IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • IGazi
    Ukuqiqa NgeZibhalo
    • Usenokuphendula uthi: ‘Kodwa siyabavumela batofwe—utofelo olukhuselekileyo. Siyalwamkela uhlobo lotofelo olungabachanabi kwizinto ezinjengeAIDS, ukudumba kwesibindi, nesifo seengcongconi. Abantwana bethu sifuna bafumane olona nyango lulungileyo, njengoko ndiqinisekile ukuba nawuphi na umzali onothando ebeya kulufuna.’ Mhlawumbi usenokongeza uthi: (1) ‘Xa umntu ophe kakhulu, eyona ntswelo inkulu kukubuyisela umthamo wolwelo. Ngokungathandabuzekiyo uyaqonda ukuba igazi lethu eneneni linamanzi angaphezu kwama-50 ekhulwini; ke kukho iiseli ezibomvu nezimhlophe, njalo njalo. Xa wophe kakhulu, umzimba uthulula izixa ezikhulu ebezikuvimba weeseli zegazi uzifake kwinkqubo yokuhamba kwegazi uze ukhawulezise uvelise ezintsha. Kodwa umthamo wolwelo uyafuneka. Izandisi zomthamo wegazi ezingenagazi zinokusetyenziswa ukuzalisa loo ntswelo, yaye siyakwamkela oku.’ (2) ‘Izandisi zomthamo wegazi ziye zasetyenziswa kumawaka abantu, nto leyo ebangele imiphumo emihle gqitha.’ (3) ‘Okubaluleke ngokude kwangakumbi kuthi kokuthethwa yiBhayibhile kwiZenzo 15:28, 29.’

      Okanye unokuthi: ‘Ndiyayiqonda indlela ocinga ngayo. Ndicinga ukuba uthelekelela owakho umntwana ekuloo meko. Njengabazali besiya kwenza nantoni na esemandleni ethu ukulondoloza impilontle yomntwana wethu, akunjalo na? Ke ukuba abazali abanjengam nawe bebeya kwala uhlobo oluthile lonyango lwezamayeza kumntwana wethu, ngokuqinisekileyo bekuya kubakho isizathu esinyanzelisayo sokwenjenjalo.’ Mhlawumbi usenokongeza uthi: (1) ‘Ngaba ucinga ukuba bambi abazali basenokuba baphenjelelwe kokuthethwa liLizwi likaThixo apha kwiZenzo 15:28, 29?’ (2) ‘Ke umbuzo ngulo, Ngaba sinokholo olwaneleyo lokwenza okuyalelwa nguThixo?’

      ‘Nina bantundini anikholelwa kutofelo lwegazi’

      Usenokuphendula uthi: ‘Amaphephandaba aye apapasha amabali ngeemeko ezithile athe anemvo yokuba amaNgqina asenokufa ukuba akalamkeli igazi. Ngaba ucinga ngaloo nto? . . . Kutheni sinesi simo sengqondo nje?’ Mhlawumbi usenokongeza uthi: (1) ‘Uyamthanda na umfazi (indoda) wakho ngokwaneleyo kangangokuba ubungakuvuma ukumncamela ubomi bakho? . . . Kukwakho amadoda abubeka esichengeni ubomi bawo ngenxa yelizwe lawo, yaye ajongwa njengamakhalipha, akunjalo na? Kodwa kukho ubani ongaphezulu kunaye nawuphi na umntu okanye into apha emhlabeni, yaye lowo nguThixo. Ngaba ubuya kububeka esichengeni ubomi bakho kuba umthanda yaye unyanisekile kulawulo lwakhe?’ (2) ‘Imbambano elapha kukunyaniseka kuThixo. LiLizwi likaThixo elisixelela ukuba sizile igazi. (Ize. 15:28, 29)’

