Indlela Yokuqalisa Izifundo ZeBhayibhile Kwabo Sibahambisele Amaphephancwadi
1. Amaphephancwadi siwahambisa sinaluphi usukelo?
1 Ngokuqhelekileyo ngeMigqibelo sihambisa IMboniselo noVukani! entsimini. Noko ke, eli linyathelo nje lokuqala lokufikelela usukelo lwethu lokufundisa inyaniso kwabo baneentliziyo ezinyanisekileyo. Kweli nqaku kukho amacebiso endlela yokuhambisa incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile xa ubuyela uze uqalise isifundo seBhayibhile. Unokuzenza zifanele intsimi oshumayela kuyo uze uzibeke ngamazwi akho. Ukhululekile ukuba usebenzise enye indlela obona ukuba iyasebenza.
2. Sinokuwasebenzisa njani amaphepha asekuqaleni encwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile ukuze siqalise isifundo seBhayibhile?
2 Sebenzisa Amaphepha Asekuqaleni: Xa ubuyela, unokuthi: “Amaphephancwadi ebendikushiyele wona, asekelwe eBhayibhileni. Phawula isizathu sokuba ukufunda iBhayibhile kubaluleke kangaka.” Funda uIsaya 48:17, 18; uYohane 17:3; okanye esinye isibhalo esifanelekileyo. Emva kokubonisa umninimzi incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile uze umnike ikopi yakhe, unokuhlabela mgama uthi:
◼ “IBhayibhile isinika ithemba lokwenene ngekamva.” Bonisa umninimzi iphepha 4-5, uze umbuze, “Sisiphi kwezi zithembiso ongathanda ukusibona sifezwa?” Mbonise isahluko esithetha ngesithembiso seZibhalo asikhethileyo nize ngokufutshane nixubushe isiqendu esinye okanye ezibini ukuba uyavuma.
◼ Okanye unokuthi, “IBhayibhile iphendula eyona mibuzo ibalulekileyo ebomini.” Mbonise iphepha 6, uze umbuze enoba ukhe wazibuza kusini na ngawo nawuphi na kwimibuzo esemazantsi elo phepha. Tyhila isahluko esiwuphendulayo nize ngokufutshane nixubushe isiqendu esinye okanye ezibini.
◼ Okanye unokumbonisa eminye imixholo ekwiziqulatho uze umbuze ukuba nguwuphi anomdla kuwo. Tyhila eso sahluko, uze ngokufutshane umbonise indlela esiqhutywa ngayo isifundo seBhayibhile.
3. Sinokusiqalisa njani isifundo seBhayibhile emva kokuhambisa iphephancwadi elithetha (a) ngeemeko zehlabathi eziya zisiba mbi? (b) ngentsapho? (c) ngokuthembeka kweBhayibhile?
3 Shiya Umbuzo Kutyelelo Lokuqala: Enye indlela onokuyisebenzisa kukubeka isiseko sokubuyela kwakutyelelo lokuqala. Emva kokuba umninimzi amkele iphephancwadi, buza umbuzo, uze uthembise ukuwuphendula xa uphinde wabuya. Chaza ixesha eliqinisekileyo oza kubuya ngalo, uze uqiniseke ukuba uyabuyela. (Mat. 5:37) Xa ubuyela, khumbuza umninimzi ngombuzo owubuzileyo, uze ngokufutshane ufunde uze uxubushe impendulo kwincwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile. Mnike ikopi yakhe ukuze naye ahambisane nawe. Nantsi imizekelo embalwa:
◼ Ukuba iphephancwadi olihambisileyo lithetha ngeemeko zehlabathi eziya zisiba mbi, unokuthi, “Kwixa elizayo siza kuxubusha ngempendulo yeBhayibhile kulo mbuzo, Luluphi utshintsho oluya kuziswa nguThixo emhlabeni?” Sebenzisa iphepha 4-5 xa ubuyela. Okanye unokubuza lo mbuzo, “Ngaba kukuthanda kukaThixo ukuba kubekho iintlekele?” Xa ubuyela, bonisa umninimzi isiqendu 7-8 kwisahluko 1.
◼ Ukuba iphephancwadi olihambisileyo lithetha ngentsapho, ngaphambi kokuhamba unokubuza lo mbuzo, “Yintoni enokwenziwa lilungu ngalinye lentsapho ukuze konwatywe entsatsheni?” Xa ubuyela, xubusha isiqendu 4 kwisahluko 14.
◼ Ukuba iphephancwadi olihambisileyo lithetha ngokuthembeka kweBhayibhile, unokubuza lo mbuzo eniza kuwuxubusha kwixa elizayo, “Ngaba iBhayibhile ichanile kwimiba yenzululwazi?” Xa ubuyela, xubusha isiqendu 8 kwisahluko 2.
4. Yintoni esifanele siyenze ukuba umninimzi akayamkeli incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile?
4 Ekupheleni kwengxubusho nganye, buza omnye umbuzo oza kuwuphendula xa uphinda ubuya. Xa isifundo sele siqalile, unokuyixubusha le ncwadi ngokulandelelana kwezahluko ukususela ekuqaleni ukuya kutsho ekugqibeleni. Kuthekani ukuba umninimzi akayamkeli incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile? Unokuqhubeka umphathela amaphephancwadi nize nixubushe iBhayibhile kunye naye. Njengoko ukhulisa umdla anawo, ekuhambeni kwexesha unokusamkela isifundo seBhayibhile.
5. Kutheni sifanele sizame ukwenza okungakumbi kunokushiyela abantu amaphephancwadi?
5 IMboniselo noVukani! zinokubangela ukuba umntu abe nomdla wokufunda oko ngokwenene kufundiswa yiBhayibhile. Ngoko, yenza umgudu okhethekileyo wokuqalisa izifundo zeBhayibhile nabo bawamkelayo amaphephancwadi. Ngaloo ndlela, siya kuba sithobela umyalelo kaYesu ‘wokwenza abafundi size sibafundise.’—Mat. 28:19, 20.