IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Isikhumbuzo Esichaphazela Ubomi Bakho
    IMboniselo—2004 | Matshi 15
    • Isikhumbuzo Esichaphazela Ubomi Bakho

      XA UYESU KRISTU wayesemhlabeni, wasungula umsitho ozukisa uThixo. Lo yayikuphela komsitho wonqulo awayalela abafundi bakhe ngokungqalileyo ukuba bawugcine. YayisiSidlo seNkosi Sangokuhlwa, esikwaziwa ngokuba siSidlo Sangokuhlwa Sokugqibela.

      Masithi ulapho kodwa akubonwa xa kusenzeka iziganeko ezikhokelela kweso sihlandlo. UYesu kunye nabapostile bakhe bahlanganisene kwigumbi eliphezulu eYerusalem ukuza kubhiyozela iPasika yamaYuda. Bagqibile ukutya isidlo sePasika esiqhelekileyo, esiquka inyama yemvu eyosiweyo, imifuno ekrakra, isonka esingenagwele newayini ebomvu. Umpostile onganyanisekanga uYudas Skariyoti sele emkile yaye kungekudala uza kungcatsha iNkosi yakhe. (Mateyu 26:17-25; Yohane 13:21, 26-30) UYesu ukunye nabapostile bakhe abathembekileyo abali-11 kuphela. UMateyu ngomnye wabo.

      Ngokutsho kwengxelo kaMateyu owayelingqina lokuzibonela, le yindlela uYesu awasisungula ngayo iSidlo seNkosi Sangokuhlwa: “UYesu wathabatha isonka [esingenagwele] waza, emva kokucela intsikelelo, wasiqhekeza, wanika abafundi, wathi: ‘Thabathani, nidle. Oku kuthetha umzimba wam.’ Wathabatha nendebe [yewayini] waza, akuba ebulele, wayinika bona, esithi: ‘Selani kuyo, nonke; kuba oku kuthetha “igazi lam lomnqophiso,” eliza kuphalala ngenxa yabaninzi ukuze kuxolelwe izono.’”—Mateyu 26:26-28.

      Kwakutheni ukuze uYesu asungule iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa? Xa wayesenza esi sidlo, kwakutheni ukuze asebenzise isonka esingenagwele newayini ebomvu? Ngaba bonke abalandeli bakaKristu babeza kuthabatha kule mifuziselo? Esi sidlo sasiza kwenziwa ngokufuthi kangakanani? Yaye ngaba ngokwenene sinentsingiselo kuwe?

  • Umsitho WeSidlo SeNkosi Sangokuhlwa—Ufanele Wenziwe Njani?
    IMboniselo—2004 | Matshi 15
    • Umsitho WeSidlo SeNkosi Sangokuhlwa—Ufanele Wenziwe Njani?

      ECHAZA ngokweenkcukacha ngomsitho weSidlo seNkosi Sangokuhlwa, umKristu onguPawulos ubhala athi: “Kuba ndakwamkela eNkosini oko ndakunikezela kuni, okokuba iNkosi uYesu ngobusuku eyayiza kunikelwa ngabo yathabatha isonka yaye, emva kokubulela, yasiqhekeza yaza yathi: ‘Oku kuthetha umzimba wam ngenxa yenu. Oku kwenzeleni ukundikhumbula.’ Yenza ngokunjalo nangokuphathelele indebe, emva kokuba ifumene isidlo sangokuhlwa, isithi: ‘Le ndebe ithetha umnqophiso omtsha ongegazi lam. Ngamaxesha onke enisukuba niyisela, oku kwenzeleni ukundikhumbula.’ Kuba ngamaxesha onke enisukuba nisitya esi sonka, niyisela le ndebe, nihlala nibhengeza ukufa kweNkosi, ide ifike.”—1 Korinte 11:23-26.

      Njengoko uPawulos esitsho, uYesu wasungula iSidlo seNkosi Sangokuhlwa ‘ngobusuku uYesu awayeza kunikelwa ngabo’ nguYudas Skariyoti kwiinkokeli zonqulo zamaYuda ezanyanzela amaRoma ukuba abethelele uKristu. Esi sidlo sasingobusuku bangoLwesine, ngoMatshi 31, 33 C.E. UYesu wafela kumthi wentuthumbo ngemva kwemini yangoLwesihlanu, ngoAprili 1. Ngenxa yokuba iintsuku zekhalenda yamaYuda zaziqala xa kutshona ilanga ukusa ekutshoneni kwelanga kusuku olulandelayo, iSidlo seNkosi Sangokuhlwa senziwa ngosuku afa ngalo uYesu Kristu—ngoNisan 14, 33 C.E.

