-
Icandelo 3: Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile EzinenkqubelaUbulungiseleli BoBukumkani—2004 | Novemba
-
-
Icandelo 3: Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela
Ukuzisebenzisa Kakuhle IZibhalo
1. Kutheni simele sizibethelele iZibhalo xa siqhuba izifundo zeBhayibhile?
1 Injongo yokuba siqhube izifundo zeBhayibhile “kukwenza abafundi” ngokunceda abantu baqonde baze bamkele iimfundiso zeLizwi likaThixo kwaye bazisebenzise ebomini babo. (Mat. 28:19, 20; 1 Tes. 2:13) Ngenxa yoko, isifundo sifanele sisekelwe eZibhalweni. Ekuqaleni, kusenokufuneka sibafundise indlela yokufumana iindinyana kwiiBhayibhile zabo. Singazisebenzisa njani iZibhalo ukuze zibancede benze inkqubela ngokomoya?
2. Sizazi njani iindinyana zeBhayibhile esimele sizifunde size sizixubushe?
2 Khetha iindinyana oza kuzifunda: Xa ulungiselela, khangela indlela isibhalo ngasinye esibonisiweyo esidibana ngayo nombandela, uze ugqibe ngezo uza kuzixubusha xa uqhuba isifundo. Ngokuqhelekileyo, sikhuthazwa ukuba sibafundele iZibhalo ezixhasa iimfundiso zethu. Kusenokungabi yimfuneko ukufunda izibhalo ezixubusha imvelaphi yeemfundiso ezithile. Nikela ingqalelo kwiimfuno nakwiimeko zomfundi ngamnye.
3. Kunceda njani ukubuza imibuzo, yaye sinokukwenza njani oku?
3 Sebenzisa imibuzo: Kunokuba uchazele isifundo sakho iindinyana zeBhayibhile, mayibe siso esikuchazelayo. Unokusikhuthaza ukuba senjenjalo ngokubuza imibuzo echuliweyo. Ukuba izicacele indlela esisebenza ngayo isibhalo, unokusibuza ukuba loo ndinyana ikuxhasa njani oko kuthethwa esiqendwini. Kwezinye iimeko, kusenokufuneka uthotho lwemibuzo ukuze isifundo sifikelele kwisigqibo esifanelekileyo. Ukuba kufuneka ingcaciso engakumbi, isenokwenziwa emva kokuba siphendule isifundo.
4. Kufuneka uzicacise kangakanani izibhalo enizifundayo?
4 Senze sibe lula: Umtoli ovunyiweyo usebenzisa utolo lube lunye kuphela ukuze ahlabanisele ixhoba. Ngendlela efanayo, umfundisi onobuchule akuyomfuneko ukuba athethe into eninzi ukuze avelise ingongoma. Unako ukudlulisela inkcazelo ngendlela elula, ecacileyo nechanileyo. Maxa wambi, kusenokufuneka uphande kwiimpapasho zamaKristu ukuze usiqonde isibhalo yaye ukwazi nokusicacisa ngendlela echanileyo. (2 Tim. 2:15) Kodwa musa ukuzama ukucacisa isolotya ngalinye lesibhalo xa uqhuba isifundo. Chaza oko kufunekayo kuphela ukuze ucacise loo ngongoma ixutyushwayo.
5, 6. Sinokuzinceda njani izifundo ziphile ngokuvisisana neLizwi likaThixo, kodwa yintoni esimele siyiphephe?
5 Mbonise indlela esisebenza ngayo: Xa kufanelekile, sincede isifundo sibone indlela ezisebenza ngayo iindinyana zeBhayibhile kubomi baso. Ngokomzekelo, xa uxubusha eyamaHebhere 10:24, 25 nesifundo esingekayi kwiintlanganiso zamaKristu, usenokuxubusha enye yeentlanganiso uze usimeme. Kodwa ungasinyanzeli. Vumela iLizwi likaThixo lisishukumisele ekubeni sithathe amanyathelo afunekayo ukuze sikholise uYehova.—Heb. 4:12.
6 Njengoko siphumeza uthumo lokwenza abafundi, ngamana ‘singakhuthaza intobelo ngokholo’ ngokuzisebenzisa ngobuchule iZibhalo.—Roma 16:26.
-
-
Iintshayelelo ZamaphephancwadiUbulungiseleli BoBukumkani—2004 | Novemba
-
-
Iintshayelelo Zamaphephancwadi
IMboniselo Nov. 15
“Abantu abaninzi banqwenela ukuba sempilweni nokuphila ubomi obude. Masithi ukuphila ngonaphakade ibiyinto enokwenzeka, ngaba ubungathanda ukuphila elo xesha lingenasiphelo? [Mlinde aphendule. Emva koko funda uYohane 17:3.] Eli phephancwadi lixubusha ngesithembiso sokuphila ngonaphakade ekuthethwa ngaso eBhayibhileni. Kwakhona lixubusha indlela ekuya kuphilwa ngayo xa eso sithembiso sizaliseka.”
IMboniselo Dis. 1
“Olunye uphawu olwahlula abantu kwizilwanyana kukukwazi ukwahlula okulungileyo kokubi. Kodwa okulusizi kukuba, abantu abaninzi benza izinto ezimbi. Ucinga ukuba yintoni ebaqhubayo? [Mlinde aphendule. Emva koko funda uYeremiya 17:9 okanye ISityhilelo 12:9.] Eli phephancwadi lichaza into enokusinceda ukuze sikwazi okulungileyo size sikwenze.”
Vukani! Dis. 8
“Kwiminyaka engama-20 edluleyo, kuye kwenziwa inkqubela enkulu ekuqondeni nasekunyangeni uGawulayo. Sekunjalo, abantu abaninzi basalahlekiswa. [Mbonise ibhokisi ethi “Iingcamango Ezingachananga NgoGawulayo,” emva koko umlinde athethe.] Eli phephancwadi lichaza indlela abazali abanokubakhusela ngayo abantwana babo.” Funda iDuteronomi 6:6, 7.
“Inkqubela eyenziwa kwezobugcisa ayiyitshintshanga imfuno yoluntu esisiseko, ubuhlobo. Kodwa ngaba ukhe waphawula ukuba utshintsho olwenzeka kwibutho labantu kule mihla lunokukubangela kube lucelomngeni ukuhlakulela ubuhlobo obusondeleyo? [Mlinde aphendule. Emva koko funda IMizekeliso 18:24.] Eli phephancwadi lixubusha indlela esinokubenza ngayo abahlobo bokwenene size singaphulukani nabo.”
-