Ukushumayela Nokufundisa Ehlabathini Lonke
EAFRIKA
AMAZWE 57
ABEMI 878 000 158
ABAVAKALISI 1 171 674
IZIFUNDO ZEBHAYIBHILE 2 382 709
EBenin
UClaude nomfazi wakhe, uMarie-Claire, bebangabathunywa bevangeli abanehlombe kangangeminyaka engama-27. NgoFebruwari, uMarie-Claire wawa waza waphuka unyawo. Kwiiveki ezimbini emva koko, xa wayesebenza kwikhaya labathunywa bevangeli, uClaude naye wawa waphuka unyawo. Bobabini babefake isamente, uMarie-Claire eyifake kunyawo lwasekunene yaye uClaude eyifake kwelasekhohlo. UClaude waqhula esithi, “Sisoloko sisenza izinto kunye!”
Isamente kaClaude yayimenza noko akwazi ukuhamba-hamba, kodwa uMarie-Claire kwafuneka ahlale ekhaya kangangeeveki eziliqela. Nangona walungiselela ukuba aqhube izifundo zakhe ezi-4 kwezili-12 kwikhaya labathunywa bevangeli, wayezikhumbula ezinye iinkalo zobulungiseleli. Ngoko wagqiba kwelokuba ahlale ngaphambi kwekhaya labathunywa bevangeli abeke itafile eneempapasho aze athethe nabantu abadlula ngendlela. NgoMatshi wenza iiyure ezingama-83 kwitafile yakhe. Ngaba uYehova wayisikelela imizamo yakhe? Ngaloo nyanga wahambisa iincwadi ezili-14, incwadana ezinemifanekiso ezingama-452, amaphephancwadi angama-290, namaphecana angaphezu kwama-500.
E-Ethiopia
UArega, ohlala kwilali esemagqagaleni, wagqiba kwelokuba afake i-wallpaper kwikhaya lakhe. Nangona kwilizwe lakhe abanye abantu besebenzisa amaphephandaba, yena wayefuna into enemibala. Emarikeni wabona indoda ihambisa incwadana enemifanekiso ethi Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade! UArega wazifumanela ikopi waza, engakhange ayifunde, wayicazulula waza wayinamathisela kudonga lwendlu yakhe. Kwiminyaka emibini kamva, waphawula ukuba kwi-“wallpaper” kwakunamazwi athi: “UYesu wayenguNyana kaThixo.” Le nto yayingqubana nemfundiso engaqondakaliyo kaBathathu Emnye awayeyifundisiwe. UArega waba nomdla waza wahamba iiyure ezisithoba esiya kwidolophu ekufutshane ukuze afumane aba bantu bathi uThixo unoNyana. Xa wayezama okokuqala akazange abafumane, kwaye wagoduka edanile. Kamva, waphinda wazama, kodwa ngeli tyeli abantu bamalathisa kwikhaya lomzalwana awayefumene kuye laa ncwadana inemifanekiso. Ukuzimisela kukaArega kwaphinda kwavavanywa kuba kwafuneka alinde iiyure eziliqela ngaphambi kokuba lo mzalwana afike ekhaya. Incoko yabo yakhokelela kwisifundo seBhayibhile. Kwiinyanga ezalandelayo, uArega waya kaliqela edolophini ukuze afumane ulwazi ngoThixo. Xa waxelela abantu belali yakhe ngoko wayekufundile, wachaswa kakhulu waza wabukulwa ngabantu abaninzi. Kodwa akazange ancame, kwaye nabanye abantu baba nomdla. Xa inani labantu abanomdla lafika kwi-13, kwathunyelwa oovulindlela abakhethekileyo ababini kuloo ndawo. Kungekudala babeqhuba izifundo zeBhayibhile ezingaphezu kwama-40, kwaye malunga nelo nani labantu lalisiya kwiintlanganiso. Ngoku kukho abavakalisi abasibhozo kuloo ndawo. Kumzalwana wethu omtsha uArega, imifanekiso esedongeni ayanelanga nje ukuba ngumhombiso onemibalabala.
