-
Icandelo 8: Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile EzinenkqubelaUbulungiseleli BoBukumkani—2005 | Aprili
-
-
Icandelo 8: Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela
Ukwalathisa Izifundo Kwintlangano
1. Kutheni kuyingenelo ukuxubusha nesifundo seBhayibhile ingongoma ethile ngentlangano kaYehova veki nganye?
1 Usukelo lwethu xa siqhuba izifundo zeBhayibhile asikokuzifundisa inkcazelo engeemfundiso kuphela, kodwa nokuzinceda zibe yinxalenye yebandla lamaKristu. (Zek. 8:23) Incwadana enemifanekiso ethi AmaNgqina KaYehova—Angoobani? Yintoni Ayikholelwayo? inokusinceda kule nkalo. Nika izifundo zakho osandul’ ukuzifumana le ncwadana uze uzikhuthaze ukuba ziyifunde. Ukongezelela, yiba nemizuzu embalwa veki nganye oxubusha ngayo ingongoma ethile ngentlangano kaYehova.
2. Unokuzikhuthaza njani izifundo zeBhayibhile ukuba zize kwiintlanganiso zebandla?
2 Iintlanganiso Zebandla: Eyona ndlela iphumelelayo enokwenza izifundo ziyixabise intlangano kaThixo kukuba zize kunxulumana nathi kwiintlanganiso zebandla. (1 Kor. 14:24, 25) Ngoko ke, unokuqalisa ukuziqhelisa ngokuzicacisela ngeentlanganiso ezintlanu zeveki, uchaze intlanganiso ibe nye ngexesha. Chaza umxholo wentetho yesidlangalala elandelayo. Zibonise inkcazelo eza kuxutyushwa kwiSifundo SeMboniselo nakwiSifundo Sencwadi Sebandla. Zicacisele ngeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo nangeNtlanganiso Yenkonzo. Xa unesabelo esikolweni, mhlawumbi unokusiqhelisela kunye nazo. Zibalisele iingongoma eziye zaxutyushwa kwiintlanganiso. Sebenzisa iifoto ezikwiimpapasho zethu ukuze uzincede zibe nomfanekiso-ngqondweni woko kuqhubeka kwiintlanganiso. Zimemele kwiintlanganiso kwakutyelelo lwakho lokuqala oqhuba ngalo isifundo.
3. Ziziphi iinkalo zentlangano esinokuzixubusha?
3 Xa kusondela iSikhumbuzo, iindibano notyelelo lomveleli wesiphaluka, chitha imizuzu embalwa ucacisa yaye ukhulisa ihlombe lazo ngala malungiselelo. Ngokuthe ngcembe, phendula imibuzo efana nale: Kutheni kusithiwa singamaNgqina kaYehova? Kutheni iindawo esihlanganisana kuzo sisithi ziiHolo zoBukumkani? Ziziphi iimbopheleleko abanazo abadala nezicaka zolungiselelo? Umsebenzi wokushumayela nentsimi ekushunyayelwa kuyo zihlengahlengiswa njani? Luveliswa njani uncwadi lwethu? Intlangano iyifumana phi imali? Iyintoni indima yeofisi yesebe neQumrhu Elilawulayo ekuveleleni umsebenzi?
4, 5. Iividiyo zethu zinokulukhulisa njani uxabiso ngentlangano?
4 Iividiyo Ezifundisayo: Enye into enokunceda izifundo zeBhayibhile zibone intlangano emangalisayo kaYehova ziividiyo zethu. Ividiyo ethi To the Ends of the Earth ibonisa umsebenzi wethu wokushumayela ehlabathini jikelele; ize ethi Our Whole Association of Brothers isibonise ubuzalwana bethu obusehlabathini jikelele; ngoxa ethi United by Divine Teaching ibonisa umanyano oluphakathi kwamaNgqina kaYehova. Zehla iinyembezi kwelinye ibhinqa, elalifunde amaphephancwadi noncwadi lwethu kangangeminyaka emihlanu, xa labukela ividiyo ethi Jehovah’s Witnesses—The Organization Behind the Name. Laliwathemba amaNgqina awayelityelela, kodwa emva kokubukela le vidiyo, lavakalelwa kukuba linokuyithemba nentlangano. Kwaqaliswa isifundo kunye nalo, kwaye kwiveki elandelayo, leza ezintlanganisweni kwiHolo yoBukumkani.
5 Xa sichitha imizuzu embalwa veki nganye nezifundo zethu, sisebenzisa izixhobo esiye sazilungiselelwa, ngokuthe ngcembe siya kuzalathisa kwekuphela kwentlangano ayisebenzisayo uYehova namhlanje.
-
-
Iintshayelelo ZamaphephancwadiUbulungiseleli BoBukumkani—2005 | Aprili
-
-
Iintshayelelo Zamaphephancwadi
IMboniselo Apr. 15
“Xa ujongile wena, akuboni ngathi ininzi gqitha inkcazelo efumanekayo kule mihla? [Mlinde aphendule.] Kodwa ke, ayikho ebaluleke ukugqitha le ichazwe kule ndinyana. [Funda uYohane 17:3.] Eli phephancwadi lichaza oko kuthethwa libinzana elithi ‘ubomi obungunaphakade,’ nendlela esinokulufumana ngayo ulwazi olukhokelela kubo.”
IMboniselo Meyi 1
“Xa sifelwa ngumntu esimthandayo, ngokuqhelekileyo siye sikulangazelele ukuphinda simbone loo mntu. Akuvumelani nam ngaloo nto? [Mlinde aphendule.] Abantu abaninzi baye bathuthuzelwa sisithembiso seBhayibhile sokuvuswa kwabafileyo. [Funda uYohane 5:28, 29.] Eli phephancwadi lixubusha ixesha oluza kwenzeka ngalo olo vuko nokuba ngoobani abaza kuvuswa.”
Vukani! Meyi 8
“Nangona uYesu Kristu mhlawumbi eyeyona ndoda yaziwayo ukudlula bonke abanye abantu abakhe baphila, abantu abaninzi abazi ukuba kanye kanye ungubani. Ubusazi phofu ukuba kwanabapostile bakaYesu bakha babuzana ngaloo nto? [Mlinde aphendule. Emva koko funda uMarko 4:41.] Eli phephancwadi lixubusha oko kuthethwa yiBhayibhile ngoYesu.”
“Abazali abaninzi bazikhetha ngenyameko izinto ezinokubukelwa ngabantwana babo. Ngaba kunzima ukufumana iimovies ezilungele intsapho yakho? [Mlinde aphendule. Emva koko funda eyabase-Efese 4:17.] Eli phephancwadi lixubusha indlela abazali abanokubanceda ngayo abantwana babo bakhethe iindlela zokuzonwabisa ezifanelekileyo.”
-