IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • yb11 iphe. 74-161
  • IPapua New Guinea

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • IPapua New Guinea
  • Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2011
  • Imixholwana
  • ABASHUMAYELI BOKUQALA BEENDABA EZILUNGILEYO
  • UKUSHUMAYELA “KWILALI ENKULU”
  • “KHAWUZE KUFUNDISA ABANTU BAM”
  • IINDIBANO EZINGASAYI KULIBALEKA
  • UKUSHUMAYELA NGEMIFANEKISO
  • UKWANDA KOMSEBENZI WOKUSHUMAYELA
  • ABANYE BEVA IINDABA EZILUNGILEYO
  • UKUDIBANA NEHLELO ELIKHOLELWA KWIMITHWALO
  • UKWENZA IINCWADI ZEBHAYIBHILE
  • IINDABA EZILUNGILEYO ZISHUNYAYELWA NASEMANTLA
  • KUMISELWA IOFISI YESEBE
  • ‘WAVAL’ UMLOMO AMANGQINA’
  • UKUSHUMAYELA KWIMIMANDLA ESEZINTABENI
  • UKUFUNDISA NGOMONDE KUNEMIPHUMO EMIHLE
  • UKUHLWAYELA IMBEWU YOBUKUMKANI KUVELISA ISIQHAMO
  • IMBEWU INTSHULA NAKWIMIMANDLA EKWANTI
  • KUFIKA ABAVANGELI ABANGAKUMBI
  • UMSEBENZI WOKWAKHA UBANGELA INKQUBELA
  • UMSEBENZI UYAQHUBEKA PHEZU KWAZO NJE IINGXAKI
  • IINDLELA EZAHLUKAHLUKENEYO ZOKUSHUMAYELA
  • UMSEBENZI WESIPHALUKA KUMLAMBO ISEPIK
  • UKULWA NEMIMOYA ENGENDAWO
  • UKUFUNDISA ABANTU UKULESA NOKUBHALA
  • INYANISO YEBHAYIBHILE IGUQULA UBOMI BABANTU
  • UKUHLONELA ISIPHO SIKATHIXO SOMTSHATO
  • ABANTWANA ABAZUKISA UMDALI WABO
  • IMIGUDU YOKUYA KWIINTLANGANISO ZAMAKRISTU
  • UMZEKELO OMHLE WABATHUNYWA BEVANGELI
  • IMFAZWE YAMAKHAYA EBOUGAINVILLE
  • INTABA-MLILO IDLAKAZA IRABAUL
  • UMSEBENZI WOKUGUQULELA UHAMBELA PHAMBILI
  • ISIKOLO SENKONZO YOBUVULINDLELA SINCEDA ABANTU ABANINZI
  • SITHANDANA NGAKUMBI
Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2011
yb11 iphe. 74-161

IPapua New Guinea

MANDULO phayaa, izihlwele zabantu ezazifuna indawo yokuhlala zafudukela kummandla osemazantsi zenjenjeya zinqumla iAsia. Xa zikwimpuma yeMalay Archipelago, zagaleleka eNew Guinea, isiqithi esinamaxethuka esikummandla weleenjiko—esilandela iGreenland ngobukhulu ehlabathini.a Zacanda unxweme lwaso olushushu, zihlala kwiindawo ezinemigxobhozo, kwiintshinyela zamahlathi, nakwezinye iziqithi ezigqagqeneyo ezingaphandle. Abanye babesenyuka amaxethuka eentaba aneentlambo ezinkulu nomhlaba ochumileyo befuna indawo yokuhlala.

Abantu balapha baziintlanga ezahlukahlukeneyo ezingaphezu kwewaka ezazisoloko zisilwa. Banamasiko ahlukahlukeneyo, isinxibo sabo asifani, yaye bathetha iilwimi ezingaphezu kwama-800. Abaninzi babehlala kwindawo eyayinezithethe ezininzi, nekwakumnyama thsu kuyo ngezinto eziqhubeka kwamanye amazwe. Bambi babekholelwa ukuba elundini phayaa kukho iidemon nezinyanya ezabashiyayo ezibangela ukuba benze izinto ezingendawo okanye ezilungileyo. Abantu babephilela ukuzingxengxezela kuloo mimoya.

Kwakhona aba bantu babefana nje ngento enye. Wathi akubona loo nto, uJorge de Meneses, igosa eliliPhuthukezi elalityelele apho ngowe-1526, wathi esi siqithi yi-Ilhas dos Papuas, gama elo elithetha ukuba “Lilizwe Labantu Abaneafro.” Umatiloshe waseSpeyin, uYnigo Ortiz de Retes wabona ukuba abemi balapha bafana nabantu baseGuinea, eNtshona Afrika, ngoko wathi esi siqithi yiNueva Guinea, okanye iNew Guinea.

Ngenkulungwane ye-19, amagunya aseYurophu asahlula kathathu esi siqithi. AmaDatshi azithabathela inxalenye engasentshona, ngoku eyinxalenye yeIndonesia. Wona amaNgesi namaJamani abelana ngenxalenye engasempuma, kwaza kwakho iBritish New Guinea esemazantsi (kamva eyabizwa ngokuba yiPapua) neGerman New Guinea esemantla (kamva eyabizwa ngokuba yiNew Guinea). Emva kweMfazwe Yehlabathi  I, yomibini le mimandla yalawulwa yiOstreliya. Ekugqibeleni ngowe-1975, iPapua neNew Guinea zadityaniswa zaza zaba yiPapua New Guinea ezimeleyo.b

IPapua New Guinea isesemva ngezobugcisa. Abanye babemi bahlala kwizixeko zakutshanje ezinobugcisa bale mihla. Sekunjalo, abantu aba-4 kwaba-5 bahlala ezilalini, apho ubomi bungahlukanga kangako kobangaphambili kuba umntu ofuye iihagu ezininzi ujongwa njengesityebi, kuxhaphake ilobola nokusebenzelana nemimoya, yaye abantu basamanyene.

Noko ke, kutshanje eli lizwe liye latshintsha ngendlela ephawulekayo, yaye oko kuye kwaphucula ubomi babantu abanyanisekileyo bezizwe ezahlukeneyo ngeendlela ezininzi. Buphuculwe kukufunda nokusebenzisa inyaniso eseLizwini likaThixo iBhayibhile.—Roma 12:2.

ABASHUMAYELI BOKUQALA BEENDABA EZILUNGILEYO

Abemi basePapua New Guinea baqala ukuva inyaniso ngowe-1932, xa kwakudlula uvulindlela waseBritani uPeck, esinge eMalaya (ngoku ebizwa ngokuba yiMalaysia). Engaphozisanga maseko, wachitha iiveki eziliqela eshumayela. Wasasaza amakhulu eencwadi zeBhayibhile ngaphambi kokuba aye kwisabelo sakhe.

Kwiminyaka emithathu kamva, oovulindlela abasixhenxe bakhwela iphenyane elihamba ngenjini elibizwa ngokuba yiLightbearer elamisa ePort Moresby ukuze kulungiswe injini. Kuloo nyanga babehleli apho, bashumayela ngenzondelelo ePort Moresby nakweminye imimandla ekufuphi. Omnye wabo vulindlela, uFrank Dewar, oyinzalelwane eyomeleleyo yaseNew Zealand, wafika ephethe iimpapasho ezininzi waza wazisasaza kubemi balapho abahlala kumgama oziikhilomitha ezingama-50 ukusuka kunxweme.

UHeni Heni Nioki, igqirha elingumKoiari, wazifumanela eyakhe incwadi. Emva koko, inyaniso yeBhayibhile awayifunda kuloo ncwadi yahlala entliziyweni kodwa akazange ayisebenzise elindele ukuba amaNgqina kaYehova abuye eze kunkcenkceshela loo mbewu ayeyityalile.—1 Kor. 3:6.

Ngasekupheleni kweminyaka ye-1930, omnye uvulindlela washumayela kwiidolophu ezinkulu ePapua New Guinea, kuquka neziqithi zaseNew Britain, eNew Ireland, naseBougainville. Wasasaza iincwadi ezininzi. Kodwa ngaphambi kokuba abanye baqhubeke nalo msebenzi, kwaqalisa iMfazwe Yehlabathi  II.

UKUSHUMAYELA “KWILALI ENKULU”

Kwiminyaka eli-12 kamva, ngoSeptemba 22, 1951, indoda ethe ncothu yaseOstreliya yehla kwinqwelo-moya ePort Moresby enemozulu etshisa ngendlela enganyamezelekiyo. UTom Kitto—iNgqina elineminyaka engama-47 ubudala—wavuma xa kwakucelwa amatsha-ntliziyo aza kuya kushumayela kwisiqithi sasePasifiki. Umfazi wakhe uRowena wafika kwiiveki ezintandathu kamva. Bashumayela kulo lonke elasePapua New Guinea.

Kungekudala aba bakwaKitto bafumanisa ukuba abantu abamhlophe ePort Moresby abanaxesha lesigidimi soBukumkani. Badibana noGeoff Bucknell naye owayesuka eOstreliya nowayishiya esengumfana inyaniso. Wavuma ukufundelwa waza kamva waba liNgqina elithembekileyo kunye nomfazi wakhe uIrene.

Emva koko, uTom noRowena bafudukela eHanuabada, gama elo elithetha “Ilali Enkulu” ngesiMotu, ulwimi oluthethwa apho. Le lali ifikelela ngaphaya kommandla weZibuko lasePort Moresby, inezindlu ezenziwe ngamaplanga ezidityaniswa ziindlela ezenziwe ngamaplanga eziya elunxwemeni. URowena uthi: “Sasingqongwa ngabantu abaninzi befuna ukuva iindaba ezilungileyo. Babebaninzi abantu abanomdla kangangokuba sasibuya rhoqo ngorhatya size kuqhuba izifundo. Kwisithuba seenyanga ezimbini, zimbini kuphela iintsuku esingazange siqhube zifundo ngazo.” UTom walek’ umsundulu ngelithi: “Aba bantu babekuthanda gqitha ukuva kuthethwa ngethemba lovuko nobomi kwiparadesi esemhlabeni. Xa abavangeli beNgqobhoko nepolisa lasekuhlaleni libanyanzela ukuba bayeke ukufunda nathi, abazange bavume. Inyaniso yayendele ezintliziyweni zabo.”

Abanye abamela inyaniso yayinguRaho noKonio Rakatani, uOda Sioni, uGeua Nioki nomyeni wakhe uHeni Heni, owafumana incwadi kubantu ababekhwele iLightbearer kwiminyaka eli-16 eyadlulayo. Kungekudala yayingabantu abanomdla abangama-30 ababesiza rhoqo kwiintlanganiso ezaziqhutyelwa kwaHeni Heni. UOda Sioni, owayesengumfana ngelo xesha ukhumbula oku: “Amadoda ayengahlali namabhinqa kwelo gumbi. Amabhinqa ayenxiba iziketi ezenziwe ngengca aze anganxibi ngentla yaye ayephatha abantwana bawo ngeebhegi ezinemiqheba ezimibalabala awayezixhoma kumaplanga aseluphahleni lwendlu. Emva kokuba ebancancisile, ayebafaka kwezo bhegi aze abajingise de balale.”

UTom Kitto wayetolikelwa xa eqhuba iintlanganiso. Kuyabonakala ukuba izinto zazingasoloko zilula. UDon Fielder owafika ngowe-1953 uthi: “Kwenye intlanganiso kwakutolika uBadu Heni owayengumntakwaboHeni Heni. Ekuqaleni kwakubonakala ngathi utolika kakuhle kuba wayede alinganise nezimbo zomzimba zikaTom. Kamva uBadu wachaza ukuba wayengayiva into ethethwayo. Yena wayethetha ngezinto azifundileyo ngenyaniso aze alinganise izimbo zomzimba zikaTom ukuze kubonakale ngathi utolika le nto ithethwayo.” Sekunjalo, eli qela landa ngokukhawuleza, yaye kungekudala kwasekwa iqela lesibini kwikhaya likaRaho Rakatani, nalo elikwilali yaseHanuabada.

“KHAWUZE KUFUNDISA ABANTU BAM”

Ekuqaleni kowe-1952, uBobogi Naiori, inkosi yamaKoiari nokwaligqirha elaziwayo watyelela uHeni Heni—owayengowesizwe sakowabo—waza waya kwiintlanganiso ezaziqhutywa ekhayeni lakhe. Wakuthanda gqitha oko wakubona nawakuva apho kangangokuba kamva wacela uTom Kitto esithi: “Ndiyakucela, khawuze kufundisa abantu bam inyaniso!”

Kungekudala emva koko, uTom noRowena bahamba ngelori yabo endala kwiindlela ezinamagingxigingxi besiya kuBobogi eHaima, ilali encinane emalunga neekhilomitha ezingama-25 kumntla wePort Moresby. UTom washumayela kwiqela labantu balapho elalihlangene ndawonye ngoxa uBobogi wayetolika. Ngenxa yoko, kwaqhutywa izifundo ezimalunga nama-30.

Kamva kuloo nyanga, iqela eliseHaima lakha iholo encinane yeentlanganiso zamaKristu. UElsie Horsburgh owaya kwezo ntlanganiso kamva uthi: “Le holo yayakhiwe ngamaplanga, uphahla lwayo lufulelwe ngengca, yaye ukusuka esinqeni iindonga zazenziwe ngoqalo (bamboo) olulukiweyo. Izitulo zazenziwe ngamaplanga, kukho izibane zeparafini kunye nebhodi.” Le yaba yiHolo yoBukumkani yokuqala ePapua New Guinea.

UBobogi wayefuna ukuba nabantu besizwe sakowabo abahlala kufuphi neentaba beve iindaba ezilungileyo. Ngoko yena noTom baqalisa uhambo kwindlela eyingozi enqumla kumathambeka eentaba besinge kwithafa elikhulu leSogeri. Kungekudala babefunda nabantu abangaphezu kwama-90 abahlala kwezo lali zintathu.

Lo msebenzi wabo wokushumayela wafikelela ezindlebeni zabasemagunyeni. EIoadabu elinye igosa likarhulumente laya kwiintlanganiso lifuna ukwazi ngomntu onike amaNgqina kaYehova igunya lokufundisa abantu bezo lali. Lagocagoca nabantu ababenomdla ngomsebenzi esiwenzayo. Abefundisi bezo lali nabalimi babesongela abazalwana.

Ngenxa yaloo ngcinezelo, abanye abantu ababenomdla batyhafa. Sekunjalo, likho iqaqobana elingazange liyekelele. Ngowe-1954 kwabhaptizwa abantu bokuqala abali-13 ePapua New Guinea kuMlambo iLaloki eHaima. Omnye wabo yayinguBobogi, owathi: “Nokuba amaKoiari anokuyeka, mna andisoze ndiyeke kuba ndiyazi ukuba le yinyaniso.” Kanye njengokuba wayetshilo, wayigcina ingqibelelo yakhe ekhonza ngokuthembekileyo njengomdala kwiBandla laseHaima de wafa ngowe-1974.

IINDIBANO EZINGASAYI KULIBALEKA

NgoJulayi 1955, kwafika umveleli wesiphaluka wokuqala ePort Moresby, uJohn Cutforth, umvangeli waseKhanada owayekhonza eOstreliya. Wawuthanda lo mmandla ufudumeleyo, indlela ekuphilwa ngayo, nabantu bakhona abathobekileyo. Wayengazi ukuba uza kukhonza ePapua New Guinea iminyaka engaphezu kwengama-35.

UJohn weza nefilimu ethi The New World Society in Action, ebonisa indlela umsebenzi neendibano zamaNgqina kaYehova ezilungelelaniswa ngayo. Kutyelelo lwakhe olwathabatha iiveki ezintathu wayidlalela abantu abahlukahlukeneyo, ukususela kwabangamakhulu ukusa kwabamalunga nama-2 000 izihlandlo ezili-14. Yabachukumisa ngokwenene abantu basekuhlaleni, abaninzi kubo abangazange bayibukele ifilimu ngaphambili.

UJohn waqukumbela utyelelo lwakhe kwindibano yosuku olunye eyayiseHaima. UTom Kitto ukhumbula oku: “Xa kwacelwa abantu ababeza kubhaptizwa ukuba baphakame, . . . kwaphakama abangamashumi asixhenxe! Saba nombulelo gqitha xa sibona abazalwana abangamashumi amane noodade abangamashumi amathathu ababelindele ukungena emlanjeni ukuze bafuzisele uzahlulelo lwabo kuYehova.”

Kunyaka olandelayo abazalwana benza amalungiselelo okuba kubekho indibano yesiphaluka yesibini eHaima. UBobogi, oyinkosi yaloo lali, wacelwa ukuba akhe izakhiwo ezifunekayo aze alungise ukutya kwabantu ekulindeleke ukuba baza kuza. Kwiintsuku ezintathu ngaphambi kwendibano, uJohn (Ted) Sewell, umveleli wesiphaluka omtsha ovela eOstreliya, waya kuxubusha amalungiselelo kunye noBobogi.

UTed wambuza: “Yintoni osele uyakhile?”

UBobogi waphendula wathi: “Andikenzi nto okwangoku.”

UTed wathi: “Bobogi, uyaqonda ukuba kungoLwesine namhlanje yaye indibano ingeCawa?”

UBobogi wathi: “Ndiyazi mzalwana wam, yonke into siza kuyenza ngoMgqibelo.”

Oku kwammangalisa uTed waza wabuyela ePort Moresby eqinisekile ukuba akukho nto iza kuhamba kakuhle.

Ngaloo Cawa waya eHaima enexhala efuna ukubona into eyenziweyo. Yammangalisa ngokwenene into awayibonayo. Phantsi komnye umthi omkhulu kwakukho iqonga elenziwe ngamaplanga elijonge kwithafa elikhulu. Kudana nelo qonga kwakukho iindawo zokupheka ezaziqhotsa iihagu, iikangaroo ezincinane, amaxhama, amavukuthu, iintlanzi, iiyam neebhatata. Kwakubiliswa amanzi okwenza iti emlilweni. Izihlwele zabantu zazincokola kwindawo yokutyela eyakhiwe ngeziqobo zemithi. Phakathi kwayo yonke loo nto kwakukho uBobogi, owayebonakala engenaxhala lanto. UTed wayekhwankqisiwe!

