IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Ukushumayela NgoBukumkani—Ilungelo Elixabisekileyo
    Ubulungiseleli BoBukumkani—2005 | Agasti
    • Ukushumayela NgoBukumkani—Ilungelo Elixabisekileyo

      1 Mihla le, amawaka ezigidi zabantu ayangenelwa kumalungiselelo kaYehova esisa okulondoloza ubomi. (Mat. 5:45) Noko ke, bambalwa gqitha abantu abanelungelo elikhethekileyo lokubulela uMdali wabo ngokuthi bashumayele iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. (Mat. 24:14) Libaluleke kangakanani kuwe eli lungelo?

      2 Xa sishumayela ngoBukumkani siyamzukisa uThixo kwaye sinceda abantu abaxhwalekiswa zizinto zale mihla ukuba babe nethemba noxolo. (Heb. 13:15) Esi sigidimi sithetha ubomi obungunaphakade kwabo basabelayo kuso. (Yoh. 17:3) Nguwuphi umsebenzi wempangelo oneengenelo ezinjalo? Umpostile uPawulos wabonisa ngendlela awayebenza ngayo ubulungiseleli ukuba wayebuxabisa. Wayebujonga njengobuncwane.—IZe. 20:20, 21, 24; 2 Kor. 4:1, 7.

      3 Ukuxabisa Ilungelo Lethu Elingenakulinganiswa Nanto: Enye indlela esibonisa ngayo ukuba siyalixabisa ilungelo lethu lokushumayela kukunikela ingqalelo kumgangatho wenkonzo esiyinikelayo. Ngaba siye siziphe ixesha lokulungiselela intshumayelo eya kuchukumisa iintliziyo zabo basiphulaphuleyo? Ngaba sinokubuphucula ubuchule bethu bokusebenzisa iZibhalo nobokuqiqa nabantu? Ngaba siyayicokisa intsimi esiyabelweyo? Ngaba siyakwazi ukuqalisa nokuqhuba isifundo seBhayibhile? NjengamaKristu athembekileyo exa elidluleyo nawangoku, kuyasikhuthaza ukuwujonga ngendlela efanelekileyo umsebenzi wethu, kwaye siyalixabisa ilungelo esinalo.—Mat. 25:14-23.

      4 Ukuba sinengxaki yokwaluphala, impilo enkenenkene, okanye sinezinye iingxaki, siyathuthuzeleka ngokwazi ukuba imizamo yokushumayela esiyenza ngenkuthalo ixatyiswa kakhulu. ILizwi likaThixo liyasiqinisekisa ukuba uYehova uyayixabisa imizamo enjalo enkonzweni yakhe, kwanaleyo isenokubonakala ingenamsebenzi kwabanye abantu.—Luka 21:1-4.

      5 Ukushumayela ngoBukumkani kubangela ulwaneliseko olukhulu. Omnye udade oneminyaka engama-92 ubudala wathi: “Ndiziva ndinelungelo lokwenene xa ndicinga ukuba ndineminyaka engaphezulu kwengama-80 ndizahlulele ekukhonzeni uThixo—ibe andizisoli nakancinane! Ukuba bendinokuphinda ndizalwe kwakhona, bendiya kuphila ngendlela efanayo kuba, enyanisweni, ‘ububele bothando bukaThixo bulunge ngakumbi kunobomi.’” (INdu. 63:3) Ngamana nathi singalixabisa eli lungelo lingenakuthelekiswa nanto livela kuThixo—umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani.

  • Icandelo 12: Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela
    Ubulungiseleli BoBukumkani—2005 | Agasti
    • Icandelo 12: Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela

      Ukunceda Izifundo Ziqalise Zize Ziqhube Izifundo ZeBhayibhile

      1 Xa izifundo zethu zeBhayibhile ziqalisa ukuya entsimini, zisenokoyika xa zicinga ngokuqalisa ukuqhuba ezazo izifundo. Sinokuzinceda njani ukuze zingayoyiki le nxalenye ibalulekileyo yobulungiseleli bethu?—Mat. 24:14; 28:19, 20.

      2 Kusenokwenzeka ukuba isifundo sithi sikufanelekela ukuba ngumvakalisi ongabhaptizwanga, sibe sele sibhalisile kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Uqeqesho esilufumanayo xa silungiselela yaye sinikela iintetho luya kusinceda sihlakulele ubugcisa bokufundisa obufunekayo ‘kumsebénzi ongenazintloni nganto, oliphatha ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso.’—2 Tim. 2:15.

      3 Fundisa Ngokumisela Umzekelo: UYesu waqeqesha abafundi bakhe ngokubanika imiyalelo ecacileyo nangokubamisela umzekelo. Wathi: “Wonk’ ubani oyalelwa ngokugqibeleleyo uya kuba njengomfundisi wakhe.” (Luka 6:40) Kubalulekile ukuba uxelise uYesu ngokumisela umzekelo omhle entsimini. Njengoko isifundo sibona indlela ongumzekelo ngayo entsimini, siya kuqonda ukuba eyona njongo yokwenza amabuyelo kukuqalisa izifundo zeBhayibhile.

      4 Sixelele isifundo sakho ukuba xa sicela ukumqhubela isifundo umninikhaya, akudli ngakuba yimfuneko ukuba sichaze ilungiselelo lesifundo ngokweenkcukacha. Ngokufuthi kuhle ukumbonisa indlela esiqhutywa ngayo isifundo mhlawumbi ngokusebenzisa isiqendu esinye okanye ezibini kuloo ncwadi niza kuyifunda. Amacebiso aluncedo koku akwiphepha 8 lale nkupho nakwiphepha 6 loBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJanuwari 2002.

      5 Xa kufanelekile, simeme isifundo sakho ukuba sihambe nawe okanye nomnye umvakalisi onamava xa esiya kwizifundo zakhe. Sisenokuba nenxaxheba ngokuthi sigqabaze kwisiqendu okanye ngesibhalo esithile esiyintloko. Ngaloo ndlela, xa sibukela indlela ekwenziwa ngayo, isifundo siya kufunda lukhulu ngokuqhuba izifundo ezinenkqubela. (IMize. 27:17; 2 Tim. 2:2) Sincome uze usibonise apho simele siphucule khona.

      6 Ukuqeqesha abavakalisi abasebatsha ukuba babe ngabafundisi beLizwi likaThixo kuya kubaxhobisela “umsebenzi olungileyo” wokuqalisa nokuqhuba izifundo zabo. (2 Tim. 3:17) Hayi indlela okuvuyisa ngayo ukusebenza kunye nabo ekusasazeni esi simemo sothando: “Lowo uthandayo makawathabathe amanzi obomi ngesisa”!—ISityhi. 22:17.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share