EGhana
Ekubeni zisanda okomlilo wedobo iifowuni zeselula kuyo yonke iAfrika, kuthiwa “luhlaziyo lonxibelelwano.” Ukuze kutsalwe abantu, iinkampani ezininzi zibanika ixesha lokufowuna simahla ngeeyure ezithile ebusuku. Udade ogama linguGrace walixhamla eli cham. Wayekufumanisa kunzima ukuqhuba isifundo noMonica, kuba uMonica wayesoloko exakeke zezinye izinto. UGrace wenza konke okusemandleni akhe ukuze aqhube isifundo, wada walungiselela ukuya kwikhaya likaMonica ngentsimbi yesihlanu kusasa. Kodwa ucwangciso lukaMonica lwatshintsha, kwaye neli ixesha alizange lilunge. Emva koko, uGrace wacinga ngokusebenzisa ilungiselelo lokufowuna simahla ebusuku. UMonica wavuma, kwaye balungiselela ukufunda ngefowuni ngentsimbi yesine kusasa. Badana bakufumanisa ukuba babebaninzi kakhulu abantu ababesebenzisa iifowuni ngela xesha kangangokuba babengakwazi ukuqhagamshelana. Ngenxa yoko, balungiselela ukuba bavuke ngentsimbi yesithathu kusasa ukuze bafunde, nangona oko kwakunzima kwaba mama baphangelayo. UGrace uthi: “Ndathandaza kuYehova ndimcela ukuba andinike amandla nomqweno wokuqhubeka ukuze ndisigcine sinomdla isifundo sam. Ndaseta ialamu yefowuni yam ndaza ndaziqeqesha ukuba ndivuke ngeloo xesha. Nangona ndandidinwa ndibe yimfe, andizange ndivumele loo nto indidimaze.” Wavuya gqitha kuba enze loo mzamo, kuba wayekho xa uMonica wayebhaptizwa kwiNdibano YeSithili ‘Yokukhokelwa Ngumoya KaThixo’! Kutshanje, uGrace uye wasebenzisa kwaloo ndlela ifanayo yokufowuna simahla ebusuku ukuze afundele elinye ibhinqa elisele liqalisile ukuya kwiintlanganiso.
EMozambiki
NgoAgasti 2008, kwaphuma ibhatyi kwimoto edlulayo yaza yawela kufutshane noronta wodaka, wodade olihlwempu nongumhlolokazi. Lo dade wayichola le bhatyi waza wafumanisa ukuba yayinamaxwebhu, izingxobo ezincinane ezithathu ezazinezacholo zexabiso, nemali emalunga nee-R8 000 epokotweni. Wacela ukuba omnye umntu kuloo lali asebenzise inombolo zefowuni ezikuloo maxwebhu ukuze achaze ngale lahleko. Ngaloo ngokuhlwa, kwafika amadoda amane ahamba ngemoto kule lali. Udade wethu wadlulisela ibhatyi, nazo zonke izinto ezazi ngaphakathi kwayo kumniniyo ebukelwe ngabasemagunyeni belali. Loo ndoda yalila isithi ukuba loo bhatyi yayiwele ezandleni zomntu ongelilo iNgqina likaYehova, wayengasoze azifumane izinto zakhe. Udade wethu othembekileyo, nangona engathathi ntweni, wanikela ubungqina kubantu kwaye loo nto yalizukisa igama loThixo wakhe uYehova.
Amazwe AseMerika
AMAZWE 55
ABEMI 910 761 124
ABAVAKALISI 3 575 123
IZIFUNDO ZEBHAYIBHILE 3 778 321
EBarbados
Abazali abaninzi bakufumanisa kuyingenelo ukufundisa abantwana babo ukucengceleza iindinyana zeBhayibhile. Enye intsapho yaseGrenada yavuyiswa kukuva ukuba unyana wayo oneminyaka emithandathu ubudala uye wasebenzisa indinyana yeBhayibhile ukuze abonise ukuba uYehova mkhulu. Uyise wale nkwenkwe uthi: “Ngenye imvakwemini xa inkosikazi yam uLaura yayiye kulanda unyana wethu uStefan esikolweni, utitshala wakhe wambizela ecaleni waza wathi: ‘Ndifuna ukukuxelela indlela endichukumiseke ngayo yinto eyenziwe ngunyana wakho. Nangona ndingazikholelwa iimfundiso zenu, ndiyayithanda indlela aye wazicacisa ngayo.’
“Ukufika kwabo ekhaya, inkosikazi yam yabuza uStefan ngento eyenzeke esikolweni ebangele ukuba utitshala amncome. Wabalisa ukuba ekuseni utitshala uye wathi ‘uYesu nguThixo.’
“UStefan waphakamisa isandla, utitshala wamkhomba, waza wathi: ‘Hayi, Titshala uYesu akangoThixo. IBhayibhile ithi uYesu nguNyana kaYehova, ngoko akanakuba nguYehova.’
“Utitshala waphendula wathi: ‘Mna ndikholelwa ukuba uYesu noYehova ngumntu omnye.’
“UStefan wathi: ‘Kodwa iBhayibhile ithi nguYehova yedwa Oyena Uphakamileyo, kungekhona uYesu. NguYehova kuphela Oyena Uphakamileyo.’ Wayecaphula iNdumiso 83:18, indinyana esasimfundise ukuba ayicengceleze yaye ayiqonde kakuhle. Nangona lo titshala wayengumntu ongqwabalala, akazange akwazi ukumelana nomntwana oneminyaka emithandathu ubudala onolwazi oluchanileyo lweZibhalo.”