Wathi: “Bobogi, uyifundele phi yonke le nto?”

UBobogi waphendula: “Ndiyibone kulaa filimu sayiboniswa nguJohn Cutforth kulo nyaka uphelileyo.”

Kuloo ndibano kwakukho abantu bezizwe ezisibhozo abangaphezu kwama-400, kwaza kwabhaptizwa abangama-73. Kwiminyaka kamva, yabizwa ngokuba yindibano kaBobogi.

UKUSHUMAYELA NGEMIFANEKISO

Ngowe-1957 uJohn Cutforth wafudukela ePapua New Guinea waza waqalisa umsebenzi wokuba ngumveleli. Ukususela kutyelelo lwakhe lokuqala, wayecingisise nzulu ngendlela aza kushumayela ngayo kubantu basekuhlaleni, inkoliso yabo eyayingakwazi ukufunda nokubhala. Ngoku wayesele ekulungele ukwenza oko wayekucinga.

Xa wayethetha nebandla okanye neqela elikwanti, uJohn wayeqala abhale igama lakhe nelomguquleli ebhodini. Andule ke alathe phezulu, aze abuze abaphulaphuli, “UThixo, ngubani igama?” Phezulu ebhodini wabhala impendulo yabo, “nguYehova” kunye “neNdumiso 83:18.” Ezantsi kwicala elingasekhohlo, wabhala umxholwana othi “Ihlabathi Elidala” waza wazoba amadoda amabini alwayo, umntu olilayo, ingcwaba, wabhala “namaRoma 5:12.” Ekunene wabhala umxholwana othi “Ihlabathi Elitsha” waza wazoba amadoda amabini exhawulana, umntu oncumileyo, ingcwaba elibekwe u-“X” “neSityhilelo 21:4.” Emva koko wanikela intetho ebangel’ umdla ecacisa loo mizobo. Emva koko wacela abanye kubaphulaphuli ukuba beze ngaphambili baze baphinde oko wayekuthetha. Wathi akubona ukuba bayakuqonda oko wayekuthetha, wacela ukuba bakhuphele loo mifanekiso emaphepheni baze bayisebenzise xa beshumayela.

“Umfanekiso Wesigidimi Sokuqala,” njengoko wawubizwa njalo, waba nemiphumo emihle kakhulu kumsebenzi wokushumayela ePapua New Guinea. Emva koko kwenziwa neminye imifanekiso yesigidimi. ULena Davison, owakhonza kwelo lizwe iminyaka engama-47 uthi: “Sasichitha iiyure ezininzi sikhuphela le mifanekiso yesigidimi kwiincwadi zesikolo. Umfundi weBhayibhile ngamnye wayefumana eyakhe incwadi aze ayisebenzise xa eshumayela.” Abantwana babezenzela ezabo iincwadi ababezifaka imibalabala.

Le ndlela yokufundisa yayisetyenziswa nakwiintlanganiso zebandla. UJoyce Willis, uvulindlela waseKhanada owachitha iminyaka engaphezu kwengama-40 ePapua New Guinea uthi: “Ibhodi yayisetyenziswa kakhulu kwiNtlanganiso Yesidlangalala nakwiSifundo SeMboniselo, yaye oku kwakuluncedo kakhulu kubantu abangakwaziyo ukufunda.” Kwiindibano kwakufundiswa ngemifanekiso yesigidimi ezotywe kwilaphu elikhulu. UMike Fisher, owayengumveleli wesiphaluka uthi: “Le mifanekiso mikhulu yayithandwa gqitha yaye yayibanceda abaphulaphuli bakhumbule iimfundiso ezisisiseko. Abavakalisi ababekwanti babeyithatha bayixhome emizini yabo, baze bayisebenzise xa beshumayela kwiindwendwe.”

Kumashumi eminyaka kamva, xa abantu abaninzi babesele bekwazi ukufunda nokubhala yaye iincwadi ezinemifanekiso zifumaneka kuyo yonke indawo, le mifanekiso yesigidimi yayekwa ukusetyenziswa.

UKWANDA KOMSEBENZI WOKUSHUMAYELA

Ngasekupheleni kweminyaka ye-1950, kwafika iqela elinenzondelelo labavakalisi baseOstreliya lize kushumayela iindaba ezilungileyo ePapua New Guinea. Ukongezelela, abantu abaninzi abafunda inyaniso ePort Moresby babuyela kwiilali abazalelwe kuzo nesigidimi soBukumkani. Ngaloo ndlela iindaba ezilungileyo zasasazeka kwelo lizwe.

Ngowe-1957, uDavid Walker, umzalwana waseOstreliya owayeneminyaka engama-26 ubudala nowayehlala ePort Moresby, weva ukuba abantu abakwilali ekufuphi yaseManu Manu nommandla waseGabadi babenomdla kwinyaniso. Wayeka emsebenzini waza waba nguvulindlela okhethekileyo, wachitha unyaka eshumayela yedwa kuloo mmandla. Kamva kwafika abanye abavakalisi, yaye ngoku iManu Manu inebandla neHolo yoBukumkani.

Kwangaxeshanye, ngoxa wayeshumayela kwimarike yaseKoki, ePort Moresby, uDon Fielder wadibana nabalobi abaliqela ababenomdla kwinyaniso. La madoda ayesuka eHula, ilali eselunxwemeni, malunga neekhilomitha ezilikhulu ukuya empuma. Ukuze bancede bona neentsapho zabo, uDon kunye noAthol (Dap) Robson, nabanye abantu abanomdla baseHula, bahamba ngephenyane likaDon eliziimitha ezisibhozo besinge eHula. Bahlala apho iintsuku ezintathu, baza baseka iqela elincinane.

Kungekudala emva koko, uDon waya kuba nguvulindlela okhethekileyo eHula, ehamba nomkakhe uShirley kunye nentombi yabo eneminyaka emibini ubudala, uDebbie. UDon uthi: “Sakha indlu encinane saza saqalisa ukushumayela kwiilali ezintlanu zaloo mmandla. Oku kwakuthetha ukuba sihamba umgama weekhilomitha ezili-12 suku ngalunye. Sasidinwa kodwa sihlaziyeka ngokomoya, kuba saqalisa izifundo zeBhayibhile ezininzi yaye kungekudala sasebenza nabavakalisi abatsha abasibhozo.”

Ukushumayela kukaDon noShirley kwamcaphukisa umfundisi wasekuhlaleni weUnited Church, kangangokuba wanyanzela umntu ababeqashe kuye ukuba abagxothe. UDon uthi: “Bakukuva oko abantu abakwilali ekufutshane bacaphuka gqitha kuba babengafuni ukuba sihambe. Bamalunga nabangama-20 abantu abasincedisayo ekufudukeni saza saya kwakha kwilali yabo.”

Loo mfundisi wayevutha ngumsindo akazange aphele mandla. Waphembelela abasemagunyeni asePort Moresby ukuba angabavumeli aba bakwaFielder ukuba bamise indlu yabo naphi na kweso sithili. UDon uthi: “Kunokuba sishiye isabelo sethu, sacela uAlf Green, umchweli olichule ukuba athabathe amaplanga kwindlu yethu aze akhe igumbi elincinane kwiphenyane lethu elikhulu. Emva koko salibophelela kumthi okwindawo ekungena kuyo umlambo okufuphi. Sahlala kuloo ndawo yayizaliswe ziingcongconi neengwenya ezazisoloko zikhamisele ixhoba kangangeminyaka emibini enesiqingatha singoovulindlela.” Emva kokuba kuzelwe intombi yabo yesibini, uVicki, abakwaFielder babuyela ePort Moresby. Kamva benza umsebenzi wokuhambahamba, waza uDon waba lilungu leKomiti yeSebe.

ABANYE BEVA IINDABA EZILUNGILEYO

Kanye ngelo xesha, uLance noDaphne Gosson baqalisa ukufunda nabafana abaliqela abavela eKerema, ilali engaselunxwemeni, malunga neekhilomitha ezingama-225 kwintshona yePort Moresby. Xa aba bafana babeye kuchitha ikhefu emakhaya, uLance noJim Chambliss bagqiba kwelokuba babatyelele iiveki ezimbini ukuze bashumayele iindaba ezilungileyo eKerema.

ULance uthi: “Kwahlanganisana bonke abantu bale lali beze kusiphulaphula. Ngoxa sasishumayela, kwathi dyulukudu umfundisi weLondon Missionary Society waza wahlasela lowo wayesitolikela, embetha ngamanqindi izihlandlo eziliqela de kwangenelela abantu belali. Wema ngelithi abantu abasifuni apha waza wathi masihambe endaweni ‘yakhe.’ Saphendula ngelithi abo bafuna ukusiphulaphula banokuhamba nathi siye kwelinye icala lelali, abanye ke bona bangasala naye. Salandelwa yilali yonke.

“Ngentsasa elandelayo saya kuxelela usodolophu okwenzekileyo. Endleleni sadibana nebhinqa elaligula kakhulu. Sasifuna ukulisa kwisibhedlele esikufuphi, kodwa lalisoyika. Lavuma emva kokuba silicenge ixesha elide. Salishiya esibhedlele saya kusodolophu ongazange asamkele kakuhle. Kunoko enomsindo wasityhola ngelithi sifundisa abantu ukuba bangavumi ukunyangwa. Kanye ngelo xesha, kwangena ugqirha waza wasiva eso sityholo. Waxelela lo sodolophu ukuba besisandul’ ukucenga elinye ibhinqa eligulayo ukuba lize esibhedlele. Wathi akukuva oku, wacela uxolo ngoko nangoko. Wasixelela ukuba ebetyelelwe ngumfundisi wasekuhlaleni ongumKatolika emxelela izinto ezingekhoyo ngenkonzo yethu. Wandula ke wacela amapolisa amabini axhobileyo ukuba asikhusele. Kwakungaqhelekanga ukuhlala namapolisa aphethe imipu ngoxa siqhuba izifundo zeBhayibhile!”

Kungekudala emva koko, eKerema kwathunyelwa oovulindlela abakhethekileyo abasebatsha ababini abasuka eOstreliya, uJim Smith noLionel Dingle. Bengaphozisanga maseko bafunda ulwimi lwasekuhlaleni, isiTairuma. UJim uthi: “Sasibiza igama ngesiMotu, zize izifundo zethu zilitolikele kwisiTairuma, size silibhale phantsi.” Ngale ndlela sazakhela isigama esincinane saza sacengceleza isigidimi esilula seBhayibhile. Abantu basekuhlaleni bothuka xa besiva sithetha ulwimi lwabo, kuba abantu abamhlophe abahlala apho babengalwazi. Emva kweenyanga ezintathu veki nganye sasiqhuba iintlanganiso ngesiTairuma kumacala omabini eKerema Bay.”

Kamva uGlenn Finlay, omnye uvulindlela oselula waseOstreliya, wangena ezihlangwini zikaJim noLionel waza washumayela yedwa eKerema iinyanga ezili-18. UGlenn uthi: “Kwakunzima ngokwenene, yaye maxa wambi ndandikhe ndizibuze enoba kukho nto ndiyifezayo kusini na. Kodwa kukho into eyenzekayo eyatshintsha loo mbono.

“Omnye wezifundo zam yayingumbhaki wezonka osele ekhulile waselalini ogama linguHevoko. Wayengakwazi ukufunda nokubhala, ngenxa yoko emva kweenyanga eziliqela sifunda, zazimbalwa gqitha izinto azaziyo ngenyaniso. Ndandizibuza enoba ndifanele ndiqhubeke ndimfundela kusini na. Ngenye intsasa ndathi xa ndisiya ekhayeni lakhe ndeva ilizwi, ndaza ndema ndaphulaphula. YayinguHevoko ethandaza kuYehova ngokuvakalayo, embulela ngokusuk’ entliziyweni kuba emfundise inyaniso ngegama lakhe noBukumkani. Lo mthandazo wakhe usuk’ entliziyweni wandikhumbuza ukuba uYehova ujonga iintliziyo zabantu kungekhona ubukrelekrele babo. Ubazi kakuhle abantu abamthandayo.”—Yoh. 6:44.

UKUDIBANA NEHLELO ELIKHOLELWA KWIMITHWALO

Ngowe-1960, oovulindlela abakhethekileyo ababini baseOstreliya, uStephen Blundy noAllen Hosking, bafudukela eSavaiviri, ilali emalunga neekhilomitha ezingama-50 kwimpuma yeKerema. Emva kokuhlala ezintenteni iinyanga ezintathu, uStephen noAllen bafudukela kwindlu encinane ekumasimi ekhokhonathi neyayiphakathi komgxobhozo omkhulu.

ISavaiviri yayidumile ngehlelo elikholelwa kwimithwalo. Laqalisa njani? NgeMfazwe Yehlabathi II, abantu balapha babebamb’ ongezantsi xa bebona ubutyebi okanye imithwalo eyayize namajoni amanye amazwe. Yathi yakuphela imfazwe, amajoni ahamba nezinto zawo. Abanye abantu belali babesithi, ekubeni le mithwalo ivela elundini phayaa—apho ihlala khona imimoya—imele ukuba ithunyelwe zizinyanya zabo kodwa loo majoni abathintela ukuba bayifumane. Ukuze baxelele imimoya ngezinto abazisweleyo, abantu babesenza umthambo besebenzisa izixhobo ezifana nezamajoni baze bakhe amazibuko aluqilima ukuze balungiselele imini ebalulekileyo yokufika kweminye imithwalo.

Kungekudala uStephen noAllen babefunda namalungu angama-250 eli hlelo, kuquka nenkokeli yalo kunye “nabapostile bayo abalishumi elinesibini.” UStephen uthi: “Abaninzi kwaba bayamkela inyaniso. Kamva elinye igosa likarhulumente eligadileyo lasixelela ukuba umsebenzi wethu wokushumayela ubancede gqitha ngokuphelisa eli hlelo.”

UKWENZA IINCWADI ZEBHAYIBHILE

Abo vulindlela bamandulo bakhawuleza bakubona ukubaluleka kokuguqulela iincwadi zeBhayibhile kwiilwimi zasekuhlaleni. Kodwa babeza kwenza njani ukuze iincwadi zifumaneke ngeelwimi ezahlukeneyo ezingama-820?

Ngowe-1954, uTom Kitto walungiselela ukuba abazalwana basekuhlaleni baguqulele isahluko sencwadi ethi “Let God Be True”c ngesiMotu, ulwimi oluthethwa ePort Moresby. Kwasasazwa amaphecana angaphezu kwama-200 esahluko esikhutshelweyo esinomxholo othi “Ihlabathi Elitsha,” nto leyo eyabavuyisayo abantu abathetha isiMotu.

Njengoko kwakushunyayelwa nakwezinye iindawo, oovulindlela babezibhokoxa iiyure ezininzi beguqulela iincwadi ngeelwimi zasekuhlaleni. UJim Smith uthi: “Ndandibhala phantsi amagama namabinzana amatsha, nto leyo eyandenza ndakwazi ukuzenzela isichazi-magama sesiTairuma kunye negrama, endandizisebenzisa xa ndiguqulela amanqaku afundwayo eMboniselo. Ndandidla ngokusebenza de kube sezinzulwini zobusuku ndichwetheza amanqaku aguqulelweyo kumaphepha endiza kuwanika abantu abaze kwiintlanganiso. Kamva ndaguqulela iphecana nencwadana yesiTairuma. Ezo ncwadi zamandulo zanceda abantu abaninzi baseKerema bafunda inyaniso.”

Kwashicilelwa nezinye iincwadi ngesiHula nesiToaripi. Ekubeni kwakubonakala kungenakwenzeka ukushicilela iincwadi ngazo zonke iilwimi, kamva abazalwana banikel’ ingqalelo ekuguquleleni ngeelwimi ezimbini ezisetyenziswa ngabaninzi—isiHiri Motu nesiTok Pisin. IsiHiri Motu, esisisiMotu esenziwe lula, sasithethwa ngabantu abaninzi abakunxweme lwasePapua. UDon Fielder uthi: “Sasisebenza nzima ukuze siphucule indlela olubhalwa ngayo olu lwimi. Eneneni, IMboniselo nezinye iincwadi zethu zesiHiri Motu zaba luncedo kakhulu ekuphuhliseni ulwimi lwanamhlanje ukuze luqondakale lula.” IsiTok Pisin—esingumxube wesiJamani, isiKuanua, isiNgesi nezinye iilwimi—sithethwa kakhulu kwimimandla esezintabeni, kwiindawo ezingaselunxwemeni nakwiziqithi ezikumantla ePapua New Guinea. Umsebenzi wokushumayela waqala njani kulo mmandla unabantu abahlukahlukeneyo?

IINDABA EZILUNGILEYO ZISHUNYAYELWA NASEMANTLA

NgoJuni 1956, oovulindlela abasandul’ ukutshata, uKen noRosina Frame, yayingamaNgqina okuqala ukufudukela eNew Ireland, isiqithi esiseBismarck Archipelago kumntla-mpuma wePapua New Guinea. UKen, ongumphathi-mali, wasebenza kwinkampani eseKavieng, eyona dolophu inkulu kwesi siqithi. UKen uthi: “Ngaphambi kokuba simke eSydney, sacetyiswa ukuba siqale siqhelane nabantu ngaphambi kokuba sishumayele kubo ngokukhululekileyo. URosina wayengumthungi ovunyiweyo ngoko wayethungela abantu abaninzi. Sasishumayela kubo ngokungacwangciswanga, yaye kungekudala ekhayeni lethu sasiba neqela elincinane labantu abanomdla ababesiza kwiintlanganiso kanye ngeveki.

