nasekubhaptizweni?
3 Qonda Iimfuno Zokomoya Zomfundi WeBhayibhile: Isihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani buka-Agasti 1998 saxubusha ngobude bexesha esifanele silichithe sifunda nabantu, sisebenzisa incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo nencwadi ethi Ulwazi. Sanikela olu lwalathiso: “Kufuneka sihlole inkqubela yesifundo ngokweemeko nesakhono somfundi. . . . Asifuni ukuba umfundi angacacelwa kuba nje sileqel’ ukugqiba. Kufuneka wonke umfundi abe nesiseko esomeleleyo sokholo lwakhe olutsha kwiLizwi likaThixo.” Ngenxa yoko, kucebiseka ukuba ungangxanyelwa umbandela okwincwadi ethi Ulwazi kuba kuzanywa ukugqitywa incwadi ngeenyanga ezintandathu. Kusenokufuneka ixesha elingakumbi ngaphezu kweenyanga ezintandathu ukuze kuncedwe abantu benze inkqubela esa ekubhaptizweni. Njengokuba uqhuba isifundo iveki ngeeveki, chitha naliphi na ixesha eliyimfuneko ukuze uncede isifundo siqonde size samkele oko sikufunda eLizwini likaThixo. Kwezinye iimeko, kusenokufuneka iiveki ezimbini okanye ezintathu ukuze kugutyungelwe isahluko esinye kwincwadi ethi Ulwazi. Oku kuya kuvumela ixesha lokuba kufundwe kuze kucaciswe izibhalo ezininzi ezibonisiweyo.—Roma 12:2.
4 Noko ke, kuthekani ukuba phezu kwako nje ukugqitywa kwencwadi ethi Ulwazi, uphawula ukuba ukuqonda komfundi inyaniso kufuna ukwandiswa okanye akakakhuthazeki ngokupheleleyo ukuba ayimele inyaniso aze ahlulele ubomi bakhe kuThixo? (1 Kor. 14:20) Yintoni engakumbi onokuyenza ukumkhokelela kwindlela esa ebomini?—Mat. 7:14.
5 Yanelisa Iimfuno Zokomoya Zesifundo SeBhayibhile: Ukuba kuyacaca ukuba lo mntu wenza inkqubela, nangona icotha, kwaye uya esiba noxabiso ngoko akufundayo, ngoko qhubeka nesifundo seBhayibhile kwincwadi yesibini emva kokuba igqityiwe incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo nencwadi ethi Ulwazi. Oku kusenokungabi yomfuneko kuzo zonke iimeko, kodwa xa kufuneka, qhubeka nesifundo kwincwadi ethi Uxolo Lokwenyaniso, ethi Ukumanyana Ekunquleni, okanye ethi Ilizwi LikaThixo. Inkoliso yabavakalisi inemibhalo yobuqu yezi ncwadi enokuyisebenzisa ukuba ibandla alinazo izixa zazo. Kuphela yincwadi ethi Ilizwi LikaThixo enokuodolwa kuMbutho. Kuzo zonke iimeko, incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo nencwadi ethi Ulwazi ziya kufundwa kuqala. Isifundo seBhayibhile, amabuyelo nexesha elichithwe kuqhutywa isifundo lifanele libalwe lize lifakwe kwingxelo, kwanokuba isifundo besibhaptiziwe ngaphambi kokuba sigqibe incwadi yesibini.
6 Ngaba oku kuthetha ukuba abo basandul’ ukubhaptizwa kodwa abafunde incwadi enye bafanele bancedwe kwakhona bafunde incwadi yesibini? Akuyomfuneko. Noko ke, basenokuba baye baphola okanye abakhange benze inkqubela enyanisweni, kwaye basenokuvakalelwa kukuba bafuna uncedo lobuqu ukuze bayisebenzise ngakumbi inyaniso ebomini babo. Kufanele kuthethwe nomveleli wenkonzo ngaphambi kokuba kuvuselelwe isifundo nomvakalisi obhaptiziweyo. Noko ke, ukuba wazi abathile ababefunde incwadi ethi Ulwazi kwixa elidluleyo kodwa abangazange benze inkqubela ukusa kwinqanaba lokuba bazahlulele babhaptizwe, usenokufuna ukuqonda enoba abangethandi kusini na ukuqalisa isifundo sabo seBhayibhile.
7 Luphawu lothando lwamaKristu ukunikela ingqalelo kumntu ngamnye onomdla esifunda naye. Injongo yethu kukunceda umfundi abe nembono ephangaleleyo ngenyaniso yeLizwi likaThixo. Unokwandula ke eme ngokuqinileyo, ayimele eyazi inyaniso aze ahlulele ubomi bakhe kuYehova, afuzisele oko kuzahlulela ngokubhaptizwa emanzini.—INdu. 40:8; Efe. 3:17-19.
8 Ngaba usakukhumbula okwenzekayo emva kokubhaptizwa kwethenwa elingumTiyopiya? “Lahamba linemihlali” njengomfundi omtsha kaYesu Kristu. (IZe. 8:39, 40) Ngamana thina nabo siye sabakhokela ngokunempumelelo endleleni yenyaniso singafumana uvuyo olukhulu ekukhonzeni uYehova uThixo—ngoku nangonaphakade!