IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Indlela Yokuhambisa Incwadi Ethi Okufundiswa YiBhayibhile
    Ubulungiseleli BoBukumkani—2006 | Matshi
    • Indlela Yokuhambisa Incwadi Ethi Okufundiswa YiBhayibhile

      Esi sihlomelo sinamacebiso ahlukahlukeneyo endlela yokuhambisa incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile. Ukuze asebenze, wabeke ngamazwi akho, intshumayelo yakho yenze ifaneleke kubantu basekuhlaleni, yaye zazi iingongoma onokuthetha ngazo kule ncwadi. Unokusebenzisa nezinye iintshumayelo eziya kusebenza kwintsimi yakho.—Bona UBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJanuwari 2005, kwiphe. 8.

      IArmagedon

      ◼ “Xa abantu besiva igama elithi ‘Armagedon,’ abaninzi bacinga ngentshabalalo. Ngaba unokothuka xa unokuva ukuba iArmagedon yinto onokukhangela phambili kuyo? [Mvumele aphendule wandule ufunde ISityhilelo 16:14, 16.] Phawula indlela obuchazwa ngayo ubomi basemva kweArmagedon.” Tyhila kwiphepha 82-4, uze ufunde isiqendu 21.

      IBhayibhile

      ◼ “Abantu badla ngokubhekisela kwiBhayibhile njengeLizwi LikaThixo. Ngaba wakha wazibuza ukuba incwadi eyabhalwa ngabantu inokubizwa njani ngokuba liLizwi likaThixo? [Mvumele aphendule, wandule ufunde eyesi-2 kuPetros 1:21 nesiqendu 5 kwiphepha 19.] Le ncwadi iyiphendula ngokusuka eBhayibhileni le mibuzo.” Mbonise imibuzo ekwiphepha 6.

      ◼ “Kule mihla, abantu bayakwazi ukufumana inkcazelo engakumbi kunanini na ngaphambili. Kodwa ucinga ukuba sinokusifumana phi isiluleko esinokusinceda siphile ubomi obonwabisayo nobuphumelelayo? [Mvumele aphendule, wandule ufunde eyesi-2 kuTimoti 3:16, 17 nesiqendu 12 kwiphepha 22.] Le ncwadi ichaza indlela esinokuphila ngayo ngokukholisa uThixo size singenelwe.” Mbonise isicangca nomfanekiso okwiphepha 122-3.

      Imfazwe/Uxolo

      ◼ “Kuzo zonke iindawo abantu balangazelela uxolo. Ucinga ukuba kuliphupha nje ukuba nethemba lokubona uxolo emhlabeni? [Mvumele aphendule, wandule ufunde INdumiso 46:8, 9.] Le ncwadi ithetha ngendlela uThixo aya kuyizalisekisa ngayo injongo yakhe aze azise uxolo emhlabeni.” Mbonise umfanekiso okwiphepha 35, uze ufunde isiqendu 17-21 kwiphepha 33-4.

      Inkxwaleko/Ukubandezeleka

      ◼ “Xa abantu besebugxwayibeni, abaninzi baye bazibuze enoba uThixo ubakhathalele na abantu yaye uyakubona kusini na ukubandezeleka kwabo. Ngaba nawe wakha wazibuza oko? [Mvumele aphendule. Mfundele eyoku-1 kuPetros 5:7 nesiqendu 11 kwiphepha 11.] Le ncwadi ichaza indlela uThixo aya kukuphelisa ngayo ngokupheleleyo ukubandezeleka kwabantu.” Mbonise imibuzo esekuqaleni kwiphepha 106.

      Intsapho

      ◼ “Sonke sinomdla wokonwaba ezintsatsheni zethu. Uthini wena? [Mvumele aphendule.] IBhayibhile ithetha ngento wonke ubani entsatsheni anokuyenza ukuze abe negalelo kulonwabo lwentsapho—ukuxelisa uThixo ekubonakaliseni uthando.” Mfundele eyabase-Efese 5:1, 2 nesiqendu 4 kwiphepha 135.

      Izindlu

      ◼ “Kwiindawo ezininzi kunzima ukufumana indawo yokuhlala eyanelisayo nefikelelekayo ngexabiso. Ngaba ucinga ukuba ngenye imini kuya kuze kubekho izindlu ezanele wonke umntu? [Mvumele aphendule, wandule ufunde uIsaya 65:21, 22 nesiqendu 20 kwiphepha 34.] Le ncwadi ichaza indlela esiya kuzaliseka ngaso esi sithembiso sivela kuThixo.”