      Abo bathabatha isonka newayini babefanele ‘oku bakwenzele’ ukukhumbula uYesu. Ngokutsho kwenye inguqulelo, uYesu wathi: “Ze nenjenje ke ukundikhumbula.” (1 Korinte 11:24, IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996) ISidlo seNkosi Sangokuhlwa sikwabizwa ngokuba siSikhumbuzo sokufa kukaKristu.

      Kutheni Sifanele Senze ISikhumbuzo Sokufa KukaYesu?

      Impendulo inokufumaneka ngokuqonda intsingiselo yokufa kwakhe. UYesu wafa njengoyena ubalaseleyo ekuphakamiseni ulongamo lukaYehova. Ngaloo ndlela wamngqina uSathana elixoki kwisityholo sokuba abantu bakhonza uThixo kuphela ngenxa yezizathu zokuzingca. (Yobhi 2:1-5; IMizekeliso 27:11) Ngokufa kwakhe njengomntu ofezekileyo, kwakhona uYesu ‘wanikela ngomphefumlo wakhe ube yintlawulelo ngenxa yabaninzi.’ (Mateyu 20:28) Xa uAdam wona uThixo, waphulukana nobomi obufezekileyo nethemba lokuphila ngonaphakade. Kodwa “uThixo walithanda kakhulu ihlabathi [labantu] kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.” (Yohane 3:16) Eneneni, “umvuzo isono esiwuhlawulayo kukufa, kodwa isipho uThixo asinikayo bubomi obungunaphakade ngoKristu Yesu iNkosi yethu.”—Roma 6:23.

      Ngaloo ndlela ukufa kukaYesu Kristu kubandakanya izenzo ezikhulu zothando ezimbini—uthando olukhulu uYehova alibonakalise kubantu ngokunikela ngoNyana wakhe nothando lokuzincama uYesu awalubonakalisa kubantu ngokunikela ngobomi bakhe ngokuzithandela. ISikhumbuzo sokufa kukaYesu sibalaselisa ezi zenzo zimbini zothando. Ekubeni olu thando lubonakaliswa kuthi, ngaba asifanele sibonakalise umbulelo ngalo? Enye indlela esinokukwenza ngayo oku kukubakho kumsitho weSidlo seNkosi Sangokuhlwa.

      Intsingiselo Yesonka Newayini

      Xa wayesungula iSidlo seNkosi Sangokuhlwa, uYesu wasebenzisa isonka nendebe yewayini ebomvu njengemifuziselo. UYesu wathabatha isonka, waza ‘emva kokubulela, wasiqhekeza waza wathi: “Oku [isonka] kuthetha umzimba wam ngenxa yenu.”’ (1 Korinte 11:24) Esi sonka sasifanele siqhekezwe size sidluliswe yaye sityiwe kuba sasinkumnkum senziwe ngomgubo namanzi yaye sasingenagwele. KwiZibhalo, igwele lifuzisela isono. (Mateyu 16:11, 12; 1 Korinte 5:6, 7) UYesu wayengenasono. Ngoko ke umzimba wakhe ofezekileyo wawukufanelekele ukuba lidini lentlawulelo labantu. (1 Yohane 2:1, 2) Hayi indlela ekufaneleke ngayo ukuba isonka esisetyenziswayo esimela umzimba kaKristu wokwenyama sibe asinagwele!

      Kwakhona uYesu wathandazela indebe yewayini ebomvu engangxengwanga waza wathi: “Le ndebe ithetha umnqophiso omtsha ongegazi lam.” (1 Korinte 11:25) Iwayini ebomvu ekwindebe imela igazi likaYesu. Kwanegazi lemibingelelo yeenkunzi zeenkomo neleebhokhwe lawenza wasebenza umnqophiso woMthetho owawuphakathi kukaThixo nohlanga lakwaSirayeli ngowe-1513 B.C.E., ngoko ke igazi likaYesu elaphalalayo xa wayesifa lenza umnqophiso omtsha wasebenza.

      Ngoobani Abathabathayo?

      Ukuze sibazi abo bathabatha ngokufanelekileyo kwimifuziselo yeSikhumbuzo, sifanele siqonde oko kuphathelele umnqophiso omtsha nabo banenxaxheba kuwo. IBhayibhile ithi: “‘Khangela! Kuza imihla,’ utsho uYehova, ‘endiya kuthi ngayo ndenze umnqophiso omtsha nendlu kaSirayeli nendlu kaYuda . . . ndiza kuwufaka umthetho wam ngaphakathi kubo, ndize ndiwubhale entliziyweni yabo. Kwaye ndiza kuba nguThixo wabo, bona babe ngabantu bam. . . . Ndiya kusixolela isiphoso sabo, nesono sabo andiyi kuba sasikhumbula.’”—Yeremiya 31:31-34.

