-
IliShwaUkuqiqa NgeZibhalo
-
-
izihlo emhlabeni.”—Encyclopædia Britannica (1911), Umqu. II, iphe. 796.
Iyintoni imbono yoMdali woluntu ngolu qheliselo?
Dut. 18:10-12: “Maze kungafunyanwa namnye kuwe . . . [ovumisayo], nolitola, nohlaba izihlabo, . . . Kuba balisikizi kuYehova bonke abenza ezo zinto.”
Wathi kumaBhabhiloni: “Udiniwe bubuninzi bamaqhinga akho; mabamise kaloku, bakusindise oonocanda bezulu, oojongiinkwenkwezi, abakwazisayo ekuthwaseni kwenyanga ngenyanga izinto ezikuzelayo. Yabona, basuke baba njengeendiza; . . . Boba njalo kuwe abo uzixhamle ngabo, ababerhwebelana nawe kwasebuncinaneni bakho; elowo uya kundwendwela ecaleni lakhe, kungabikho ukusindisayo.”—Isa. 47:13-15.
-
-
ISikhumbuzo (Isidlo SeNkosi Sangokuhlwa)Ukuqiqa NgeZibhalo
-
-
ISikhumbuzo (Isidlo SeNkosi Sangokuhlwa)
Ingcaciso: Sisidlo esenziwa ukukhumbula ukufa kukaYesu Kristu; ngenxa yoko, sisikhumbuzo sokufa kwakhe, kufa oko okuye kwaba nemiphumo efikelela kude ngakumbi kunako nakuphi na okomnye umntu. Esi kuphela kwesiganeko iNkosi uYesu Kristu awayalela abafundi bakhe ukuba basikhumbule. Sikwaziwa ngokuthi siSidlo SeNkosi okanye siSidlo SeNkosi Sangokuhlwa.—1 Kor. 11:20.
Iyintoni intsingiselo yeSikhumbuzo?
Ebhekisa kubapostile bakhe abathembekileyo uYesu wathi: “Oku kwenzeleni ukundikhumbula.” (Luka 22:19) Xa wayebhalela amalungu ebandla lamaKristu azelwe ngomoya, umpostile uPawulos wongezelela oku: “Kuba ngamaxesha onke enisukuba nisidla eso sonka, niyisele loo ndebe, niyakwazisa ukufa kweNkosi, ide ifike.” (1 Kor. 11:26) Ngoko, esi Sikhumbuzo sitsalela ingqalelo ekhethekileyo kwimbaluleka yokufa kukaYesu Kristu ekuphunyezweni kwenjongo kaYehova. Sibalaselisa intsingiselo yokufa kukaYesu okulidini ingakumbi ngokuhlobene nomnqophiso omtsha nangokuhlobene nendlela ukufa kwakhe okubachaphazela ngayo abo baya kuba ziindlalifa zoBukumkani basezulwini kunye naye.—Yoh. 14:2, 3; Heb. 9:15.
ISikhumbuzo sikwayinto esikhumbuza ukuba ukufa kukaYesu nendlela okwenziwa ngayo, ngokuvisisana nenjongo kaThixo njengoko ichazwe kwiGenesis 3:15 nasemva koko, kwasebenzela ukuthethelela igama likaYehova. Ngokulondoloza ingqibelelo kuYehova de kube sekufeni kwakhe, uYesu wangqina ukuba isono sika-Adam sasingabangelwanga kuko nakuphi na ukusilela ekwenzeni koMdali umntu kodwa wangqina ukuba kunokwenzeka ukuba abantu bahlale behlonel’ uThixo ngendlela egqibeleleyo kwanaphantsi kwengcinezelo eqatha, ibe ngaloo ndlela uYesu wamthethelela uYehova uThixo njengoMdali noMongami Wendalo Iphela. Ngaphandle koko, uYehova wayenenjongo yokuba ukufa kukaYesu kwakuya kulungiselela idini labantu elifezekileyo elalifuneka ukuze kuhlawulelwe inzala ka-Adam, kuze ngaloo ndlela kubangelwe kube nokwenzeka ngamawaka ezigidi awayeya kuba nokholo ukuba aphile ngonaphakade kumhlaba oyiparadisi, ukuzalisekisa injongo kaYehova yangaphambili nangokubonakalisa uthando lwakhe olukhulu ngoluntu.—Yoh. 3:16; Gen. 1:28.
