INgoma 50
Ukusabela Eluthandweni LukaThixo
1.Umkhulu wena Thixo, Sik’thanda ngeentliziyo,
Sifanele s’dumise wena. Ke ngalo lonk’ ixesha,
Uk’funda soz’misela neendlela zakho soz’landela.
Uyasithantamisa;
Kway’ us’khusela thina;
Unobulumko naw’ amandla (wena Ya).
Xa zinyul’ iintliziyo sozuz’ iintsikelelo
size sibe nalo ithemba (lok’phila).
2. Uqale wasithanda Ngok’thumela UNyana;
Oko kwenza sik’thande nawe.
UKristu wak’ngcwalisa
Nothando wal’bonisa ngokuncama ubomi bakhe.
Akakh’ owabanakho Ukubonis’ uthando
Ngokuncama ubomi bakhe (bubonke).
Ukuze s’phephe uk’fa thina saluswa nguYa;
Xa es’luleka simthobele (ngenene).
3. Ke uk’ba siz’misele
Angeke thina s’shenxe;
Sohlala sitheth’ inyaniso. Yon’ inkonzo yesisa
Iyozalisekisa uthand’ olungazenzisiyo.
Ke ngokukhonza kunye, Ukuthandana kuye,
Kwatyhil’ abalandel’ uYise (ngenene).
UBukumkani bakhe masibusebenzele;
Size simve esithi “Kuhle” (as’ncome).