      Lo mnqophiso mtsha wenza kubekho ulwalamano olukhethekileyo noYehova uThixo. Ngenxa yalo mnqophiso, iqela elithile labantu liba ngabantu bakhe aze yena abe nguThixo walo. Umyalelo kaYehova ubhalwe ngaphakathi kubo, ezintliziyweni zabo, kwanabo bangengomaYuda alukileyo banokungena kumnqophiso omtsha wokuba nolwalamano noThixo. (Roma 2:29) Umbhali weBhayibhile uLuka ubhala ngenjongo kaThixo ‘yokuphethulela ingqalelo Yakhe ezintlangeni ukuba kuzo athabathe isizwana segama lakhe.’ (IZenzo 15:14) Ngokutsho kweyoku-1 kaPetros 2:10, ‘babekhe ababi sisizwana, kodwa ngoku basisizwana sikaThixo.’ IZibhalo zibhekisela kubo ‘njengoSirayeli kaThixo,’ oko kukuthi, uSirayeli wokomoya. (Galati 6:16; 2 Korinte 1:21) Ngoko ke, umnqophiso omtsha, ngumnqophiso ophakathi kukaYehova uThixo noSirayeli wokomoya.

      Kubusuku bakhe bokugqibela ekunye nabafundi bakhe, uYesu kwakhona wenza umnqophiso owahlukileyo kunye nabo. Wathi kubo: “Ndenza umnqophiso nani, kanye njengoko uBawo enze umnqophiso nam, wobukumkani.” (Luka 22:29) Lo ngumnqophiso woBukumkani. Inani labantu abangafezekanga abangeniswa kulo mnqophiso woBukumkani li-144-000. Emva kokuba bevuselwe ezulwini, baya kulawula noKristu njengookumkani nababingeleli. (ISityhilelo 5:9, 10; 14:1-4) Ngaloo ndlela, abo bakumnqophiso omtsha noYehova uThixo kwakhona bakumnqophiso woBukumkani noYesu Kristu. Ngabo kuphela abathabatha ngokufanelekileyo kwimifuziselo yeSidlo seNkosi Sangokuhlwa.

      Abo banelungelo lokuthabatha kwimifuziselo yeSikhumbuzo bazi njani ukuba banolwalamano olukhethekileyo noThixo yaye baziindlalifa kunye noKristu? UPawulos ucacisa esithi: “Umoya [oyingcwele] lowo ngokwawo ungqinelana nomoya wethu [utyekelo lwethu lwengqondo] ukuba singabantwana bakaThixo. Ukuba, ngoko, singabantwana, sikwaziindlalifa: eneneni iindlalifa zikaThixo, kodwa iindlalifa ezimanyene noKristu, ukuba nje sibandezeleka ndawonye naye ukuze sizukiswe ndawonye naye.”—Roma 8:16, 17.

      Ngomoya wakhe oyingcwele, okanye amandla asebenzayo, uThixo uthambisa iindlalifa ezikunye noKristu. Oku kuzenza ziqiniseke ukuba ziziindlalifa zoBukumkani. Kwenza amaKristu athanjisiweyo abe nethemba lokuphila ezulwini. Konke oko kuthethwa yiBhayibhile ngobomi basezulwini akujonga njengokubhekisela kuwo. Ngaphezu koko, akulungele ukuncama zonke izinto ezisemhlabeni, kuquka ukuphila emhlabeni nokuba nolwalamano nabantu. Nangona amaKristu athanjiswe ngomoya eqonda ukuba kuya kuba mnandi ukuphila kumhlaba oyiParadesi, eli asilothemba lawo. (Luka 23:43) Anethemba elingaguqukiyo lasezulwini kungekhona ngenxa yeembono ezingachananga zonqulo kodwa ngenxa yokusebenza komoya kaThixo, yaye ngenxa yoko akufanelekele ukuthabatha kwimifuziselo yeSikhumbuzo.

      Masithi ubani akaqinisekanga ukuba ukumnqophiso omtsha nakumnqophiso woBukumkani. Kwakhona kuthekani ukuba akanawo umoya kaThixo ongqinayo ukuba uyindlalifa kunye noKristu? Ngoko ke bekuya kuba kuphosakele ngaye ukuba athabathe kwimifuziselo yeSikhumbuzo. Eneneni, akuyi kumkholisa uThixo ukuba ubani esazi azenze lowo ubizelwe ezulwini ukuba ngukumkani nombingeleli ngoxa eneneni engenalubizo lunjalo.—Roma 9:16; ISityhilelo 22:5.

      Kufanele Kukhunjulwe Ngokufuthi Kangakanani?