Onjani umthwalo ukuba mkhulu owawuphezu koYesu ngobusuku bakhe bokugqibela emhlabeni njengomntu! Wayeyazi injongo kaYise wasezulwini ngaye, kodwa kwakhona wayesazi ukuba kwakufuneka ezingqine ethembekile phantsi kovavanyo. Ukuba wayenokusilela, olunjani ugculelo engekwaba lulo kuYise ibe enjani ilahleko ekwakuya kuba yiyo kuluntu! Ngenxa yako konke okwakuya kufezwa ngokufa kwakhe, kwakufaneleke kunene ukuba uYesu ayalele ukuba kukhunjuzwe.
Iyintoni intsingiselo yesonka newayini ezihanjiswa eSikhumbuzweni?
Ethetha ngesonka esingenagwele uYesu awasinika abapostile bakhe xa waseka iSikhumbuzo, wathi: “Oku kuthetha umzimba wam.” (Marko 14:22, NW) Eso sonka safuzisela umzimba wakhe wenyama ongenasono. Lo mzimba wayeza kuwunikela ngenxa yethemba lobomi bexesha elizayo boluntu, ibe ngesi sihlandlo kutsalelwa ingqalelo ekhethekileyo kwithemba lobomi elifumaneka ngenxa yawo kwabo babeya kunyulelwa ukuba nesabelo noYesu kuBukumkani basezulwini.
Xa wayedlulisa iwayini kubapostile bakhe abathembekileyo, uYesu wathi: “Oku kuthetha ‘igazi lomnqophiso,’ eliza kuphalala ngenxa yabaninzi.” (Marko 14:24, NW) Loo wayini yafanekisela igazi lobomi bakhe. Ngegazi lakhe elaphalazwayo, kwakunokwenzeka ukuba baxolelwe izono abo banokholo kulo. Ngesi sihlandlo uYesu wayebalaselisa ukucocwa kwisono elaliya kukubangela kube nokwenzeka kubantu ababeza kuba ziindlalifa ezimanyene naye. Amazwi akwabonisa ukuba ngelo gazi umnqophiso omtsha ophakathi kukaYehova uThixo nebandla lamaKristu elithanjiswe ngomoya wawuya kwenziwa usebenze.
Bona kwanephepha 346-348, phantsi komxholo othi “UmThendeleko.”
Ngoobani abamele bathabathe kwisonka nakwiwayini?
Ngoobani abathabathayo xa uYesu wasungula iSidlo Senkosi Sangokuhlwa ngaphambi nje kokuba afe? Ngabalandeli bakhe abathembekileyo abalishumi elinanye uYesu awathi kubo: “Nam ndinimisela ubukumkani, njengokuba uBawo endimisele mna.” (Luka 22:29) Bonke babengabantu ababemenyelwe ukuba nesabelo noKristu kuBukumkani bakhe basezulwini. (Yoh. 14:2, 3) Bonke abathabathayo kwisonka nakwiwayini namhlanje ikwamele ibe ngabantu uKristu abazisa ‘ebukumkanini.’
Bangaphi abathabathayo abalapho? UYesu wathi ‘ngumhlambi omncinane’ kuphela ofumana uBukumkani basezulwini njengomvuzo wabo. (Luka 12:32) Inani elipheleleyo laliya kuba li-144 000. (ISityhi. 14:1-3) Elo qela laqalisa ukukhethwa ngowama-33 C.E. Ngokufanelekileyo, ngoku kumele ukuba kubekho inani elincinane kuphela elithabathayo.