E-Ecuador
Abanye abazalwana bakhwela ibhasi xa babegoduka begqiba ukusebenza kwintsimi enabantu abathetha isiQuichua. Kuba le bhasi inomatshini wokudlala ividiyo, bacela ukufakela abantu ababekhwele apho ababethetha isiQuichua, ividiyo yesiQuichua ethetha ngoNowa noDavide. Bothuka ngokwenene kukuva le vidiyo ngolwimi lwabo! Babephulaphule ngomdla kangangokuba xa kwakukhwela umntu babemcela ukuba ahlale phantsi ngokukhawuleza ukuze angabasithi. Ukugqiba kwayo ukudlala, baba baninzi abantu abacela le vidiyo. Abanye babenemibuzo emininzi yeBhayibhile baza bacela iincwadi; abanye babhala amagama abo neeadresi zabo ukuze batyelelwe yaye bonke bamenyelwa kwiSikhumbuzo esasiza kuqhutywa ngesiQuichua. Ngokuqinisekileyo oko kwabangela ukuba kuze abantu abaninzi kweso Sikhumbuzo.
EMexico
Xa wayeshumayela kwindlu ngendlu uGabino onguvulindlela, wankqonkqoza kwelinye ikhaya. Akuzange kubekho mntu uphendulayo. Wankqonkqoza kwada kwakathathu. Wema kancinane waza waphinda wankqonkqoza okwesine. Kwavula indoda eyayibonakala inxunguphele yaye ikhala. Ngoko nangoko yathi uGabino makangene kodwa yayingakwazi ukuthetha kuba yayibindekile. UGabino wayithuthuzela ngeendaba ezilungileyo yaza yathomalala. Le ndoda yambuza: “Uyasibona esa situlo? Xa ubunkqonkqoza okwesithathu bendikhwele kuso. Uyayibona la ntambo ixhonywe phaya? Xa ubunkqonkqoza okwesine besele ndiyibophelele entanyeni. Kodwa ndiye ndayikhulula ukuze ndiye kuvula umnyango. Ndiyabulela ngokuba uye waqhubeka unkqonkqoza, kungenjalo ngendizixhomile.” Yachaza ukuba inengxaki nomfazi wayo. UGabino wenza amalungiselelo okuyiqhubela isifundo seBhayibhile. Ngokuqhelekileyo lo vulindlela udla ngokunkqonkqoza kube kanye okanye kube kabini. Kodwa ke ngesi sihlandlo ukuzingisa kwakhe mhlawumbi ngenxa yolwalathiso lweengelosi, kwaba nemiphumo emihle.
EChile
Kwiphulo lokumemela abantu abanomdla kwiSikhumbuzo sokufa kukaKristu, omnye umntwana waya kwelinye iNgqina waza wathi kulo, “Mingaphi iminyaka yakho?” Othuswe ngulo mbuzo, lo dade wathi, “Wena, mingaphi eyakho?” Le ntwazana yathi ineminyaka emithandathu ubudala yaye unina uyinike ileta ukuba inike omnye wamaNgqina kaYehova. Unina wale ntwazana wayeyixelele ukuba inganiki iNgqina elingumntwana okanye elidala kakhulu. Lo dade waxelela le ntombazana ukuba uneminyaka engama-25 ubudala. Le ntwazana yamnika lo dade le leta. Le leta yayisithi: “Xa ninkqonkqoza endlwini yam, ndiye ndingabi naso isibindi sokunivulela. Ndidandatheke kakhulu yaye kudala ndimcela uThixo ukuba andincede. Ndizamile ukusebenzisa iimfundiso zenu nokufunda iBhayibhile, kodwa kunzima. Ndingathanda ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile ukuze ndilibale ngentlungu endinayo ngenxa yokuqhawuka komtshato wam. Ukuba ningakwazi ukundinceda, ndicela nize ngale mvakwemini kuba ngoku ndisalele. Enkosi.”
Ngaloo mvakwemini lo dade walityelela eli bhinqa waza walimemela eSikhumbuzweni nakwintetho ekhethekileyo, yaye zombini ezi ntetho zalithuthuzela ngokwenene. Ukususela ngoko, liye laqhubeka lingenelwa kwiintlanganiso yaye siqhubeka kakuhle isifundo salo seBhayibhile esisekelwe kwincwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Kuthekani ngentwazana yalo eneminyaka emithandathu ubudala? Yona, kunye nodadewayo oneminyaka eli-12 ubudala baqhutyelwa esabo isifundo seBhayibhile.
EPuerto Rico
Omnye udade uthi: “Ndandikumsebenzi wamaphephancwadi ndaza ndabona inenekazi eliselula lifaka umoya kumavili emoto yalo. Ndaya kulo, kodwa lacela iMboniselo noVukani! ndingekathethi nokuthetha nalo laza lathi liyakuthanda ukuzifunda. Xa ndacela ukuliqhubela isifundo seBhayibhile alizange livume kuba lathi lihlala kumgangatho wesibini wendlu kanina ibe yena uwuchasile umsebenzi wethu. Ndacela iadresi yalo laza landinika igama lesitrato kuphela. Ngesinye isihlandlo ndaya kweso sitrato ndaza ndazama ukukhangela indlu elalihlala kuyo kodwa andizange ndiyifumane. Ngenye imini ndaphinda ndaya kwesi sitrato ndaza ndabuza abamelwane ukuba bayamazi na umntu ogama linguNancy onabantwana ababini. Ndavuya kakhulu kuba ekugqibeleni ndayifumana iadresi yalo. Sekunjalo, ndandisoloko ndifika lingekho endlwini yalo ndize ndilishiyele amaphephancwadi nomyalezo. Ekugqibeleni ndalifumana, lakhala laza lathi kudala lifuna ukuya kwiHolo yoBukumkani. Laya laza lakuvuyela ukuphathwa ngobubele ngabazalwana noodade. Landixelela ukuba isizathu sokuba lingayiphenduli imiyalezo yam kukuba lalifika unina eyikrazule loo miyalezo naloo maphephancwadi. Ndamqhubela uNancy isifundo seBhayibhile kwadadewabo, yaye ngokukhawuleza waqalisa ukuya rhoqo kwiintlanganiso. Ngoku akaphoswa ziintlanganiso. Ubhalisile kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, yaye kumnandi ukumva yena nabantwana bakhe ababini begqabaza ezintlanganisweni.”
