-
Bancede Bafumane Ubungqina ObungakumbiUbulungiseleli BoBukumkani—2005 | Aprili
-
-
Bancede Bafumane Ubungqina Obungakumbi
1 Njengoko sishumayela iindaba ezilungileyo, ngokufuthi sidibana nabantu abangahlali kwintsimi yethu okanye abathetha olunye ulwimi, kuquka intetho yezandla. Abanye ebesifunda kakuhle nabo basenokufuduka kwintsimi yethu. Yintoni esinokuyenza ukuze abantu abanjalo bafumane ubungqina obungakumbi? Sinokusebenzisa ifomu ethi Nceda Ubuyele (S-43).
2 Abantu baziphulaphula ngenyameko iindaba ezilungileyo xa zishunyayelwa ngolwimi lwabo. (IZe. 22:1, 2) Xa sidibana naba bantu, siya kusisebenzisa ngokuphumelelayo isixhobo esisandul’ ukusifumana kwiindibano esiyincwadana ethi Good News for People of All Nations. Ngenxa yoko, kwiimeko ezininzi xa sidibana nomntu othetha olunye ulwimi, sifanele sizalise ifomu iS-43 nokuba loo mntu akanamdla kwisigidimi soBukumkani. Sekunjalo, xa bebaninzi abantu abathetha ulwimi lwasemzini ekushunyayelwa kubo rhoqo, kusenokungabikho mfuneko yokuba kuzaliswe le fomu ngaphandle kokuba umntu lowo unomdla.
3 Ukuzalisa Ifomu: Ngobuchule zabalazela ukufumana igama laloo mntu, idilesi kwanenombolo yakhe yefowuni. Chaza umdla anawo lo mntu, ixesha anokufumaneka ngalo, uncwadi alunikiweyo okanye alucelileyo, nolwimi aluqonda lula. Emva kokuzalisa le fomu, ngoko nangoko yidlulisele kunobhala webandla, yena uya kuyithumela kwibandla okanye kwiqela elifanelekileyo.
4 Ukuthumela Ifomu: Ukuba unobhala akazi ukuba ufanele ayithumele kwiliphi ibandla okanye iqela le fomu okanye akanayo idilesi yeposi, unokufowunela eofisini kwiTerritory Desk ukuze afumane inkcazelo efunekayo. Akusekho mfuneko yokuchazela umveleli wesixeko xa kuthunyelwa ifomu.
5 Nanini na ibandla okanye iqela lifumana ifomu ezaliswe ngokupheleleyo ethi Nceda Ubuyele, ngoko nangoko kumele kwenziwe amalungiselelo okudibana naloo mntu. Njengoko siyenza ngenzondelelo inxalenye yethu, sinokuqiniseka ukuba uYehova uya kuzivula iintliziyo zabo “banotyekelo olufanelekileyo ngobomi obungunaphakade.”—IZe. 13:48.
-
-
Baveleli Bezixeko:Ubulungiseleli BoBukumkani—2005 | Aprili
-
-
Baveleli Bezixeko:
KuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJuni 1996 kwakukho Isingxobo Semibuzo esasiphendula umbuzo othi: “Igama elithi amaNgqina kaYehova lifanele libhalwe ngayiphi indlela kwincwadi yeemfonomfono yasekuhlaleni?” Kwanikelwa olu lwalathiso lulandelayo: “Kwizixeko ezinamabandla aliqela, sincomela oku kulandelayo: Jehovah’s Witnesses, (Isixeko okanye Idolophu), kulandele ukudweliswa kwawo ngokoonobumba kubhalwe amagama, iikhelingi zeeHolo zoBukumkani neenombolo zemfonomfono.”
Iingxelo zibonisa ukuba kukho amabandla aliqela angekafaki iiHolo zoBukumkani zawo kwiincwadi zemfonomfono okanye angayenzanga ngendlela echanileyo loo nto. Le nto iye yadala iingxaki, ngokukodwa kwizixeko ezikhulu ezinamabandla amaninzi. Sicela abaveleli bezixeko bakhokele ekuhloleni onke amabandla adweliswe kwiindawo abakuzo. Kwiidolophu ezincinane ifanele ibe ngumveleli owongamelayo oqinisekayo ukuba luyalandelwa olu lwalathiso. Ukuba amabandla abhaliswe ngendlela engachananga okanye akafakwanga kwaukufakwa, umveleli wesixeko (okanye umveleli owongamelayo kwiidolophu ezincinane) ufanele anxibelelane nabapapashi bencwadi yemfonomfono ukuze ongeze okanye alungise loo nto ifuna ukulungiswa, elandela ngenyameko imiyalelo ekuBulungiseleli Bethu BoBukumkani.
-