Ngaba uYohane 6:53, 54 ubonisa ukuba kuphela ngabo bathabathayo abaya kufumana ubomi obungunaphakade?
Yoh. 6:53, 54: “Wathi ngoko uYesu kuwo, Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niyidle inyama yoNyana woMntu, nilisele igazi lakhe, aninabo ubomi kuni. Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, unobomi obungunaphakade; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela.”
Oku kutya nokusela ngokucacileyo kwakuya kufuneka kwenziwe ngokomfuziselo; kungenjalo lowo utyayo wayeya kuba uvukela umthetho kaThixo. (Gen. 9:4; IZe. 15:28, 29) Noko ke, kufanele kuphawulwe ukuba inkcazelo kaYesu ekuYohane 6:53, 54 yayingenziwa ngokuphathelele ukumiselwa kweSidlo SeNkosi Sangokuhlwa. Akukho namnye owamvayo owayenengcamango yombhiyozo wesonka newayini esetyenziselwa ukumela inyama negazi likaKristu. Alizange lichazwe elo lungiselelo de kwamalunga nonyaka kamva, yaye ingxelo kampostile uYohane ibalisa ngeSidlo SeNkosi Sangokuhlwa emva kwezahluko ezingaphezu kwezisixhenxe kamva (kuYohane 14) kwincwadi yeVangeli ebizwa ngegama lakhe.
Ngoko, umntu ‘unokuyidla njani inyama yoNyana womntu aze asele negazi lakhe’ ngokomfuziselo ngaphandle kokutya isonka newayini eSikhumbuzweni? Phawula ukuba uYesu wathi abo batya baze basele ngaloo ndlela babeya kuba “nobomi obungunaphakade.” Ngaphambilana kwindinyana yama-40, xa wayecacisa oko abantu bamele bakwenze ukuze babe nobomi obungunaphakade, wathi kuyintoni ukuthanda kukaYise? Kukuba “babe nobomi obungunaphakade bonke abambonayo uNyana, bakholwe kuye.” Ngoko, ngokusengqiqweni ‘ukutya inyama yakhe nokusela igazi lakhe’ ngokufuziselayo kwenziwa ngokukholwa kumandla okusindisa enyama negazi likaYesu elaphalalayo njengedini. Oku kuba nokholo kufuneka kubo bonke abaya kuzuza ubomi obungunaphakade, enoba kusemazulwini noKristu okanye emhlabeni oyiParadisi.
ISikhumbuzo simele senziwe ngokufuthi kangakanani, ibe nini?
UYesu akazange achaze ngokungqalileyo ukuba sasimele senziwe ngokufuthi kangakanani na. Wasuka nje wathi: “Oku kwenzeleni ukundikhumbula.” (Luka 22:19) UPawulos wathi: “Kuba ngamaxesha onke enisukuba nisidla eso sonka, niyisele loo ndebe, niyakwazisa ukufa kweNkosi, ide ifike.” (1 Kor. 11:26) Ibinzana elithi “ngamaxesha onke” akuyomfuneko ukuba lithethe izihlandlo ezininzi ngonyaka; linokuthetha minyaka le kangangethuba leminyaka emininzi. Ukuba ukhumbuza isiganeko esibalulekileyo, esinjengosuku lomtshato, okanye ukuba ilizwe likhumbuza isiganeko esibalulekileyo kwimbali yalo, senziwa ngokufuthi kangakanani na? Senziwa kanye ngonyaka ngomhla okwenzeka ngawo oko. Oku kukwanokuvisisana nesibakala sokuba iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa samiselwa ngomhla wePasika yamaYuda, isikhumbuzo saminyaka le ekwakungaseyomfuneko ukuba sigcinwe ngamaYuda athi angamaKristu.