“Kwiinyanga ezili-18 kamva satyelelwa ngumveleli wesiphaluka, uJohn Cutforth, waza wacela ukusibonisa ifilimu ethi The Happiness of the New World Society. Ndathetha nomphathi wendawo yokubukela iimovie, waza wavuma ukubonisa le filimu simahla. Kuyabonakala ukuba abantu ababemsebenzela baxelela abanye ngale filimu. Safika kuloo ndawo kungekho nendawo yokungena, sada sancedwa ngamapolisa ukuze sikwazi ukungena. Abantu ababelapho babengaphezu kwama-230, singasathethi ke ngabo babekrobe ngeefestile. Emva kwesi sihlandlo sasishumayela ngokukhululekileyo.”

NgoJulayi 1957, kwasekwa ibandla elitsha eRabaul, eNew Britain, idolophu entle ekwizibuko neyayiphakathi kweentaba-mlilo ezimbini. IBandla laseRabaul lalingenela kwiyadi yendlu eyayiqeshwe ngoovulindlela abakhethekileyo. UNorm Sharein onguvulindlela uthi: “Busuku ngabunye kwakufika abantu abangaphezu kwekhulu beze kufunda iBhayibhile. Sasibahlulahlula ngamaqela anabantu abamalunga nama-20, size sibafundise phantsi kwemithi sikhanyisa izibane.”

Xa elo bandla laya kwindibano yesiphaluka yokuqala, kwabhaptizwa abantu abasixhenxe kunxweme olukufuphi. Kungekudala abahlanu kubo baba ngoovulindlela. Kodwa babeza kushumayela phi? Iofisi yesebe laseOstreliya yabathumela eMadang.

EMadang, idolophu ekumntla-mpuma wonxweme, “amasimi” ayelungele ukuvunwa. (Yoh. 4:35) Eneneni, iqela elincinane labavakalisi balapho lalingakwazi ukunceda abantu abanomdla abaninzi ngolo hlobo. Xa kwafika uvulindlela waseKhanada uMatthew Pope nentsapho yakhe baza bathenga umzi onezindlu ezingasemva, kwaba lula ukuthumela oovulindlela abangakumbi.

Kwafika oovulindlela abasibhozo abavela eRabaul baza bashumayela kuso sonke iSithili saseMadang. Omnye wabo uTamul Marung wazifunela ibhayisekile waza wahamba ngesikhephe esinge eBasken, ilali yakowabo ekwiikhilomitha ezingama-48 kumntla Madang. Akugqiba ukushumayela eBasken, wakhwela ibhayisekile yakhe wabuyela eMadang, ehamba eshumayela. Waphinda wabuyela eBasken, waseka ibandla, waza waba nguvulindlela kangangeminyaka engama-25. Ngelo xesha watshata waza wakhulisa intsapho. Kamva intombi nomtshana wakhe bakhonza eBheteli.

Kanye ngelo xesha, eMadang uJohn noLena Davison badibana noKalip Kanai, utitshala osuka eTalidig, ilali encinane ephakathi kweBasken neMadang. Kungekudala uJohn noLena babesiya eTalidig ukuze bafunde noKalip nezalamane zakhe. Oku kwamcaphukisa ngokwenene umhloli wesikolo owayengumKatolika, kangangokuba wacela elinye ipolisa ukuba libagxothe apho babehlala khona. Lingapheli mandla, eli qela lafudukela kwilali ekufutshane, iBagildig, laza laba libandla elikhulu. Kamva lakha iHolo yoBukumkani enkulu neyayisetyenziselwa iindibano ezincinane nezinkulu. Ngoku kukho amabandla asixhenxe namaqela amabini kwiSithili saseMadang.

Njengoko umsebenzi wokushumayela wawuhambela phambili eMadang, uJim Baird noJohn noMagdalen Endor babesenza inkqubela eLae, idolophu enkulu engaselunxwemeni, ekwiikhilomitha ezingama-210 emzantsi-mpuma. UJohn uthi: “Phantse zonke iingokuhlwa sasifundela iqela elikhulu ekhayeni lethu. Kwiinyanga nje ezintandathu, izifundo zethu zasipheleka entsimini.” Ngasekupheleni kwaloo nyaka, kwiholo yemiboniso eseLae kwafika abantu abali-1 200 ababeze kubukela ifilimu ethi The New World Society in Action. Uninzi lwabantu ababezile yayingabasebenzi ababuyela kwiilali zabo neendaba ezilungileyo.

Kummandla okufuphi neLae, kwakukho abavakalisi abakhaliphileyo ababesenza umsebenzi omhle. UJack Arifeae, indoda enkulu ngomzimba neyayinenzondelelo yokukhonza uYehova, yayiseke ibandla elinenkqubela ekhayeni layo eWau. Amalungu esizwe samaKukukuku amalunga nama-30—abantu ababesoyikwa ngenxa yokutya abantu—nawo ayefunda iBhayibhile yaye esenza inkqubela ngokomoya.

Kwangaxeshanye, eBulolo, uWally noJoy Busbridge ababeshumayela ngenzondelelo bacaphukisa amalungu eNew Tribes Mission, awayebanga loo mmandla. Ngenxa yokuphenjelelwa ngaba bantu, umqeshi kaWally wathi, “Yeka olu nqulo lwakho, ukuba akufuni, phum’ uphele apha.” UWally noJoy bafudukela eLae baza baqhubeka beshumayela. Kamva baba kwinkonzo yexesha elizeleyo baza bachitha iminyaka emininzi kumsebenzi wokuhambahamba.

Abantu bokuqala ukufika neendaba ezilungileyo ePopondetta, idolophu encinane esemzantsi-mpuma weLae nguJerome noLavinia Hotota, ababuyela kwiphondo lakowabo besuka ePort Moresby. UJerome wayekhuthele kakhulu yaye ekwazi ukweyisela abantu esebenzisa iZibhalo, ngoxa uLavinia wayelibhinqa elinobubele nelalibathanda abantu. Xa babeqala ukushumayela, emzini wabo kwagaleleka ubhishophu waseTshetshi neqela elikhulu labalandeli bakhe besithi mabayeke ukushumayela. Kodwa loo nto ayizange imoyikise uJerome noLavinia. Baqhubeka beshumayela baza baseka ibandla elincinane nelinenzondelelo.

Ngowe-1963, iindaba ezilungileyo zazisele zishunyayelwe naseWewak, idolophu esemaphandleni kunxweme olukumantla ePapua New Guinea. UKarl Teynor no-Otto Eberhardt, abakhi abangamaJamani, babesebenza kwisibhedlele saseWewak emini baze ngokuhlwa nangeempelaveki bafundele abantu abanomdla abangaphezu kwe-100. Oku kwamcaphukisa umfundisi wamaKatolika, kangangokuba waqokelela ihlokondiba lakhe elaphosa isithuthuthu sikaKarl nesikaOtto elwandle. Unyana womnye owayekunye nalo mfundisi nowayeyinkokeli edumileyo kule lali, kamva waba liNgqina. Ebona indlela atshintshe ngayo unyana wakhe, yatshintsha indlela awayewajonga ngayo amaNgqina, waza wawanika imvume yokushumayela kwiilali aziphetheyo.

KUMISELWA IOFISI YESEBE

Ngoxa abefundisi babezama ukuwavala umlomo amaNgqina, abazalwana babezama ngakumbi ‘ukuzimisela ngokusemthethweni iindaba ezilungileyo.’ (Fil. 1:7) Ngoko ke, ngoMeyi 25, 1960, urhulumente wamisela ngokusemthethweni i-International Bible Students Association, umbutho osemthethweni osetyenziswa ngamaNgqina kaYehova kumazwe amaninzi. Oku kwabangela ukuba abazalwana bakwazi ukufumana iziza zokwakha iiHolo zoBukumkani nezinye izakhiwo ezifunekayo ukuze kuxhaswe umsebenzi woBukumkani.

Kamva ngaloo nyaka kwamiselwa iofisi yesebe yeWatch Tower Society ePapua New Guinea. UJohn Cutforth wamiselwa njengesicaka sesebe. Noko ke, ekubeni zazimbalwa iindawo eziqeshisayo, yayiza kuba phi iofisi yesebe?

Indawo bayifumana kuJim noFlorence Dobbins ababesandul’ ukufika kwelo. NgeMfazwe Yehlabathi II, uJim wayekumkhosi waselwandle waseUnited States ePapua New Guinea. Kamva yena noFlorence bafumana inyaniso baza bazimisela ukuba bandise inkonzo yabo. UJim uthi: “Ngowe-1958, satyelelwa ngumzalwana ovela ePort Moresby ekhayeni lethu eliseOhio, waza wasibonisa ii-slide zePapua New Guinea. Kamva safumanisa ukuba ulibele esinye i-slide. Kweso slide sabona eyona ndawo intle kwesakha sazibona. Umfazi wam wathi, ‘Siza kusithumela kuye.’ Ndathi, ‘Masingasithumeli, masisise ngokwethu.’”

Kwisithuba esingangonyaka kamva, uJim noFlorence kunye neentombi zabo, uSherry noDeborah, bafudukela kumzi omncinane owenziwe ngesamente eSix Mile, kwihlomela-dolophu lasePort Moresby. Kungekudala emva koko uJim wathetha noJohn Cutforth ngendawo eza kuba kuyo iofisi yesebe.

UJohn wathi: “Ndikhangele kuyo yonke indawo ePort Moresby ndifuna indawo eza kuba kuyo iofisi yesebe, kodwa ayifumaneki.”

UJim wathi: “Ayinakuba semzini wethu? Ninokusebenzisa amagumbi amathathu angaphambili, size thina sihlale ngasemva.”

Kwenziwa amalungiselelo, yaye ngoSeptemba 1, 1960 umzi wakwaDobbins wamiselwa ngokusemthethweni njengeofisi yesebe yokuqala yasePapua New Guinea.

‘WAVAL’ UMLOMO AMANGQINA’

Abachasi abazange bayithande inkqubela esiyenzayo. Ukususela ngowe-1960 ukusa phambili, imikhosi emanyeneyo yeecawa zeNgqobhoko, iReturned Services League (RSL), namajelo eendaba asekuhlaleni zaqulunqa iphulo elinxamnye namaNgqina kaYehova neliza kuwavala umlomo.

Iimeko zaba mbi nangakumbi xa oogqirha, abefundisi namagosa karhulumente anikwa iphecana elichaza indlela esilujonga ngayo utofelo-gazi. Abefundisi beNgqobhoko baba ngabokuqala ukucatshukiswa yile nto. NgoAgasti 30, 1960, inqaku eliphambili leSouth Pacific Post lalinomxholo othi, “Iicawa Zicatshukiswa Ngumbandela Wegazi.” Kwelinye inqaku, iinkokeli zecawa zathi amaNgqina “angabachasi-Kristu neentshaba zeCawa.”

Amanqaku alandela lawo atyhola amaNgqina kaYehova ngelithi afuna ukubhukuq’ umbuso, iimfundiso zawo zikhuthaza abantwana ukuba bangayi esikolweni, kungahlawulwa rhafu, ukuba kwihlelo elikholelwa kwimithwalo, nokungacoceki. Ezinye iingxelo zawatyhola ngelithi oyikisa abantu abangafundanga esithi kungekudala ilanga liza kusithwa yinyanga ukuze babe ngabanye bawo. Elinye iphephandaba lalisithi “ahlala, atya yaye asebenza nabantu belali.” ISouth Pacific Post yawagxeka ngokufundisa ukuba “bonke abantu bayalingana” yaza yathi amaNgqina “asisisongelo esingaphezu kwamaKomanisi.”

Ekugqibeleni, ngoMatshi 25, 1962, iRSL yacela abasemagunyeni ukuba bawaval’ umlomo amaNgqina. Noko ke, urhulumente waseOstreliya wasikhaba ngaw’ omane eso sicelo. UDon Fielder uthi: “Esi saziso saba nemiphumo emihle kulo lonke elo. Abantu abasebenzisa ingqiqo babona ukuba izinto esasityholwa ngazo azichananga.”

UKUSHUMAYELA KWIMIMANDLA ESEZINTABENI

Kwangaloo nyanga, uTom noRowena Kitto bayishiya iPort Moresby bathabatha uhambo olunzima lweeveki eziliqela. Babesiya kushumayela kwimimandla ekungazange kushunyayelwe kuyo—imimandla esezintabeni nenemixawuka yaseNew Guinea.

Kwiminyaka engama-30 ngaphambilana, abahloli begolide baseOstreliya baya kwimimandla esezintabeni baza bafumanisa ukuba abantu abamalunga nesigidi abahlala apho abazi nto kwaphela ngokwenzeka kumazwe angaphandle. Aba bantu babothukile becinga ukuba la madoda amhlophe zizinyanya ezibuya ekufeni.

Emva kokumka kwaba bahloli kwafika abavangeli beNgqobhoko. URowena uthi: “Aba bavangeli bathi bakuva ukuba siyeza, baxelela abantu ukuba bangasiphulaphuli. Kodwa oko kwabenza banomdla abantu. Ekubeni abantu balapha babesoloko befuna ukwazi, babelangazelela ukuba side sifike.”

UTom noRowena bavula ivenkile encinane eWabag, ekwiikhilomitha ezingama-80 kumntla-ntshona wedolophu iMount Hagen. UTom uthi: “Abefundisi bayalela amarhamente abo ukuba angathengi nto kuthi, angasithengiseli nto okanye angathethi nathi, yaye asihluthe isiza. Noko ke, ekuhambeni kwexesha abantu bale lali babona ukuba asifani nabanye abantu abamhlophe. Eyona nto bayiphawulayo kukuba sinobubele. Izinto ezintle esasibenzela zona zazibachukumisa, kangangokuba babengafuni sihambe!”

UKUFUNDISA NGOMONDE KUNEMIPHUMO EMIHLE

Ukususela ngowe-1963 ukusa phambili, kwafika amaNgqina amaninzi eze kwandisa umsebenzi wokushumayela kwimimandla esezintabeni. Beshumayela kwimimandla esempuma nasentshona, ekugqibeleni aba bazalwana noodade bayigubungela yonke loo mimandla, bemisela amaqela namabandla kwiindawo ezininzi.

EGoroka, ekwiPhondo Elineentaba Elisempuma, kwakukho ibandla elincinane elalihlanganisana kwikhaya lomzalwana. Kamva abo bazalwana bakha indawo yeentlanganiso entle eyenziwe ngezinti. Bandula ke ngowe-1967 bakha iHolo yoBukumkani enezitulo ezingama-40. UGeorge Coxsen, owakhonza kule mimandla kangangeminyaka elishumi ngeliqhulayo wathi: “Kuya kude kufike iArmagedon zingekazali ezi zitulo.” Kodwa kamva wathi: “Ndandingachananga kwaphela. Kwiinyanga nje ezili-12, babebaninzi abantu abeza kwiintlanganiso kangangokuba kwafuneka siqale ibandla elitsha!”

Empuma, kufuphi neKainantu, uNorm Sharein wafundela abantu abangaphezu kwama-50 ababesiza apho ahlala khona suku ngalunye. Kamva eli qela lanyanyekelwa nguBerndt noErna Andersson ababengoovulindlela kangangeminyaka emibini enesiqingatha. UErna uthi: “Aba bantu babengafane bahlambe, babenganxibi kakhulu, bengakwazi ukufunda nokubhala yaye besebenzelana needemon. Sekunjalo, ngenxa yokuba sasinomonde yaye sibathanda, abanye babo babekwazi ukucengceleza nokucacisa iZibhalo ezili-150.”

UBerndt noErna babemanyene neli qela. UErna uthi: “Xa sasihamba apho sisiya kwesinye isabelo eKavieng, amabhinqa andikhalela, esitsho isijwili! Ayendiphulula iingalo nobuso esehlisa iinyembezi. Ndandimana ndisiya kukhala endlwini ngoxa uBerndt ezama ukuwathuthuzela, kodwa ayengathuthuzeleki. Xa sasihamba, imoto yethu yalandelwa sisihlwele sisehla intaba, amabhinqa esenza isijwili. Andikakwazi nanamhlanje ukuyibalisa indlela intliziyo yam eyayilihlwili ngayo ngaloo mini. Sikhangele phambili ukubabona kwakhona kwihlabathi elitsha!” Emva kukaBerndt noErna kwafika abanye oovulindlela abaseka ibandla eKainantu.

UKUHLWAYELA IMBEWU YOBUKUMKANI KUVELISA ISIQHAMO

Ngasekuqaleni kweminyaka ye-1970, kwakusele kukho iqela elincinane lamaNgqina eMount Hagen, malunga neekhilomitha ezili-130 entshona yeGoroka. Le dolophu yayisaziwa ngemarike enkulu, ababethenga kuyo abantu bezo lali zikufuphi veki nganye. UDorothy Wright, uvulindlela onesibindi uthi: “Sasihambisa iincwadi ezininzi kule marike.” Aba bantu babebuyela kwiilali zabo nesigidimi soBukumkani, ngaloo ndlela sifikelela nakwezona ndawo abavakalisi abangakwaziyo ukuya kuzo.

Kamva, unyana kaDorothy, uJim Wright kunye noKerry Kay-Smith owayenguvulindlela naye, babelwa eBanz, indawo eyayinamasimi eti nekofu kwisithili esihle saseWahgi Valley kwimpuma yeMount Hagen. Apha bachaswa ngokukrakra ngabantu becawa, ababethuma abantwana ukuba babagibisele ngamatye baze babagxothe kwiilali zabo. Xa uKerry waya kwesinye isabelo, uJim washiyeka enguvulindlela yedwa eBanz. Uthi: “Ndandingalali ebusuku kuloo ndlwana yam yengca ndithandaza ndisithi, ‘Yehova, kutheni ndilapha nje?’ Emva kweminyaka ndasibona isizathu.