IASIYA NOMBINDI MPUMA
AMAZWE 47
ABEMI 4 073 556 172
ABAVAKALISI 635 896
IZIFUNDO ZEBHAYIBHILE 579 554
EMzantsi Korea
Enye indoda ehlala kufuphi neHolo yoBukumkani yafumana iphepha emotweni yayo eyayimiswe phambi kwendlu yayo. Kweli phepha kwakubhalwe la mazwi: “Ndiye ndakrwela imoto yakho ngempazamo xa bendimisa. Ndicela undifowunele ukuze ndiyilungise.” Kuba yayiyazi indlela aziphethe ngayo amaNgqina angena iintlanganiso kwiholo ekufuphi nomzi wayo, le ndoda yathi, ‘Lo mntu unyaniseke kangaka kumele ukuba liNgqina likaYehova.’
Igama lalo dade wayeshiye lo myalezo nguSu-yeon, yaye xa le ndoda imfowunela wacela uxolo waza wathembisa ukuba uza kuyilungisa imoto yayo. Cinga nje indlela amele ukuba wothuka ngayo xa le ndoda isithi, “Uxolo, ngaba ungomnye wamaNgqina kaYehova?” Le ndoda yamxelela ukuba makangakhathazeki iza kuzilungisela imoto yayo! Yathi ingathanda ukumbona kuba kukho izinto efuna ukuzazi ngokuphathelele amaNgqina. USu-yeon, waya kule ndoda ekhatshwa nguyise nomnye umzalwana. Le ndoda yathi, “Ndiyayazi indlela amaNgqina aziphethe ngayo kuba ndihlala kufuphi neHolo yoBukumkani. Ningabantu abalungileyo. Andisazi isizathu sokuba abantu banithiye kangaka.” Uyise kaSu-yeon wayiphendula imibuzo emininzi yale ndoda esebenzisa iBhayibhile nencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Ngoku iqhutyelwa isifundo seBhayibhile nguyise kaSu-yeon yaye iqhuba kakuhle kakhulu ngokomoya.
Amazwe ekunzima ukushumayela kuwo okanye ovaliweyo umsebenzi kuwo
Omnye umphathi-mkhosi wachukunyiswa kukubona indlela inyaniso emtshintshe ngayo umfazi wakhe owayeliNgqina likaYehova. Ekugqibeleni, wavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile. Injengele yakuva oku yaza yambiza kuba ifuna ukuthetha naye. Le njengele yathi ukuba akayeki ukufunda namaNgqina kaYehova uza kuthunyelwa emagqagaleni. Lo mphathi-mkhosi wathi umfazi wakhe kudala wafunda iBhayibhile yaye akaboni ngxaki kuloo nto. Ngenxa yoko, akazukuyeka ukufunda iBhayibhile. Ekuhambeni kwexesha, umphathi-mkhosi wagqiba kwelokuba ayeke ukusebenza emkhosini. Ngoku uliNgqina elibhaptiziweyo yaye unguvulindlela othe ngxi nesicaka solungiselelo. Okubangel’ umdla kukuba, inkosikazi yala njengele, nayo yaqalisa ukufunda iBhayibhile. Nale nkosikazi ayizange ivume ukuyeka ukufunda yaye nayo inguvulindlela othe ngxi.
Kwelinye ilizwe, omnye udade waqalisa isifundo seBhayibhile nebhinqa eliselula elalinomyeni ochasayo. Kuba esi sifundo seBhayibhile sasingenakuqhutyelwa kwikhaya leli bhinqa, la makhosikazi ayefundela kwipaki encinane. Ngalo lonke ixesha efunda kwakusibakho indoda esele ikhulile eyayithanda ukuwabukela ize izame ukuwaphulaphula. Ngenye imini, yasondela yaza yabuza imibuzo yeBhayibhile. Kwixa elilandelayo yenza into efanayo. Ibhinqa elalifundelwa lacaphuka laza lathi, “Ndineyure enye kuphela yokufunda iBhayibhile, yaye utya ixesha lam ngokubuza imibuzo emininzi.” Emva koko, lo dade wacela omnye umzalwana ukuba ayifundele, yenza inkqubela ngokukhawuleza yaza yaqalisa ukuya kwiintlanganiso. Yonke imihla ngeCawa, amabhinqa amabini angabamelwane ayedla ngokuyibona xa iphuma inxibe kakuhle iphethe ibhegi. Aba nomdla wokwazi apho iya khona aza afumanisa ukuba ifumene “inkonzo entsha.” La mabhinqa mabini agqiba kwelokuba aye kuzibonela aza ayilandela xa isiya kwiHolo yoBukumkani. Oodade abaliqela bathetha kunye nawo baza bawabuza ukuba angathanda na ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile. Elinye lavuma. Aba bantu bathathu—ibhinqa elalifundelwa epakini, indoda eyafunyanwa epakini nelinye lamabhinqa awayelandela le ndoda—baye benza inkqubela ngokomoya yaye basandul’ ukubhaptizwa.
