IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 11/10 iphe. 1-2
  • Amasimi Amhlophe Ukuba Kuvunwe

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Amasimi Amhlophe Ukuba Kuvunwe
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2010
  • Amanqaku Afanayo
  • Qhubeka Nomsebenzi Wokuvuna!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Yibani Ngabasebenzi Besivuno Abanovuyo!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Imiphumo Yokushumayela​—⁠“Amasimi . . . Amhlophe Ukuze Kuvunwe”
    UBukumkani BukaThixo Buyalawula!
  • Yiba Nesabelo Ngokuzeleyo Kumsebenzi Omkhulu Wokuvuna
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2010
km 11/10 iphe. 1-2

Amasimi Amhlophe Ukuba Kuvunwe

1. Nguwuphi umsebenzi obalulekileyo owenziwayo ngoku?

1 Emva kokushumayela kwibhinqa elingumSamariya, uYesu wathi kubafundi bakhe: “Phakamisani amehlo enu nize nibone amasimi, ukuba amhlophe ukuze kuvunwe.” (Yoh. 4:35, 36) Umsebenzi wokuvuna wawusele uqalisiwe yaye uYesu wayebona ukuba wawuya kwenziwa ehlabathini lonke. Nakuba esemazulwini ngoku, uYesu usenomdla kakhulu kuwo. (Mat. 28:19, 20) Yintoni ebonisa ukuba lo msebenzi uqhubeka usanda njengoko usondela kwincopho yawo?

2. Yintoni ebonisa ukuba umsebenzi wokuvuna uyanda ehlabathini lonke?

2 Isivuno Somhlaba Wonke: Ebudeni bonyaka wenkonzo wowama-2009, inani labavakalisi liye landa nge-3,2 ekhulwini ehlabathini lonke. Kumazwe apho umsebenzi wokushumayela uvaliweyo khona kuye kwakho ulwando lwe-14 ekhulwini. Inani lezifundo zeBhayibhile ebeziqhutywa nyanga nganye bezingaphezu kwe-7 619 000—eli nani lingaphezulu kwenani labavakalisi yaye lilodlula phantse ngesiqingatha sesigidi inani lezifundo zeBhayibhile ebeziqhutywe kunyaka ongaphambili. Njengoko lo msebenzi usanda kwiindawo ezininzi, kuthunyelwa izicelo ezingakumbi zabathunywa bevangeli abaqeqeshwe eGiliyadi. Sikhulu isivuno esifumanekayo kwintsimi ekuthethwa kuyo iilwimi zasemzini. Kucacile ukuba uYehova uyawukhawulezisa lo msebenzi kweli xesha lesivuno sokugqibela. (Isa. 60:22) Ngaba unesimo sengqondo esifanelekileyo ‘ngentsimi’ oshumayela kuyo?

3. Sisiphi isigqibo abanokufikelela kuso abanye ngomsebenzi wokuvuna kwintsimi abakuyo?

3 Umsebenzi Wokuvuna Kwintsimi Okuyo: Abanye basenokuthi, “Abantu esishumayela kubo abanamdla.” Liyinyaniso elokuba kusenokubonakala kungekho ntsabelo ingako kwenye intsimi okanye abantu basenokungabi namdla njengoko babenjalo ngaphambili. Ngenxa yoko, amanye amaNgqina asenokufikelela kwisigqibo sokuba isivuno esininzi sele siqokelelwe kuloo mimandla yaye ngoku into eseleyo kukuqokelela imbinana esaseleyo. Ngaba kunjalo ngokwenene?