UJim uyaqhubeka: “Ngowama-2007, ndasuka eOstreliya ndisiya kwindibano yesithili eBanz. Kufuphi nendlwana yam yengca kwakumi iHolo yoBukumkani entle neyayisandul’ ukwakhiwa eyayinokwenziwa iHolo yeNdibano enokungena abantu abali-1 000. Ndathi xa ndifika, kweza omnye umzalwana ebaleka, wafika wandibamba, waza walila. Akuyeka ukulila, lo mzalwana uPaul Tai wandixelela ukuba ndandifundela uyise kwiminyaka engama-36 eyadlulayo. Kamva naye wafunda ezo ncwadi zikayise waza wamkela inyaniso. Wathi ngoku ungumdala.

UJim uthi: “Ebudeni bendibano kwathiwa mandibalise eqongeni ngentshutshiso esayifumana kwiminyaka edlulileyo eBanz. Phantse bonke abantu ababelapho babesehlisa iinyembezi. Emva kocwangciso kweza abazalwana abaliqela, bandanga baza baxolisa beneenyembezi. Ngabanye bala makhwenkwe, andileqayo endigibisela ngamatye yaye endithuka efuna ndiphume ndiphele kwilali yawo. Ngaphezu koko, omnye wabo uMange Samgar, ngoku ongumdala, wayengumfundisi waseLuthere owayebakhuthaza. Kwakumnandi ukubonana kwethu kuloo ndibano!”

IMBEWU INTSHULA NAKWIMIMANDLA EKWANTI

Nangona abantu abaninzi ePapua New Guinea befunde inyaniso kumaNgqina, abanye bachola imbewu yenyaniso kwimimandla ekwanti. (INtshu. 11:6) Ngokomzekelo, malunga nowe-1970, iofisi yesebe yafumana iingxelo zenkonzo yasentsimini kumntu okwibandla nakwilali ekwanti ekufuphi noMlambo iSepik nengekho ezincwadini zalo. Yacela uMike Fisher, umveleli wesiphaluka, ukuba aphande ngalo mntu.

UMike uthi: “Ndahamba iiyure ezilishumi ngephenyane elinenjini ndinqumla umjelo wamanzi ozaliswe ziingcongconi. Ndafika sele liqinile ilanga ndaza ndafumanisa ukuba lo mntu wayethumela ingxelo wasuswa kubudlelane kwiminyaka eyadlulayo engekahlali apho. Wayebuyele kwilali yakowabo, eguqukile, waza waqalisa ukushumayela. Kwakukho abantu abangaphezu kwabangama-30 kule lali ababezibiza ngokuba ngamaNgqina kaYehova, yaye abanye babo babekufanelekela ukubhaptizwa. Kungekudala emva koko lo mntu wabuyiselwa, yaye elo qela lamiselwa ngokusemthethweni lisebe.”

Ngowe-1992, umveleli wesiphaluka, uDaryl Bryon, wafumanisa ukuba kwenye ilali ekwanti kukho abantu abanomdla enyanisweni. UDaryl uthi: “Ukuze ndifike kuloo lali, kwafuneka ndiqhube iikhilomitha ezingama-80, ndihambe iyure enesiqingatha kumahlathi ashinyeneyo, ndibhexe iphenyane ndinyusa umlambo kangangeyure. Ndamangaliswa kukubona isakhiwo esitsha esibhalwe ‘iHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova’ simi ngakumlambo ojikelezwe ziintaba eziphakamileyo.

“Rhoqo ngeeCawa abantu abanomdla abamalunga nama-25 babehlanganisana kuloo holo ukuze bafunde incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni. Ekubeni babesithi ngamaNgqina, ndababuza enoba bayayihlafuna kusini na ibetel nut. Bathi, ‘Asiyifaki nokuyifaka emlonyeni loo nto. Sinonyaka singasayisebenzisi oko samkela inyaniso!’ Ndavuya gqitha xa iofisi yesebe yathi ndifanele ndityelele nelo qela.”

KUFIKA ABAVANGELI ABANGAKUMBI

Kwiminyaka ye-1980 neye-1990, ukufika kwabavangeli abaqeqeshwe eGiliyadi, abaphumelele Kwisikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli, oovulindlela abakhethekileyo abavela eFinland, eJamani, eJapan, eKhanada, eNew Zealand, eNgilani, eOstreliya, kwiiPhilippines, eSweden, eUnited States nakwamanye amazwe kwaba luncedo kakhulu kwintsimi yasePapua New Guinea. Kwaba yintsikelelo kubantu balapha nakwaba vulindlela kuba kamva abanye kubo batshata baza basebenza namaqabane anenzondelelo njengabo.

Ukufika kwabo kweli lizwe, abaninzi kubo baya kwiklasi yesiTok Pisin okanye isiHiri Motu kangangeenyanga ezimbini okanye ezintathu. Ntsasa nganye babesiya eklasini baze emva kwemini baye kusebenzisa oko bakufundileyo entsimini. Le mfundo yanceda abaninzi bakwazi ukuqhuba izifundo ezinenkqubela nokunikela iintetho kwiinyanga nje ezimbalwa.

Kwakhona ukufunda olunye ulwimi kwabanceda ukuba babe nomonde novelwano xa befundisa abantu abangakwaziyo ukufunda nokubhala. Ngoko banceda abaninzi abanomdla bakwazi ukufunda iLizwi likaThixo. (Isa. 50:4) Ngenxa yoko, inani labavakalisi lakhula ukususela kwabangama-2 000 ngowe-1989 ukusa kwabamalunga nama-3 000 ngowe-1998, ulwando olungama-50 ekhulwini kwiminyaka nje esithoba.

Nangona abaninzi kwaba bavangeli kwafuneka bahambe ePapua New Guinea ngenxa yempilo nezinye izizathu, bashiya ilifa likanaphakade. Eneneni, basakhunjulwa nanamhlanje ngenxa yokuthembeka kwanothando ababenalo.—Heb. 6:10.

UMSEBENZI WOKWAKHA UBANGELA INKQUBELA

Njengoko abavakalisi boBukumkani babesanda, kwafuneka iiHolo zoBukumkani nezeNdibano ezingakumbi, kwandiswe nesakhiwo sesebe. Zafumaneka njani?

Ngaphambi kowe-1975, iSebe lezeMihlaba lalisoloko linomhlaba eliwugcinele iicawa. Iicawa ezinomdla zazifaka izicelo zesiza zize zichaze izizathu kwiBhunga lezeMihlaba elimiselwe ngurhulumente. Icawa esifumeneyo isiza yayingahlawuli mali kodwa kwakufuneka yakhe kuso ngokukhawuleza.

Ngowe-1963, phezu kwayo nje inkcaso eyayivela kubefundisi beNgqobhoko, i-International Bible Students Association yaqesha isiza ePort Moresby. Yafumana indawo entle ekwithambeka ejongene nemarike yeKoki namanzi aluhlaza oLwandle iCoral. Kamva kwakhiwa iofisi yesebe enemigangatho emibini neHolo yoBukumkani. Kwasetyenziswa ezinye iziza ezafunyanwa apho ekwakheni iiHolo zoBukumkani eSabama, eHohola, eGerehu naseGordon.

Isiza saseGordon, esasisemehlweni abantu kuba sisembindini wedolophu sasigcinelwe iCawa yaseTshetshi. URon Fynn, owayekhonza ePapua New Guinea kangangeminyaka engama-25 uthi: “Usihlalo weBhunga lezeMihlaba waxelela umfundisi waseTshetshi ukuba ibhunga aliyithandi indlela icawa yakhe ewusebenzisa ngayo lo mhlaba kuba iwusebenzisela ezoshishino. Lo sihlalo wongezelela ngelithi amaTshetshi akasayi kuphinda afumane omnye umhlaba de ibhunga liqiniseke ukuba imihlaba ayisebenzisela injongo efanelekileyo.

“Emva kokuba ethethe oku, usihlalo wandibuza ngomhlaba esiwufunayo. Ndamxelela ukuba owona mhlaba siwuthandayo ngulowa useGordon apho kwakuza kwakhiwa khona icawa. Umfundisi waseTshetshi wema ngeenyawo engafuni ukuba sinikwe loo mhlaba, kodwa usihlalo wathi makahlale phantsi. Ndathetha ndagqiba. Wonk’ umntu owayelapho wothuka xa le komiti yawunika ibandla lethu loo mhlaba.”

Kuloo mhlaba kwakhiwa iHolo yoBukumkani neofisi yesebe enemigangatho emine. Eso sakhiwo sesebe sitsha sanikezelwa ngoDisemba 12, 1987. Isebe elaliseKoki lathengiswa. Phakathi kowama-2005 nowama-2010 kongezelelwa isakhiwo esihlala abantu esinemigangatho emine, iHolo yoBukumkani neeofisi zokuguqulela. Ezi zakhiwo zanikezelwa ngoMeyi 29, 2010.

Namhlanje kukho iiHolo zoBukumkani ezingama-89 nezinye iindawo zeentlanganiso kulo lonke eli. Kwiilali ezininzi iindawo zeentlanganiso zisakhiwa ngezinto zokwakha zasekuhlaleni. Noko ke, kwiidolophu ezinkudlwana kusetyenziswa izinto zokwakha zale mihla. Uninzi lwezi holo zintsha ziye zakhiwa ngelungiselelo lamazwe ahlelelekileyo, ebelisetyenziswa ePapua New Guinea ukususela ngowe-1999.

UMSEBENZI UYAQHUBEKA PHEZU KWAZO NJE IINGXAKI

Iicawa ezininzi zasePapua New Guinea zenza isivumelwano ngemimandla eza kuba phantsi kwazo. Ezinye iicawa zazingavumelekanga ukuba ziwelele kummandla ongengowazo. Kodwa wona amaNgqina kaYehova ashumayela iindaba ezilungileyo kubo bonke abantu abanomdla, enoba bahlala phi na. Ngenxa yoko, abefundisi babecaphuka gqitha xa bebona abantu abaninzi bezamkela iindaba ezilungileyo.

UNorm Sharein uthi: “Emva kokuba ndifudukele kwisiqithi esincinane saseKurmalak, eWest New Britain, umntu wokuqala owandityelelayo yayingumfundisi waseTshetshi. Wathi: ‘Akunakushumayela kummandla wam. Abantu balapha sele bengamaKristu!’

“Kamva, ndabona omnye endandimqhubela isifundo seBhayibhile ebheqa iphenyane esiza ngaselunxwemeni ngoxa imvula yayigalela. Wayebeka ubomi bakhe esichengeni ngokuhamba kwimozulu enjalo. Wakhuphela iphenyane ngaphandle konxweme ekhefuzela, wandixelela ukuba kukho isikhephe esizayo esizele ngamaKatolika akhokelwa ngumfundisi wawo, eze kundibetha. Ndandingenandawo ndinokubalekela kuyo, ngoko ndacela ubulumko namandla kuYehova.

“Ekufikeni kwaso, kwehla amadoda ali-15, ebomvu ngumsindo, ezimisele ukundenzakalisa. Zange ndiwalinde eze kum, kodwa ndaya kuwo. Ekuqaleni ndandisoyika, kodwa kwakusele kuphele yonke loo nto. Njengoko ndandisiya kuwo, andithuka, efuna ukuba ndiphendule nangayiphi na indlela enokubangela ukuba andibethe, kodwa ndazola.

“Apho kwakukho omnye endandimfundela iBhayibhile, indoda esele ikhulile eyayiphethe kweso siqithi. Yawaxelela oku: ‘AmaNgqina kaYehova akalwi. Khanimbethe! Niza kubona!’

“Ndinqwenela ukuba angathethi ndazibuza: ‘Kanti lo ukweliphi icala?’

“Emva kokuba ndithethe nawo okwexeshana, ndawacela ukuba ahambe, ndaza ndaxhawula inkokeli yawo ukuwabonisa ukuba andilwi. Imangalisiwe yajonga abanye, nabo bayijonga. Emva koko nayo yandixhawula. Oku kwabangela ukuba sonke sehle saza saxhawulana. Emva koko emka, kwatsho kwee qabu! Ndacinga ngamazwi awathethwa nguPawulos kuTimoti esithi: ‘Ikhoboka leNkosi akufuneki lilwe, kunoko kufuneka lithantamise kubo bonke, . . . linyamezela ububi.’”—2 Timoti 2:24.

UBerndt Andersson uthi kwenye ilali ekummandla osezintabeni, umfundisi wamaLuthere nehlokondiba lamadoda engama-70 aphuma kwenye ilali azama ukuwagxotha amaNgqina nokutshabalalisa iHolo yawo yoBukumkani. Elo hlokondiba lothuswa kukubona uBerndt esiya kulo. Wabuza lo mfundisi isizathu sokuba icawa yakhe ithi igama likaThixo nguAnutu, igama lasekuhlaleni eliye lasetyenziswa ziicawa zeNgqobhoko. Wathi akuthi, balithatha eBhayibhileni, uBerndt wacela ukuba ambonise apho likhoyo eBhayibhileni. Umfundisi wamvulela iBhayibhile, yaye xa kwabonakala ukuba akalifumani, uBerndt wamcela ukuba afunde INdumiso 83:18. Emva kokuba encediwe ukufumana incwadi yeeNdumiso, wayifunda ngokuvakalayo. Xa wafumana igama elithi Yehova, wavala loo Bhayibhile waza wathi, “Bubuxoki obu!” Kamva waqonda ukuba uphikise iBhayibhile yakhe. Emva kwayo yonke loo nto, abalandeli bakhe abaninzi bayitshintsha indlela ababecinga ngayo ngamaNgqina.

Ngamanye amaxesha, abachasi babetshisa iiHolo zoBukumkani ezifulelwe ngengca, njengakwilali yaseAgi, ekwiPhondo laseMilne Bay. Ngesi sihlandlo omnye wabo babetshise ezo holo, nowayenxilile ngelo xesha, wazisola. Kamva waya kubazalwana, wacela isifundo seBhayibhile waza waba nguvulindlela. Ngapha koko, wanikwa indlu yoovulindlela eyayikuloo holo yayiphinde yakhiwa. Ngoko, wayenyamekela indawo awayitshisayo!

Ngoku amaNgqina akasatshutshiswa. UCraig Speegle uthi: “Ngoku siseluxolweni. Kodwa kukho enye ingxaki—ugonyamelo, olubangelwa yimigulukudu namasela azibiza ngokuba ziiraskol. Ngenxa yoko, xa abazalwana beshumayela kwiindawo eziyingozi, basebenza njengamaqela yaye bayaqiniseka ukuba basoloko bebonana.”

UAdrian noAndrea Reilly abangabathunywa bevangeli bathi: “Kuyanceda ukwaziwa njengamaNgqina.” UAdrian uthi: “Enoba usezivenkileni okanye uyashumayela, kububulumko ukusoloko uphethe iincwadi zeBhayibhile. Enyanisweni, oku akuthethi ukuba ukhuselekile kodwa kunokukunceda waziwe ukuba ungumlungiseleli kaYehova. Ngenye imini ndonakalelwa yimoto kwindawo eyingozi eseLae. Kungadlulanga mizuzu mingaphi ndangqongwa lihlokondiba lolutsha olubonakala lungenalusini. Ababini kwelo hlokondiba bandikhumbula ngenxa yokuba ndandisandul’ ukuxubusha nabo ngeBhayibhile. Ngenxa yoko bandinqandela. Okwandimangalisayo kukuba endaweni yokuyityhuthula loo moto okanye lindenzakalise, landityhalisa yona kangangomgama oziimitha ezingama-400 ukuya kwikhaya labathunywa bevangeli.”

Ngesinye isihlandlo, ngoxa omnye udade wayesemarikeni, kwafika iiraskol ziphethe amabhozo zaza zamsebezela zisithi, “Sinike le bhegi.” Engaphozisanga maseko wazinika, zaza zabaleka. Kwimizuzu engephi kamva, zabuya, zacel’ uxolo, zaza zamnika ibhegi yakhe zingathathanga nanye into. Kwakutheni? Zathi xa ziyivula, zabona iBhayibhile nencwadi Ukuqiqa zaza zazisola ngento eziyenzileyo.

IINDLELA EZAHLUKAHLUKENEYO ZOKUSHUMAYELA

UElsie Thew, owakhonza ePapua New Guinea nomyeni wakhe uBill, ukususela ngowe-1958 ukusa kowe-1966 uthi: “Sasishumayela naphi na apho kukho abantu khona. Sasithetha nabo kwiilali abahlala kuzo, emizini yabo, ezitiyeni, kwiimarike nakwiindlela ezisemahlathini. Sasithetha nabalobi abaselunxwemeni nasemilanjeni. Ukufika kwethu, sasiphatha imaphu ukuze sibonise abantu abakwiindawo ezikwanti apho sivela khona. Oku kwakubalulekile kuba maxa wambi sasifika ngenqwelo-moya, yaye abantu balapho ababengazi nto ngeenqwelo-moya babecinga ukuba sehla ezulwini! Ngoko sasibabonisa ukuba singabantu abafana nabo kodwa abaphuma kwelinye ilizwe.”

Ekuphela kwendlela onokuya ngayo kwiilali ezisasazekileyo zasePapua New Guinea ezigudle unxweme nemilambo kukusebenzisa isikhephe okanye iphenyane. USteve Blundy uthi: “UMzalwan’ uDaera Guba, waseHanuabada, ePort Moresby, wayesele ekhulile yaye enamava ngezikhephe. Wayeneziqobo zemithi ezigrunjiweyo awayezigcine ngaphantsi kwendlu yakhe, ngoko mna nomnye uvulindlela endandisebenza naye samncedisa ekufuneni amaplanga okwakha ipuapua, uhlobo oluthile lwephenyane lasekuhlaleni. Esi sikhephe sasineseyile. Ndikunye nabazalwana ababini okanye abathathu baseHanuabada, saya kwiilali ezininzi ezingaselunxwemeni kufuphi nePort Moresby ngeso sikhephe sasiqhutywa nguDaera.”