ECambodia
ULouy, onguvulindlela eCambodia, udla ngokuhamba ngebhayisekile xa esiya kwilali enezindlu ezakhiwe ngamaplanga nezimiswe phezu kwezinti. Uqhuba izifundo zeBhayibhile kuloo lali. Kwiintsuku ezintathu ngaphambi kweSikhumbuzo, xa wayekuloo lali ecacisela omnye umntu awayemfundela iBhayibhile ngeSikhumbuzo, kweza abantwana ababenomdla baza bambuza imibuzo. Kwafika nabanye abantwana abangakumbi. ULouy wahambisa izimemo zeSikhumbuzo ezingama-57. Ngemini elandelayo uLouy waya kuqhuba esinye isifundo kuloo lali, loo mfundi wathi izalamane nabahlobo bakhe bafuna ukuya eSikhumbuzweni nabo. Ngoko uLouy washiya ezinye izimemo ezingama-20 ukuze lo mfundi weBhayibhile azihambise. ULouy wakhathazeka kuba ecinga ukuba aba bantu uza kubasa ngantoni eSikhumbuzweni. Wathandaza waza emva koko waya kuthetha nosibonda onguyise womnye umntu awayemfundela iBhayibhile. Wathi kuLouy xa enokufuna ituk-tuk nje ibe nye (inqwelo encinane etsalwa ngesithuthuthu nedla ngokuhlala abantu abane) kunokuhamba wonk’ umntu kuba banokuma okanye basingathane. ULouy wavuya kakhulu kukubona abantu bale lali abali-18 eSikhumbuzweni.
EIndiya
Omnye umzalwana oqhuba uritsho washumayela kwenye intatheli eyayikhwele apho. Le ntatheli yachukunyiswa sisibindi salo mzalwana kuba amanye amaNgqina kuloo mmandla ahlaselwa ngabachasi eshumayela iindaba ezilungileyo. Le ntatheli yagqiba kwelokuba le ncoko yabo iyibhale kwiphephandaba. Yathi: “Ndiye ndaqala umqhubi karitsho ndathi: ‘Uzivile iindaba zanamhlanje? Ubonile ukuba abantu benkonzo yenu baye babethwa baza bahlaselwa kwiindawo ezahlukahlukeneyo?’ Wathi, ‘Ewe, ndiyibone kwiphepha lanamhlanje.’ ‘Ngoko ukuba [abachasi] baqhubeka benihlasela niza kuthini?’ Wanikin’ intloko waza wathi: ‘Akunamsebenzi. Siza kuqhubeka sikholelwa [inyaniso].’”
Ibhekisela kwiphecana eyayilinikwe leli Ngqina, yathi: “Ndiye ndalikhupha ebhegini ukufika kwam ekhaya. Linomfanekiso omhle onohlaza, ichibi, imithi eneentyatyambo nabantu abavuna umbona neziqhamo, neentaba ezithe rhwelele likhephu. Linomxholo othi, ‘Ubomi kwihlabathi elitsha elinoxolo.’ Lithetha ngezinto zonqulo. Ngokuqhelekileyo, akukho mntu onokuchasa xa enikwa iphetshana enoba lithetha ngevenkile ethengisa impahla okanye lithetha ngendlela yokuphila. Kodwa xa uthetha ngehlabathi elitsha elinoxolo, unokubangela ukuba abantu bakuthiye.”
KwiiPhilippines
Komnye ummandla waseZamboanga kukho intaba ephakame kangangokuba incopho yayo ibonakala nakumgama weekhilomitha ezingama-200. Xa bekwinkonzo yasentsimini, abazalwana abahlala kufuphi nale ntaba babedla ngokuqhula bathi, “Ukuba kunokubakho umntu onomdla ohlala encotsheni yale ntaba singathini?” Ngenye imini xa babeshumayela emazantsi ale ntaba, kweza enye indoda yaza yathi ikhangela amaNgqina kaYehova. Yathi ifuna ukufundiswa iBhayibhile. Abazalwana bayibuza ukuba ihlala phi. Yathi yakwalatha ukuba ihlala encotsheni yentaba, abazalwana bama nematha. Le ndoda yathi indlu yayo ayikho sencotsheni kodwa isemva kwentaba, yaye ekuphela kwendlela yokuya kufika kuyo kukuqabela ngaphaya kwentaba. Abazalwana bavuma ukuya. Kwaqaliswa isifundo seBhayibhile, yaye ngoku le ndoda iya rhoqo kwiintlanganiso eziqhutyelwa kwiHolo yoBukumkani nakuba ihlala kude. Le ndoda iphakathi kwabantu beentlanga zonke abangumsinga ukuya ‘kwintaba yendlu kaYehova.’—Isa. 2:2.
