INgoma 99
“Injongo Kanaphakade” KaThixo Etyhilekileyo
1. Masihlale siz’thoba
Kuz’ iindawo zethu (ngokuba)
Abo bakhonza uThixo
Bancedwa kakhulu (nguKristu).
UBawo uYehova
Wenz’ uk’ba simkhonze (s’manyene).
Isihlwele esikhulu
Senz’ uk’thanda kwakhe.
2. Ngoku ke uYehova
Usinik’ ithemba (lok’phila).
Sayeka uk’phuthaphutha
Kubo ubumnyama (bomhlaba).
Loziswa nguy’ uThixo
Uxolo k’lo mhlaba, (kothi ke)
Xa sel’ elawul’ uKristu
Iimfazwe zophela.
3. Masazise nabanye
Yaye siz’bhokoxe (ngenene)
S’be kwindlel’ esa kubomi
Siz’gcine s’phaphile, (sithe tye).
Injongo kaYehova
Iyophumelela (kamsinya).
Ngoko thina xa sisonke,
Sombong’ uYehova.