Ngasekupheleni kweminyaka ye-1960, uBerndt Andersson wayekhonza eNew Ireland, isiqithi esihle esikumgama omalunga neekhilomitha ezingama-650 kumntla-mpuma. UBerndt uthi: “Abantu abahlala kwiziqithi ezincinane ezikufuphi babesicela ukuba sibatyelele. Kodwa ukuze sikwazi ukuya kubo, kwakufuneka sibe nesikhephe, nto leyo ekwakunzima ukuba nayo ngenxa yomxhesho omncinane esasiwufumana nyanga nganye. Sasinamaplanga ambalwa awayengenakwanela ukwakha isikhephe. Ngoko sathandaza kuYehova. Singalindelanga, omnye umzalwana waseLae wasithumelela iidola ezingama-200 ukuze sikwazi ukutyelela kwiziqithi ezingaphandle. Ngoko, sakwazi ukwakha isikhephe esasibiza ngokuba yiPioneer. Into esasingenayo yinjini esiza kuhamba ngayo. Kwakhona lo mzalwana wasipha enye imali, kodwa ngoku eyokuthenga loo njini. Ngoku sasiza kukwazi ukuya kwezo ziqithi zithi ndijonge!”

Malunga nowe-1990, umveleli wesiphaluka uJim Davies, kunye nabanye abazalwana abathathu, benza amalungiselelo okuya kushumayela kwinkampu yeembacu eyayikumantla oMlambo iFly kufuphi nomda waseIndonesia. Aba bazalwana bacela indawo yokuhlala kwelinye ibhinqa elinomdla nelalinomyeni owayelisekela lomphathi waloo nkampu. UJim uthi: “Sahamba iiyure ezimbini ngeso sikhephe. Malunga nentsimbi yesithoba kusasa, sagaleleka kwelinye ihlathi elishinyeneyo sele kukhanya noko, apho sabona indlela yomhlaba esinge kuloo nkampu ikude. Sahlala apho silinde into yokuhamba.

“Ngentsimbi yesihlanu emva kwemini, kwada kwathi gqi imoto. Sakhwela nemithwalo yethu, sahamba umganyana nje oziimitha ezingama-90 yaza yaphukelwa ziintsimbi ezihambisa ivili lokuqhuba. Ezolile umqhubi wasixelela ingxaki, wachola ucingo, wangena ngaphantsi kwemoto waza wadibanisa ezo ntsimbi zazaphukile. Ndizicingela ndathi: ‘Asizi kuhamba mgama ungako.’ Kodwa ndandingachananga. Olo cingo lwabambelela kangangeeyure ezintlanu nangona le moto itsala ngamavili amane yayihamba kwindlela enamagingxigingxi. Phofu ke sasisoloko sixinga eludakeni, size siyityhale. Safika ngentsimbi yeshumi ebusuku, sidinwe siyimfe yaye sinkone ludaka.

“Kangangeentsuku ezintathu sashumayela kwinkampu eyayigubungela ummandla omkhulu wehlathi yaye saluhambisa lonke uncwadi esasiluphethe. Silapho sadibana nendoda esuswe kubudlelane neyasixelela ukuba ifuna ukubuyela kuYehova. Kamva savuya gqitha sakuva ukuba nyhani ibuyele. Nomfazi nabanye abantwana bayo basentlanganweni. Nebhinqa elinomdla elathi ngobubele lasinika indawo yokuhlala lisenyanisweni kunye nomyeni walo.”

UMSEBENZI WESIPHALUKA KUMLAMBO ISEPIK

UMlambo iSepik ongaphezu kweekhilomitha ezili-1 100 ubude ofana nenyoka enkulu emdaka ujikeleza usuka kwimimandla esezintabeni usiya elwandle. Kwezinye iindawo mkhulu kangangokuba awukwazi ukubona ngapha kwawo. Lo mlambo usebenza njengohola wendlela osoloko uhanjwa ngabazalwana kuquka abaveleli abahambahambayo nabafazi babo. Makhe sive ngomnye umveleli wesiphaluka nomfazi wakhe njengoko betyelela amabandla akufutshane nalo mjelo mkhulu wamanzi.

UWarren Reynolds uthi: “Mna nomfazi wam uLeann, semka kwidolophu yaseWewak ngenj’ ixukuxa sibophelele iphenyane eliziimitha ezintathu nesiqingatha ubude kuphahla lwenqwelo yethu. Emva kohambo lweeyure ezintathu, sashiya inqwelo yethu ngasemlanjeni kangangeentsuku ezimbalwa saza senjenjeya ukunyusa umsinga sityelela abavakalisi abamalunga nama-30 abakwiilali ezine ezikufutshane nemilanjana engena kuMlambo iSepik.

“Senyusa umsinga ngephenyane lethu elinenjini enamandla aziikhilowathi ezili-18 nelalizaliswe yimithwalo. Kwisithuba esingangeyure kamva, sabuyela kuMlambo iYuat, ongena kwiSepik, saza sahamba omnye umgama oziiyure ezimbini ngaphambi kokuba sifike kwilali yaseBiwat. Abazalwana balapho kunye nezifundo zabo zeBhayibhile basamkela ngezandla ezishushu, abanye babo bade baphakamisa iphenyane lethu belisusa emanzini beza kulibeka elunxwemeni balisa komnye wemizi yabo. Emva kokuba sinandiphe isidlo seeplantain nencindi yekhokhonathi, sathabatha uhambo olude lweeyure ezimbini sityhubela ihlathi elimanzi, sikhokelwa ngabavakalisi yaye besithwalise imithwalo. Sada safika kwilali encinane yaseDimiri, apho saphelisa unxano ngencindi yekhokhonathi saza safaka inethi yeengcongconi nebhedi yethu kwindlu eyenziwe ngamaplanga. Emva kokuba sifumene isidlo seeyam sangokuhlwa saya kulala.

“Abavakalisi balapha abali-14 bahlala kwiilali ezintathu. Kwiintsuku ezimbalwa sishumayele kwezo lali safumana abantu abaninzi. Savuyiswa nakukubona izifundo ezibini zeBhayibhile zibhalisa umtshato wazo zaza zamiselwa njengabavakalisi boBukumkani. Abanye abavakalisi benza isidlo somtshato ngeeyam, isago, amagqabi neenkuku ezimbini.

“NgeCawa savuyiswa kukubona abantu belali abangama-93 beze kuphulaphula intetho yesidlangalala. Emva kweentlanganiso, saxwaya oobhaka bethu, sabuyela eBiwat, apho sabashiya emzini wesinye isifundo seBhayibhile saya kushumayela. Abantu abaninzi bazamkela iincwadi, kanti abanye bavuma ukuba sibaqhubele isifundo seBhayibhile. Ngobo busuku, sahlala kumzi weso sifundo seBhayibhile, satya sothe umlilo owawunomsi obalekisa iingcongconi.

“Ngosuku olulandelayo, sabuyela kwiphenyane lethu, salityhalela emlanjeni, saza sahamba kuloo nkungu yasekuseni, apho sasiphulaphule intsholo yeentaka nesandi seentlanzi ezidlala emanzini. Kwakusoloko kudlula iintsapho ezikhwele isihlenga (raft) esizaliswe zizinto eziya kuzithengisa emarikeni.

“Xa sabuyela emotweni yethu, sazalisa iphenyane lethu ngepetroli, sazikhelela amanzi saza sazilungiselela nezinye izinto. Sandula ke sahamba ngalo saya kutyelela abavakalisi abali-14 abaseKambot. Safika emva kweeyure ezimbini, simanzi tixi ngenxa yesiphango. Ukusuka kwethu eKambot, senyusa umlambo—iphenyane lethu sele lizele qhu ngabavakalisi—sisiya kwilali enkulu exhake loo mlambo. Sashumayela kwabo bantu banoxabiso de kwangorhatya. Xa sibuya sashumayela kubantu ababemi kwindawo eyenziwe ngoqalo ekumisa kuyo izikhephe. Ekubeni babesibona sinyusa umlambo, babelindele ukuba sibuye. Ekubeni abantu basezilalini bengenamali, babebonisa ukuba bayaluxabisa utyelelo lwethu namaphecana esibanike wona ngokunikela ngokutya—iikhokhonathi, amathanga, intlanzi neebhanana. Sabuyela eKambot xa litshona ilanga saza sapheka oko kutya.

“EKambot indawo ekuqhutyelwa kuyo iintlanganiso yakhiwe phezu kwamaplanga, njengoko injalo yonke imizi ekulo mmandla. Xa kunetha, kukho izikhukula, abantu babhexa amaphenyane abo bawamise kufutshane nezinyuko zendawo ekuqhutywa kuyo iintlanganiso. Kusuku lwethu lokugqibela silapho kweza abantu abangama-72 kwintetho yesidlangalala, abanye babo babehambe iiyure ezintlanu.

“Ukubuyela kwethu kwimoto esasiyisebenzisa kumsebenzi wokuhambahamba sabophelela iphenyane kuphahla lwayo, saza sahamba umgama oziiyure ezintathu sisinge ekhaya. Endleleni, sasicinga ngabazalwana noodadewethu abahlala ngakuMlambo iSepik. Sasicinga nangendlela uYehova abathanda ngayo, eyabonakala kwimigudu eyenziwe yintlangano yakhe yokuqiniseka ukuba bayondliwa ngokomoya. Saba nelungelo elikhulu lokuba yinxalenye yaloo ntsapho ithandekayo!”

UKULWA NEMIMOYA ENGENDAWO

Nangona abantu abaninzi basePapua New Guinea bezibiza ngokuba bangamaKristu, abanye basabambelele kwizithethe zabo, kuquka unqulo lwezinyanya nokoyika imimoya engendawo. Ngokutsho kwenye incwadi, kwiminyaka yakutshanje, “kuye kwanda ukusebenzelana nemimoya nokukhafula.” Ngenxa yoko, abantu basoloko besithi baguliswa yaye babulawa ngamagqirha okanye imimoya yezinyanya.

Abo bantu baye bakhululwa yinyaniso yeBhayibhile. Eneneni, kwanamagqirha awabona amandla eLizwi likaThixo, abuyeka ubugqirha aza amkela inyaniso. Khawuqwalasele le mizekelo mibini:

USoare Maiga, wayehlala kwilali emalunga neekhilomitha ezingama-50 ukusuka ePort Moresby yaye wayesoyikwa kakhulu ngenxa yamandla emimoya engendawo awayenawo. Waba nomdla kwiinkolelo zamaNgqina kaYehova waza waqalisa ukuya kwisifundo seBhayibhile seqela. Kungekudala wayamkela inyaniso waza washiya iindlela zakhe. Kodwa xa wayezama ukulahla izinto zemimoya awayenazo, zaziphinda zibuye ngendlela angayaziyo. Sekunjalo, ekubeni uSoare wayezimisele ‘ukumchasa uMtyholi,’ ngenye imini wafaka zonke ezo zinto ebhegini, wafaka ilitye elikhulu, waza wayiphosa kulwandle lwasePort Moresby. (Yak. 4:7) Emva koko zange ziphinde zibuye. Le ndoda ikhaliphileyo yaba liNgqina elinenzondelelo loThixo oyinyaniso, uYehova.

UKora Leke wayephilisa ngokukhafula nangamayeza esintu. Noko ke, xa wayeqala ukufunda iBhayibhile, kwaba nzima ukwahlukana nomoya owawumnceda kulo msebenzi wakhe. NjengoSoare, uKora wayezimisele ukwahlukana needemon—ngoko waphumelela ngenxa yoncedo lukaYehova. Kamva waba nguvulindlela othe ngxi waza waba nguvulindlela okhethekileyo. Naxa wayesele ekhulile, imilenze yakhe isiba buthathaka, lo mzalwana unyanisekileyo waqhubeka eshumayela iindaba ezilungileyo kubamelwane.

UKora wayesiya njani kwindawo awayethanda ukushumayela kuyo? Abazalwana babemsa ngekiriva, kuba yayiyeyona nto babeyisebenzisa. Kamva, omnye umzalwana osebenza kwisebe wamenzela isitulo esinamavili ngeentsimbi zesitulo esiqhelekileyo, amavili ebhayisikile, nendawo yokuhlala ngelaphu. Esi situlo samnceda nangakumbi uKora kuba kwaba lula ukuba aye naphi na apho afuna ukuya khona. Aba bakhulileyo bayimizekelo emihle kakhulu yaye bayayivuyisa intliziyo kaYehova.—IMize. 27:11.

UKUFUNDISA ABANTU UKULESA NOKUBHALA

AmaRoma 15:4 athi: “Zonke izinto ezabhalwa kwixesha langaphambili zabhalelwa ukuyalela thina.” Licacile elokuba, uThixo ufuna abantu bakhe bakwazi ukulesa nokubhala. Ngenxa yoko, njengoko sele kuchaziwe, amaNgqina kaYehova ePapua New Guinea aye enza umgudu wokufundisa abantu ukulesa nokubhala.

Kakade ke, ukufunda ukulesa nokubhala akulula, ingakumbi kubantu abakhulileyo, kodwa ukuba umntu uyafuna, uya kuphumelela. Eneneni, iLizwi likaThixo linamandla nakubantu abathobekileyo nabangafundanga.

Makhe siqwalasele lo mzekelo kaSave Nanpen, umfana oselula ohlala ngakwindawo oqala kuyo uMlambo iSepik. Xa wafudukela eLae, wafika kuphilwa ubomi obahluke ngokupheleleyo kobo abuqhelileyo waza wabona nezinto angazaziyo zale mihla. Ngaphezu koko, wadibana namaNgqina kaYehova awamxelela ngethemba loBukumkani. Oku kwamchukumisa ngokwenene uSave, kangangokuba waqalisa ukuya kwiintlanganiso zamaKristu, yaye engachithanga xesha waba ngumvakalisi ongabhaptizwanga. Kodwa ke, waba madolw’ anzima ukubhaptizwa. Ngoba? Wayethembise uYehova ukuba akasoze abhaptizwe de akwazi ukuzifundela iBhayibhile. Ngoko wafundisisa ngokwenene waza walufikelela usukelo awayenalo lokomoya.

Basekho abantu abangakwaziyo ukulesa nokubhala, kodwa kuye kwamiselwa izikolo zikarhulumente kwimimandla emininzi apho abantwana bamaNgqina baya khona. Eneneni, ulutsha lwethu oluninzi luyakwazi ukulesa nokufunda—ubukhulu becala luye lwancedwa ngabazali naziintlanganiso zebandla, ezifana neSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo.

INYANISO YEBHAYIBHILE IGUQULA UBOMI BABANTU

Umpostile uPawulos wathi: “Izixhobo zethu zemfazwe ayizizo ezenyama, kodwa ngaye uThixo zinamandla okubhukuqa izinto ezinqatyisiweyo.” (2 Kor. 10:4) Maxa wambi isibhalo nje esinye sinokubutshintsha ubomi bomntu, njengoko kwaba njalo kwibhinqa elinguElfreda. Emva kokuba eboniswe igama likaThixo kwiBhayibhile yakhe yesiWedau, waya kulijonga kwenye intyilalwazi, waza wafumanisa ukuba iBhayibhile ichanile. Wathi: “AmaNgqina kaYehova anyanisile.” Noko ke, umyeni wakhe uArmitage wayengafuni nokuva ngamaNgqina. Wayelinxila elalihlafuna ibetel nut, litshaya yaye linomsindo ongalawulekiyo.

Emva kokuba ethathe umhlala-phantsi eLae, uArmitage noElfreda bafudukela eAlotau, kwiPhondo laseMilne Bay, apho kwakungekho maNgqina. Ngelo xesha, uElfreda warhumela IMboniselo noVukani! waza wafunda ngembalelwano noKaylen Nilsen onguvulindlela. UKaylene uthi: “Veki nganye uElfreda wayeqiniseka ukuba undithumelela iimpendulo zakhe.”

Kamva, uGeordie noJoanne Ryle ababephumelele eGiliyadi bathunyelwa eMilne Bay baza baya kukhuthaza uElfreda, besebenza naye entsimini. UGeordie uthi: “UArmitage wandicela ukuba ndimqhubele isifundo seBhayibhile. Ngenxa yendlela awayedume ngayo, ndandizibuza ngeenjongo zakhe. Kodwa emva kwesithuba esingangenyanga sifunda, ndabona ukuba unyanisekile. Kamva wabhaptizwa waza waba sisicaka solungiselelo.” Ngoku zintathu izizukulwana zentsapho yakhe ezisenyanisweni, yaye umzukulwana wakhe ekuthethwe ngaye ekuqaleni, uKegawale Biyama, ulilungu leKomiti yeSebe ePort Moresby.

Ngoxa babeshumayela eHula, uDon noShirley Fielder baqalisa isifundo seBhayibhile noAlogi noRenagi Pala. UDon uthi: “UAlogi wayelisela yaye wayehlala esilwa. Waba nesifo esixhaphakileyo kweleenjiko nesabangela ukuba isikhumba sakhe singajongeki waza waphuma isilonda emlonyeni. Babeyihlafuna bobabini ibetel nut nomkakhe, ngoko phakathi kwamazinyo babenezikhewu ezazisoloko zibomvu ligazi. Akukho mntu wayelindele ukuba uAlogi uya kuze abe nomdla enyanisweni. Sekunjalo, yena nomkakhe baba nomdla enyanisweni baza baya ezintlanganisweni, yaye babefika bahlale ngokuzolileyo ngemva.

UDon uthi: “Emva kweenyanga ezintandathu, sabona utshintsho olumangalisayo kuAlogi. Wabuyeka ubusela, ukulwa, ukusoloko exambulisana, waza yena noRenagi bazicoca emzimbeni, baqalisa ukuba nenxaxheba kwiintlanganiso. Baqalisa ukushumayela iindaba ezilungileyo kwabanye. Bona kunye nelinye iqaqobana labantu baba ngabavakalisi bokuqala eHula.”

