Ukushumayela Kusinceda Sinyamezele
1 ILizwi likaThixo liyasibongoza ukuba “silubaleke ngonyamezelo ugqatso olubekwe phambi kwethu.” (Heb. 12:1) Kanye njengokuba imbaleki kufuneka inyamezele ukuze iphumelele, nathi kufuneka sinyamezele ukuze sifumane ibhaso elibubomi obungunaphakade. (Heb. 10:36) Ubulungiseleli bamaKristu bunokusinceda njani ukuba sinyamezele de kuse ekupheleni?—Mat. 24:13.
2 Siyomelela Ngokomoya: Ukuvakalisa kwethu isithembiso esimangalisayo seBhayibhile sehlabathi elitsha lobulungisa kuyasinceda siligcine liqaqambile ithemba lethu. (1 Tes. 5:8) Xa sisiya rhoqo entsimini, sifumana ithuba lokwazisa abantu iinyaniso esiye sazifunda eBhayibhileni. Sifumana ithuba lokulumela ukholo lwethu, nto leyo esincedayo ukuze somelele ngokomoya.
3 Ukuze siphumelele ekufundiseni abanye, nathi simele siyiqonde kakuhle inyaniso yeBhayibhile. Kufuneka senze uphando size sicamngce ngombandela. Umgudu onyanisekileyo esiwenzayo usenza sibe nolwazi olungakumbi, womeleza ukholo lwethu kwaye uyasihlaziya ngokomoya. (IMize. 2:3-5) Ngaloo ndlela, njengoko sizama ukunceda abanye, nathi siyomelela.—1 Tim. 4:15, 16.
4 Ukukhuthalela intsimi kuyinxalenye ebalulekileyo ‘yesikrweqe sikaThixo’ ekufuneka sisambathe ukuze simelane noMtyholi needemon zakhe. (Efe. 6:10-13, 15) Ukuxakeka kwethu yinkonzo engcwele kusinceda sigcine iingqondo zethu zicinga ngezinto ezakhayo kwaye zingonakaliswa lihlabathi likaSathana. (Kol. 3:2) Njengoko sifundisa abanye iindlela zikaYehova, nathi sikhunjuzwa ngemfuneko yokugcina ihambo yethu ingcwele.—1 Pet. 2:12.
5 UThixo Usinika Amandla: Ekugqibeleni, ukuhambisa kwethu ivangeli kusifundisa ukuba sayame ngoYehova. (2 Kor. 4:1, 7) Enjani yona intsikelelo! Ukumthemba ngolo hlobo kuyasixhobisa ukuba singaneli nje ukuzalisekisa ubulungiseleli bethu kodwa sihlangabezane nazo naziphi na iimeko ezivelayo ebomini. (Fil. 4:11-13) Ngokwenene, ukufunda ukuthembela ngoYehova ngomzimba ongenaxhala kusisikhokelo sokunyamezela. (INdu. 55:22) Ukushumayela kusinceda ngeendlela eziliqela ukuba sinyamezele.