IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • “Abapostile Nabadala Badibana”
    ‘Ukushumayela Ngokucokisekileyo’ NgoBukumkani BukaThixo
    • USilas noYudas bafundela ibandla lakwa-Antiyokwe yaseSiriya umsongo.

      ICANDELO 5 • IZENZO 15:1-35

      “Abapostile Nabadala Badibana””

      IZENZO 15:6

      Kwavela ingxwabangxwaba eyayisongela uxolo nomanyano lwamabandla. Ukuze acombulule loo ngxwabangxwaba amabandla abhenela phi? Eli candelo liza kusinceda sibone indlela ibandla lenkulungwane yokuqala elalilungelelaniswe ngayo, ngaloo ndlela limisela umzekelo abantu bakaThixo namhlanje.

      Umveleli wesiphaluka unikela intetho ebandleni.
  • ‘Emva Kokuphikisana Kakhulu’
    ‘Ukushumayela Ngokucokisekileyo’ NgoBukumkani BukaThixo
    • IIMFUNDISO ZABANTU ABABENYANZELISA IIMBONO ZOBUYUDA

      Kwanasemva kokuba iqumrhu elilawulayo lenkulungwane yokuqala liwuzinzisile umbandela wolwaluko, abathile ababezibanga bengamaKristu baqhubeka ngenkani nale mbambano. Umpostile uPawulos wababiza aba ngokuba ‘ngabazalwana bobuxoki’ ababefuna “ukuzigqwetha iindaba ezilungileyo ezingoKristu.”​—Gal. 1:7; 2:4; Tito 1:10.

      Kuyabonakala ukuba injongo yaba bantu babenyanzelisa iimbono zobuYuda yayikukukholisa amaYuda ukuze angabuchasi ngogonyamelo ubuKristu. (Gal. 6:12, 13) Aba bantu babesima ngelithi umntu wayesiba lilungisa ngenxa yemisebenzi yoMthetho kaMoses kwizinto ezinjengokutya, ulwaluko nemithendeleko yamaYuda.​—Kol 2:16.

      Siyaqondakala isizathu sokuba abantu ababenamathele kwezi mbono babengakhululeki ukuhlala namakholwa eeNtlanga. Ngelishwa, ezo ngcamango zingafanelekanga zazibonakala nakwamanye amaKristu ahlonelwayo ayenemvelaphi yobuYuda. Ngokomzekelo, xa abameli bebandla laseYerusalem batyelela kwa-Antiyokwe bazahlula kubazalwana babo beeNtlanga. KwanoPetros, owayehleli ngokukhululekileyo neeNtlanga ngaphambi kokufika kwala maKristu wazahlula akufika​—engatyi kwaukutya nawo. Ewe, wophula kanye loo migaqo wayeyithethelele ngaphambili. Ngenxa yoko, uPetros walulekwa kabukhali nguPawulos.​—Gal. 2:11-14.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share