-
Ukuqalisa Izifundo ZeBhayibhile Umi Emnyango, Nangokusebenzisa IfowuniUbulungiseleli BoBukumkani—2005 | Agasti
-
-
Ukuqalisa Izifundo ZeBhayibhile Umi Emnyango, Nangokusebenzisa Ifowuni
1, 2. Sinokwenza ntoni ukuze senze ucwangciso lwesifundo seBhayibhile lulungele abantu abaxakekileyo?
1 Abantu baxakekile kule mihla. Ukanti basebaninzi abanomdla kwizinto zokomoya. Sinokubanceda njani ukuba banelise intswelo yabo yokomoya? (Mat. 5:3) Abavakalisi abaninzi bayakwazi ukufunda iBhayibhile nabantu bemi emnyango okanye besebenzisa ifowuni. Akungethandi ukwandisa inkonzo yakho ngale ndlela?
2 Ukuze siqalise isifundo seBhayibhile kufuneka silungele ukubonisa abantu indlela esiqhutywa ngayo nanini na ithuba livela. Inokwenziwa njani yaye nini loo nto?
3. Kutheni ufanele ubonise abantu indlela esiqhutywa ngayo isifundo kutyelelo lokuqala, yaye unokuyenza njani loo nto?
3 Xa Siqhuba Isifundo Sisemnyango: Xa udibana nomntu okulungeleyo ukuncokola ngeBhayibhile, tyhila kweso siqendu usilungiselele kwangaphambili, mhlawumbi isiqendu sokuqala sesifundo 1 kwincwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo, uze ungen’ emxholweni. Funda eso siqendu, ubuze umbuzo, uze uxubushe isibhalo esinye okanye ezibini ezibonisiweyo. Ngokuqhelekileyo unokukwazi ukwenza loo nto umi emnyango ngemizuzu emihlanu ukuya kwelishumi. Ukuba loo mntu uyayivuyela le ngxubusho, lungiselela ukuba nixubushe isiqendu esilandelayo okanye nesesithathu kwixa elizayo.—Amanye amacebiso aphathelele ukusebenzisa indlela engqalileyo yokuqalisa izifundo afumaneka kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJanuwari 2002, iphe. 6.
4. Sinokuziqalisa njani izifundo zeBhayibhile simi emnyango emabuyelweni?
4 Kunokusetyenziswa indlela efanayo naxa kuqaliswa izifundo zeBhayibhile emabuyelweni. Ngokomzekelo, unokutshayelela incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo uze uxubushe igama likaThixo usebenzisa isifundo 2, isiqendu 1-2. Xa ubuyela, unokuxubusha oko iBhayibhile ikuthethayo ngeempawu zikaYehova, usebenzisa isiqendu 3-4. Kwingxubusho elandelayo, unokuxubusha isiqendu 5-6 nomfanekiso okwiphepha 5 ukuze ubethelele indlela ukufunda iBhayibhile okusinceda ngayo ukuba simazi uYehova. Yonke le nto unokuyenza umi emnyango.
5, 6. (a) Kutheni abanye abantu besenokukhetha ukuqhutyelwa isifundo ngefowuni? (b) Yiyiphi indlela esinokubangena ngayo xa sicela ukubaqhubela isifundo ngefowuni?
5 Ngefowuni: Abanye abantu bakhetha ukuba ubaqhubele isifundo seBhayibhile ngefowuni kunokuba uze kubo. Ngokomzekelo: Xa omnye udade wayeshumayela kwindlu ngendlu, wadibana nentwazana eyayinomntwana neyayixakeke gqitha yimpangelo. Lo dade wathi akungayifumani kwikhaya layo, wagqiba kwelokuba ayifowunele. Le ntwazana yamchazela ukuba ayinalo ixesha lokuxubusha iBhayibhile. Lo dade wathi: “Ngemizuzu eli-10 okanye eli-15 unokufunda into obungayazi kwanokuba sinokuxubusha apha efowunini.” “Ukuba siza kuxubusha efowunini kulungile, singaqhubeka!” laphendula eli bhinqa. Kungabanga thuba lide, kwakuqhutywa isifundo esithe rhoqo efowunini.
6 Ngaba abanye babantu odibana nabo banokuvuma ukuqhutyelwa isifundo ngefowuni? Unokuzama le ndlela ichazwe ngasentla, okanye unokuthi: “Ukuba uyathanda, sinokuxubusha iBhayibhile efowunini. Ayingekulungeli loo nto?” Xa sisenza ucwangciso lwethu lokuqhuba izifundo lulungele iimeko zabantu, sinokubanceda ‘bafumane ukumazi uThixo.’—IMize. 2:5; 1 Kor. 9:23.
-
-
Iintshayelelo ZamaphephancwadiUbulungiseleli BoBukumkani—2005 | Agasti
-
-
Iintshayelelo Zamaphephancwadi
IMboniselo Aga. 15
“Emva kokuba kwintlungu yokufelwa, abaninzi baye bazibuze ukuba kwenzeka ntoni ekufeni. Ucinga ukuba singayiqonda into eyenzeka ekufeni? [Mlinde aphendule.] Eli phephancwadi lichaza oko kuthethwa yiBhayibhile ngemeko yabafi. Kwakhona lixubusha ngesithembiso sikaThixo sokuvusa abafileyo esibathandayo.” Funda uYohane 5:28, 29.
IMboniselo Sept. 1
“Kwihlabathi lanamhlanje, ukunyaniseka kusoloko kunconywa kunokuba kwenziwe. Ngaba bekungayi kuba kuhle ukuba abantu abaninzi bebefana nalo mhlobo kuthethwa ngaye apha? [Funda IMizekeliso 17:17. Emva koko mlinde aphendule.] Eli phephancwadi lixubusha ngeengenelo esizifumana ngenxa yokunyaniseka kwiintsapho nakubahlobo bethu.”
Vukani! Sept. 8
“Ubusazi ukuba ishishini lezokhenketho laziwa njengelona linkqenkqeza phambili ehlabathini ekuqesheni abantu? [Mlinde aphendule.] Ukuba semanqwanqweni kweli shishini kuye kwabangela iingenelo kwaneengxaki. Eli phephancwadi lihlolisisa iingenelo kwaneengozi ezibangelwa leli shishini. Kwakhona linamacebiso asebenzisekayo kwabo bakhenketha kwamanye amazwe.”
“Mhlawumbi iyakumangalisa indlela evisisana ngayo indalo. [Chaza omnye wemizekelo ecatshulwe kweli nqaku.] Kulusizi ukubona indlela uluntu olungasebenzisani ngayo, akunjalo? [Mlinde aphendule.] Eli phephancwadi lichaza indlela uThixo aya kuluzisa ngayo uxolo nemvisiswano kulo mhlaba siphila kuwo kungekudala.” Funda uIsaya 11:9.
-