IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Oko Sikutyala Abanye
    Ubulungiseleli BoBukumkani—2005 | Julayi
    • Oko Sikutyala Abanye

      1 Umpostile uPawulos waziva enyanzelekile ukuba ashumayele ebantwini. Wayesazi ukuba uYehova wayefuna ukuba zonke iintlobo zabantu zisindiswe ngegazi elixabisekileyo loNyana Wakhe. (1 Tim. 2:3-6) Ngenxa yoko, uPawulos wathi: “Ndinetyala kumaGrike nakumaBharbhari, kwizilumko nakwabangenangqiqo.” Wazibhokoxa ngamandla ekuhlawuleni ityala lakhe kwabanye abantu ngokubashumayeza iindaba ezilungileyo.—Roma 1:14, 15.

      2 NjengoPawulos, amaKristu anamhlanje azabalazela ukuxhakamfula naliphi na ithuba elivelayo lokushumayela iindaba ezilungileyo kubamelwane. Ekubeni “imbandezelo enkulu” isiza ikhawulezile, nathi sifanele siwujonge njengongxamisekileyo umsebenzi wokufuna abantliziyo zinyanisekileyo. Ngamana ukubathanda ngokunyanisekileyo abantu kungasishukumisela ekubeni sikhuthale kulo msebenzi wokusindisa ubomi.—Mat. 24:21; Hez. 33:8.

      3 Indlela Yokuhlawula Ityala Lethu: Eyona ndlela iphambili yokufikelela abantu kukushumayela kwindlu ngendlu. Kwintsimi apho abantu abaninzi bengafumaneki kumakhaya abo, ukugcina ingxelo echanileyo nokubuyela kubo ngexesha elahlukileyo kuya kusinceda sifumane abantu abangakumbi. (1 Kor. 10:33) Sinokubafikelela abantu nangokushumayela kwintsimi yamashishini, ezitratweni, kwiipaki, kwiindawo zokupaka iimoto nangokusebenzisa umnxeba. Sinokuzibuza, ‘Ngaba ndizama zonke iindlela zokushumayela ukuze ndidlulisele isigidimi sobomi ebantwini?’—Mat. 10:11.

      4 Omnye uvulindlela waziva enyanzelekile ukuba afikelele bonke abantu kwintsimi awayeyisebenza. Kwakukho ndlu ithile eyayihlala ivaliwe, yaye kungekho mntu kuyo. Noko ke, ngenye imini xa lo vulindlela wayengekho ntsimini, wabona imoto imi phambi kwalo mzi uhlala ungenamntu. Ezimisele ukuba angaphoswa lelo thuba, waya kunkqonkqoza kule ndlu. Kwavela indoda ethile, ibe incoko ababa nayo yakhokelela ekubeni lo dade nomyeni wakhe babuyele ngokuphindaphindiweyo kule ndoda. Ekugqibeleni, loo ndoda yasamkela isifundo seBhayibhile, ibe ngoku ingumzalwana obhaptiziweyo. Inombulelo ongazenzisiyo kuba lo dade waye waziva ebophelelekile ukuba ahlawule ityala lakhe ngokushumayela kwabanye.

      5 Ekubeni ngoku ixesha lixhatshwe yinja, sifanele silihlawule ityala esinalo kwabanye abantu ngokuzibhokoxa ngamandla kumsebenzi wokushumayela.—2 Kor. 6:1, 2.

  • Icandelo 11: Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela
    Ubulungiseleli BoBukumkani—2005 | Julayi
    • Icandelo 11: Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela

      Ukunceda Abafundi Benze Amabuyelo

      1 Xa isifundo seBhayibhile siqala ukuya entsimini, siya kudibana nabantu abanomdla kwiindaba ezilungileyo. Sinokumnceda njani lo mfundi mtsha ukuba enze amabuyelo ngendlela ephumelelayo yaye akwazi ukuhlakulela umdla awufumanayo?

      2 Makulungiselelwe utyelelo olulandelayo kwakwisihlandlo sokuqala. Khuthaza isifundo ukuba sibe nomdla wokwenene kubantu esithetha nabo. (Fil. 2:4) Qhubeka usiqeqeshela ukuba simvumele umninimzi ukuba athethe oko kusentliziyweni, simphulaphule, size sinikel’ ingqalelo kwizinto ezimxhalabisayo. Xa umntu enomdla, sibonise ukuba sibhale zonke iinkcukacha ezibalulekileyo ngaloo ngxubusho bebenayo. Sebenzisa ezo nkcukacha ukuze usincede xa silungiselela ukubuyela ukuze baqhubeke nengxoxo.

      3 Ukulungiselela Ukubuyela: Phindani nihlolisise oko bekuxutyushwa kutyelelo lokuqala, uze ubonise isifundo indlela yokukhetha isigidimi soBukumkani esiya kubangela umdla kuloo mntu. (1 Kor. 9:19-23) Lungiselelani kunye intshumayelo emfutshane nisebenzisa isibhalo sibe sinye esikwisiqendu esikwimpapasho efundwayo. Ukongezelela, lungiselelani umbuzo esiza kuwuphakamisa xa siqukumbela ingxubusho size siwuphendule kwixa elizayo. Bonisa lo mvakalisi mtsha indlela yokwandisa ulwazi lweLizwi likaThixo kumninimzi sihlandlo ngasinye sibuyela.

      4 Kwakhona kuyanceda ukumbonisa indlela elula yokuqalisa ingxoxo kwibuyelo. Emva kokubulisa, usenokuthi: “Ibimnandi ngokwenene ingxoxo yethu kwixa elidluleyo, ngoku ndize kukuchazela ukuba iBhayibhile ithini nge- [chaza oko uze ngako].” Usenokude umbonise oko amele akuthethe xa kukho omnye umntu kuloo ndlu.

      5 Zingisa Ekubuyeleni Kwabanomdla: Sikhuthaze isifundo ukuba sibe ngumzekelo ekubuyeleni ngokukhawuleza kubo bonke abantu abanomdla. Ukuze sibafumane abo sibuyela kubo kusenokufuneka siye kubo ngokuphindaphindiweyo. Sibonise indlela yokulungiselela ukubuyela, uze usincede sisiqonde isizathu sokugcina isithembiso sokubuyela. (Mat. 5:37) Sifundise ukuba sibe nobubele, ukuqonda kwanentlonelo, njengoko sifunisisa abantu abanjengezimvu size sihlakulele ukuba babe nomdla.—Tito 3:2.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share