ISIFUNDO 49
Ukubeka Izibakala Ezivakalayo
XA UTHETHA into, abaphulaphuli bakho banelungelo lokubuza ukuba: “Kutheni iyinyaniso nje le nto? Bubuphi ubungqina obubonisa ukuba le nto ithethwa sisithethi iyinyaniso?” Njengomfundisi, unembopheleleko yokuphendula loo mibuzo okanye yokunceda abaphulaphuli bakho bafumane iimpendulo. Ukuba loo ngongoma ibalulekile, qiniseka ukuba unika abaphulaphuli izizathu ezivakalayo zokuyamkela. Oku kuya kufak’ isandla ekwenzeni ingxubusho yakho yeyise.
Umpostile uPawulos wasebenzisa ukweyisela. Ngokubeka izibakala ezivakalayo, ngokuqiqa, nangokubongoza ngokunyaniseka, wazama ukutshintsha iingcamango zabo wayethetha nabo. Wamisela umzekelo omhle esifanele siwulandele. (IZe. 18:4; 19:8) Kakade ke, ezinye izithethi zisebenzisa ukweyisela ukuze zilahlekise abantu. (Mat. 27:20; IZe. 14:19; Kol. 2:4) Zisenokuqalisa ngengcamango ephosakeleyo, zixhase ngemithombo enekhethe, zibeke izibakala ezikhiwe phezulu, zityeshele izibakala ezingqubana nembono yazo, okanye zichukumise iimvakalelo kunokuba ziqiqe. Sifanele sizilumkele zonke iindlela ezinjalo.
Zisekelwe Ngokupheleleyo KwiLizwi LikaThixo. Oko sikufundisayo akufanelanga kuphume kuthi. Sizabalazela ukwabelana nabanye ngoko sikufunde eBhayibhileni. Xa sisenza lo msebenzi, sincedwa kakhulu ziimpapasho zodidi lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi. Ezi mpapasho zisikhuthaza ukuba sihlolisise iZibhalo ngenyameko. Nathi ngokufanayo, salathisa abanye eBhayibhileni, kungekhona ngenjongo yokungqina ukuba sithi abachanileyo, kodwa ngokuthobeka sinomnqweno wokuba bazibonele oko ikutshoyo. Siyavumelana noYesu Kristu, owathetha la mazwi xa wayethandaza kuYise: “Ilizwi lakho liyinyaniso.” (Yoh. 17:17) Alikho igunya elingaphezulu kuYehova uThixo, uMdali wezulu nomhlaba. Ukuba sengqiqweni kwezibakala esizibekayo kuxhomekeke ekuzisekeleni kwethu kwiLizwi lakhe.
Maxa wambi unokuthetha nabantu abangaqhelananga neBhayibhile okanye abangayamkeliyo njengeLizwi likaThixo. Ufanele usebenzise ukuqonda xa kufikwa kwixesha nendlela ozikhankanya ngayo iindinyana zeBhayibhile. Kodwa ufanele uzabalazele ukwalathisela ingqalelo yabo kulo mthombo wenkcazelo onegunya ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka.
Ngaba ufanele ufikelele kwisigqibo sokuba ukucaphula nje isibhalo esifanelekileyo kubeka isibakala esingenakuphikiswa? Akusoloko kunjalo. Kusenokufuneka utsalele ingqalelo kumongo weso sibhalo ukuze ubonise ukuba sikuxhasa ngokwenene oko ukutshoyo. Ukuba ufumana umgaqo kuphela kweso sibhalo yaye umongo awuxubushi loo mbandela, kusenokufuneka ubungqina obungakumbi. Kusenokufuneka usebenzise ezinye izibhalo ezinxibelelene naloo nto ukuze wanelise abaphulaphuli bakho ukuba le nto uyithethayo ngokwenene isekelwe kwiZibhalo.
Kuphephe ukukubaxa oko kungqinwa sisibhalo. Funda ngenyameko. Loo ndinyana isenokuba ayiwusingathi ngokungqalileyo loo mbandela uwuxubushayo. Ukanti, ukuze ingongoma yakho yeyisele, umphulaphuli wakho umele akwazi ukuqonda indlela eyingqina ngayo loo nto uyithethayo.
Ixhaswa Bubungqina Obongezelelekileyo. Kwezinye iimeko, kunokuba luncedo ukusebenzisa ubungqina obuvela komnye umthombo onokuthenjwa ongeyiyo iBhayibhile ukuze uncede abantu baqonde ukuba sengqiqweni kweZibhalo.