IYUROPHU
AMAZWE 47
ABEMI 736 988 468
ABAVAKALISI 1 563 910
IZIFUNDO ZEBHAYIBHILE 819 067
EFinland
Abazalwana ababini babengena kwindlu ngendlu becela ukuqhubela abantu isifundo seBhayibhile ngephecana elithi Ngaba Ungathanda Ukwazi Eyona Nyaniso? Kwenye indlu, bathi besaqala nje ukuthetha nendoda eyayibavulele, yabangen’ emlonyeni, isithi mabangene. Yathi: “Ndinemibuzo emininzi. Kutheni kungona nifikayo nje?”
Aba bazalwana bathi: “Ibandla lethu lishumayela kulo mmandla wenu.”
Le ndoda yathi: “Bendisoloko ndithandazela ukuba kufike amaNgqina kaYehova. Eli lixesha lam lokuzilolonga ngokubaleka, kodwa namhlanje andiyanga. Naku ke nifikile!” Le ndoda yayivakalelwa kukuba kuphendulwe imithandazo yayo. Kwindawo esebenza kuyo abantu babesoloko bewagxeka amaNgqina kaYehova. Ekubeni yayifuna ukuqinisekisa ngezo zityholo, yaya kuziphandela kumzi wogcino-zincwadi. Yafumana incwadi ethi AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi BoBukumkani BukaThixo, yayifunda, yaza yabona ukuba ezo zityholo zibubuvuvu. Ngenxa yoko, yayikufuna ngokwenene ukudibana namaNgqina kaYehova. Yaqhutyelwa isifundo, yaba seyiqalisa ukuya kwiintlanganiso zethu. Yashumayeza owayesakuba ngumkayo nentombi yabo, baza nabo bafundelwa.
EBritani
UKirsty, uvulindlela othe ngxi wafunda isiFrentshi nesiLingala ukuze akwazi ukushumayela kubantu baseCongo ababehlala kwintsimi yakhe. Ngenye imini wabona ibhinqa laseCongo lisokola ukungena ebhasini ngenxa yemithwalo yalo emininzi. Ethetha nalo isiLingala, uKirsty walincedisa ekukhweliseni loo mithwalo. Lambuza: “Kutheni ukwazi ukuthetha isiLingala ekubeni ungumlungu?” Walichazela ukuba ukwibandla labantu abathetha isiLingala yaye amaNgqina alapho aye amfundisa olo lwimi ukuze akwazi ukushumayela kubantu balo. UKirsty wayefuna ukuliqhubela isifundo seBhayibhile, ngoko wahlala nalo ebhasini de lafika kwindawo elalisiya kuyo. Waliphathisa imithwalo yalo baya kumgangatho wesithathu wesakhiwo elalihlala kuso. Apho bafika kukho umyeni walo nabantwana babo abane waza wabonisa loo ntsapho indlela yokuqhuba isifundo seBhayibhile kwincwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Ngoku elo bhinqa nabantwana balo ababini abadala baqhutyelwa isifundo seBhayibhile. Bobathathu bazabalazela ukukholisa uYehova.
EGeorgia
Abazalwana ababini abangoovulindlela bagqiba ekubeni bafudukele kummandla welo lizwe oneentaba nowawunamaNgqina ambalwa. Baqalisa ukushumayela kwiilali zalapho yaye abantu babesabela kakuhle ngendlela emangalisayo. Basasaza amakhulu eencwadi baza baqalisa izifundo zeBhayibhile ezininzi. Xa babeqalisa ukushumayela apho, babengenazinto zingako yaye bengazi nokuba baza kulala phi. Kodwa babesoloko benyanyekelwa. Abantu balapho babebalalisa kwimizi yabo yaye bebanika nokutya. Maxa wambi, kwanabo babengasiphulaphuli isigidimi sabo babebalalisa kwimizi yabo baze babaphe ukutya. Kamva, aba bazalwana benziwa oovulindlela abakhethekileyo kuloo mmandla. Ngenxa yokuba babeqhuba izifundo zeBhayibhile ezininzi, abanye abanomdla kwakufuneka balinde de bafumane elabo ithuba. Nangoku abantu basabamisa ezitratweni baze bacele ukuqhutyelwa izifundo zeBhayibhile, yaye nakuba bengakwazi ukubaqhubela bonke, ngamnye kubo uqhuba izifundo zeBhayibhile ezingaphezu kwama-20 nyanga nganye.