      Okanye unokuthi: ‘Kukho izinto ezininzi ezithanda ukuqheleka namhlanje yaye ezi amaNgqina kaYehova ayazinxwema kuzo—ngokomzekelo, ukuxoka, ukukrexeza, ubusela, ukutshaya, yaye njengoko ukhankanyile, ukusetyenziswa kwegazi. Ngoba? Kuba silawula ubomi bethu ngeLizwi likaThixo.’ Mhlawumbi usenokongeza uthi: (1) ‘Ubusazi na ukuba iBhayibhile ithi sifanele “sizile igazi”? Bendingathanda ukukubonisa oko. (Ize. 15:28, 29)’ (2) ‘Mhlawumbi uyakhumbula ukuba uThixo wathi kubazali bethu bokuqala, uAdam noEva, babenokutya kuyo yonke imithi esemyezweni ngaphandle komnye. Kodwa abazange bathobele, batya kweso siqhamo salelweyo baza baphulukana nento yonke. Hayi indlela ekwakungebobulumko ngayo oko! Kakade ke, akukho mthi unesiqhamo esalelweyo. Kodwa emva koMkhukula womhla kaNowa uThixo waphinda wamisela isalelo esinye kuluntu. Ngesi sihlandlo sabandakanya igazi. (Gen. 9:3, 4)’ (3) ‘Ke umbuzo wokwenyani ngulo, Siyakholwa na kuThixo? Ukuba siyamthobela, phambi kwethu sinethemba lobomi obungunaphakade emfezekweni phantsi koBukumkani bakhe. Nokuba siyafa, usiqinisekisa ngovuko.’

      ‘Kuthekani ukuba ugqirha uthi, “Uya kufa ukuba akulitofelwa igazi”?’

      Usenokuphendula uthi: ‘Ukuba imeko imbi ngenene, ngaba ugqirha unokuqinisekisa ukuba umntu ogulayo akayi kufa ukuba utofelwe igazi?’ Mhlawumbi usenokongeza uthi: ‘Kodwa kukho ubani onokuphinda amnike ubomi umntu, yaye lowo nguThixo. Akulivumi na elokuba, xa ujongene ngqo nokufa, ukumnikel’ umva uThixo ngokwaphula umthetho wakhe bekuya kuba sisigqibo esingafanelekanga? Mna okunene ndiyakholwa kuThixo. Unjalo na wena? ILizwi lakhe lithembisa uvuko kwabo bakholwayo kuNyana wakhe. Uyakukholelwa na oko? (Yoh. 11:25)’

      Okanye unokuthi: ‘Kusenokuthetha ukuba yena ubuqu akayazi indlela yokusingatha imeko ngaphandle kokusetyenziswa kwegazi. Ukuba kunokwenzeka, sizama ukumnxibelelanisa nogqirha onamava ayimfuneko, okanye sifune uncedo lomnye ugqirha.’

  • IHlabathi
    Ukuqiqa NgeZibhalo
    • IHlabathi

      Ingcaciso: Xa liguqulelwa kwigama lesiGrike elithi koʹsmos, igama elithi “ihlabathi” linokuthetha (1) uluntu luphela, ngaphandle kwemeko yalo yokuziphatha okanye ikhondo lobomi, (2) imeko yabantu umntu azalelwe kuyo naphila kuyo, okanye (3) lonke uluntu ngaphandle kwabakhonzi bakaYehova akholiswayo ngabo. Bambi abaguquleli beBhayibhile ngokuphosakeleyo baye basebenzisa igama elithi “ihlabathi” njengelifanayo nelesiGrike elithetha “umhlaba,” “umhlaba omiweyo,” “nenkqubo yezinto.” Ingxubusho elandelayo ingqalelo yayo eyintloko iyitsalela kwintsingiselo yesithathu enikelwe ngasentla yegama elithi “ihlabathi.”

      Ngaba ihlabathi liza kutshatyalaliswa ngomlilo?

      2 Pet. 3:7: “Izulu langoku, nawo umhlaba lo, kwangelo lizwi [likaThixo] ezo zinto ziqwetyelwe, zigcinelwe, umlilo, kuse kwimini yomgwebo nentshabalalo yabantu abangahloneli Thixo.” (Phawula ukuba ‘ngabantu abangahloneli Thixo,’ kungekhona uluntu luphela, abaza kutshatyalaliswa. Ngokufanayo, indinyana 6 ibhekisela kwintshabalalo ‘yehlabathi’ ngomhla kaNowa. Abantu abangendawo batshatyalaliswa, kodwa umhlaba kwanoNowa nendlu yakhe eyoyik’ uThixo basinda. Ngaba ‘umlilo’ wosuku lomgwebo oluzayo uza kuba ngowokoqobo, okanye ufuzisela intshabalalo epheleleyo? Umlilo wokoqobo ubuya kuba nawuphi umphumo kwiziqu zokoqobo zasezulwini ezinjengelanga neenkwenkwezi ezisele zishushu kakhulu? Ngengxubusho engakumbi engesi sibhalo, bona iphepha 192-194, phantsi komxholo othi “UMhlaba.”)

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share