-
IEstoniaIncwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2011
-
-
Ngaphantsi kolwalathiso lweQumrhu Elilawulayo, isebe laseFinland lenza amalungiselelo okunceda abazalwana base-Estonia ngokuqhubekayo. UVilho Eloranta, owayenguvulindlela e-Estonia ngeminyaka yee-1930 wanikwa imbopheleleko yokuqhagamshelana nabo. Ebutsheni beminyaka yee-1960 kutyelelo lwakhe lokuqala e-Estonia, wakwazi ukudibana noFanny Hietala. Emva koko, abazalwana abaninzi baseFinland, ababezenza abakhenkethi, babesiza noncwadi nto leyo eyayibenza bakwazi ukunxibelelana. Ekugqibeleni abazalwana e-Estonia bakwazi ukunxibelelana ‘noMama,’ babeyibiza ngaloo ndlela intlangano kaYehova. Babekwazi ukuthumela iingxelo zenkonzo yasentsimini neeleta noncwadi olwenzelwe bona ngokukhethekileyo. Noko ke, ekubeni eli lungiselelo kwakufuneka lenziwe ngokufihlakeleyo babeqhagamshelana kabini okanye kathathu ngonyaka.
UHugo Kose, Jr., ongumntakwabo Adolf Kose, owayehlala eUnited States, waya e-Estonia izihlandlo ezili-15 esisa uncwadi. Ngesinye isihlandlo, amapolisa alinda imida ayiphenya ngokucokisekileyo impahla yakhe kodwa abuya nemband’ esikhova. Imeko yaba mbi xa amapolisa ambuza ngokungqalileyo ukuba uhamba kweyiphi inkonzo. Ekubeni la magosa ayengasazi kakuhle isiNgesi, uHugo wathetha isiNgesi ekhawulezisa. Amagosa ayengafuni ukubonakala engasazi isiNgesi ngokuthi makacothise xa ethetha, yathi isakukhala ifowuni, athi makahambe kuba sele iza kuhamba inqanawa. Naye akazange alibazise.
-
-
IEstoniaIncwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2011
-
-
Xa ethetha ngale ntlanganiso, uMzalwana uMouritz uthi: “Ekuqaleni, uMzalwana uKose wayemathidala ukuthetha yaye esenza ngathi ufunda iphepha. Njengoko incoko yayiqhubeka, uAdolf walibeka phantsi iphepha waqhabalaka.”
UMzalwana uBarry uthi: “Akazange avume xa simcela ukuba afumane into esiwa phantsi kwempumlo kunye nathi. Wathi kubhetele sithethe ngezinto ezibalulekileyo sahlukane sisakugqiba.”
Wathi uMzalwana uKose esakuzityand’ igila ngentshutshiso eqatha nokubekelwa kwamaNgqina imiqathango yiSoviet Union, uMzalwana uMouritz noBarry bamkhuthaza kakhulu. Bathi: “Siyavavanywa nakwamanye amazwe. Ezo mvavanyo zibonakala zilula, kodwa ziyingozi. Sinezilingo ezininzi kunani yaye siphulukana nabantu abaninzi kumazwe aseNtshona kunani.”
Olu tyelelo lwalufike ngexesha elifanelekileyo yaye lamomeleza kakhulu uMzalwana uKose. Waqonda mva ukuba wayethetha nelungu leQumrhu Elilawulayo yaye wadlulisela la mazwi akhuthazayo avela kwintlangano kaYehova kubo bonke abo babegcine ingqibelelo yabo phantsi kwengcinezelo.
Emva koko uMzalwana uBarry wabhala wathi: “Sinovelwano ngabo bonke abazalwana bethu abaseSoviet Union. Bekumnandi ukudibana noMzalwana uKose yaye ukusixhawula nokusanga kwakhe njengoko besisahlukana ibe yindlela efanelekileyo yokuqukumbela loo ntlanganiso.”
ULUTSHA LUBONAKALISA INKALIPHO ESIKOLWENI
-