      Ubomi Obungunaphakade

      ◼ “Abantu abaninzi bafuna ukuba nempilo entle nokuphila ubomi obude. Kodwa ukuba bekunokwenzeka, ubungathanda ukuphila ngonaphakade? [Mvumele aphendule, wandule ufunde ISityhilelo 21:3, 4 nesiqendu 17 kwiphepha 53.] Le ncwadi ithetha ngendlela esinokubufumana ngayo ubomi obungunaphakade nendlela obuya kuba yiyo ubomi xa eso sithembiso sizaliseka.”

      Ukufa/Uvuko

      ◼ “Abantu abaninzi bayazibuza ngoko kwenzekayo xa sisifa. Ucinga ukuba sinokukwazi oko kwenzekayo? [Mvumele aphendule, wandule ufunde INtshumayeli 9:5 nesiqendu 5-6 kwiphepha 58-9.] Le ncwadi ikwachaza ngoko kuthethwa sisithembiso seBhayibhile ngovuko lwabo bafileyo.” Mbonise umfanekiso okwiphepha 75.

      ◼ “Xa sifelwa ngumntu esimthandayo, kuyinto eqhelekileyo ukufuna ukumbona kwakhona. Akunjalo? [Mvumele aphendule.] Abantu abaninzi baye bathuthuzelwa lithemba lovuko eliseBhayibhileni. [Mfundele uYohane 5:28, 29 nesiqendu 16-17 kwiphepha 72.] Esi sahluko sikwaphendula le mibuzo.” Mbonise imibuzo esekuqaleni kwiphepha 66.

      Umthandazo

      ◼ “Ngaba wakha wazibuza ngendlela uThixo ayiphendula ngayo imithandazo? [Mvumele aphendule, wandule ufunde eyoku-1 kuYohane 5:14, 15 nesiqendu 16-18 kwiphepha 170-2.] Esi sahluko sichaza isizathu sokuba sifanele sithandaze kuThixo noko simele sikwenze ukuze asiphulaphule.”

      Unqulo

      ◼ “Abantu abaninzi baqalisa ukugqala iicawa zeli hlabathi njengonobangela weengxaki zoluntu kunokuba zizicombulule. Ucinga ukuba unqulo lukhokelela abantu kwindlela efanelekileyo? [Mvumele aphendule, wandule ufunde uMateyu 7:13, 14 kwisiqendu 5 kwiphepha 145-6.] Esi sahluko sichaza iinkalo ezintandathu esinokulubona ngazo unqulo olumkholisayo uThixo.” Mbonise uludwe olukwiphepha 147.

      UYehova UThixo

      ◼ “Abantu abaninzi abakholelwa kuThixo bangathanda ukuba ngabahlobo bakhe. Ubusazi ukuba iBhayibhile ibongoza ukuba sisondele kuye? [Mvumele aphendule, wandule ufunde uYakobi 4:8a nesiqendu 20 kwiphepha 16.] Le ncwadi ilungiselelwe ukunceda abantu bafunde okungakumbi ngoThixo, besebenzisa iiBhayibhile zabo.” Mbonise imibuzo esekuqaleni kwiphepha 8.

      ◼ “Abantu abaninzi bathandazela ukuba igama likaThixo lingcwaliswe. Ngaba wakha wazibuza ukuba ngubani elo gama? [Mvumele aphendule, wandule ufunde INdumiso 83:18 nesiqendu 2-3 kwiphepha 195.] Le ncwadi ichaza oko ngokwenene kufundiswa yiBhayibhile ngoYehova uThixo nenjongo yakhe ngoluntu.”

      UYesu Kristu

      ◼ “Abantu ehlabathini lonke bakhe beva ngoYesu Kristu. Abanye bathi wayengumntu nje obalaseleyo. Abanye bamnqula njengoThixo uSomandla. Ucinga ukuba kunomsebenzi oko sikukholelwayo ngoYesu Kristu?” Mvumele aphendule, wandule ufunde uYohane 17:3 nesiqendu 3 kwiphepha 37-8. Funda imibuzo esekuqaleni ezantsi komxholo wesahluko.

      [Ibhokisi ekwiphepha 5]

      Iindlela Zokukhankanya Ilungiselelo Lomnikelo

      “Ukuba ungathanda ukwenza umnikelo omncinane namhlanje kumsebenzi wethu wehlabathi lonke, singawuvuyela.”

      “Nangona singahlawulisi ngeencwadi zethu, siyawamkela umnikelo kumsebenzi wethu wehlabathi lonke.”

      “Usenokuzibuza ngendlela esikwazi ngayi ukuhlangabezana neendleko zalo msebenzi siwenzayo. Lo msebenzi wethu wehlabathi lonke uxhaswa yiminikelo yokuzithandela. Ukuba ungathanda ukwenza umnikelo omncinane namhlanje, singawuvuyela.”

