-
Ukushumayela Kusinceda SinyamezeleUbulungiseleli BoBukumkani—2005 | Juni
-
-
Ukushumayela Kusinceda Sinyamezele
1 ILizwi likaThixo liyasibongoza ukuba “silubaleke ngonyamezelo ugqatso olubekwe phambi kwethu.” (Heb. 12:1) Kanye njengokuba imbaleki kufuneka inyamezele ukuze iphumelele, nathi kufuneka sinyamezele ukuze sifumane ibhaso elibubomi obungunaphakade. (Heb. 10:36) Ubulungiseleli bamaKristu bunokusinceda njani ukuba sinyamezele de kuse ekupheleni?—Mat. 24:13.
2 Siyomelela Ngokomoya: Ukuvakalisa kwethu isithembiso esimangalisayo seBhayibhile sehlabathi elitsha lobulungisa kuyasinceda siligcine liqaqambile ithemba lethu. (1 Tes. 5:8) Xa sisiya rhoqo entsimini, sifumana ithuba lokwazisa abantu iinyaniso esiye sazifunda eBhayibhileni. Sifumana ithuba lokulumela ukholo lwethu, nto leyo esincedayo ukuze somelele ngokomoya.
3 Ukuze siphumelele ekufundiseni abanye, nathi simele siyiqonde kakuhle inyaniso yeBhayibhile. Kufuneka senze uphando size sicamngce ngombandela. Umgudu onyanisekileyo esiwenzayo usenza sibe nolwazi olungakumbi, womeleza ukholo lwethu kwaye uyasihlaziya ngokomoya. (IMize. 2:3-5) Ngaloo ndlela, njengoko sizama ukunceda abanye, nathi siyomelela.—1 Tim. 4:15, 16.
4 Ukukhuthalela intsimi kuyinxalenye ebalulekileyo ‘yesikrweqe sikaThixo’ ekufuneka sisambathe ukuze simelane noMtyholi needemon zakhe. (Efe. 6:10-13, 15) Ukuxakeka kwethu yinkonzo engcwele kusinceda sigcine iingqondo zethu zicinga ngezinto ezakhayo kwaye zingonakaliswa lihlabathi likaSathana. (Kol. 3:2) Njengoko sifundisa abanye iindlela zikaYehova, nathi sikhunjuzwa ngemfuneko yokugcina ihambo yethu ingcwele.—1 Pet. 2:12.
5 UThixo Usinika Amandla: Ekugqibeleni, ukuhambisa kwethu ivangeli kusifundisa ukuba sayame ngoYehova. (2 Kor. 4:1, 7) Enjani yona intsikelelo! Ukumthemba ngolo hlobo kuyasixhobisa ukuba singaneli nje ukuzalisekisa ubulungiseleli bethu kodwa sihlangabezane nazo naziphi na iimeko ezivelayo ebomini. (Fil. 4:11-13) Ngokwenene, ukufunda ukuthembela ngoYehova ngomzimba ongenaxhala kusisikhokelo sokunyamezela. (INdu. 55:22) Ukushumayela kusinceda ngeendlela eziliqela ukuba sinyamezele.
-
-
Icandelo 10: Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile EzinenkqubelaUbulungiseleli BoBukumkani—2005 | Juni
-
-
Icandelo 10: Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela
Ukuqeqesha Izifundo Ukuba Zishumayele Kwindlu Ngendlu
1 Xa abadala begqibe kwelokuba isifundo seBhayibhile siyakufanelekela ukuba ngumvakalisi ongabhaptizwanga, sinokuqalisa ukuya nebandla entsimini. (Bona incwadi ethi Organized to Do Jehovah’s Will, pp. 79-81.) Sinokusinceda njani isifundo ukuba sikwazi ukushumayela kwindlu ngendlu?
2 Ukulungiselela Kunye: Ayikho enye indlela ngaphandle kokulungiselela kakuhle. Sibonise isifundo apho sinokufumana khona iintshumayelo ezicetyisiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani nakwincwadi ethi Ukuqiqa, uze usincede sikhethe intshumayelo elula nesebenzayo entsimini yasekuhlaleni. Kwasekuqaleni, sikhuthaze ukuba sisebenzise iBhayibhile entsimini.—2 Tim. 4:2.
3 Umvakalisi omtsha unokungenelwa kakhulu xa eziqhelisela iintshumayelo zakhe. Njengoko isifundo siqhelisela intshumayelo, sibonise ukuba singazisingatha njani iindlela abantu abadla ngokusabela ngazo entsimini. (Kol. 4:6) Siqinisekise ukuba akukho mfuneko yokuba abalungiseleli abangamaKristu bazazi zonke iimpendulo kuyo yonke imibuzo ebuzwa ngumninimzi. Ngokufuthi kuhle ukusingatha umbuzo onjalo ngokuchaza ukuba uza kwenza uphando uze uwuxubushe kamva lo mbandela.—IMize. 15:28.
4 Ukushumayela Kunye: Xa isifundo sisiya okwesihlandlo sokuqala kwindlu ngendlu, masiphulaphule indlela wena oyibeka ngayo loo ntshumayelo eniyilungiselele kunye. Yandula usicele ukuba sibe nenxaxheba. Kwezinye iimeko, kusenokuba kuhle ukuba lo mvakalisi mtsha abe nenxaxheba encinane kwintshumayelo, njengokufunda nokugqabaza ngesibhalo esithile. Sicingele isifundo sakho ukuba ubuntu baso bunjani nobuchule esinabo. (Fil. 4:5) Sincome njengoko usiqeqesha kwiinkalo ezahlukahlukeneyo zomsebenzi wokushumayela.
5 Kubalulekile ukunceda umvakalisi osemtsha ukuba abe nenxaxheba rhoqo entsimini, esiya veki nganye ukuba kunokwenzeka. (Fil. 3:16) Yenzani amalungiselelo aqinisekileyo okuba nisebenze kunye entsimini, yaye mkhuthaze ukuba asebenze kunye nabanye abavakalisi abanenzondelelo. Umzekelo wabo nokunxulumana kunye nabo kuya kumnceda ahlakulele ubugcisa aze akunandiphe ukushumayela kwindlu ngendlu.
-