Imbono YeBhayibhile
Ngaba Yonke IBhayibhile Iseluncedo?
“IBhayibhile ayiseloncedo kangako kubantu bangoku, ifana nje nento ekunceda uphendule imibuzo yokhuphiswano.”
“Ukuthetha kweBhayibhile ngeminombo yokuzalwa, ukuba nyulu nokoyika uThixo kwakusebenza ngelaa xesha yayisandul’ ukubhalwa, kodwa ke akusasebenzi kangako Kwinkulungwane Yamashumi Amabini Ananye.”
“IBhayibhile yayiphelelwe lixesha kwangaphambi kokuba iqale ukushicilelwa.”
LA MAGQABAZA asandul’ ukuthatyathwa kwisite yeInternet ebixubusha umxholo othi, “Ngaba IBhayibhile iphelelwe lixesha yaye ayiseloncedo?” Wena uvakalelwa njani ngaloo magqabaza? Ngaba uyavumelana nawo?
Usenokuba akuvumelani noku kugatywa kungaka kweBhayibhile kodwa ke ube kwelinye icala uzibuza enoba yonke into eseBhayibhileni ayiloncedo kusini na. Ngapha koko, iiBhayibhile ezisetyenziswa kwiicawa ezininzi zahlulahlulwe zaba yiTestamente Endala Nentsha, nto leyo eyenza kube ngathi inxalenye engaphezu kwama-75 ekhulwini yeBhayibhile indala yaye iphelelwe lixesha.
Akakho umntu osanikela amadini ezilwanyana ekuthethwa ngawo kuMthetho kaMoses. Ngoko ke, kutheni kugcinwe zonke iinkcukacha eziphathelele loo madini kwincwadi yeLevitikus? (Levitikus 1:1–7:38) Yaye kuthekani ngezahluko zokuqala zeyoku-1 yeziKronike eziqulethe phantse yonke iminombo yokuzalwa? (1 Kronike 1:1–9:44) Ukuba akukho mntu uphilayo ngoku onokuthi unokhokho wakhe okumnombo okwezo zahluko, isinceda ngantoni ke loo minombo?
Masithi ukha iapile emthini. Xa sele uphethe elo apile, ngaba umthi olikhe kuwo awuseloncedo? Akunjalo ukuba uza kuphinda ufune ezinye iziqhamo! Ngandlel’ ithile iBhayibhile iyafana nalo mthi wama-apile. Ezinye iinxalenye zeBhayibhile, njengeeNdumiso okanye iNtshumayelo yaseNtabeni zisenokubonakala zifumaneka lula yaye “zimnandi” gqitha. Ngoxa sisenokuzithanda ezo nxalenye—kanye njengesiqhamo esisithandayo—ngaba simele singazihoyi ezinye? Ithini yona iBhayibhile ngaloo nto?
Malunga nowama-65 C.E., umpostile uPawulos wabhala ileta yakhe yesibini eyayisiya kuTimoti, emkhumbuza oku: “Uyaze kwasebusaneni imibhalo engcwele, enako ukukunika ubulumko obusa elusindisweni ngokukholwa kuKristu Yesu.” UPawulos waphinda wathi: “Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungelelaniseni izinto, ekuqeqesheleni ebulungiseni.” (2 Timoti 3:15, 16) Xa uPawulos wathi “sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo,” ngaba wayethetha ngeTestamente Entsha kuphela?
Phawula ukuba uPawulos uthi uTimoti uyaze “kwasebusaneni imibhalo engcwele.” Ukuba, ngokwendlela abacinga ngayo abanye abantu, uTimoti wayemalunga neminyaka engama-30 ubudala xa wabhalelwa le leta, loo nto ithetha ukuba wayelusana malunga nexesha lokufa kukaYesu. Kwakungaphambi kokuba kubhalwe nayiphi na inxalenye yeTestamente Entsha okanye iZibhalo ZesiGrike. Unina kaTimoti wayengumYuda, ngenxa yoko kumele ukuba imibhalo engcwele awamfundisa yona xa wayeselusana yiTestamente Endala okanye iZibhalo ZesiHebhere. (IZenzo 16:1) Ngaphandle kwamathandabuzo, “sonke iSibhalo” awayethetha ngaso uPawulos sasiquka yonke iTestamente Endala, enemiqathango ephathelele amadini kwakunye neminombo yokuzalwa.