EHungary
Omnye udade usoloko efumana ubisi ngeebhotile ezifakwa kwibhegi exhonywe kucingo lwakhe. Ngenye imini, xa wayebuyisela iibhotile ezingenanto kuloo bhegi, wafaka nephecana elithi Ngaba Ungathanda Ukwazi Eyona Nyaniso? Into eyammangalisayo kukuba, xa esiya kulanda olo bisi kwixa elizayo, ibhinqa elalimphathela olo bisi lalifake iphepha elinemibuzo ephathelele izinto elizifunde kwelo phecana yaye licela iBhayibhile. Lo dade akazange aphozise maseko walityelela kwifama elalihlala kuyo waza waqalisa ukuliqhubela isifundo seBhayibhile kwincwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Ngaphambi koko, eli bhinqa lalifuna iimpendulo zemibuzo elalinayo kwiicawa ezahlukahlukeneyo, kodwa alizange lihluthiswe kwiphango lokomoya elalinalo. Enyanisweni, iphulo lalo labangela ukuba libe neminye imibuzo engakumbi. Enye intombi yalo yaba nomdla, waza lo dade wayinika incwadi ethi Funda KuMfundisi Omkhulu. Unina wachazela lo dade ukuba le ntombi yakhe yayisoloko ivuswa ngamaphupha amabi ebusuku. Noko ke, emva kokufunda ezinye izahluko zale ncwadi, yayeka ukoyika yaye ngoku ilala ibe ngathi idutyulwe. Esi sifundo seBhayibhile sisaqhubeka yaye eli bhinqa neentombi zalo ezimbini abaphoswa ziintlanganiso zangeCawa.
EItali
UCristina noManel oovulindlela ababini abathe ngxi babesasaza iphecana elithi Ngaba Ungathanda Ukwazi Eyona Nyaniso? kumaphandle akumbindi weItali. Kwenye ifama beva ingxolo ethile ivela emva kwendlu. Umninimzi wathi akuthi ntla ngala maNgqina wawakhwaza esithi: “Khawulezani! Balekani! Yizani kundinceda!” Njengokuba ayekhawuleza esiza kumnceda, abona ukuba uzama ukuthintela ihagu eyayinomsindo ukuba ingaphumi ehokweni yazo. Isango laloo hoko lalaphukile, yaye elo bhinqa lalixhalabele ukuba loo hagu ibalekele kwityholo elalikufuphi. Lalilodwa, lixakiwe lizama ukuvala elo sango. Likhwaza lathi kuCristina: “Bamba eli sango lingavuleki, ndisaya kulanda umvalo.” UCristina wakhawuleza walixelela ukuba uyayoyika ihagu. Eli bhinqa lanika uManel ithanga nebhozo laza lathi: “Ungakhathazeki. Yixabelele eli thanga uze uman’ uyiphosela kancinane ukuze ibe isitya ngoxa ndisaya kufuna umvalo.”
Kwadlula ithutyana eli bhinqa linyamalele. Lonke elo xesha, uCristina wayemele uManel ngelithi makakhawulezise aphosele loo hagu ukutya, kodwa kwabe kunzima kuManel ukuxabela elo thanga liqinileyo. Ekugqibeleni lade lafika elo bhinqa laza lalivala elo sango. Kuthe xibilili kulo, lathi: “Nina nithunyelwe nguSomandla!”
Njengoko babesithi rhuthu iphecana ababefuna ukumbonisa lona bathi: “Uchan’ ucwethe, Mama!”
Ngokukhawuleza eli bhinqa lathi: “Le nto ibaluleke gqitha ukuba singathetha ngayo simi ngeenyawo. Simele sihlale phantsi ukuze sincokole kakuhle.” Laya kulanda izitulo, yaye njengoko babehleli apho elangeni eli bhinqa labuza imibuzo emininzi laza laphulaphula ngenyameko. Kamva, kwenziwa amalungiselelo okuba liqhutyelwe isifundo seBhayibhile. UCristina noManel bathi konke oku kwabangelwa yihagu eyayizama ukubaleka kanye ngelo xesha lokufika kwabo.
EZIQITHINI
AMAZWE 30
ABEMI 38 338 482
ABAVAKALISI 99 816
IZIFUNDO ZEBHAYIBHILE 59 619
EOstreliya
UFred, iNgqina elihlala kwenye idolophu ezolileyo eselunxwemeni, washiyela enye indoda iiDVD zethu ezintathu. Kamva, wafumana incwadi eyayivela kuloo ndoda inala mazwi: “Ukubukela nokuphulaphula ezi DVD kwandenza ndazola engqondweni. Zanditsho ndanoxolo, uvuyo noncumo endandilubona kubantu abalapho. Ndagqibela kudala ukuziva ngaloo ndlela. Ngoku ndiyakholelwa ukuba busekho ubomi obubhetele endinokubuphila. Bendidla ngokuba krwada xa kufika amaNgqina kwam. Ndicela uxolo ngentliziyo yam yonke. Abantu benkonzo yakho bebefika kwam bencumile ubona ukuba bazimisele ukushumayela iindaba ezilungileyo. Mhlawumbi ngenye imini uya kuze wothuswe kukundibona kwiHolo yoBukumkani yenu.”
