IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Iindlela Zokusebenzisa Iintshayelelo Ezicetyisiweyo
    Ubulungiseleli BoBukumkani—2005 | Januwari
    • Iindlela Zokusebenzisa Iintshayelelo Ezicetyisiweyo

      1. Sifanele sizijonge njani iintshayelelo esizilungiselelwa yintlangano?

      1 Iintshayelelo zokuhambisa amaphephancwadi nezinye iimpapasho zivela rhoqo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Xa usentsimini, akuyomfuneko ukuzicengceleza ezi ntshumayelo. Zenzelwe ukusixhobisela ukuba sikwazi ukuqalisa incoko. Siya kuphumelela ngakumbi ukuba ezi ntshayelelo sizibeka ngamazwi ethu. Xa sithetha ngokusuka entliziyweni, umninimzi uyakhululeka yaye sibonisa ukunyaniseka nolweyiseko.—2 Kor. 2:17; 1 Tes. 1:5.

      2. Kutheni sifanele sicinge ngezithethe zasekuhlaleni xa silungiselela iintshayelelo zethu?

      2 Visisanisa Iintshayelelo Zakho Neemeko Zasekuhlaleni: Indlela esizishumayela ngayo iindaba ezilungileyo iphenjelelwa kakhulu zizithethe zasekuhlaleni. Ngaba kufuneka uqale ngokubulisa ngaphambi kokuba ungene emxholweni, okanye ngaba abantu bentsimi yenu bafuna ungene emxholweni zisuka? Oko kuyohluka ngokweendawo, maxa wambi ngokwabantu ngabanye. Kwakhona kufuneka sisebenzise ukuqonda xa sibuza imibuzo. Imibuzo eyamkelekileyo kwezinye iindawo kwezinye iindawo isenokubenza bangakhululeki abantu. Ngenxa yoko, simele sisebenzise ingqiqo size sivisisanise iintshumayelo zethu noko kwamkelekileyo ekuhlaleni.

      3. Kutheni simele siyazi imvelaphi nendlela abacinga ngayo abantu esithetha nabo?

      3 Ukongezelela, kufuneka sicinge ngemvelaphi nangendlela abacinga ngayo abantu bentsimi yethu xa silungiselela. Ngokomzekelo, uMateyu 6:9, 10 ubuya kumxubusha ngendlela eyahlukileyo nomKatolika ozinikeleyo kunaxa uxubusha nomntu ongaqhelananga nomthandazo othi “Bawo wethu osezulwini.” Ukuba sicamngca kwangaphambili, singakwazi ukuhlengahlengisa iintshayelelo zethu ukuze zibe nomtsalane kubantu esidibana nabo entsimini.—1 Kor. 9:20-23.

      4. Kutheni kubalulekile ukulungiselela kakuhle?

      4 Nokuba siceba ukusebenzisa iintshayelelo ezibhaliweyo, kusafuneka silungiselele kakuhle. Sifanele sisifunde ngenyameko eso sahluko okanye inqaku esithetha ngalo size sikhangele iingongoma ezinokuvuselela umdla. Emva koko simele siziquke kwiintshayelelo zethu. Ukuba siqhelene noko kukwiimpapasho zethu siya kuzihambisa ngehlombe.

      5. Sinokuyilungiselela njani intshayelelo eyahlukileyo?

      5 Ezinye Iintshayelelo: Ngaba simele sisebenzise iintshayelelo ezicetyisiweyo kuphela? Akunjalo. Ukuba unenye indlela okanye esinye isibhalo sisebenzise. Ngokukodwa xa uhambisa amaphephancwadi, kufuneka uwaphaphele amathuba okubonisa umninimzi amanye amanqaku anokubangela umdla kwintsimi yenu. Xa kuza kwenziwa umboniso ngezi ntshumayelo kwiNtlanganiso Yenkonzo kunokwenziwa amalungiselelo okuba kuboniswe nayiphi na intshumayelo ephumelelayo kwintsimi yenu. Ngale ndlela bonke banokuncedwa bahambise iindaba ezilungileyo ngokuphumelelayo.

  • Ingxelo Yenkonzo KaSeptemba
    Ubulungiseleli BoBukumkani—2005 | Januwari
    • Ingxelo Yenkonzo KaSeptemba

      Isimbuku Oovu. Oovu.

      Sabava. Baba. Abathe

      Botswana 1 388 53 83

      Lesotho 3 008 112 268

      Namibia 1 207 32 75

      St. Helena 125 - 1

      South Africa 75 219 1 789 6 531

      Swaziland 2 166 58 179

  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi
    Ubulungiseleli BoBukumkani—2005 | Januwari
    • Iintshayelelo Zamaphephancwadi

      IMboniselo Jan. 15

      “Thina nabantwana bethu sinqwenela ukufumana impilo esemgangathweni, kodwa abaninzi abanawo amandla okwenjenjalo. Ucinga ukuba singalilawula ikamva lethu? [Mvumele aphendule.] Eli phephancwadi lisibonisa ngokuphuma eBhayibhileni ukuba asikho buthathaka kodwa ikamva lethu lixhomekeke kukhetho esilwenzayo ngoku.” Funda iDuteronomi 30:19.

      IMboniselo Feb. 1

      “Ngaba ayikukhathazi into yokuba abantu abaninzi namhlanje bengamaxhoba engcinezelo nogonyamelo? [Chaza umzekelo wakutshanje owaziwayo ekuhlaleni, uze uvumele impendulo.] Eli phephancwadi lixubusha indlela uThixo abujonga ngayo ubomi bomntu. Kwakhona lichaza indlela aza kusihlangula ngayo kwimbandezelo ekhoyo.” Funda INdumiso 72:12-14.

      Vukani! Feb. 8

      “Enye yeengxaki esijamelana nazo namhlanje kukudandatheka. Ngaba akuvumelani nam kwelo? [Vumela impendulo.] IBhayibhile yaxela kwangaphambili ukuba oku kwakuya kwenzeka. [Funda eyesi-2 kuTimoti 3:1.] Eli phephancwadi linamacebiso anokukunceda wena nentsapho yakho nihlangabezane nokudandatheka.”

      “Xa sikhathazwa yimpilo, siyamxabisa ugqirha onolwazelelelo ngeemvakalelo zethu. Kodwa bangaphi abaguli abakhe bacingele iimvakalelo zoogqirha babo? [Mvumele aphendule.] Eli phephancwadi lihlolisisa iingxaki abajamelana nazo oogqirha, kwaye lixubusha nangekamva lezonyango.” Funda uIsaya 33:24.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share