4. Sisiphi isimo sengqondo esifanele sibe naso ngokuphathelele ubulungiseleli bethu yaye ngoba?

4 Ngexesha lokuvuna, abantu bayazibhokoxa emsebenzini de uye kugqitywa. Phawula imvo yongxamiseko kula mazwi athethwa nguYesu: “Isivuno sikhulu, kodwa abasebenzi bambalwa. Ngoko ke, bongozani iNkosi yesivuno ukuba ikhuphe abasebenzi baye esivunweni sayo.” (Mat. 9:37, 38) NjengeNkosi yesivuno, uYehova nguye owalathisayo ngokuphathelele ixesha nendawo ekufanele kuvunwe kuyo. (Yoh. 6:44; 1 Kor. 3:6-8) Uyintoni owethu umsebenzi? IBhayibhile iyaphendula: “Kusasa hlwayela imbewu yakho, yaye ungasiphumzi isandla sakho de kube ngokuhlwa.” (INtshu. 11:4-6) Njengoko umsebenzi wokuvuna ufikelela encotsheni yawo, eli asiloxesha lokuba siphumze izandla zethu!

5. Kutheni sifanele siqhubeke sishumayela ngenkuthalo nakwintsimi enabantu ababonakala bengenamdla?

5 Qhubeka Uvuna: Kwanokuba intsimi yethu siyigubungela rhoqo yaye abantu esishumayela kubo babonakala bengenamdla, sifanele siqhubeke sisebenza ngenkuthalo yaye sinemvo yongxamiseko. (2 Tim. 4:2) Ukutshintsha kweemeko zehlabathi ngokuphawulekayo kunokubangela ukuba abantu batshintshe baze bacingisise nzulu ngekamva. Njengoko abantu abasebatsha bekhula, basenokuya beyibona imfuneko yokufumana unqabiseko nokuba noxolo lwengqondo. Abanye basenokuchukumiseka ngenxa yokuba nenzondelelo kwethu. Kanti nabo babengaphulaphuli ngaphambili, basenokuba nomdla kwixa elizayo. Kwanabo basichasayo isigidimi sethu kuyafuneka ukuba balunyukiswe.—Hez. 2:4, 5; 3:19.

6. Ukuba abantu esishumayela kubo abanamdla, yintoni eya kusinceda siqhubeke sinenzondelelo?

6 Ukuba abantu esishumayela kubo abanamdla, yintoni eya kusinceda siqhubeke sinenzondelelo? Ukongezelela kumsebenzi wendlu ngendlu, mhlawumbi sinokushumayela nangezinye iindlela, njengokuya kwintsimi yamashishini okanye sishumayele ngefowuni. Mhlawumbi sinokusebenzisa iintshumayelo ezahlukahlukeneyo ukuze isigidimi sethu sibangel’ umdla. Sisenokutshintsha nexesha esishumayela ngalo, sishumayele ngokuhlwa okanye nangaliphi na elinye ixesha abantu abafumaneka ngalo emakhaya. Mhlawumbi sisenokufunda olunye ulwimi ukuze sishumayele kubantu abangakumbi. Sisenokukwazi ukwandisa ubulungiseleli bethu ngokuthi sibe ngoovulindlela abathe ngxi. Okanye sisenokufudukela kwindawo enabavuni abambalwa. Xa sinesimo sengqondo esifanelekileyo ngalo msebenzi wokuvuna, siya kuzama ukuba nesabelo kangangoko kunokwenzeka kulo msebenzi ubalulekileyo.

7. Sifanele siqhubeke de kube nini nalo msebenzi wokuvuna?

7 Ixesha lokuba abalimi baqokelele isivuno sabo lidla ngokulinganiselwa. Kufuneka sibe nemvo yongxamiseko efanayo nangomsebenzi wethu wokuvuna ngokomoya. Sifanele siqhubeke de kube nini nalo msebenzi wokuvuna? “De kube sekuphelisweni kwenkqubo yezinto,” de kufike “ukuphela.” (Mat. 24:14; 28:20) Ngokufanayo noMlungiseleli oyintloko kaYehova, sifuna ukuwugqiba umsebenzi esiwunikiweyo. (Yoh. 4:34; 17:4) Ngoko ke, masiqhubeke sishumayela ngenzondelelo novuyo, sinesimo sengqondo esifanelekileyo de kufike isiphelo. (Mat. 24:13) Umsebenzi wokuvuna awukapheli!

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 2]

Ngexesha lokuvuna, abantu bayazibhokoxa emsebenzini de uye kugqitywa

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share