UAbel Warak owayehlala eNew Ireland wayeneqhenqa. Ngenxa yoko izandla neenyawo zakhe zazindindisholo. Xa wayeqala ukuva inyaniso, wayengakwazi ukuhamba yaye engenamdla ngobomi. Noko ke, inyaniso yayitshintsha imbono awayenayo, yaza yamenza wavuya waza wadlamka. Ekuhambeni kwexesha waba nguvulindlela. UAbel wayethanda ukuzilobela iintlanzi, kodwa ngenxa yeenyawo zakhe ezindindisholo, wayengasakwazi ukuhamba kuqaqa. Ngoko abazalwana bamthengela iibhutsi zerabha ezima emadolweni. Wafunda nokuqhuba ibhayisikile, nto leyo eyambangela ukuba aye kushumayela nakwiindawo ezikude. Maxa wambi, wayesiya kubantu abanomdla abahlala kumgama oziikhilomitha ezili-100, yaye ngesinye isihlandlo wahamba umgama oziikhilomitha ezili-145 esiya kumema enye indoda eyayinomdla ukuba iye eSikhumbuzweni.

Maxa wambi, ‘ukwazi uYehova’ kuye kwanceda kwanabo bebenemikhwa yobulwanyana batshintsha ubomi babo. (Isaya 11:6, 9) Ngokomzekelo, ngowe-1986 abantu abamalunga nama-60 abasuka kwiilali ezikufuphi neBanz bathontelana ukuya kwindibano yesithili eLae baza bahlala kwizitulo ezingaphambili. Aba bantu babeziintshaba ezazisoloko zisilwa kangangexesha elide. Kodwa emva kokuba beve iindaba ezilungileyo koovulindlela abakhethekileyo, bagqiba kwelokuba bahlalisane ngoxolo. Loo mava asikhumbuza la mazwi akuZekariya 4:6: “‘Akungamkhosi wamajoni, kungengamandla, kodwa kungomoya wam,’ utsho uYehova wemikhosi.” Umoya onjalo uye wabangela ukuba abantu abaninzi abanyanisekileyo baphile ngemilinganiselo yokuziphatha yeBhayibhile.

UKUHLONELA ISIPHO SIKATHIXO SOMTSHATO

Kumazwe amaninzi izithethe zasekuhlaleni kunye neecawa zeNgqobhoko ziyakugatya oko kuthethwa ziZibhalo ngomtshato. (Mat. 19:5; Roma 13:1) Kunjalo nasePapua New Guinea. Ngenxa yoko, ukuze zikholise uYehova, izibini ezininzi ebezihlalisana okanye amadoda enesithembu aye abutshintsha ubomi bawo. Khawucinge ngomzekelo kaFrancis nomfazi wakhe uChristine.

Xa uFrancis wayeka umsebenzi wakhe wokuba lijoni, wahlukana nomfazi wakhe. UChristine nabantwana babo ababini babuyela kwilali yakowabo ekwiSiqithi saseGoodenough, kwiPhondo laseMilne Bay waza uFrancis wabuyela eMount Hagen. Apho wafika wahlalisana nelinye ibhinqa elinabantwana. Babehamba kwiCawa yoSindiso. Ekuhambeni kwexesha, eli bhinqa ladibana namaNgqina, aza aliqhubela isifundo seBhayibhile. Kamva noFrancis waba nomdla yaye kungekudala baya kwiintlanganiso zamaKristu.

UFrancis wafuna ukuba ngumvakalisi woBukumkani, nto leyo eyayithetha ukuba kuza kufuneka alungise umtshato wakhe. Emva kokuba ekuthandazele oku, wakuxubusha nalowo wayehlalisana naye. Elo bhinqa nabantwana balo bafudukela kwenye indlu, waza uFrancis waya kuChristine, owayesele eneminyaka emithandathu ahlukene naye. Alithandabuzeki elokuba, uChristine nezalamane zakhe bamangaliswa bakubona uFrancis. Esebenzisa iZibhalo, uFrancis wabaxelela ngomnqweno wakhe wokwenza okulungileyo emehlweni kaYehova. Emva koko wacela umkakhe ukuba abuyele eMount Hagen nabantwana babo ukuze baphinde babe kunye njengentsapho. Bamangaliswa bonke yindlela atshintshe ngayo. UChristine wasamkela eso sicelo somyeni wakhe, waza uFrancis wahlawula izalamane zomkakhe ngenxa yako konke ezikwenzele intsapho yakhe kule minyaka mithandathu idluleyo.

Emva kokuba uChristine ebuyele eMount Hagen, naye waqalisa ukufunda iBhayibhile nto leyo eyayithetha ukuba kwakufuneka afunde ukulesa. Ngelo xesha wayeka ukuhlafuna ibetel nut nokutshaya. Sithetha nje esi sibini singabakhonzi bakaYehova abazahluleleyo.

ABANTWANA ABAZUKISA UMDALI WABO

Ngenxa yezazela zabo eziqeqeshwe yiBhayibhile, abantwana abaninzi basePapua New Guinea baye banikela ubungqina obucokisekileyo. Ngokomzekelo, ekuqaleni kowe-1966 utitshala wamabanga aphantsi waxelela abantwana abasixhenxe bamaNgqina ukuba balindeleke ukuba bakhahlele iflegi kwimibhiyozo eyayiza kubakho kwiveki elandelayo. Ngexesha laloo mibhiyozo, aba bantwana basixhenxe abazange bavume ukukhahlela iflegi phambi kwabanye abantwana ababelapho ababengama-300. Ngenxa yoko, bagxothwa nakubeni abazali babo babebhale iileta ezicela ukuba bangabikho kuloo mibhiyozo. Omnye umdala webandla lasekuhlaleni waxelela amagosa karhulumente asePapua New Guinea naseOstreliya ngoko kwenzekileyo.

NgoMatshi 23 iSebe eliseOstreliya elilawula iPapua New Guinea lafowunela abaphathi beso sikolo libayalela ukuba babuyisele abo bantwana esikolweni ngaphandle kokulibazisa. Unqulo lokwenyaniso lwaphumelela apho. Nanamhlanje, urhulumente wasePapua New Guinea usawahlonela amalungelo abantwana okuba bangayikhahleli iflegi ngenxa yezazela zabo.

‘Iintsana nabanyayo’ badumisa uYehova nangezinye iindlela. (Mat. 21:16) Makhe sihlolisise lo mzekelo kaNaomi, owayehlala kwimimandla esezintabeni. Abazali bakhe, uJoe noHelen babengengomaNgqina. Ngoxa wayeneminyaka emithathu ubudala, uNaomi wayehlala nomakazi wakhe owayeliNgqina elikhutheleyo eLae kangangonyaka. Wayedla ngokuhamba noNaomi xa esiya entsimini. Ngoko uNaomi wayesazi ukuba kukho ithemba loBukumkani kuba umakazi wakhe wayemfundisa ngabo esebenzisa imifanekiso ekwincwadi ethi Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile.

Akugoduka, uNaomi wathatha incwadi yamaNgqina, wema ngaphandle, waza wankqonkqoza emnyango. Abazali bakhe bathi: “Ngena.” Wangena waza wathi: “Molweni. Ndingomnye wamaNgqina kaYehova yaye ndize kuncokola nani ngeBhayibhile.” Njengoko uJoe noHelen babesamangalisiwe, uNaomi wathi: “IBhayibhile ithi lo mhlaba uza kuba yiParadesi; yaye kuya kulawula uKumkani omnye, uYesu. Yonke le nto siyibonayo yenziwe nguYehova.”

UJoe noHelen babethe khamnqa. UJoe wathi kumkakhe: “Baza kuthini abamelwane! Kuza kufuneka ngomso umtshixele endlwini.”

Ngosuku olulandelayo, ngoxa abazali bakhe babehleli phandle, uNaomi wankqonkqoza kakhulu kudonga lwegumbi lakhe lokulala. UJoe wathi: “Phuma.” UNaomi waphuma waza watsho enye intshumayelo: “Molweni. Ndingomnye wamaNgqina kaYehova, yaye ndize kunishumayeza. Abantu abalungileyo baya kuhlala emhlabeni ngonaphakade. Bona abantu abacaphukayo baze benze izinto ezimbi, abayi kubakho eParadesi.” Zazehlela iinyembezi kuHelen ngenxa yokothuka, yena uJoe waya kuziphosa ebhedini.

Ngobo busuku, uJoe waba nomdla waza wathatha iBhayibhile yakhe endala eyiKing James, wayityhila, waza wabona igama likaYehova. Ngentsasa elandelayo, akazange aye emsebenzini, kunoko wabhalela amaNgqina ileta waza waya kuyishiya kwiHolo yoBukumkani ekumgama oziikhilomitha ezingama-40 ukuya eMount Hagen ehamba ngemoto.

Abazalwana baya kuJoe noHelen baza bacela ukubaqhubela isifundo seBhayibhile. Bafundisa uHelen ukufunda. Ekugqibeleni, uJoe noHelen babhaptizwa waza uHelen wakwazi ukunceda abanye abafundi beBhayibhile ukuba bafunde ukulesa—konke oku kwenzeka ngenxa yentliziyo yentombazana encinane eyayiphuphuma kukuzukisa uYehova!

IMIGUDU YOKUYA KWIINTLANGANISO ZAMAKRISTU

Kwezinye iindawo, abazalwana basebenzisa iindlela eziphithizelayo xa besiya kwiintlanganiso neendibano zamaKristu. Kodwa ePapua New Guinea, eyona ngxaki kukungabikho kweendlela nezinto zokuhamba. Ngenxa yoko, iintsapho ezininzi zihamba eminye imigama ngeenyawo nangamaphenyane. Ngokomzekelo, abavakalisi nabantwana babo babedla ngokuhamba umgama oziikhilomitha ezili-160 kwiindlela ezimtyibilizi nezinamajikojiko ezintabeni xa besiya kwindibano yesithili ePort Moresby. Olo hambo lwabo lunzima luthabatha iveki, lunqumla kwiKokoda Trail edumileyo, indawo ekwakusilwelwa kuyo amadabi ahambis’ umzimba eMfazwe Yehlabathi II. Baphatha ukutya, izinto zokupheka, iimpahla nezinye izinto abaza kuzisebenzisa endibanweni.

Abazalwana abaseNukumanu Atoll esemagqagaleni badla ngokuya kwiindibano eziseRabaul, ekummandla oziikhilomitha ezingama-800 ukuya entshona. UJim Davies uthi: “Ukuze baqiniseke ukuba baza kufika kwangethuba, maxa wambi bemka kwisithuba esingangeeveki ezintandathu ngaphambi kweendibano ngenxa yezikhephe ezihlala zineengxaki. Kudla ngokuba nzima ukuqiniseka ngohambo olubuyayo. Ngesinye isihlandlo, isikhephe ekuphela kwaso esiya eNukumanu samisa eOstreliya ukuze silungiswe. Emva koko kwabonakala ukuba abaniniso abanamali. Ngenxa yoko, abazalwana babuyela emakhaya emva kweenyanga ezintandathu. Liyinyaniso elokuba, oku akufane kwenzeke, kodwa ukulibaziseka kangangeeveki yinto abayiqhelileyo abazalwana kangangokuba bade bahlale kwamanye amaNgqina okanye izalamane.”

UMZEKELO OMHLE WABATHUNYWA BEVANGELI

Ukukhonza kwilizwe lasemzini apho umgangatho wokuphila uphantsi kunokuba lucelomngeni kubathunywa bevangeli. Sekunjalo, njengoko abanye bebonisile, banako ukuqhelana nezo meko zasekuhlaleni yaye abantu balapho badla ngokukuxabisa oko. Elinye ibhinqa lasePapua New Guinea lathi koodade ababini abangabathunywa bevangeli ababefunda nalo, “Ulusu lwabo lumhlophe, kodwa ezintliziyweni bafana nathi.”

Abanye abathunywa bevangeli bakumsebenzi wokuhambahamba. Ukuze bakwazi ukutyelela amabandla kuye kufuneke bahambe nangantoni na efumanekayo. Wayesenza kanye oko uEdgar Mangoma. Iziphaluka awayehamba kuzo zaziquka uMlambo iFly neChibi iMurray. “Xa ndikhonza amabandla amabini asechibini, ndandihamba ngephenyane—maxa wambi elingenanjini. Xa lingenanjini, ndandihamba iiyure ezisibhozo ukusuka kwelinye ibandla ukuya kwelinye. Ndandidla ngokukhatshwa ngabazalwana abathathu okanye abane, besazi ukuba kuza kufuneka babhexe xa bebuya. Ndiyixabisa gqitha into ababendenzela yona.”

Umzekelo omhle wabavangeli, ukuthobeka nendlela ababebathanda ngayo abantu, yanikela ubungqina obuphumelelayo. Omnye umveleli wesiphaluka uthi: “Abantu belali babemangaliswa xa bendibona ndihleli kumakhaya abantu abanomdla ndisitya nabo. Abanye abantu basekuhlaleni babesithi: ‘UThixo umnqula ngokuphum’ entliziyweni. Abefundisi bethu abahlali nathi njengawe.’”

Ngaba ubomi basePapua New Guinea babunzima koodade abaphuma kwamanye amazwe? URuth Boland, owayekunye nomyeni wakhe uDavid, kumsebenzi wakhe wokuhambahamba uthi: “Kwiinyanga ezimbalwa zokuqala kwakunzima ngokwenene. Ndandikhe ndifune ukunikezela. Kodwa ndiyavuya kuba ndingazange ndenjenjalo, kuba ndiye ndaluxabisa uthando lwabazalwana noodade. Mna nomyeni wam sasingacingi ngeziqu zethu, kodwa sasicinga ngabanye. Indlela esasivuya ngayo ayithetheki. Sasingenazo izinto eziphathekayo, kodwa sasityebile ngokomoya. Yaye sayibona inkxaso kaYehova kwizinto ezininzi ezenzekayo, kungekuphela nje kumsebenzi wokushumayela kodwa nakubomi bethu. Xa ungenazo izinto eziphathekayo, ubambelela ngakumbi kuYehova uze uyibone intsikelelo yakhe.”

IMFAZWE YAMAKHAYA EBOUGAINVILLE

Ngowe-1989, uqhushululu olwaqalwa kancinane liqela ekwakukudala lifuna ukuzimela geqe, lwaphumela kwimfazwe embi yamakhaya kwiSiqithi saseBougainville. Ebudeni bale mfazwe yathatha iminyaka eli-12, abantu abamalunga nama-60 000 babhaca baza abali-15 000 bafa. Abanye kwezo mbacu yayingabavakalisi, abaninzi abaya kuhlala kweminye imimandla yasePapua New Guinea.

Ngaphambi nje kokushiya esi siqithi, uDan Ernest, onguvulindlela wabanjwa ngamajoni eBougainville Revolutionary Army (BRA) amsa kwindawo enkulu yokugcina iimpahla. UDan uthi: “Apho kwakukho injengele yeBRA eyayinxibe iyunifomu eyokozela iimbasa ithe khatha nekrele ecaleni.

“‘Nguwe uDan Ernest?’ yabuza.

“‘Ewe ndim,’ ndaphendula ngelitshoyo.

“‘Ndivile ukuba wawuyimpimpi Yomkhosi Wokhuselo wasePapua New Guinea,’ yatsho.

“Ndayixelela ukuba amaNgqina kaYehova akalwi mfazwe yalo naliphi na ilizwe, kodwa yandingen’ emlonyeni isithi: ‘Siyayazi loo nto! Besinibukele. Ezinye iicawa bezisima nalo naliphi na icala eliphumelelayo. Yile yenu kuphela icawa ebingathathi cala ngokupheleleyo.’ Yaleka ngelithi: ‘Ibuhlungu into ebithwelwe ngabantu bakuthi kule mfazwe, ngoku ke kufuneka nibathuthuzele. Sifuna nihlale apha nize niqhubeke nishumayela. Kodwa ke ukuba ninyanzelekile ukuba nihambe, ndiya kuqiniseka ukuba nihamba nezinto zenu zikhuselekile.’ Nyhani yayenza loo nto kwiiveki ezimbini kamva, xa sinomfazi wam satshintshelwa kwiSiqithi saseManus njengoovulindlela.”

Iofisi yesebe yenza umgudu wokuqhagamshelana nabavakalisi abakulo mmandla wemfazwe, yaye nakubeni indlela yayivalwe ngumkhosi wamanzi yakwazi ukuthumela ukutya, amayeza neencwadi. Omnye umveleli wesiphaluka wathi: “Wonke umntu usophisa ngenxa yemfazwe, kodwa abazalwana noodade abayekanga ukushumayela nokuqhuba iintlanganiso. Kusaqhutywa intaphane yezifundo zeBhayibhile.”

Ekugqibeleni, ngowama-2001, amaqela alwayo enza isivumelwano soxolo sokuba iBougainville nezinye iziqithi ezikufutshane zizimele. Sithethanje iSiqithi saseBougainville asinawo amaNgqina, kodwa kwesaseBuka esiselumelwaneni kukho ibandla elinabavakalisi abangama-39.

INTABA-MLILO IDLAKAZA IRABAUL

Isixeko saseRabaul sinezibuko elikhulu elabangelwa yintaba-mlilo eyayenzeke kudala. NgoSeptemba 1994, kwadubula enye intaba-mlilo kwelo zibuko, yadlakaza iRabaul yaza yabutshintsha ngokupheleleyo ubomi kwelo phondo. Yatshabalalisa iHolo yoBukumkani nekhaya labathunywa bevangeli, kodwa akukho namnye umzalwana owafayo. Noko ke, omnye umzalwana wahlaselwa yintliziyo ebaleka olo dubulo waza wafa. Bonke abazalwana babalekela kwimimandla ethe qelele ababeyilungiselelwe kwangaphambili, belandela iinkcukacha zokubaleka ezazixhonywe kwibhodi yezaziso yeHolo yoBukumkani kangangeminyaka eliqela.

