Ubungqina Obuzicaceleyo Bokholo!
1. Ziziphi izihelegu ezaprofetwa nguYesu?
1 Abapostile bamphulaphula kakuhle uYesu xa wayethetha ngobukho bakhe nangokuqosheliswa kwale nkqubo yezinto. Kwakuza kulandela isihelegu emva kwesinye—iimfazwe, ukunqongophala kokutya, iinyikima neendyikitya zokufa. Emva koko, uYesu wathi abalandeli bakhe babeya kuthiywa, baphathwe kakubi yaye babulawe. Abaprofeti bobuxoki babeya kuvela baze balahlekise abantu abaninzi. Uthando lwabantu abaninzi lwaluya kuphola.
2. Kutheni kuyinto eyothusayo ukuba iindaba ezilungileyo zishunyayelwe ehlabathini jikelele?
2 Ngenxa yoku, bamel’ ukuba bothuka abapostile xa besiva uYesu esithi iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo zaziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo. (Mat. 24:3-14) Namhlanje sizibonela ngawethu amehlo ukuzaliseka kwesi siprofeto sibangel’ imincili. Nangona amaNgqina kaYehova ephila kumaxesha anzima, akukhuthalele ukushumayela iindaba ezilungileyo. Njengoko uthando lwabantu abasehlabathini lusiya luphola, olwethu luya luvutha nangakumbi. Nangona ‘sithiywe ziintlanga zonke,’ sishumayela kuzo zonke iintlanga.
3. Ngawaphi amanani akukhuthazayo kwiNgxelo Yehlabathi?
3 Kukhuthaza ngokwenene ukubona umsebenzi wamaNgqina kaYehova walo nyaka wenkonzo udluleyo oboniswe kwisicangca esikwiphepha lesi-3 ukuya kwelesi-6! Lo ibingunyaka we-16 sichitha iiyure ezingaphezu kwewaka lezigidi kumsebenzi wokushumayela nowokwenza abafundi. Obu bubungqina obuzicaceleyo bokholo! Oovulindlela bande ngesi-8,7 ekhulwini, abavakalisi banda ngesi-3,1 ekhulwini, zaza izifundo zeBhayibhile zanda ngesi-4,4 ekhulwini. Abantu ababhaptiziweyo bande ngama-20,1 ekhulwini xa kuthelekiswa nonyaka wenkonzo odluleyo. Kusenza sizaliswe yimincili ukubona abantu abaphantse babe zizigidi ezisixhenxe bekhonza uYehova ngokuthembeka—nani elo lingazange lifikelelwe ngaphambili! Yintoni eye yakukhuthaza ngokukhethekileyo xa ubuhlola esi sicangca?
4. Ziziphi iingxaki eyahlangabezana nazo enye indoda xa yayisebenzela ekubeni ibhaptizwe?
4 Nangona la manani esenza sivuye, singalibali ke ukuba amela abantu abaye balungqina ukholo lwabo. Masenze umzekelo. UGuillermo wakhulela eBolivia. Wazalwa ngowe-1935, waza wasebenza kumasimi ecoca eneminyaka esithoba ubudala. Waqal’ esemncinane ukuhlafuna amagqabi ecoca ngenjongo yokucima iintsizi ezibangelwa kukuqotywa ngumsebenzi onzima. Kamva wangena ekunxileni nasekutshayeni imidiza. Uthe akuqalisa ukufunda ngezinto uYehova azifunayo kuye, waliyeka icuba waza wayeka nokunxila. Kodwa ke kwaba nzima ukuyeka umkhwa ekwakukudala ewenza wokuhlafuna amagqabi ecoca. Wazingisa emthandazweni de wawuyeka lo mkhwa. Emva kokuba ahlukene nale mikhwa, wabhaptizwa. Uthi: “Ngoku ndiziva ndicocekile kwaye ndonwabile.”
5. Yintoni oyinqwenelayo wena?
5 Ngokwenene uYehova unomdla ebantwini. Unqwenela ukuba bonke abantu baguquke. (2 Pet. 3:9) Nathi siyakunqwenela oko. Ngamana iintliziyo zethu zingasibangela ukuba senze konke okusemandleni ethu ukuze sincede abantu abanyanisekileyo ukuba bamazi uYehova baze bamthande kanye njengathi.