  • (1) Buza Umbuzo, (2) Ufunde ISibhalo Uze (3) Umbonise Isahluko
    Ubulungiseleli BoBukumkani—2006 | Matshi
    • (1) Buza Umbuzo, (2) Ufunde ISibhalo Uze (3) Umbonise Isahluko

      Indlela elula yokuhambisa incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? (1) kukubuza umbuzo ofuna izimvo, (2) ukufunda isibhalo esifanelekileyo (3) nokumbonisa isahluko sale ncwadi esixubusha loo mbandela ngokufunda imibuzo etshayelelayo ephantsi komxholo wesahluko. Ukuba umninimzi unomdla, unokukwazi ukumbonisa indlela yokuqhuba isifundo seBhayibhile ngokusebenzisa iziqendu zokuqala zeso sahluko. Le ndlela inokusetyenziswa ukuze kuqaliswe izifundo kutyelelo lokuqala okanye xa ubuyela.

      ◼ “Ucinga ukuba inokwenzeka into yokuba abantu bamazi uMdali wethu ongusomandla ngale ndlela kuchazwe ngayo eBhayibhileni?” Funda IZenzo 17:26, 27, uze umnike ithuba lokuphendula. Emva koko mbonise isahluko 1.

      ◼ “Kwezi ngxaki zingaka sijongene nazo kule mihla, ucinga ukuba kunokwenzeka ukuba sifumane intuthuzelo nethemba elichazwe apha?” Funda eyabaseRoma 15:4, uze umnike ithuba lokuphendula. Emva koko mbonise isahluko 2.

      ◼ “Ukuba bekusemandleni akho, ngaba ubunokulwenza olu tshintsho?” Funda ISityhilelo 21:4, uze umnike ithuba lokuphendula. Emva koko mbonise isahluko 3.

      ◼ “Ucinga ukuba abantwana bethu baya kuze baphile kwezi meko zichazwe kule ngoma yamandulo?” Funda INdumiso 37:10, 11, uze umnike ithuba lokuphendula. Emva koko, mbonise isahluko 3.

      ◼ “Ucinga ukuba aya kuze azaliseke la mazwi?” Funda uIsaya 33:24, uze umnike ithuba lokuphendula. Emva koko, mbonise isahluko 3.

      ◼ “Ngaba wakha wazibuza enoba abafi bayayazi kusini na into eyenziwa ngabaphilayo?” Mnike ithuba lokuphendula. Emva koko, funda INtshumayeli 9:5, uze umbonise isahluko 6.

      ◼ “Ucinga ukuba siya kuze sizibone izihlobo nezalamane ezafayo, njengoko uYesu ebonisa kwezi ndinyana?” Funda uYohane 5:28, 29, uze umnike ithuba lokuphendula. Emva koko, mbonise isahluko 7.

      ◼ “Ngendlela obona ngayo, kunokwenzeka njani ukuthanda kukaThixo emhlabeni ngendlela okwenzeka ngayo ezulwini, njengoko kukhankanywe kulo mthandazo udumileyo?” Funda uMateyu 6:9, 10, uze umnike ithuba lokuphendula. Emva koko, mbonise isahluko 8.

      ◼ “Ucinga ukuba sele siphila kwixesha elichazwe kwesi siprofeto?” Funda eyesi-2 kuTimoti 3:1-4, uze umnike ithuba lokuphendula. Emva koko, mbonise isahluko 9.

      ◼ “Abantu abaninzi bayazibuza isizathu sokuba iingxaki zoluntu ziye zisiba mandundu. Ngaba wakha wacinga ngale ngcaciso ichazwe apha?” Funda ISityhilelo 12:9, uze umnike ithuba lokuphendula. Emva koko, mbonise isahluko 10.

      ◼ “Ngaba wakha wazibuza umbuzo ofana nalo?” Funda uYobhi 21:7, uze umnike ithuba lokuphendula. Emva koko, mbonise isahluko 11.

      ◼ “Ucinga ukuba ukusebenzisa eli cebiso livela eBhayibhileni bekuya kubanceda abantu bonwabe ezintsatsheni zabo?” Funda eyabase-Efese 5:33, uze umnike ithuba lokuphendula. Emva koko, mbonise isahluko 14.

      Unokuqalisa ukufaka isifundo seBhayibhile kwingxelo yakho yentsimi wakube usiqhube kabini emva kokuba nenze ilungiselelo lesifundo naxa unesizathu sokucinga ukuba eso sifundo siya kuqhubeka.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share