Iofisi yesebe ayizange ilibazise ukunceda abo bachatshazelwe yile ntlekele nokulungiselela izinto eziyimfuneko. Amabandla akufutshane anikela ngempahla, iinethi zokuzikhusela kwiingcongconi, amayeza, ipetroli, idizili, nezinye izinto kunye nerayisi netaro. Eneneni, loo malungiselelo ahamba kakuhle kuba amagosa asekuhlaleni nabanye abantu bancoma kakhulu.

Ekugqibeleni iBandla laseRabaul laphela. Kwiintsuku ezimbini emva kolo dubulo, abavakalisi abamalunga nama-70 kunye nabantwana babo bahlanganisana kwisikolo esingasasetyenziswayo. Ukufika kwabadala, aba bavakalisi babuza, “Siqala nini isifundo sencwadi?” Nakuba kwakunzima kunjalo, abantu baqhubeka besiza ngobuninzi ezintlanganisweni nomsebenzi wokushumayela awuzange uyeke. (Heb. 10:24, 25) Abazalwana abaninzi baya kumaqela akufutshane, laza elinye lawo laba libandla.

Urhulumente wephondo wathembisa zonke iicawa ezilahlekelwe zizakhiwo zazo ukuba ziza kunikwa umhlaba kwidolophu yaseKokopo, emalunga neekhilomitha ezingama-24 ukusuka eRabaul. Noko ke, ezinye iicawa zawufumana lo mhlaba, kodwa wona amaNgqina akazange. Kwiminyaka emalunga nesixhenxe lwenzekile olo dubulo, kwabakho umzalwana waseAfrika osebenza kwisebe lokwakha ledolophu. Wathi akubona indlela ekungasetyenziswana kakuhle ngayo namaNgqina, wabona isiza esiseKokopo waza wancedisa abazalwana ekwenzeni isicelo esamkelwayo. Iqela lokwakha lamatsha-ntliziyo lancedisa ekwakheni iHolo yoBukumkani nekhaya labathunywa bevangeli. Phofu ke, oko kungasebenzisani namaNgqina kwaba yintsikelelo. Njani? Iicawa zanikwa isiza esikwindawo elithambeka, ngoxa bona abazalwana bafumana isiza esikumbindi wedolophu.

UMSEBENZI WOKUGUQULELA UHAMBELA PHAMBILI

UTimo Rajalehto, olilungu leKomiti yeSebe nomveleli weSebe Lokuguqulela uthi: “Kwilizwe ekusetyenziswa iilwimi ezingaphezu kwama-800 kulo, kubalulekile ukuba kubekho ulwimi olusetyenziswa ngumntu wonke ukuze abantu bakwazi ukunxibelelana. Iilwimi ezilula ezinokusetyenziswa zezo zisetyenziswa kwezoshishino, njengesiTok Pisin nesiHiri Motu. Kulula ukuzifunda nokuzisebenzisa kwizinto zemihla ngemihla. Kodwa azinakusetyenziselwa ukuchaza iingcamango ezintsonkothileyo. Ngenxa yoko, ngokufuthi abaguquleli bethu babesokola kumabinzana athile.

Ngokomzekelo, safumanisa ukuba alikho igama lesiTok Pisin eliguqulela igama elithi ‘umgaqo.’ Ngenxa yoko, abaguquleli badibanisa amagama amabini esiTok Pisin ukuze kuvele igama elithi stiatok (intetho eyalathisayo), elithetha indlela imigaqo esebenza ngayo ‘ngokwalathisela’ abantu kwindlela efanelekileyo. Ngoku elo binzana lisetyenziswa ngabantu abaninzi abathetha isiTok Pisin.”

IMboniselo yaqala ukupapashwa ngesiMotu ngowe-1958, kwaza kwalandela eyesiTok Pisin ngowe-1960. Amanqaku afundwayo ayeshicilelwa eSydney, eOstreliya, kumaphepha adityaniswe ngestapler aze athunyelwe ePort Moresby. Ngowe-1970, la maphephancwadi enziwa aba namaphepha angama-24, yaye ukusasazwa kwawo kwakhula kwaya kutsho ngaphezu kwama-3 500. NgoJanuwari 1972 kwaqalisa ukupapashwa kukaVukani! wesiTok Pisin naye onamaphepha angama-24. Sithethanje isebe lilungiselela ukupapasha IMboniselo ephuma kabini ngenyanga noVukani ophuma kanye kwiinyanga ezintathu ngesiTok Pisin, kwaneMboniselo efundwayo ephuma kabini ngenyanga nohlelo lukawonke-wonke ngesiHiri Motu.

UTimo Rajalehto uthi: “Kutshanje siye saguqulela amaphecana athile ngeelwimi eziliqela ezintsha, eziquka isiEnga, isiJiwaka, isiKuanua, isiMelpa nesiOrokaiva. Ekubeni abantu abathetha ezo lwimi bekwathetha nesiTok Pisin okanye isiNgesi okanye zombini, kutheni eguqulelwa ngezi lwimi? Besifuna ukubona indlela abantu abaza kusabela ngayo kwisigidimi soBukumkani xa besiva ngolwimi lwabo lweenkobe. Ngaba oko bekuza kubenza babe nomdla kwinyaniso baze bawathande amaNgqina?

“Impendulo nguewe omkhulu! Enyanisweni, zininzi izinto ezintle eziye zathethwa ngabanye abantu. Kuye kwaqaliswa izifundo zeBhayibhile yaye abantu ababekade bechasa baye bawajonga ngenye indlela amaNgqina. Kwenze umahluko omkhulu ukufumana uncwadi ngolwimi lwabo.”

Okwangoku iSebe Lokuguqulela linabasebenzi abangama-31, abaquka iqela lesiHiri Motu nelesiTok Pisin. NgoDisemba 2009 bonke bavuyiswa gqitha kukufudukela kwiofisi yesebe entsha.

ISIKOLO SENKONZO YOBUVULINDLELA SINCEDA ABANTU ABANINZI

ISikolo Senkonzo Yobuvulindlela siyeyona nto ibalulekileyo kubakhonzi bakaYehova abaninzi. Esi sikolo asaneli nje ukunceda oovulindlela bakhule ngokomoya, kodwa sikwabanceda baphum’ izandla kumsebenzi wabo. Yiva oko kuye kwathethwa ngabanye ukubuya kwabo kwesi sikolo.

ULucy Koimb: “Esi sikolo sindincede ndabona ukuba enye yezona zinto zibalulekileyo endinokuzenza ebomini bam kukuba kwinkonzo yexesha elizeleyo.”

UMichael Karap: “Ndingekayi kwesi sikolo ndandinamabuyelo amaninzi kodwa ndingenazo izifundo. Ngoku zininzi izifundo endiziqhubayo!”

UBen Kuna: “Esi sikolo sindifundise ukucinga kanye njengoYehova.”

USiphon Popo: “Oko ndaba ngumntu andizange ndifundisise ngolwa hlobo! Eny’ into endiyifundileyo kukungangxami xa ndifundisisa.”

UJulie Kine: “Isikolo sindifundise ukuba nembono elungeleleneyo ngezinto eziphathekayo. Asifuni zinto zingako njengokuba abanye becinga.”

UDan Burks olilungu leKomiti yeSebe wathi: “Oovulindlela abanemveliso bayonwaba baze bazimisele ngakumbi. Siqinisekile ukuba iSikolo Senkonzo Yobuvulindlela siya kuqhubeka sinceda oovulindlela abaninzi kweli lizwe. Kakade ke, kuza kuncedakala nabavakalisi kunye nabantu abanomdla abakwintsimi yethu.”

SITHANDANA NGAKUMBI

UYesu Kristu wathi: “Bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.” (Yoh. 13:35) EPapua New Guinea, uthando lwamaKristu luye lwavala zonke iindidi zeentanda: ukwahlukana ngeelwimi, ngobuhlanga, ngamasiko nangezoqoqosho. Xa abantu abaneentliziyo ezinyanisekileyo bebona olo thando, baye bachukumiseke baze bathi, “UThixo unani.”

Wayevakalelwa ngolo hlobo noMange Samgar, owayeneebhasi nowayekhe wangumfundisi wamaLuthere osuka eBanz, nekuthethwe ngaye ngaphambilana. Yintoni eyambangela ukuba avakalelwe ngale ndlela? Xa lalisiya kwindibano yesithili eyayiseLae, ibandla lalapho laqesha enye yeebhasi zakhe. USteve noKathryn Dawal ababesele bekummandla wendibano ukufika kwale bhasi bathi: “Naye wakhwela nawo kuba wayefuna ukuwazi kakuhle amaNgqina. UMange wayeyithanda gqitha intlangano, ibe kwamchukumisa gqitha ukumanyana kwabantu bakaYehova beentlanga ezahlukahlukeneyo. Xa wayegoduka nebhasi ezele amaNgqina, wayesele eqinisekile ukuba uyifumene inyaniso. Kamva benonyana wakhe baba ngabadala abangamaKristu.”

UDade Hoela Forova, umhlolokazi oselula onguvulindlela othe ngxi nonyamekela unina ongumhlolokazi, wayeyifuna ngamandla indawo yokuhlala. Kabini wazibekela imali yokuthenga amaplanga, wayinika isizalwana sakhe ukuba siye kuwathenga kodwa akazange aphinde ayifumane. Esakuva intlungu yakhe, amaNgqina alapho aphinda ayakha indlu yakhe ngeentsuku nje ezintathu. Kuzo zonke ezo ntsuku zintathu, uHoela wayelila de zome iinyembezi, exakiwe ukuba makathini ngenxa yothando lwabazalwana. Kanti olo lwakhiwo lwanikela ubungqina obungathethekiyo. Limangalisiwe elinye igosa lecawa yasekuhlaleni lathi: “Yenzeka njani into yokuba abantu abangaceli mali kodwa abahla benyuka bephethe iibhegi, bakhe indlu ngeentsuku ezintathu!”

Umpostile uYohane wathi: “Bantwana abancinane, masingathandi ngazwi nangamlomo, kodwa ngezenzo nangenyaniso.” (1 Yoh. 3:18) Ngenxa yolo thando lwaboniswa ngeendlela ezininzi, umsebenzi uyaqhubeka ePapua New Guinea. Ngokwenene, abavakalisi abangama-3 672 abaqhuba izifundo zeBhayibhile ezingama-4 908 kunye nabantu abangama-25 875 abeza kwiSikhumbuzo sokufa kukaKristu sowama-2010, babubungqina obunamandla bokuba uYehova uyaqhubeka ewusikelela umsebenzi!—1 Kor. 3:6.

Kwiminyaka emalunga nama-70 eyadlulayo, iqaqobana labazalwana noodade lafika kweli lizwe limangalisayo nelibangel’ umdla, lizise inyaniso ekhulula abantu. (Yoh. 8:32) Kumashumi eminyaka aye alandela, amanye amaNgqina amaninzi—avela kwezinye iindawo nawasekuhlaleni—asebenza nalo. Aye ajamelana nemiqobo ebibonakala ingenakoyiswa: iintshinyela zamahlathi, imigxobhozo ezele yimalariya, kwaneendlela ezimbi zibe kwezinye iindawo zingekho kwaukubakho, kwakunye nobuhlwempu, ukulwa kweentlanga, ukwesamela kobugqwirha, kanti maxa wambi nokuchaswa ngokukrakra ngabefundisi beNgqobhoko nangamarhamente abo. Kwakhona aba bazalwana kuye kwafuneka bahlangabezane nokungafundi kunye nocelomngeni lokushumayela kumawakawaka abantu beentlanga ezithetha iilwimi ezingaphezu kwama-800! Ukuzincama kwabo beshumayela ngoBukumkani kuxatyiswa gqitha ngabo balandela emva kwabo nabaye bakhela kwisiseko ababesele besibekile.

Noko ke, abakhonzi bakaYehova basePapua New Guinea basajamelene nolu celomngeni. Kodwa akukho nto ingenakwenzeka kuThixo. (Marko 10:27) Ngenxa yoko, bethembele kuye ngokupheleleyo abazalwana noodade abahlala kweli lizwe linabantu abahlukahlukeneyo, baqinisekile ukuba uYehova uya kwenza abaninzi abatyekele kwizinto ezilungileyo ‘batshintshele kulwimi olusulungekileyo, ukuze bonke babize egameni likaYehova, ukuze bamkhonze ngaxhatha linye.’—Zef. 3:9.

[Imibhalo esemazantsi]

a IGreenland sesona siqithi sikhulu ehlabathini. IOstreliya ayisosiqithi kodwa lilizwekazi.

b Kweli nqaku siza kusebenzisa igama elithi Papua New Guinea.

c Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova, kodwa ngoku ayisashicilelwa.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 88]

“Bobogi, uyifundele phi yonke le nto?”

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 100]

‘Wavuma ukubonisa le filimu simahla’

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 104]

“Yeka olu nqulo lwakho, ukuba akufuni, phum’ uphele apha”

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 124]

Bathi bakubona izinto ezisebhegini yakhe, bazisola ngoko bakwenzileyo

[Amagama acatshulweyo akwiphepha  149]

“Ulusu lwabo lumhlophe, kodwa ezintliziyweni bafana nathi.”

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 80]

Amagqabantshintshi NgePapua New Guinea

Ukuma komhlaba

IPapua New Guinea ikwinxalenye esempuma yesiqithi seNew Guinea. Eli lizwe lineziqithi ezincinane ezili-151 yaye lingaphezulwana kwilizwe laseKhalifoniya, eUnited States. Embindini kukho imixawuka yeentaba, ngoxa kukho amahlathi ashinyeneyo nemigxobhozo elunxwemeni.

Abantu balapha

Kubemi balapha abazizigidi ezi-6,7 abangama-99 ekhulwini yinzalelwane yasePapua naseMelanesia. Abanye ngabasePolynesia, eTshayina naseYurophu. Abantu abaninzi bazibiza ngokuba ngamaKristu.

Ulwimi lwabo

IPapua New Guinea lelona lizwe lineelwimi ezininzi emhlabeni, kuba kuthethwa iilwimi ezingama-820, oko kukuthi i-12 ekhulwini leelwimi ezithethwayo ehlabathini. Ukongezelela kwiilwimi zomthonyama, inkoliso yabantu ithetha isiTok Pisin, isiHiri Motu, okanye isiNgesi.

Indlela abazixhasa ngayo

Abemi balapha abamalunga nama-85 ekhulwini basabambelele kwizithethe zabo, kwiilali zabo basenezitiya ezincinane abalima kuzo imifuno. Kwimimandla esezintabeni kulinywa ikofu neti ukuze ithengiswe. Izimbiwa, igesi, neoli kunye nokutyalwa kwamahlathi zifak’ isandla ekukhuliseni ezoqoqosho.

Ukutya kwabo

Ukutya okuxhaphakileyo yibhatata, icassava, isago neebhanana, ezityiwa zikrwada okanye ziphekiwe. Kuxhaphake nemifuno, iziqhamo, inyama nentlanzi enkonkxiweyo. Inyama yehagu ityiwa ngezihlandlo ezikhethekileyo.

Imozulu

Kukho amaxesha amabini onyaka—elemvula nelaxa kungekho mvula ingako. Ngenxa yokuba iPapua New Guinea ikufuphi neikhweyitha, imozulu iba shushu ngaselunxwemeni ize iphole kwimimandla esezintabeni.

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 83, 84]

‘Ndayeka Ukuba Neentloni’

UODA SIONI

WAZALWA Ngowe-1939

WABHAPTIZWA Ngowe-1956

INGXELO YOBOMI Uvulindlela wokuqala wasePapua New Guinea. Ngoku unguvulindlela okhethekileyo kwiBandla laseHohola Motu, ePort Moresby.

◼ XA MNA nodadewethu omdala sabona uTom noRowena Kitto beshumayela kwindlela yamaplanga kwilali yaseHanuabada, uRowena wandicela ukuba ndiye kwiintlanganiso zabo ukuze ndazi olu “nqulo lutsha.” Ngelo xesha iintlanganiso zaziqhutyelwa kwikhaya likaHeni Heni Nioki, owayesafundelwa.

Ndandineminyaka eli-13 ubudala yaye ndineentloni kakhulu. Ndaya kwaHeni Heni, apho kwakuhlanganisene abantu abamalunga nama-40, ndaza ndahlala phantsi ndibeke izandla esilevini. Ndakuthanda oko ndakuvayo apho yaye ndandisiya rhoqo. Kungekudala, uHeni Heni wandicela ukuba nditolikele uTom Kitto owayethetha isiNgesi, kuba abantu abaninzi ababelapho babethetha isiMotu.

Kwiminyaka kamva, ukuqalisa kwam ukusebenza kwisibhedlele sasekuhlaleni, ndifuna ukuqeqeshelwa ukuba ngugqirha, uJohn Cutforth wandibizela ecaleni waza waqiqa nam esithi, “Xa ungugqirha, unceda abantu abagula ngokoqobo, kodwa xa ungugqirha wokomoya, ubanceda bafumane ubomi obungunaphakade.” Ndaqalisa ukuba nguvulindlela kanye ngaloo veki.

Isabelo sam sokuqala saba seWau. Ndandisandul’ ukutyelela kule dolophu yaye ndandifumene abantu abanomdla enyanisweni. Enye indoda, uJack Arifeae, yandicela ukuba ndiye kushumayela kwicawa yamaLuthere. Ndakhetha ukuthetha ngomthetho kaThixo ngegazi. Abantu abangama-600 ababekuloo cawa banikela ingqalelo ngokupheleleyo, ekubeni uninzi lwabo lwalukholelwa ukuba xa lusitya igazi lomntu, luya kulawulwa ngumoya wakhe. Umfundisi waba ligqabi ngumsindo waza wabaxelela ukuba bangaphindi bathethe nam. Kodwa abaninzi bakuthanda oko babekuva baza benza inkqubela ngokomoya.

