IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Ukuhambisa Uncwadi Kwintsimi Ekuthethwa Iilwimi Ezininzi Kuyo
    Ubulungiseleli BoBukumkani—2003 | Julayi
    • Ukuhambisa Uncwadi Kwintsimi Ekuthethwa Iilwimi Ezininzi Kuyo

      1. Kutheni amabandla amaninzi efuna uncwadi ngolwimi lwasemzini?

      1 Kwiindawo ezininzi, sele kukho abantu abavela kwamanye amazwe. Inkoliso yaba bantu bafunda ngokukhawuleza yaye baqonda ngakumbi xa befundiswa ngolwimi lwabo. Yintoni enokwenziwa ukuze abantu abanomdla bafumane iimpapasho zeBhayibhile ngolwimi abaluqondayo?

      2. Yiyiphi intsebenziswano efunekayo xa amabandla amabini okanye ngaphezulu athetha iilwimi ezahlukeneyo esebenza intsimi efanayo?

      2 Ixesha Lokuhambisa Uncwadi: Xa amabandla amabini okanye ngaphezulu athetha iilwimi ezahlukeneyo esebenza intsimi efanayo, amaqumrhu abadala abandakanyekileyo aya kuthethathethana esebenzisa abaveleli benkonzo ukuze benze ucwangciso lokushumayela ngokucokisekileyo kwiqela ngalinye. Xa nishumayela kwindlu ngendlu, nishumayela ngokungacwangciswanga, okanye kwiindawo zikawonke-wonke, hambisani uncwadi ngeelwimi zasekuhlaleni.

      3. Kunini apho ibandla lifanele liodole uncwadi ngolwimi lwasemzini?

      3 Ixesha Lokuodola Uncwadi: Yintoni enokwenziwa ukuba kukho iqela labantu abathetha ulwimi lwasemzini kuloo mmandla kodwa libe lingekho ibandla elithetha olo lwimi? Kwiimeko ezinjalo, ibandla linokuodola izinto ezimbalwa ezifumaneka ngolo lwimi, njengamaphecana, incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo nethi Umhlobo kaThixo nencwadi ethi Ulwazi. Abavakalisi banokuhambisa olo ncwadi nanini na bedibana nomntu onokulufunda olo lwimi.

      4. Lunokufunyanwa njani uncwadi ngolwimi olungekhoyo ebandleni?

      4 Indlela Yokuodola Uncwadi: Ukuba ibandla alinalo uncwadi ngolwimi olufundwa nguloo mntu unomdla, lunokufumaneka njani uncwadi ngolo lwimi? Umvakalisi ufanele athethe nesicaka soncwadi ukuze azazi iimpapasho ezifumanekayo ngolo lwimi nokuze ezo zinto zifunekayo zifakwe kwioda elandelayo.

      5. Yintoni enokwenziwa ukuba uncwadi lufuneka ngaphambi kokuba kufike iodolo elandelayo?

      5 Ukuba zifuneka ngokungxamisekileyo, umvakalisi usenokubuza ilungu leKomiti Yenkonzo Yebandla enoba loo oda ayinakufakwa ngaphambi kweoda elandelayo yoncwadi lwebandla. Ukuba siye samkelwa esi sicelo, umveleli woncwadi okanye omnye owabelwe nguye usenokuthumela isicelo esikhawulezileyo ngeposi okanye atsalele iofisi yesebe umnxeba. Uncwadi luya kuthunyelwa kwidilesi eqhelekileyo yebandla okanye kwidilesi yexeshana, ukuba kuyimfuneko.

      6. Iyintoni injongo yethu ngokwenza iimpapasho zamaKristu zifumaneke?

      6 Ngamana singazisebenzisa kakuhle iimpapasho zamaKristu ukuze sincede “zonke iintlobo zabantu,” enoba bathetha oluphi ulwimi, ‘ukuze bafikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.’—1 Tim. 2:3, 4.

  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi
    Ubulungiseleli BoBukumkani—2003 | Julayi
    • Iintshayelelo Zamaphephancwadi

      IMboniselo Jul. 15

      “Abantu abaninzi baphawula umkhwa owandayo wabantu abathanda ukuzenza amakheswa. Ucinga ukuba elo likhondo lobulumko? [Mvumele aphendule.] Khawuve eli cebiso lobulumko ngokubaluleka kobuhlobo. [Funda INtshumayeli 4:9, 10.] Eli phephancwadi lixubusha isizathu sokuba sonke sibafuna abanye nendlela enokuconjululwa ngayo ingxaki yobukheswa.”

      IMboniselo Aga. 1

      “Ngaba ubusazi ukuba enye ingxelo ibonisa ukuba abantu abangaphezu kwesiqingatha abalapha ehlabathini baphila ngemali engaphantsi kwee-R15 ngemini? Ucinga ukuba ikho into enokwenziwa ukuze kulungiswe le ngxaki? [Mvumele aphendule.] Le nkupho yeMboniselo ibonisa ukuba isicombululo sokwenene sobuhlwempu siseBhayibhileni.”—Funda INdumiso 72:12, 13, 16.

      Vukani! Aga. 8

      “Abantu abaninzi bakhathazwa kukwanda kwemifanekiso ebonisa amanyala. Ucinga ukuba bafanele bakhathazeke? [Mvumele aphendule.] Icebiso lobulumko elifumaneka eBhayibhileni linokusikhusela. [Funda eyabase-Efese 5:3, 4.] Eli phephancwadi libonisa indlela esinokuzikhusela ngayo kulo bhubhani.”

      “Kwiminyaka yakutshanje, iintlekele ezibangelwa yimozulu eziye zenzeka ziye zabangela umonakalo ongathethekiyo ehlabathini lonke. Ucinga ukuba yintoni enokwenziwa ukuze kupheliswe ukubandezeleka? [Mvumele aphendule.] Eli phephancwadi lixubusha ngengxaki yokutshintsha kwemozulu kunye nesicombululo esiseBhayibhileni.”—Funda uIsaya 35:1.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share