-
Isikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli—Umnyango Omkhulu Okhokelela EmsebenziniUbulungiseleli BoBukumkani—2004 | Agasti
-
-
imfuneko. Kufuneka babe nesimo sengqondo esifana nesomprofeti uIsaya, owazinikela ngomdla ekwenzeni umsebenzi okhethekileyo, esithi: “Ndikho! Thuma mna.” (Isa. 6:8) Kwakhona, wazithoba ukutyhubela bonke ubomi bakhe. Abo bafaka izicelo zokuya kwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli bafanele baqhutywe kukuthanda abazalwana babo nokufuna ukubakhonza, kunokufuna udumo nokuvelela. Emva kokuba befumene olu qeqesho, abo baphumeleleyo kulindelwe ukuba bazisebenzise izinto abazifundileyo ukuze kungenelwe abanye.—Luka 12:48.
7 Iingenelo: Kwiinyanga ezisibhozo zoqeqesho olunzima, abaphumeleleyo “bondliwa ngamazwi okholo nawemfundiso entle.” (1 Tim. 4:6) Oku kubaxhobisela ukuba bancede baze bakhuthaze abanye abakumabandla nakwiziphaluka ababelwe kuzo. Kwiindawo ezininzi ababelwe kuzo abaphumelele kwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli, uye wenziwa ngokongezelelekileyo umsebenzi wasentsimini, kwakhuthazwa inkonzo yobuvulindlela, ingakumbi kwabaselula, yaye kuye kwanikelwa ingqalelo ekhethekileyo engakumbi kwabo baqalayo ukunxulumana nabantu bakaThixo.
8 Ngaba ungumdala ongatshatanga okanye isicaka solungiselelo esineminyaka ephakathi kwama-23 nama-50 ubudala? Kutheni ungakhe ucingisise ngokufaka isicelo sokuya kwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli? Ngaba ungumzalwana oselula ocingisisa nzulu ngosukelo lwakhe lwexa elizayo enkonzweni kaYehova? Kutheni ungaphili ubomi obulula nobungenaziphazamiso ukuze ungene kulo ‘mnyango mkhulu ukhokelela emsebenzini’? Unokukubangela uvuyo olukhulu nolwaneliseko. Ewe, iSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli siye sayingenelo kungekuphela nje kwabo baphumelele kuso kodwa kumabandla abantu bakaThixo asehlabathini lonke.
-
-
Ilungiselelo Elitsha Lempinda Yocwangciso Lwendibano YesiphalukaUbulungiseleli BoBukumkani—2004 | Agasti
-
-
Ilungiselelo Elitsha Lempinda Yocwangciso Lwendibano Yesiphaluka
Njengoko ihlabathi likaSathana lihambela phambili ebubini, uYehova uyasomeleza ukuze “sizilumle kuko ukungabi nabuthixo nakwiminqweno yehlabathi size siphile ngengqondo ephilileyo nangobulungisa nangozinikelo lobuthixo phakathi kwale nkqubo yezinto.” (Tito 2:12) Phakathi kwamalungiselelo asenzela wona ‘ngekhoboka elithembekileyo neliyingqondi,’ yindibano yesiphaluka nendibano ekhethekileyo yosuku olunye esiyifumana minyaka le. (Mat. 24:45) Hayi indlela ezisomeleza ngayo ezi ndibano zokomoya!
Ukuze imfundiso esiyifumene kwezi ndibano ihlale inkenteza ezingqondweni zethu size siyisebenzise, kuye kwenziwa ilungiselelo elitsha lempinda yezi ndibano neliza kusetyenziswa kunyaka wenkonzo yowama-2005. Iphepha 5-6 lesi sihlomelo linamanqaku asibonisa oko sikuqulathelwe zezi ndibano kwanemibuzo yempinda yocwangciso lwendibano nganye. Kungekudala ngaphambi kokuba aye kwindibano yawo kwanasemva nje kwendibano, amabandla aya kuqwalasela le nkcazelo kwiNtlanganiso Yenkonzo. Iya kulungiselelwa njani?
Kwiveki enye okanye ezimbini ngaphambi kokuba ibandla liye endibanweni yesiphaluka, kwiNtlanganiso Yenkonzo kuya kunikelwa intetho yemizuzu elishumi esekelwe kwinqaku elithi “Ucwangciso Olutsha Lwendibano Yesiphaluka,” eya kwenza abantu bakhangele phambili kucwangciso. Isithethi siya kutsalel’ ingqalelo nakwimibuzo yempinda size sibakhuthaze bonke ukuba bathabathe amanqaku belungiselela impinda eya kwenziwa kwiiveki ezimbalwa emva kwendibano
Kwiiveki ezimbalwa emva kwendibano, kwiNtlanganiso Yenkonzo kuya kuqukwa impinda yosuku lokuqala lwendibano eya kuthabatha imizuzu eli-15. Kwiveki elandelayo, kuya kunikelwa ngemizuzu eli-15 ukuze kwenziwe impinda yosuku lwesibini lwendibano. Ezo ngxubusho ziya kusekelwa kwImibuzo yempinda ekwesi sihlomelo. Impinda ifanele inikel’ ingqalelo kwindlela emele isetyenziswe ngayo le nkcazelo. Abadala basenokulungiselela ukunciphisa ixesha lezinye iinxalenye zeNtlanganiso Yenkonzo, ukuziyeka zingenziwa okanye ukuzibekela elinye ixesha ukuze kwenziwe le nxalenye yempinda.
Kuya kwenziwa okufanayo nangendibano ekhethekileyo yosuku olunye, umahluko uya kuba kukuba kuya kubakho inxalenye enye yemizuzu eli-15 ekuya kwenziwa ngayo impinda. Sonke siya kufuna ukusigcina esi sihlomelo size sisisebenzise ekubeni singenelwe ngokupheleleyo kwimfundiso kaYehova.—Isa. 48:17, 18.
-