ENew Zealand
Oodade ababini baya kwesinye isakhiwo sentlangano karhulumente ejongene neentsapho baza bacela usuku abanokubonana ngalo nomphathi. Xa babeza kubuyela apho bakhetha iincwadi ezilungiselelwe iintsapho ukuze baxubushe ngezinto eziphathelele umsebenzi wakhe nawayeza kuba nomdla kuzo lo mphathi. Kwezi ncwadi kwakukho ethi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho nethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, kunye noVukani! ka-Agasti 2007, owawunomxholo wongcelele lwamanqaku othi, “Amanyathelo Asixhenxe Endlela Yokukhulisa Abantwana Kakuhle” nokaOktobha 2007, wona owawusithi, “Khusela Abantwana Bakho!”
Ukufika kwabo apho, aba dade bamcacisela ngomsebenzi wethu wokuzithandela nokuba sinomdla ekuncedeni iintsapho, ingakumbi ngokomoya. Bachitha ixesha bembonisa izinto ezixutyushwa kwezo ncwadi. Lo mphathi wabaphulaphula, wazamkela ezo ncwadi, waza wabachazela ukuba uza kuxelela bonke abaqeshwa abalapho abangama-35 ngaloo nkcazelo. Wongezelela ngelithi la manqaku kaVukani! aya kuba yingenelo kuzo zonke iintsapho ezingama-503 abazincedayo. Aba dade benza umgudu wokufumana abanye ooVukani! baza bamphathela abangama-557. Kwiiveki ezimbini kamva, lo mphathi wabafowunela ebaxelela ukuba onke loo maphephancwadi athunyelwe kwezo ntsapho.
EFiji
Umfana, ogama linguViliame wayeyincutshe kwibhola yombhoxo yaye ekulangazelela ngamandla ukudlalela ilizwe lakhe. Nomninawa wakhe, uLeone, wayezimisele ukudlala ibhola yombhoxo, kodwa wathi akufundelwa iBhayibhile ngomnye uvulindlela okhethekileyo, waqonda ukuba akanako ukukhonza iinkosi ezimbini. Waqalisa ukuya ezintlanganisweni wawuyeka umbhoxo. Unina oliNgqina, wamthengela iimpahla zokuya esifundweni, kodwa uViliame wazikrazula zonke ezo mpahla emva kokuxabana noLeone. Yamkhathaza gqitha le nto uLeone kodwa akafuna kuziphindezela. Kamva, uLeone waya kuthengisa isivuno sakhe sevatala emarikeni, waza ngaloo mali wathengela yena noViliame impahla yokuya esifundweni, iBhayibhile nezinto zokubhala. Ekhumbula inkohlakalo awayeyenze kumninawa wakhe, uViliame wachukumiseka gqitha bobo bubele bomntakwabo. Wanxiba ezo mpahla zintsha waza wothusa umninawa wakhe ngokuya kwiintlanganiso. Naye wasamkela isifundo seBhayibhile, baza bobabini benza inkqubela ngokomoya. Xa babeza kubhaptizwa, uViliame wabizwa ukuba aye kudlala umbhoxo ohlawula gqitha eYurophu, nto leyo eyayiliphupha kubafana abaninzi, kuba yayithetha ukuba sisinhanha nokuzenzela igama. Noko ke, ngoku wayesele enolunye usukelo, ezimisele ukwahlulela ubomi bakhe kuYehova. Bobabini aba bafana baba ngoovulindlela abangabancedani kwiinyanga ezintandathu zokuqala bebhaptiziwe. Ngenxa yokubona umzekelo omhle wabantwana bakhe, noyise uWaisea wasamkela isifundo seBhayibhile. Wenza iinguqu ezinkulu waza wabhaptizwa neentombi zakhe ezimbini kwindibano yosuku olukhethekileyo.
[Imifanekiso ekwiphepha 45]
Ukuziqeqesha nokusebenzisa ubugcisa bale mihla kwanceda udade waqhuba isifundo seBhayibhile
[Umfanekiso okwiphepha 46]
Ukuthembeka kwakhe kwanikela ubungqina
[Umfanekiso okwiphepha 48]
Ukuze akwazi ukushumayela esikolweni, uStefan wancedwa lunqulo lwentsapho
[Umfanekiso okwiphepha 49]
Ngenxa yokuzingisa kwakhe wasindisa umntu ekufeni
[Umfanekiso okwiphepha 50]
Walifumana iNgqina elingengomntwana nelingekho lidala kakhulu
[Umfanekiso okwiphepha 55]
Wafuna i“tuk-tuk” nje enye
[Umfanekiso okwiphepha 58]
Ukufunda ulwimi lwasemzini kwakhokelela kwisifundo seBhayibhile
[Umfanekiso okwiphepha 60]
Zininzi iindlela zokunikela ubungqina obungacwangciswanga
[Umfanekiso okwiphepha 63]
Bakhetha iincwadi ezilungiselelwe iintsapho abaza kuziphatha
[Umfanekiso okwiphepha 64]
Bancama umdlalo wombhoxo owawuza kubanika isityhwentywe semali kuba befuna ukukhonza uYehova