Ngokomzekelo, unokwalatha kwindalo ebonakalayo njengobungqina bokuba ukho uMdali. Unokutsalela ingqalelo kwimithetho yendalo enjengomxhuzulane, uze uqiqe ngelithi ubukho bemithetho enjalo kubonisa ukuba ukho uMniki-mthetho. Izibakala zakho ziya kuchana ukuba zivisisana noko kuchazwa liLizwi likaThixo. (Yobhi 38:31-33; INdu. 19:1; 104:24; Roma 1:20) Ubungqina obunjalo buluncedo kuba bubonisa ukuba oko kuthethwa yiBhayibhile kuvisisana nezibakala ezizicaceleyo.
Ngaba kukho umntu ozabalazela ukumnceda aqonde ukuba ngokwenene iBhayibhile iliLizwi likaThixo? Unokucaphula abaphengululi abathi ililo, kodwa ngaba oko kuyayingqina loo nto? Iingcaphulo ezinjalo zinceda kuphela abantu ababahlonelayo abo baphengululi. Ngaba unokusebenzisa inzululwazi ukuze ungqine ukuba iBhayibhile iyinyaniso? Ukuba ubunokusebenzisa iimbono zezazinzulu ezingafezekanga ukuze uxhase ibango, ubuya kuba wakhela kwisiseko esingazinzanga. Kwelinye icala, ukuba uqalisa ngeLizwi likaThixo uze walathe kwizinto eziye zafunyaniswa yinzululwazi ezibalaselisa ukuchana kweBhayibhile, izibakala zakho ziya kwakhelwa phezu kwesiseko esomeleleyo.
Enoba yintoni na ozabalazela ukuyingqina, nikela ubungqina obaneleyo. Umlinganiselo wobungqina obufunekayo uya kuxhomekeka kubaphulaphuli bakho. Ngokomzekelo, ukuba uxubusha imihla yokugqibela echazwe kweyesi-2 kuTimoti 3:1-5, unokutsalela ingqalelo yakho kwiingxelo zeendaba ezaziwayo ezibonisa ukuba abantu ‘abanawo umsa wemvelo.’ Loo mzekelo mnye unokwanela ukungqina ukuba le nkalo yomqondiso wemihla yokugqibela iyazaliseka sithethanje.
Ufaniso—ukuthelekiswa kwezinto ezimbini ezineenkalo ezibalulekileyo ezifana ngazo—kudla ngokuba luncedo. Isifaniso sisodwa nje asingqini nto; ukufaneleka kwaso kumele kuvavanywe koko iBhayibhile ikutshoyo. Kodwa isifaniso sinokunceda umntu abone indlela esengqiqweni ngayo ingcamango ethile. Ngokomzekelo, isifaniso esinjalo sinokusetyenziswa xa kuchazwa ukuba uBukumkani bukaThixo bungurhulumente. Unokuchaza ukuba njengoorhulumente babantu, uBukumkani bukaThixo bunabalawuli, abalawulwa, imithetho, inkqubo yezomthetho, kunye nenkqubo yemfundo.
Kwiimeko ezininzi kunokusetyenziswa nezinto ezenzeke ngokwenene ukuze kuboniswe ubulumko bokusebenzisa isiluleko seBhayibhile. Namava obuqu anokusetyenziswa ukuxhasa izinto ozithethileyo. Ngokomzekelo, xa uchazela umntu ukubaluleka kokufunda nokufundisisa iBhayibhile, unokuchaza indlela ukwenjenjalo okuye kwabuphucula ngayo ubomi bakho. Ukuze akhuthaze abazalwana bakhe, umpostile uPetros wabhekisela kumbono wokwenziwa kumila kumbi, awayewubone ngamehlo akhe. (2 Pet. 1:16-18) NoPawulos wacaphula awakhe amava. (2 Kor. 1:8-10; 12:7-9) Kakade ke, akufanele uwasebenzise kakhulu amava akho, ukuze ungatsaleli ingqalelo engafanelekanga kwisiqu sakho.
Ekubeni abantu beneemvelaphi ezingafaniyo kwaye becinga ngeendlela ezahlukileyo, ubungqina obumanelisayo omnye busenokungamanelisi omnye. Ngoko ke, cinga ngeembono zabaphulaphuli bakho xa ugqiba ngezibakala oza kuzisebenzisa nendlela oza kuzibeka ngayo. IMizekeliso 16:23 ithi: “Intliziyo yesilumko ibangela umlomo ubonakalise ingqiqo, yaye kwimilebe yakhe yongeza ubuciko.”