-
Imini KaYehova IkufuphiUbulungiseleli BoBukumkani—2005 | Meyi
-
-
Imini KaYehova Ikufuphi
1 AmaKristu akulangazelela ngamandla ukufika kwemini kaYehova ezayo, apho aya kutshabalalisa le nkqubo yezinto aze azise ihlabathi elitsha lobulungisa. (2 Pet. 3:12, 13) Ekubeni singazi ngokuthe ngqo ukuba loo mini iza kufika nini, simele sihlale siphaphile size sincede nabanye benze okufanayo. (Hez. 33:7-9; Mat. 24:42-44) Ukucamngca ngeLizwi likaThixo lesiprofeto kuza kusenza siqiniseke ukuba “imini enkulu kaYehova ikufuphi.”—Zef. 1:14.
2 Ukulandelelana Kwamagunya Ehlabathi: Njengoko kubhalwe kwiSityhilelo 17:9-11, umpostile uYohane uthetha ‘ngookumkani abasixhenxe,’ abamela ukulandelelana kwamagunya ehlabathi asixhenxe. Kwakhona uYohane uthetha “ngowesibhozo ukumkani,” ngoku omelwa ziZizwe Ezimanyeneyo. Ngaba silindele ukuba kuvele amanye amagunya ehlabathi? Akunjalo, kuba isiprofeto sithi lo kumkani wesibhozo ‘uyemka aye entshabalalweni,’ kuze kungaphindi kuthethwe ngabanye ookumkani basemhlabeni. Ngaba esi siprofeto sikunceda ubone ixesha esiphila kulo?
3 UDaniyeli 2:31-45 usinceda siqonde ukuza kwemini kaYehova. Kweso siprofeto, umfanekiso omkhulu obonwa nguNebhukadenetsare embonweni ufuzisela ukulandelelana kwamagunya ehlabathi. Ngalinye kula magunya sele livelile. Siphila kweliphi ixesha namhlanje? Siphila kwixesha elifuziselwa ziinyawo zalo mfanekiso. Esi siprofeto sikuchaza ngokucacileyo oko kuza kulandela. Ulawulo lwabantu luza kupheliswa ngokupheleleyo, luze luvulel’ ithuba “ubukumkani obungenakuze bonakaliswe.” Ngaba uyayibona indlela oku okubonisa ngayo ukuba imini kaYehova ikufuphi?
4 Ubugqina Obungakumbi: Singamangqina okuzibonela ukuba imini kaYehova ikufuphi. Sibona ukuzaliseka koko kwaxelwa kwangaphambili ngumpostile uPawulos ngokuphathelele iimpawu zabantu “ngemihla yokugqibela.” (2 Tim. 3:1-5) Yaye sinesabelo kumsebenzi wokunikela ubungqina ehlabathini lonke ofanele wenziwe ngaphambi kokufika kwesiphelo. (Mat. 24:14) Ngamana umsebenzi wethu wokushumayela ekuhleni ungaqhubeka ubonisa ukungxamiseka koko kwathethwa yingelosi eyathi: “Moyikeni uThixo nimzukise, kuba lifikile ilixa lokugweba kwakhe.”—ISityhi. 14:6, 7.
-
-
Icandelo 9: Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile EzinenkqubelaUbulungiseleli BoBukumkani—2005 | Meyi
-
-
Icandelo 9: Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela
Ukuxhobisa Izifundo Ukuba Zishumayele Ngokungacwangciswanga
1 Xa uAndreya noFilipu baqondayo ukuba uYesu wayenguMesiya othenjisiweyo, abazange bakwazi ukuzibamba, kodwa baxelela abanye ezi ndaba zibangel’ imincili. (Yoh. 1:40-45) Kunjalo nanamhlanje, njengoko abantu abafundelwayo beqalisa ukuba nokholo kwizinto abazifundayo, abakwazi ukungathethi ngazo. (2 Kor. 4:13) Singabakhuthaza njani ukuba bashumayele ngokungacwangciswanga baze bakwenze ngendlela ephumelelayo oko?
2 Usenokusibuza isifundo enoba siye sabaxelela abanye ngezinto esizifunde eBhayibhileni kusini na. Mhlawumbi kukho abahlobo namalungu entsapho esinokuwamema ukuba abekho xa nifunda. Sibuze enoba bakho kusini na kwabo sisebenza nabo, sifunda nabo esikolweni okanye abanye abantu esibaziyo abanomdla wokuva iindaba ezilungileyo. Ngale ndlela, sinokuqalisa ukushumayela. Sincede siqonde ukuba kufuneka sibe nengqiqo size sibe nentlonelo nobubele xa sixelela abanye ngoYehova uThixo neenjongo zakhe.—Kol. 4:6; 2 Tim. 2:24, 25.
3 Ukuxelela Abantu Ngeenkolelo Zazo: Kubaluleke kakhulu ukuqeqesha izifundo zisebenzise iLizwi likaThixo xa zixelela abantu ngeenkolelo zazo. Kwiingongoma ezithile kwisifundo senu, sibuze: “Unokuyisebenzisa njani iBhayibhile ukuze ucacisele intsapho yakho ngale nyaniso?” okanye “Sisiphi iSibhalo esingqina oku onokumbonisa sona umhlobo wakho?” Phawula indlela esisabela ngayo, uze usibonise indlela esinokuyisekela kwiZibhalo ngayo imfundiso yaso. (2 Tim. 2:15) Xa usenjenjalo, uya kube usilungiselela ukuba sishumayele ngokungacwangciswanga, yaye xa sifaneleka, usilungiselela ukuba siye entsimini nebandla.
4 Kububulumko ukuxhobisa izifundo ukuba zikwazi ukujamelana nentshutshiso. (Mat. 10:36; Luka 8:13; 2 Tim. 3:12) Xa abanye bebuza imibuzo okanye bethetha ngamaNgqina kaYehova, oku kusenokuvulela izifundo indlela yokushumayela. Incwadana enemifanekiso ethi AmaNgqina KaYehova—Angoobani? Yintoni Ayikholelwayo? inokuzixhobisela ukuba “zikulungele ukuzithethelela.” (1 Pet. 3:15) Inenkcazelo echanileyo enokusetyenziswa ngabo basebatsha ukunceda abahlobo abangabuzi ngenjongo embi ukuba baqonde iinkolelo zethu nomsebenzi wethu osekelwe eBhayibhileni.
-