ImiFanekiso Eqingqiweyo
Ingcaciso: Ngokuqhelekileyo, zizinto ezibonakalayo ezimela abantu okanye ezinye izinto. Umfanekiso oqingqiweyo oyinto enqulwayo usisithixo. Abo banqula imifanekiso eqingqiweyo badla ngokuthi unqulo lwabo ngokwenene lubhekiswa kumoya omelwa ngumfanekiso oqingqiweyo. Ukusetyenziswa okunjalo kwemifanekiso eqingqiweyo kuyinto eqhelekileyo kwiinkonzo ezininzi ezingezozamaKristu. Ithetha ngoqheliselo lwamaRoma Katolika, iNew Catholic Encyclopedia (1967, Umqu. VII, iphe. 372) ithi: “Ekubeni unqulo olunikelwe kumfanekiso oqingqiweyo lufikelela luze luphelele kumntu omelwa nguwo, uhlobo olufanayo lonqulo olwenziwa emntwini lunokunikelwa kumfanekiso oqingqiweyo njengomela loo mntu.” Le asiyomfundiso engokweBhayibhile.
Lithini iLizwi likaThixo ngokwenziwa kwemifanekiso eqingqiweyo esetyenziswa njengezinto zokunqulwa?
Eks. 20:4, 5: “Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nesemhlabeni phantsi, nesemanzini aphantsi komhlaba. Uze ungaqubudi kwezo nto, ungazikhonzi [“ungaqubudi phambi kwazo okanye uzinqule,” NAB]. Kuba mna, Yehova Thixo wakho, ndinguThixo onekhwele.” (Akekeliswe sithi.) (Phawula ukuba isalelo sasinxamnye nokwenza imifanekiso eqingqiweyo nokuqubuda phambi kwayo.)
Lev. 26:1: “Ize ningazenzeli izinto ezingeni [“intsika engcwele,” NW], nomfanekiso oqingqiweyo, ningaziphakamiseli isimiso samatye, ningagxumeki ilitye elingumfanekiso ezweni lenu, ukuba niqubude kulo; ngokuba ndinguYehova, uThixo wenu.” (Akukho mfanekiso uqingqiweyo owawunokuze umiselwe nababeya kuthi abantu baqubude phambi kwawo.)
2 Kor. 6:16: “Inakudibana kuni na ke itempile kaThixo nezithixo? Kuba nina niyitempile kaThixo ophilileyo.”
1 Yoh. 5:21: “Bantwanana, zigcineni kuzo izithixo [“izithixo,” TE, Dy, CC; “oothixo bobuxoki,” JB].”
Ngaba imifanekiso eqingqiweyo inokusetyenziswa njengamancedo nje ekunquleni uThixo oyinyaniso?
Yoh. 4:23, 24: “Abanquli abayinyaniso baya kumnqula uBawo ngoMoya nangenyaniso; kuba uBawo ufuna abanjalo ukumnqula. UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo bamelwe kukumnqula ngoMoya nangenyaniso.” (Abo bakholosa ngemifanekiso eqingqiweyo njengamancedo okuzinikela abamnquli uThixo “ngoMoya” kodwa baxhomekeke koko banokukubona ngamehlo abo okwenyama.)
2 Kor. 5:7: “Sihamba ngokholo, asihambi ngakubona.”
Isa. 40:18: “Ningamfanekisa ke nabani na uThixo, ninxulumanise mfanekiselo mni na naye?”
Ize. 17:29: “Siyinzala kaThixo nje ke, akusifanele ukuba sibe ubuthixo obu bufana negolide nesilivere nelitye, into eqingqwe ngobungcibi nangengcinga yomntu.”
Isa. 42:8: “NdinguYehova, lilo elo igama lam; andiluniki omnye uzuko lwam, nendumiso yam andiyiniki imifanekiso eqingqiweyo [“izinto ezikroliweyo,” Dy].”
Ngaba simele sinqule “iingcwele” njengezisimela kuThixo, mhlawumbi sisebenzise imifanekiso eqingqiweyo yazo njengamancedo kunqulo lwethu?
Ize. 10:25, 26: “Kwathi ke, xa angenayo uPetros, uKorneli wamhlangabeza, wawa ezinyaweni zakhe, waqubuda kuye. Uthe ke uPetros wamvusa, esithi, Phakama; nam ngokwam ndingumntu.” (Ekubeni uPetros engazange akufune ukunqulwa okulolo hlobo xa wayekho ngokobuqu, ngaba ebeya kusikhuthaza ukuba siguqe phambi komfanekiso oqingqiweyo wakhe? Bona kwaneSityhilelo 19:10.)
