-
Yintoni IShiyol NeHadesi?Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
-
-
ISIHLOMELO
Yintoni IShiyol NeHadesi?
KWIILWIMI eyayibhalwe ngazo ntlandlolo, iBhayibhile ilisebenzisa ngaphezu kwezihlandlo ezingama-70 igama lesiHebhere elithi sheʼohlʹ nelesiGrike elithetha kwainto enye elithi haiʹdes. Omabini la magama abhekisela ekufeni. Ezinye iiBhayibhile ziwaguqulele ngokuthi “ingcwaba,” “isihogo,” okanye “umhadi.” Kodwa iilwimi ezininzi azinawo amagama ayichaza twatse intsingiselo yeli gama lesiHebhere nelesiGrike. Yona INguqulelo Yehlabathi Elitsha isebenzise igama elithi “iShiyol” nelithi “iHadesi.” Athetha ntoni kanye kanye la magama? Makhe sihlolisise indlela asetyenziswe ngayo kwiinxalenye ezahlukeneyo zeBhayibhile.
INtshumayeli 9:10 ithi: “Akukho msebenzi nakuyila nakwazi nakulumka eShiyol, kwindawo oya kuyo.” Ngaba oku kuthetha ukuba iShiyol ibhekisela kwindawo okanye ingcwaba elithile angcwatywe kulo umntu esimthandayo? Akunjalo. Xa iBhayibhile ibhekisela kwingcwaba elithile ngokukhethekileyo, isebenzisa amanye amagama esiHebhere nawesiGrike, kungekhona elithi sheʼohlʹ nelithi haiʹdes. (Genesis 23:7-9; Mateyu 28:1) Kwakhona, iBhayibhile ayilisebenzisi igama elithi “Shiyol” xa ibhekisela kwingcwaba ekungcwatywe kulo abantu abaliqela, njengengcwaba lentsapho.—Genesis 49:30, 31.
Ngoko “iShiyol” yindawo enjani? ILizwi likaThixo libonisa ukuba “iShiyol,” okanye “iHadesi,” ibhekisela kwindawo enkulu kakhulu nakunengcwaba ekudityelwe kulo izidumbu ezininzi. Ngokomzekelo, uIsaya 5:14 uthi iShiyol ‘ibanzi nomlomo wayo iwuvule wabanzi ngaphaya kwemida.’ Nangona iShiyol sele iginye izihlwele ezingenakubalwa zabantu abafileyo, ibonakala isalambele abangakumbi. (IMizekeliso 30:15, 16) Nangona amangcwaba okoqobo enokwanela inani elithile labantu abafileyo, kodwa yona ‘iShiyol ayaneli.’ (IMizekeliso 27:20) Oko kukuthi, iShiyol ayizali. Ayinamida. Ngoko iShiyol, okanye iHadesi, asiyondawo yokoqobo ekummandla othile. Kunoko, ibhekisela kumangcwaba nje ngokubanzi; ifuzisela nje indawo abalala kuyo abantu ekufeni.
Imfundiso yeBhayibhile yovuko isichazela ngakumbi ngentsingiselo ‘yeShiyol’ ‘neHadesi.’ ILizwi likaThixo libonisa ukuba abantu abafileyo abalele eShiyol naseHadesi banethemba lovuko.a (Yobhi 14:13; IZenzo 2:31; ISityhilelo 20:13) Kwakhona iLizwi likaThixo libonisa ukuba eShiyol, okanye eHadesi, akulalanga nje kuphela abo babekhonza uYehova, kodwa kukwakho nabaninzi ababengamkhonzi. (Genesis 37:35; INdumiso 55:15) Ngoko, iBhayibhile ifundisa ukuba kuza kubakho “uvuko lwamalungisa nabangengomalungisa.”—IZenzo 24:15.
a Noko ke, bona abafileyo abangenalo ithemba lovuko abakho seShiyol okanye eHadesi, kodwa bachazwa ‘njengabaseGehena.’ (Mateyu 5:30; 10:28; 23:33) Ngokufanayo neShiyol neHadesi, nayo iGehena asiyondawo yokoqobo.
-
-
IMini Yomgwebo—Iyintoni?Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
-
-
ISIHLOMELO
IMini Yomgwebo—Iyintoni?
UCINGA ukuba iMini Yomgwebo iya kuba yimini enjani? Abaninzi bacinga ukuba izigidi zemiphefumlo ziza kuthontelana phambi kwetrone kaThixo. Apho mntu ngamnye uza kufumana isigwebo sakhe. Abanye baza kuvuzwa ngobomi basezulwini, baze abanye bagwetyelwe intuthumbo engunaphakade. Kodwa iBhayibhile ichaza into eyahluke ngokupheleleyo koko. ILizwi likaThixo aliyichazi le mini njengexesha eloyikekayo, kodwa liyichaza njengexesha elinik’ ithemba nelohlaziyo.
KwiSityhilelo 20:11, 12, umpostile uYohane uyichaza ngale ndlela iMini Yomgwebo: “Ndabona itrone enkulu emhlophe nalowo wayehleli kuyo. Umhlaba nezulu zasaba zemka phambi kwakhe, zaza azafunyanelwa ndawo. Kwaye ndababona nabafileyo, abakhulu nabancinane, bemi phambi kwetrone, nemisongo yayivuliwe. Kodwa kwavulwa omnye umsongo; umsongo wobomi. Baza abafileyo bagwetywa ngokwezinto ezibhalwe kuloo misongo ngokwezenzo zabo.” Ngubani lo Mgwebi kuthethwa ngaye apha?