AmaNgqina kaYehova iSikhumbuzo asenza emva kokutshona kwelanga ngoNisan 14, ngokwendlela ebala ngayo ikhalenda yamaYuda eyayiqhelekile ngenkulungwane yokuqala. Usuku lwamaYuda luqalisa emva kokutshona kwelanga luze luqhubeke de kube kukutshona kwelanga kwimini elandelayo. Ngoko uYesu wafa ngosuku olunye lwekhalenda yamaYuda awamisela ngalo iSikhumbuzo. Inyanga kaNisan yayiqala ukutshona kwelanga emva kokuba inyanga entsha neyiyeyona ikufutshane nethuba laxa ubusuku bulingana nemini entwasahlobo iye yabonakala eYerusalem. Umhla weSikhumbuzo ukwiintsuku ezili-14 emva koku. (Ngaloo ndlela umhla weSikhumbuzo usenokungangqamani nalowo wePasika egcinwa ngamaYuda anamhla. Kutheni kunjalo nje? Isiqalo seenyanga zawo zekhalenda simiselwe ukuba singqamane nenyanga entsha ebonwa zizazi ngeenkwenkwezi, asingqamani nenyanga entsha ebonakalayo eYerusalem, esenokubakho kwiiyure ezili-18 ukusa kwezingama-30 kamva. Kwakhona, inkoliso yamaYuda namhlanje igcina iSikhumbuzo ngoNisan 15, kungekhona ngowe-14 njengoko uYesu wenjenjalo ngokuvisisana noko kwachazwa nguMthetho kaMoses.)
-
-
USindisoUkuqiqa NgeZibhalo
-
-
USindiso
Ingcaciso: Kukulondolozwa okanye kukuhlangulwa kwingozi okanye kwintshabalalo. Oko kusenokuba kukuhlangulwa kwizandla zabacinezeli okanye zabatshutshisi. Kuwo onke amaKristu okwenyaniso, uYehova ngoNyana wakhe ulungiselela usindiso kwinkqubo ekhoyo nengendawo yezinto nokuhlangulwa kubukhoboka besono nokufa. Kwisihlwele esikhulu sabakhonzi abathembekileyo bakaYehova abaphila ebudeni ‘bemihla yokugqibela,’ usindiso luya kuquka ukulondolozwa ukutyhubela imbandezelo enkulu.
Ngaba uThixo, ngenceba yakhe enkulu, uya kuthi ekugqibeleni asindise lonke uluntu?
Ngaba eyesi-2 kaPetros 3:9 ibonisa ukuba iya kusindiswa yonke indalo? Ithi: “INkosi ayilibali dinga, njengoko abathile baba iyalibala; isuka izeke kade umsindo kuthi, ingangi kungatshabalala nabani [“ayifuni ukuba kutshabalale nabani na,” TEV]; inga bonke bangasinga enguqukweni.” Kungumnqweno kaThixo wenceba ukuba yonke inzala ka-Adam iguquke, ibe ngobubele wenze ilungiselelo lokuxolelwa kwezono zabo baguqukayo. Kodwa akanyanzeli nabani na ukuba alamkele elo lungiselelo. (Thelekisa iDuteronomi 30:15-20.) Abaninzi bayalichasa. Bafana nomntu orhaxwayo otyhiliza isilondolozi-bomi xa siphoselwa kuye nguthile onqwenela ukumnceda. Noko ke, kumele kuphawulwe ukuba xa umntu engaguquki akathunyelwa kwisihogo somlilo esingunaphakade. Njengoko eyesi-2 kaPetros 3:9 ibonisa, abo bangaguqukiyo baya kubhujiswa, okanye ‘batshabalale.’ Indinyana 7 ikwabhekisela ‘kwintshabalalo yabantu abangahloneli Thixo.’ Apha akuthethwa ngokusindiswa kwendalo yonke.—Bona kwanomxholo omkhulu othi “IsiHogo.”
-