Nangona sele kudlule iminyaka eli-1 900, ezo nxalenye zeBhayibhile zisasinceda ngeendlela ezininzi. Okokuqala, ngesingenayo iBhayibhile ukuba uThixo wayengazange aqinisekise ukuba iyabhalwa ize ilondolozwe ngabantu abakhethileyo. (Roma 3:1, 2) KuSirayeli wamandulo, uMthetho kaMoses wawungeyonto nje ingcwele efanele ilondolozelwe izizukulwana ezizayo, kodwa yayingumgaqo-siseko wolo hlanga. Iinkcukacha zoMthetho ezisenokubonakala kuthi zingeyomfuneko zazibalulekile ukuze uSirayeli wamandulo asinde zize izinto zenziwe kakuhle kolo hlanga. Ngaphezu koko, iingxelo zeminombo yokuzalwa zazibalulekile ukuze kubonakale uMesiya, owachazwa kusengaphambili ukuba uza kuphuma ngqo kumnombo kaKumkani uDavide.—2 Samuweli 7:12, 13; Luka 1:32; 3:23-31.
Nangona amaKristu engasekho ngaphantsi koMthetho kaMoses, kufuneka abe nokholo kuMesiya ekwaprofetwa ngaye, uYesu Kristu. Iminombo yokuzalwa yamandulo egcinwe eBhayibhileni iyangqina ukuba uYesu ‘wayengunyana kaDavide’ othenjisiweyo. Yaye iinkcukacha eziphathelele amadini ziyalomeleza uxabiso lwethu ngelona dini libalulekileyo lanikelwa nguYesu, nto leyo esenza sibe nokholo kwixabiso lalo.—Hebhere 9:11, 12.
Ebhalela ibandla lamaKristu lenkulungwane yokuqala eRoma, uPawulos wathi: “Zonke izinto ezabhalwa kwixesha langaphambili zabhalelwa ukuyalela thina, ukuze ngonyamezelo lwethu nangentuthuzelo yeZibhalo sibe nethemba.” (Roma 15:4) Esi sibhalo sisikhumbuza ukuba nangona iBhayibhile yabhalelwa ukuze kufunde thina, kodwa ayibhalelwanga thina kuphela. Ngaphezu kweminyaka engama-3 500, amazwi ayo aphefumlelweyo aye akhokela, afundisa aza alungisa abantu bakaThixo—kwintlango yaseSinayi, kwiLizwe Lesithembiso, ekuthinjweni eBhabhiloni, phantsi koLawulo lwamaRoma nasemhlabeni wonke sithethanje. Ayikho enye incwadi eyenze loo nto. Kanye njengeengcambu zomthi wama-apile, kusenokuba nzima ukubona ukuxabiseka kweenxalenye ezithile zeBhayibhile ekuqaleni. Kusenokufuneka umbe kancinane ukuze ubone oko kuxabiseka, kodwa umgudu owenzayo uya kuvuzwa gqitha!
NGABA WAKHA WAZIBUZA?
● UTimoti waqala nini ukuyazi “imibhalo engcwele”?—2 Timoti 3:15.
● Ziziphi iinxalenye zeBhayibhile eziphefumlelweyo neziyingenelo?—2 Timoti 3:16.
● Zinokusinceda njani “zonke izinto ezabhalwa kwixesha langaphambili”?—Roma 15:4.
[Imifanekiso ekwiphepha 29]
Iinkcukacha eziseBhayibhileni zisenza silixabise gqitha idini elenziwa nguYesu