      Ngaba ukufa kukaYesu kufanelwe kukhunjulwe veki nganye okanye suku ngalunye? Kaloku, uKristu wasungula iSidlo seNkosi Sangokuhlwa waza wabulawa ngokungekho sesikweni ngoSuku lwePasika. IPasika yayibakho kuphela kanye ngonyaka, ngoNisan 14, yaye yayisisikhumbuzo sokukhululwa kwamaSirayeli kubukhoboka baseYiputa. (Eksodus 12:6, 14; Levitikus 23:5) Ngoko ke ukufa ‘kukaKristu ipasika yethu’ kumele kukhunjulwe kuphela kanye ngonyaka, kungekhona veki nganye okanye suku ngalunye. (1 Korinte 5:7) Xa esenza umsitho weSidlo seNkosi Sangokuhlwa, amaKristu enza ngendlela uYesu awenza ngayo xa wayewusungula.

      Ngoko ke, ayethetha ukuthini amazwi kaPawulos athi: “Ngamaxesha onke enisukuba nisitya esi sonka, niyisela le ndebe, nihlala nibhengeza ukufa kweNkosi, ide ifike”? (1 Korinte 11:26) Apha uPawulos usebenzisa igama elithetha ukuthi “ngalo lonke ixesha,” okanye “nanini na.” Ngaloo ndlela, wayesithi nanini na amaKristu athanjisiweyo ethabatha kwimifuziselo, aya kuvakalisa ukholo lwawo kwidini likaYesu lentlawulelo.

      AmaKristu athanjisiweyo aya kwenza isikhumbuzo sokufa kukaKristu ‘de afike.’ Lo msitho uya kuqhubeka de uYesu afike eze kuthabathel’ abalandeli bakhe abathanjisiweyo ezulwini ngokubavusela kubomi bokomoya ebudeni “bobukho” bakhe. (1 Tesalonika 4:14-17) Oku kuvisisana namazwi kaKristu awawathetha kubapostile abanyanisekileyo abali-11 athi: “Ukuba ndiyemka ndize ndinilungiselele indawo, ndiya kuza kwakhona ndize ndinamkelele kum ekhaya, ukuze apho ndikhoyo mna nibe lapho nani.”—Yohane 14:3.

      Sinayiphi Intsingiselo Kuwe?

      Ngaba kuyimfuneko ukuba uthabathe kwimifuziselo yeSikhumbuzo ukuze uzuze kwidini likaYesu uze ufumane ubomi obungunaphakade emhlabeni? Akunjalo. Ayikho indawo eBhayibhileni ethi emva kokuba bevuselwe emhlabeni, abantu abahlonel’ uThixo abanjengoNowa, uAbraham, uSara, uIsake, uRebheka, uYosefu, uMoses noDavide baya kuze bathabathe kule mifuziselo. Sekunjalo, bona nabo bonke abo banqwenela ukuphila ngonaphakade emhlabeni bafanele babe nokholo kuThixo nakuKristu nakwilungiselelo likaYehova ledini likaYesu lentlawulelo. (Yohane 3:36; 14:1) Ukuze ufumane ubomi obungunaphakade, nawe ufanele ube nokholo olunjalo. Ukubakho kwakho kumsitho waminyaka le wokufa kukaKristu kuya kukukhumbuza ngelo dini likhulu yaye kufanele kukwenze ube nombulelo onzulu ngalo.

      Umpostile uYohane wagxininisa ukubaluleka kwedini likaYesu xa wathi: “Ndinibhalela [nani enithanjisiweyo] ezi zinto ukuze ningenzi sono. Ukanti, ukuba nabani na uthi enze isono, sinaye umncedi kuBawo, uYesu Kristu, lowo ulilungisa. Yena ungumbingelelo wokucamagushela izono zethu, kanti kungekhona ezethu kuphela kodwa kwanezehlabathi liphela.” (1 Yohane 2:1, 2) AmaKristu athanjisiweyo anokuthi idini likaYesu licamagushela izono zawo. Kodwa likwalidini lezono zehlabathi lonke, elenza abantu abathobelayo bafumane ubomi obungunaphakade!

      Ngaba uza kubakho ngoAprili 4, 2004, kwisikhumbuzo sokufa kukaYesu? AmaNgqina kaYehova aza kuba nesi sikhumbuzo ehlabathini lonke kwiindawo ahlanganisana kuzo. Ukuba uyile, uya kuzuza ngokuphulaphula intetho yeBhayibhile ebaluleke gqitha. Uya kukhunjuzwa ngoko sikwenzelwe nguYehova uThixo noYesu Kristu. Kwakhona kuya kuba yinzuzo ngokomoya ukuhlanganisana nabo banoxabiso olunzulu kuThixo nakuKristu nangedini likaYesu lentlawulelo. Esi sihlandlo sinokomeleza umnqweno wakho wokufumana ububele bukaThixo obungasifanelanga, obukhokelela kubomi obungunaphakade. Musa ukuvumela nantoni na ikuthintele. Yibakho kulo msitho uchukumis’ intliziyo ozukisa nokholisa uBawo wethu wasezulwini, uYehova uThixo.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share