Impinda YeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
Le mibuzo ilandelayo iza kuxutyushwa kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo kwiveki eqala ngoFebruwari 23, 2009. Umveleli wesikolo uya kuqhuba impinda yemizuzu engama-20 esekelwe kumbandela wezabelo zeveki esusela Januwari 5 ukuya kuFebruwari 23, 2009.
1. Kwenzeka njani ukuba uThixo enze kukhanye kusuku lokuqala ukuba izikhanyiso zazingekenziwa de kwalusuku lwesine? (Gen. 1:3, 16) [w04-XO 1/1 iphe. 28 isiqe. 5]
2. Imel’ ukuba itheth’ ukuthini into yokuba uYehova engazange axelele uNowa ukuba awoyise umhlaba ngendlela awenza ngayo kuAdam owayefezekile? (Gen. 9:1) [it-2 iphe. 1095 isiqe. 6]
3. Waqala nini ukusebenza uMnqophiso kaAbraham, yaye wawuza kusebenza ixesha elingakanani? (Gen. 12:1-4) [w04-XO 1/15 iphe. 26 isiqe. 4; w01-XO 8/15 iphe. 17 isiqe. 13]
4. Yintoni ebonisa ukuba uNimrodi namahlakani akhe abazange balufikelele usukelo lwabo ‘lokuzenzela igama elidumileyo’? (Gen. 11:4) [w98-XO 3/15 iphe. 25]
5. Ekubeni uLote ebizwa ngokuba yindoda ‘elilungisa’ kweyesi-2 kaPetros 2:7, kwakutheni ukuze anikele ngeentombi zakhe kwihlokondiba elalinamanyala? (Gen. 19:8) [w05-XO 2/1 iphe. 26 isiqe.15-16; w04-XO 1/15 iphe. 27 isiqe. 3]
6. Ekubeni abayeni aboyika uThixo kulindeleke ukuba banyamekele abo bangababo, kwakunokwenzeka njani ukuba uAbraham andulule uHagare noIshmayeli ukuba baye entlango? (Gen. 21:10-21; 1 Tim. 5:8) [w88-XO 2/15 iphe. 31]
7. Sifunda ntoni kwimizamo kaEliyazare yokwenza izinto ngendlela kaYehova xa wayefunela uIsake umfazi? (Gen. 24:14, 15, 17-19, 26, 27) [w97 1/1 iphe. 31 isiqe. 2]
8. Yayiyintoni intsingiselo yephupha likaYakobi apho wayebona iingelosi ‘zinyuka zisihla kwileli’? (Gen. 28:10-13) [w03-XO 10/15 iphe. 29 isiqe. 1; it-2 iphe.189]
9. Kwakutheni ukuze uRakeli abe nomdla wokufumana imithuma yonyana kaLeya? (Gen. 30:14, 15) [w04-XO 1/15 iphe. 28 isiqe. 7]
10. Kutheni umzekelo kaYakobi ufanelekile xa kulungiswa iingxabano? (Gen. 33:3, 4) [g82 2/22 iphe. 19 isiqe. 8-10]