INgoma 68
Imfesane YobuThixo
1. Ukuba singamaKristu,
Imfesan’ soy’bonisa
Kwiintandane nakwabanye,
Abo s’ngabaqhelanga.
UYes’ uMfundisi
Wakwenza kwacac’ oko (ngezenzo)
Nokuzekelisa.
Z’noyol’ iindleb’ ez’vayo.
2. ‘Ngeny’ imin’ umSamariya
Wayesiy’ eYeriko.
Endleleni kwaye kukho
UmYud’ ophangiweyo.’
Ngaphandle komkhethe
Wanceda elo xhoba (lisifa).
Lwasindis’ uthando.
Kwenziw’ im’yalo kaYa.
3. Ummelwane wethu ngoko
Ngofuna ukuncedwa.
UThix’ uthanda wonk’ umntu,
Emph’ imvula nelanga.
Unovelwan’ uYa
Ngoyena mhlobo wethu (nangoku).
Ulunge kunene.
S’ngaxhomekeka koku.
4. Maxa wambi singaphisa
Ngokudla nangempahla.
Kodwa ok’ngxamisek’leyo,
Kok’phakade uk’phila.
Sokwazis’ ulaw’lo,
Inyaniso nok’lunga (kukaYa)
Kubamelwan’ bethu.
Ngoko sodumis’ uYa.