-
Uncedo Lwakho LuyafunekaUbulungiseleli BoBukumkani—2004 | Disemba
-
-
Uncedo Lwakho Luyafuneka
1 “Sibamba ngazibini ngenkonzo yenu. Ngokwenene niyasinceda.” La magqabaza awuchaza kakuhle umbulelo esinawo ngabadala nezicaka zolungiselelo esinazo. Njengoko intlangano kaThixo iqhubeka ikhula, amadoda aqolileyo ahlala efuneka ukuze akhonze kumabandla aphantse abe li-100 000 ehlabathini jikelele. Ukuba ungumzalwana obhaptiziweyo, uncedo lwakho luyafuneka.
2 ‘Ukuzabalazela’ Ukufaneleka: Unokwenza njani ukuze ufanelekele amalungelo enkonzo ongezelelekileyo? (1 Tim. 3:1) Misela umzekelo omhle kuzo zonke iinkalo zobomi bakho. (1 Tim. 4:12; Tito 2:6-8; 1 Pet. 5:3) Wukhuthalele umsebenzi wokushumayela, uze uncede nabanye bawenze. (2 Tim. 4:5) Yiba nomdla wokwenene kwimpilo-ntle yamanye amakholwa. (Roma 12:13) Yiba ngumfundi okhutheleyo weLizwi likaThixo, uze uphucule ubuchule bakho ‘bokufundisa.’ (Tito 1:9; 1 Tim. 4:13) Zenze kakuhle izabelo abakuphathisa zona abadala. (1 Tim. 3:10) Ukuba uyintloko-ntsapho, ‘yongamele kakuhle indlu yakho.’—1 Tim. 3:4, 5, 12.
3 Ukukhonza njengomdala okanye isicaka solungiselelo kufuna ukuzibhokoxa nomoya wokuzincama. (1 Tim. 5:17) Njengoko uzabalazela ukufaneleka, ngokuthobeka zimisele ukukhonza abanye. (Mat. 20:25-28; Yoh. 13:3-5, 12-17) Camngca ngesimo sengqondo sikaTimoti uze uzame ukusixelisa. (Fil. 2:20-22) Mxelise ngokuvumela ihambo yakho entle ikuncomele. (IZe. 16:1, 2) Njengoko uhlakulela iimpawu zokomoya ezifunekayo ukuze usingathe iimbopheleleko ezingakumbi yaye usebenzisa nasiphi na isiluleko osifumanayo ukuze uphucule, ‘ukuhambela kwakho phambili kuya kubonakala kubantu bonke.’—1 Tim. 4:15.
4 Bazali, Qeqeshani Abantwana Ukuze Bancede: Abantwana bangafunda ukunceda beselula. Bafundiseni ukuphulaphula kwiintlanganiso, ukushumayela, nokuba baziphathe kakuhle xa bekwiHolo yoBukumkani nasesikolweni. Bafundiseni ukuba babandakanyeke xa kuncedwa abanye, njengaxa kucocwa iHolo yoBukumkani, kuncedwa abo sele bekhulile nakwezinye iinkalo. Bavumeleni bangcamle uyolo lokupha. (IZe. 20:35) Olo qeqesho lunokubaxhobisela ukuba babe ngoovulindlela, izicaka zolungiselelo nabadala bangomso.
-
-
Icandelo 4: Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile EzinenkqubelaUbulungiseleli BoBukumkani—2004 | Disemba
-
-
Icandelo 4: Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela
Ukufundisa Izifundo Ukulungiselela
1 Isifundo esilungiselela kwangaphambili, siphawule iimpendulo size siphendule ngamazwi aso sifanele senze inkqubela ngokukhawuleza. Sakuba siqalisiwe isifundo, lungiselela isahluko kunye naso ukuze usifundise ukulungiselela. Kwinkoliso yezifundo, kuya kuba kuhle ukulungiselela nazo isahluko sonke okanye isifundo siphela.
2 Ukuphawula Iimpendulo Nokubhala Amanqaku Eludinini Lwencwadi: Sichazele indlela yokufumana iimpendulo zemibuzo. Bonisa isifundo umbhalo wakho waloo ncwadi niyifundayo ophawule kuyo amagama okanye amabinzana aziintloko. Njengoko nixubusha umbandela, sisenokufuna ukulandela umzekelo wakho, siphawule amabinzana aziintloko aya kusinceda sikhumbule iimpendulo. (Luka 6:40) Sicele siphendule ngamazwi aso. Oku kuya kukunceda ubone ukuba siwuqonda kangakanani umbandela.
3 Kubalulekile ukuba isifundo sihlolisise izibhalo ezingacatshulwanga xa silungiselela. (IZe. 17:11) Sincede sibone ukuba isibhalo ngasinye esibonisiweyo sixhasa ingongoma esesiqendwini. Sibonise indlela yokubhala amanqaku eludinini lwempapasho. Bethelela ukuba oko sikufundayo kusekelwe eBhayibhileni. Sikhuthaze ukuba siquke izibhalo ezibonisiweyo xa siphendula.
4 Ushwankathelo Nempinda: Ngaphambi kokuba isifundo siqalise ukulungiselela, kuya kuba kuhle ukuba siwuqonde kakuhle umbandela lowo. Sichazele ukuba singawuqonda umbandela ngokukhangela umxholo wesahluko, umxholwana nemifanekiso. Sichazele ukuba ngaphambi kokuba sigqibe ukulungiselela, kuya kusinceda ukuzipha ixesha lokushwankathela iingongoma eziziintloko, mhlawumbi sisebenzisa ibhokisi yempinda ukuba ikho. Oko kuphindaphinda kuya kusinceda siyikhumbule ixesha elide loo nkcazelo.
5 Ukufundisa isifundo ukulungiselela kakuhle kuya kusinceda sinikele iimpendulo ezakhayo kwiintlanganiso zebandla. Kwakhona kuya kusinceda sihlakulele imikhwa yofundisiso eya kusinceda nokuba sele kufundwe naso kwagqitywa.
-