Yoh. 14:6, 14: “Uthi uYesu kuye, Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi; akukho namnye uzayo kuBawo, engezi ngam. Ukuba nithe nacela into ngegama lam, ndoyenza mna.” (Apha uYesu ngokucacileyo uthi ukuthetha kwethu kuYise kunokwenzeka kuphela ngaye nokuba izicelo zethu zimele zenziwe ngegama likaYesu.)
1 Tim. 2:5: “Mnye uThixo; mnye nomlamli phakathi koThixo nabantu, umntu uKristu Yesu.” (Apha abanye abavunyelwa ukuba bakhonze njengabalamli ngenxa yamalungu ebandla likaKristu.)
Bona kwanephepha 223, 224, phantsi komxholo othi “IiNgcwele.”
Ngaba abanquli ngokuphambili bacinga ngomntu omelwa ngumfanekiso oqingqiweyo, okanye ngaba eminye imifanekiso eqingqiweyo ijongwa imikhulu kuneminye?
Isimo sengqondo sabanquli siyinto ebalulekileyo emele iqwalaselwe. Ngoba? Kungenxa yokuba umahluko ophambili ophakathi “komfanekiso oqingqiweyo” “nesithixo” yindlela osetyenziswa ngayo umfanekiso oqingqiweyo.
Engqondweni yomnquli, ngaba umfanekiso othile oqingqiweyo womntu uxabiseke ngakumbi okanye ubaluleke ngakumbi kunomnye umfanekiso oqingqiweyo womntu okwamnye? Ukuba kunjalo, ngumfanekiso oqingqiweyo, kungekhona umntu lo mnquli acinga ngawo ngokuphambili. Kutheni le nto abantu behamba imigama emide besiya kunqula kumaziko athile onqulo-zithixo? Asinguwo na umfanekiso oqingqiweyo ngokwawo ojongwa njengonamandla “angummangaliso”? Ngokomzekelo, kwincwadi ethi Les Trois Notre-Dame de la Cathédrale de Chartres, ebhalwe ngumfundisi Yves Delaporte, sixelelwa oku ngemifanekiso eqingqiweyo kaMariya kwicathedral yaseChartres, eFransi: “Le mifanekiso iqingqiweyo, ikroliweyo, izotyiweyo okanye ebonakala kwiifestile zeeglasi ezinemibala, ayidumanga ngokufanayo. . . . Mithathu kuphela enqulwa ngokwenene: INenekazi lethu ElingaseMkhumbini, elingakwiNtsika, neNenekazi lethu elingakwi-‘Belle Verriere.’” Kodwa ukuba abanquli ngokuyintloko bebecinga ngomntu, kungekhona ngomfanekiso oqingqiweyo, omnye umfanekiso oqingqiweyo ubuya kugqalwa ulunge njengomnye, akunjalo na?
UThixo uyijonga njani imifanekiso eqingqiweyo eyenzelwe ukunqulwa?
Yer. 10:14, 15: “Udaniswa wonke umnyibilikisi wegolide ngumfanekiso oqingqiweyo, ngokuba umfanekiso wakhe otyhidiweyo bubuxoki, awunamoya. Zingamampunge ezo zinto, zizenzo zokugxekwa.”
Isa. 44:13-19: “Ingcibi yemithi yolula ulutya lokulinganisa, isibabula isiqu saso ngechitywa; isilungisa ngezinto zokuchwela; isibabula isiqu saso ngekompas, isenze ngemfano yendoda, ngokobuhle bomntu, ukuba sihlale endlwini. Ugawula imisedare, uthabatha umholem nom-oki, akhethe emithini yehlathi; utyala umpayine, imvula iwukhulise. Woba ke yinto yokuba umntu aphembe umlilo; athabathe kuwo, othe; uphatha kuthi abase umlilo, ose isonka; uphatha kuthi enze uThixo, aqubude kuye, enze umfanekiso oqingqiweyo, asibekeke kuwo. Inxalenye yawo uyitshisa emlilweni; inxalenye yawo uyidla inyama ngayo; wosa ose ahluthe; ewe, uyotha, athi, Hee ke! ndiyotha, ndiva umlilo! Oseleyo kuwo uwenza uthixo, umfanekiso wakhe oqingqiweyo, asibekeke kuwo, aqubude kuwo, athandaze kuwo, athi, Ndihlangule; ngokuba, unguthixo wam. Abazi, abaqondi; ngokuba avingciwe amehlo abo ukuba angaboni, ukuba iintliziyo zabo zingaqiqi; banganyamekeli ngeentliziyo zabo; kungabikho kwazi, kungabikho kuqonda, ukuba bathi, Inxalenye yawo ndiyitshisile emlilweni; ewe, ndosa isonka emalahleni awo; ndosa inyama, ndadla; oseleyo kuwo ndiya kuwenza amasikizi na? ndisibekeke na kwinto evele emthini?”