NguYehova uThixo onguMgwebi owongamileyo woluntu. Kodwa uye wamisela mntu uthile ukuba enze umsebenzi wokugweba. KwiZenzo 17:31, umpostile uPawulos wathi uThixo “umise imini anenjongo ngayo yokuba agwebe umhlaba omiweyo ngobulungisa ngendoda ayimiseleyo.” Lo Mgwebi umiselweyo nguYesu Kristu ovusiweyo. (Yohane 5:22) Kodwa iqala nini iMini Yomgwebo? Inde kangakanani?
Incwadi yeSityhilelo ibonisa ukuba iMini Yomgwebo iza kuqalisa emva kwemfazwe yeArmagedon, xa yonke inkqubo kaSathana iza kube itshatyalalisiwe emhlabeni.a (ISityhilelo 16:14, 16; 19:19–20:3) Emva kweArmagedon, uSathana needemon zakhe baza kuvalelwa enzonzobileni iminyaka eliwaka. Ebudeni belo xesha, iindlalifa zasezulwini ezili-144 000 ziza kuba ngabagwebi zize zilawule “njengookumkani kunye noKristu iminyaka eliwaka.” (ISityhilelo 14:1-3; 20:1-4; Roma 8:17) IMini Yomgwebo ayizukuba yinto nje ekhawulezileyo yeeyure ezingama-24 kuphela. Iza kuba yiminyaka eliwaka.
Ebudeni belo xesha leminyaka eliwaka, uYesu Kristu uya “kugweba abaphilayo nabafileyo.” (2 Timoti 4:1) “Abaphilayo” iya kuba ‘sisihlwele esikhulu’ esiya kusinda kwiArmagedon. (ISityhilelo 7:9-17) Kwakhona umpostile uYohane wabona “nabafileyo . . . bemi phambi kwetrone” yokugweba. Njengoko uYesu wathembisayo, ‘abo bakumangcwaba enkumbulo baya kuliva ilizwi [likaKristu] baze baphume’ ngokuthi bavuke. (Yohane 5:28, 29; IZenzo 24:15) Kodwa bonke baza kugwetywa ngokusekelwe entwenini?
Embonweni kampostile uYohane, ‘imisongo yayivuliwe,’ baza “abafileyo bagwetywa ngokwezinto ezibhalwe kuloo misongo ngokwezenzo zabo.” Ngaba le misongo iyingxelo yezenzo zabantu zexesha elidlulileyo? Akunjalo, umgwebo awuyi kusekelwa kwizinto abantu ababezenzile ngaphambi kokufa kwabo. Sikwazi njani oko? IBhayibhile ithi: “Lowo uye wafa ugwetyelwe kwisono sakhe.” (Roma 6:7) Ngoko abo bavuswayo ziya kucinywa zonke izono zabo. Ngoko imisongo imele ukuba yimiyalelo engakumbi kaThixo. Ukuze baphile ngonaphakade, abo baza kusinda kwiArmagedon kunye nabo baza kuvuswa, kuza kufuneka bathobele nayiphi na imiyalelo kaThixo eya kubakho ebudeni beminyaka eliwaka. Ngoko abantu baza kugwetywa ngokusekelwe koko bakwenzayo ebudeni beMini yoMgwebo.
IMini Yomgwebo iya kuvulela izigidi zabantu ithuba lokuba zifunde okokuqala ngokuthanda kukaThixo zize ziphile ngokuvisisana nako. Oku kuthetha ukuba kuya kubakho umsebenzi omkhulu wokufundisa. “Ngokuqinisekileyo abemi belizwe elinemveliso baya kufunda ubulungisa.” (Isaya 26:9) Noko ke, asingabo bonke abaza kukwenza ukuthanda kukaThixo. UIsaya 26:10 uthi: “Nokuba ongendawo angababalwa, akafundi bulungisa. Elizweni lokuthe tye uya kwenza ngokungekho sikweni, angabuboni ubuhandiba bukaYehova.” Aba bangendawo baza kubulawa ngonaphakade ebudeni beMini Yomgwebo.—Isaya 65:20.
Ekupheleni kweMini Yomgwebo, abantu abasindileyo baya kube ‘bebuyele ebomini’ ngokupheleleyo njengabantu abafezekileyo. (ISityhilelo 20:5) Ngaloo ndlela iMini Yomgwebo iya kulubuyisela uluntu kwimeko yalo yantlandlolo yokufezeka. (1 Korinte 15:24-28) Kuya kwandula ke emva koko kubekho uvavanyo lokugqibela. USathana uza kukhululwa eluvalelweni aze avunyelwe ukuba azame ukulahlekisa uluntu okokugqibela. (ISityhilelo 20:3, 7-10) Abo bamxhathisayo baya kunandipha inzaliseko epheleleyo yesi sithembiso seBhayibhile: “Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.” (INdumiso 37:29) Ewe, iMini Yomgwebo iya kuba yintsikelelo kulo lonke uluntu oluthembekileyo!
a Ngokuphathelele iArmagedon, nceda ubone i-Insight on the Scriptures, Umqulu 1, iphepha 594-5, 1037-8, nesahluko 20 sencwadi ethi Nqula Okuphela KoThixo Oyinyaniso, ezipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
-