Hez. 14:6: “Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Buyani nizibuyise ezigodweni [“kwizithixo ezingamasikizi,” NW] zenu, nibubuyise ubuso benu kumasikizi enu onke.”
Hez. 7:20: “Isivatho sabo esinobukhazikhazi basimisela ikratshi, benza ngaso imifanekiso yabo engamasikizi, enezothe; ngenxa yoko ndiyenze yayinto engcolileyo [“engacocekanga,” Dy; “eyinkunkuma,” NAB] kubo.”
Simele sivakalelwe njani ngayo nayiphi na imifanekiso eqingqiweyo ngaphambili ebesinokuba besiyihlonela?
Dut. 7:25, 26: “Imifanekiso eqingqiweyo yoothixo bazo woyitshisa ngomlilo; uze ungayinqweneli isilivere negolide ekuzo, ungayithabatheli kuwe, ibe ngumgibe; ngokuba lisikizi kuYehova uThixo wakho. Uze ungalingenisi isikizi endlwini yakho, ukuze ungabi yinto yokusingelwa phantsi njengalo. Ize ibe nezothe, ibe linyala kuwe, ibe lisikizi [“ibe lisikizi ngokupheleleyo yaye uyicekise ngokwenene,” NW] kuwe.” (Ngoxa abantu bakaYehova namhlanje bengagunyaziswanga ukutshabalalisa imifanekiso eqingqiweyo eyiyeyabanye abantu, lo myalelo wawusiya kuSirayeli unikela umzekelo wendlela abamele bayijonge ngayo nayiphi na imifanekiso eqingqiweyo ekubo ekusenokuba bayayihlonela. Thelekisa IZenzo 19:19.)
1 Yoh. 5:21: “Bantwanana, zigcineni kuzo izithixo [“koothixo bobuxoki,” JB].”
Hez. 37:23: “Abayi kubuya bazenze inqambi ngezigodo zabo, . . . babe ngabantu bam, ndibe nguThixo wabo.”
Ukusebenzisa imifanekiso eqingqiweyo ekunquleni kunokuba nawuphi umphumo kwikamva lethu?
Dut. 4:25, 26: “[Xa nithe] nenza umfanekiso oqingqiweyo, imbonakalo yento nokuba yiyiphi [“isithixo esithile,” Kx; “nayiphi na into efana nam,” Dy], nenza okubi emehlweni kaYehova uThixo wenu, namqumbisa: ndingqinisisa amazulu nehlabathi namhla ngani, . . . notshabalala kube kanye.” (Imbono kaThixo ayiguqukanga. Bona uMalaki 3:5, 6.)
1 Kor. 10:14, 20: “Kungoko ndithi, zintanda zam, kubalekeni ukubusa izithixo. . . . Ndithi, amadini eziwenzayo iintlanga, ziwenzela iidemon, aziwenzeli uThixo. Andithandi ke ukuba nibe ngamadlelane needemon nina.”
ISityhi. 21:8: “Ke wona amagwala, nabangakholwayo, nabangamasikizi, nababulali, nabenzi bombulo, nabakhafuli, nabakhonzi bezithixo, nawo onke amaxoki, isabelo sawo siya kuba sedikeni elivutha umlilo nesulfure. Oko kukufa kwesibini [“ukufa okungunaphakade,” umbhalo osemazantsi weJB].”
INdu. 115:4-8: “Izithixo zazo yisilivere negolide, zizenzo zezandla zabantu. Zinomlomo nje, azithethi; zinamehlo nje aziboni; zineendlebe nje, aziva; zineempumlo nje, azisezeli. Izandla zazo aziphathi, iinyawo zazo azihambi; azidumzeli ngomqala wazo. Boba njengazo abenzi bazo, bonke abasukuba bekholose ngazo.”