Malunga nonyaka kamva, ndathunyelwa eManu Manu, ekumgama oziikhilomitha ezingama-50 kumntla-ntshona wePort Moresby. Apho ndadibana nenkosi yasekuhlaleni, uTom Surau, eyandicela ukuba ndiye kushumayela kwilali yayo. Emva kweentsuku ezintathu ndifunda nabahlali balapho, baphula isithixo sabo sikaMariya Onyulu baza basiphosa emlanjeni.

Abantu abahlala kumazantsi omlambo baqokelela ezo ngceba baza bazisa kubefundisi bamaKatolika abakwilali yabo, bekhala besithi, “Bambulele uMariya!” Kweza abefundisi ababini. Omnye wabo wandibetha ngenqindi ebusweni, endonzakalisa esidleleni ngomsesane. Xa abantu baloo lali babesiza kundinqandela, abo befundisi babaleka.

Ndaya kuthungwa ePort Moresby ndaza ndaya kufak’ ingxelo emapoliseni. Kamva abo befundisi kwafuneka behlawule umonakalo baza bayekiswa ukuba ngabefundisi. Ngelo xesha ndabuyela elalini ndaza ndamisela iqela elikwanti. Ngoncedo lukaYehova, ndayeka ukuba neentloni.

[Umfanekiso]

Iintlanganiso zokuqala zaziqhutyelwa kwikhaya likaHeni Heni

[Ibhokisi ekwiphepha 86]

Inkqubo YeWantok

Ibinzana elithi wantok, elithetha “intetho enye” ngesiTok Pisin, linento yokwenza nesithethe esidibanisa abantu besizwe esinye nabathetha ulwimi olufanayo. Enye yezinto ezibadibanisayo ziimbopheleleko namalungelo abanawo. Ngokomzekelo, kulindeleke ukuba abantu banyamekele iintswelo zeewantok ezalupheleyo (abantu abathetha ulwimi lwabo) okanye abantu abaphelelwe ngumsebenzi okanye abangakwaziyo ukusebenza. Oku kuluncedo kakhulu kwilizwe elingenawo amalungiselelo okunyamekela abantu abangathathi ntweni.

Le nkqubo inazo neengxaki. Ngokomzekelo, xa umntu ofundelwayo emela inyaniso, amalungu entsapho asenokumchasa. Kwiimeko ezinjalo, abantu abasandul’ ukufunda inyaniso bafanele bacele uncedo kuYehova xa bephelelwa ngumsebenzi okanye xa beswele izinto eziphathekayo. (INdu. 27:10; Mat. 6:33) Ilungu leKomiti Yesebe, uKegawale Biyama uthi: “Le nkqubo yewantok inokunyanzela abazalwana ukuba banxulumane ngokungeyomfuneko nezalamane ezingengawo amaNgqina, kuquka ezo zisusiweyo kubudlelane. Kwakhona, xa kukho unyulo lwezopolitiko, izalamane ezingamaNgqina zabo bafuna ukuvotelwa zisoloko zinyanzelwa ukuba zilalanise.” Kodwa azilalanisi.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 91]

Wayethandwa Gqitha Ngabantu

Ngoxa wayengumthunywa wevangeli ePapua New Guinea, uJohn Cutforth wayethandwa gqitha ngabantu. Khawuve ezi zinto zithethwa ngabo wayeshumayela nabo.—IMize. 27:2.

UErna Andersson: “UJohn wathi kuthi: ‘Umthunywa wevangeli uba zizinto zonke kubantu bonke. Ukuba abantu bathi hlala kwisiqobo somthi, hlala; leyo kuphela kwento abanayo. Ukuba bakulalisa ebhedini engekho tofotofo, lala; loo bhedi bakunika ngentliziyo epheleleyo. Xa bekunika ukutya ongakuqhelanga, kutye; bakupheke ngothando.’ UJohn wayengumzekelo obalaseleyo womthunywa wevangeli ozinikeleyo.”

UAwak Duvun: “Ngexesha lolawulo lwamathanga, uJohn wawuphelisa ngokupheleleyo umkhethe owawuphakathi kwabamnyama nabamhlophe. Wayedla ngokuthi: ‘Akukho mahluko phakathi komntu omnyama nomhlophe!’ Wayebathanda bonke abantu.”

UPeter Linke: “Ngenye imvakwemini, uJohn wafika ekhaya eGoroka emthuqwasi yaye edinwe eyimfe kuba wayesendleleni intsasa yonke. Sekunjalo, emva kwesidlo sasemini wathi: ‘Akukho mntu ndimenzele nto namhlanje’ waza ngorhatya waya kukhuthaza enye intsapho ekufuphi. Wayesoloko exhalabele abanye. Sonke sasimthanda.”

UJim Dobbins: “UJohn wasifundisa ukuba siphile ubomi obulula, iimfundiso zethu zibe lula, sisebenzise imizekeliso eza kuqondwa ngabantu, kanye njengoYesu. Oku kwasinceda sakwazi ukuncokola nabantu abangakwaziyo ukufunda nokubhala.”

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 101]

‘Asoze Sinikezele’

UKALIP KANAI

WAZALWA Ngowe-1922

WABHAPTIZWA Ngowe-1962

INGXELO YOBOMI Ngomnye wabantu bokuqala ukwamkela inyaniso eMadang. Kubalisa unyana wakhe u-Ulpep Kalip.

◼ UTATA wayethobekile yaye ezikis’ ukucinga. Xa kukho ingxaki, wayephulaphula ngenyameko aze acingisise ngaphambi kokuba anikel’ icebiso.

Xa ndandineminyaka eli-15 ubudala, ndalaliswa kwisibhedlele saseMadang kuba ndaqhawulwa umlenze ngezantsi kwedolo ngukrebe. Ngoxa wayeye kundibona, utata wadibana noJohn Davison. UJohn wathi: “Kwihlabathi elitsha, uYehova unokumnika umlenze omtsha unyana wakho.” Oko kwamenza wanomdla utata, waza waqalisa ukufundisisa iBhayibhile ngokunyanisekileyo, yaye kungekudala waba nokholo olomeleleyo.

Ngenxa yokuba utata nezalamane zakhe zayishiya iCawa yamaKatolika, kwathunyelwa amapolisa ukuba asikhuphe ngenkani apho sasihlala khona. Kwakungekapheli nonyaka sizakhile izindlu zethu ezili-12, ezazingqongwe sisitiya esineentyatyambo. La mapolisa aphosa izikhuni zomlilo kuphahla lwezo zindlu olufulelwe ngengca, zaza zangamadangatye. Sabaleka saya kukhupha izinto zethu, kodwa sakhutshwa ngamalahle awayesavutha nomsi. Sakhala ngokwenene xa sibona ezo zindlu zisiba luthuthu.

Iintliziyo zilihlwili, saya kwilali ekufuphi yaseBagildig, apho inkosi yasivumela ukuba sihlale kwindlu encinane enegumbi elinye. Apho utata wasikhuthaza esithi: ‘UYesu watshutshiswa. Ngoko nathi simele sazi ukuba siza kutshutshiswa, kodwa asoze sinikezele!’

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 107, 108]

Waba Nombulelo Ngokuya Kwisikolo “Esingachananga”

UMICHAEL SAUNGA

WAZALWA Ngowe-1936

WABHAPTIZWA Ngowe-1962

INGXELO YOBOMI Waba nguvulindlela okhethekileyo ngoSeptemba 1964 yaye ngoyena mntu waba kule nkonzo ixesha elide ePapua New Guinea.

◼ NGOWE-1959 ndafudukela iRabaul ukuze ndifumane imfundo engakumbi. Ndathi ndakuva ukuba kukho isikolo samaNgqina, ndaya ekhayeni likaLance Gosson ekwakusithiwa “ngutitshala,” ndicinga ukuba ndiya kwisikolo sobugcisa. ULance wandimemela kwisifundo seBhayibhile esasiqhutywa ngoLwezithathu. Ngoxa sasingaqondani kakuhle, ndasamkela eso simemo. Ndakuxabisa ngokwenene oko ndakufunda apho, ingakumbi ukwazi ukuba igama likaThixo nguYehova nokuba kuza kubakho “amazulu amatsha nomhlaba omtsha.” (2 Pet. 3:13) Ndabhaptizwa ngentsasa kaJulayi 7, 1962, ndinombulelo ngokwenene ngokuba ndaya kwisikolo “esingachananga.”

Kanye ngolo suku, ndaya kwintlanganiso yabantu abanomdla kubuvulindlela. UJohn Cutforth, owayeqhuba loo ntlanganiso nowayengumveleli wesithili, wabalaselisa ukuba amasimi amhlophe ukuba avunwe nokuba kufuneka abasebenzi abangakumbi. (Mat. 9:37) Kwathi kwakuvela ithuba, ndabhalisa njengovulindlela wexesha lekhefu, njengoko oovulindlela abangabancedani babebizwa njalo. NgoMeyi 1964 ndaba nguvulindlela othe ngxi, ndaza ndaba nguvulindlela okhethekileyo ngoSeptemba.

Ndikhumbula ngenye imini xa ndandishumayela kufuphi neRabaul. Enye indoda engumTolai yacela iBhayibhile yam isithi ifuna ukufunda indinyana ethile. Ndathi ndakuyinika yayikrazula yaza yayiphosa phantsi. Ayizange indicaphukise loo nto, kodwa ndaxelela ipolisa, elathumela elinye ipolisa ukuba liye kuyibamba. Eli polisa lathi kule ndoda: “Umbi. Waphule umthetho kaThixo nokarhulumente. Ngomso, hamba uye kuthengela lo mntu iBhayibhile, ukuba akuyenzi loo nto, siza kukuphosa ngapha kwezitshixo.” Landixelela ukuba ndiye kulanda imali yeBhayibhile kwisikhululo samapolisa ngentsimbi ye-10 ngentsasa elandelayo. Ndafika sele ikho loo mali. Ukususela ngoko abantu abaninzi abangamaTolai bayamkela inyaniso.

Ngesinye isihlandlo ndandikunye namanye amaNgqina sisasaza iKingdom News kummandla ongasentshona weWewak. Abanye babesebenza phambi kwam. Noko ke, inkosi yaloo lali yakuva oko kwakusenziwa ngabazalwana yaza yawaqokelela onke loo maphecana babewasasazile. Imele ukuba yayisazi ukuba ndiyeza kuba ndafika sele indilinde endleleni, ibeke isandla esinqeni, yaye iphethe iiKingdom News ngesinye. Ndayibuza enoba kukho ingxaki kusini na. Yandibonisa ezo Kingdom News yaza yathi, “Ndim ophetheyo apha, yaye andifuni ukuba nisasaze la maphepha.”

Ndawathatha kuye. Ngelo xesha abantu belali babesijongile. Ndababuza, “Ukuba nifuna ukusebenza ezitiyeni zenu okanye niye kuloba, ngaba kufuneka nicele imvume enkosini?”

Elinye ibhinqa lathi: “Akunjalo!”

Ngoko ndababuza, “Ngaba niyafuna ukuwafunda la maphecana?”

Bathi, “Siyafuna.” Ngoko ndaphinda ndabanika iKingdom News kungekho mntu undinqandayo. Kodwa kamva kwafuneka ndiziphendulele phambi kwamadoda amakhulu elali amalunga nama-20. Okuvuyisayo kukuba mabini kuphela angazange awuthande umsebenzi wethu wokushumayela.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 112]

‘Ngaba Bayityile Intliziyo Yakho?’

UAIOKOWAN

WAZALWA Ngowe-1940

WABHAPTIZWA Ngowe-1975

INGXELO YOBOMI NgumEnga wokuqala owafunda inyaniso.

◼ XA KWAFIKA uTom noRowena Kitto eWabag, kwiPhondo laseEnga, abavangeli ababelapho basasaza ubuxoki ngabo. Ngokomzekelo, babesithi uTom noRowena bomba amangcwaba baze batye abo bantu bafileyo. Loo mabali andoyikisa ngokwenene.

Ngenye imini, uTom wabuza utata enoba kukho ibhinqa eliselula alaziyo na elinokunceda umkakhe kumsebenzi wasendlwini. Utata walatha mna. Ndandisoyika, kodwa utata wandikhuthaza ukuba ndiwamkele lo msebenzi.

Kamva, uTom noRowena bandibuza, “Ucinga ukuba kwenzeka ntoni xa abantu besifa?”

Ndathi: “Abantu abalungileyo baya ezulwini.”

Bandibuza: “Ngaba ukufunde eBhayibhileni oko?”

Ndathi: “Andizange ndiye esikolweni, ngoko andikwazi ukufunda.”

Bandifundisa ukulesa, yaye ndayazi ngokuthe ngcembe inyaniso yeBhayibhile. Ndathi ndakuyeka ukuya eCaweni yamaKatolika, enye inkokeli yasecaweni yandibuza: “Kutheni ungasezi nje ecaweni? Ngaba esa sibini simhlophe siyityile intliziyo yakho?”

Ndathi: “Ewe, sitye intliziyo yam yokomfuziselo.”

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 117]

“Ndinike Inkuku, Ndiza Kukunika”

UAWAIWA SARE

WAZALWA Ngowe-1950

WABHAPTIZWA Ngowe-1993

INGXELO YOBOMI Wafumana inyaniso kumhlaba okwanti. Ngoku usisicaka solungiselelo kwiBandla laseMundip.

◼ NGOXA ndandiye kubona umhlobo wam, ndabona incwadi ethi Inyaniso Ekhokelela Kubomi Obungunaphakade. Ndafunda izahluko ezimbalwa ndaza ndayicela. Wathi, “Ndinike inkuku, ndiza kukunika.”

Ndamnika loo nkuku, ndaza ndagoduka nencwadi, ndayifunda. Kungabanga thuba lide, ndaxelela abanye ngezinto ezimangalisayo endandizifunda, nto leyo eyabangela ukuba ndisiwe phambi kweenkokeli zecawa, zaza zandixelela ukuba ndiyeke ukushumayela!

Kungekudala emva koko, ndabhalela iofisi yesebe ndifuna indlela yokuqhagamshelana namaNgqina kaYehova akufutshane. Yandidibanisa noAlfredo de Guzman, owandimemela kwindibano yesithili eMadang.

Ndafika kuloo ndibano ndinxibe iimpahla ezigugileyo yaye ndinentshebe ende emnyama. Sekunjalo, wonke umntu wandiphatha kakuhle nangentlonelo. Ngoxa kwakuqhubeka ucwangciso ndandikhaliswa zizinto ezichukumisayo endandiziva apho. Ngosuku olulandelayo, ndafika kwiindibano ndizisusile ezo ndevu.

Emva kwendibano, uAlfredo weza elalini yam esuka eMadang—ehambe iiyure ezimbini ngelori yaye ezintlanu ezibethe ngezikaTshiwo. Intsapho nabahlobo bam bamngxixha ngemibuzo, yaye yonke wayiphendula ngokusuka eBhayibhileni.

Namhlanje iBandla laseMundip linabavakalisi abangama-23, yaye kwiintlanganiso kuza abantu abangaphezu kwama-60.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 125, 126]

“Uthini Ke?”

UMAKUI MAREG

WAZALWA Ngowe-1954

WABHAPTIZWA Ngowe-1986

INGXELO YOBOMI Yayinguye yedwa uvulindlela kangangeminyaka emininzi kwisiqithi esasingenawo amanye amaNgqina.

◼ NGOWE-1980, ndafumana iphecana komnye uvulindlela eMadang, ndaza ndagoduka nalo ndihamba iiyure ezintandathu ngesikhephe ndisinge kwiSiqithi saseBagabag. Ndakuthanda oko ndakufunda kulo ndaza ndabhalela iofisi yesebe ndicela inkcazelo engakumbi. Kungekudala emva koko, ndafumana ileta evela kuBadam Duvun onguvulindlela eMadang, endimemela kwindibano yesithili. Ndamtyelela iiveki ezimbini ndaza ndaqalisa ukufunda naye iBhayibhile. Ndaya nakuzo zonke iintlanganiso kwiHolo yoBukumkani yalapho. Ukubuyela kwam ekhaya ndaqhubeka nesifundo kodwa sele ndikwenza oko ngembalelwano.

Akuzange kube kudala, ndaqalisa ukufunda neentsapho ezili-12 kwiSiqithi saseBagabag. Sasiqhuba iintlanganiso rhoqo kwatatomncinci, ndixelisa into endandiyibone eMadang yokufunda iBhayibhile njengeqela. Oku kwamcaphukisa gqitha utata owayelilungu elaziwayo leCawa yamaLuthere. Ebila ngumsindo wathi: “Mna ndazi uYahweh kodwa andimazi uYehova.” Ndatyhila iBhayibhile yam yesiTok Pisin ndaza ndambonisa umbhalo osemazantsi we-Eksodus 3:15, othetha ngegama likaThixo. Utata wasuka wayinkukw’ esikw’ umlomo.

Kangangezihlandlo ezithathu wathi mandivele phambi kweenkokeli zecawa ukuze ndithethelele izinto endizikholelwayo. Enye yezi ntlanganiso yaqhutyelwa kweyona cawa inkulu kwesi siqithi. Kwakukho abantu abangaphezu kwekhulu kweso sakhiwo. Kwakunzima apho. Usihlalo wathi: “Uthini ke?” Ndiyibambe nkqi iBhayibhile yam ndaphendula: “Ndifuna nje ukulandela uMateyu 6:33 ngokubeka uBukumkani bukaThixo kuqala.” Utata wema ngenyawo. Ngomsindo wathi: “Uzama ukufundisa thina ngoku?” Omnye wootatomncinci bam waphakama efuna ukundibetha, kodwa ndanqandelwa sesinye sezizalwana zethu. Kwabakho isiphithiphithi kuloo ntlanganiso. Ekugqibeleni, kwathiwa mandihambe.

Kodwa iingxaki zam azizange ziphelele apho. Okubuhlungu kukuba, elinye lamabhinqa awayekuloo ntlanganiso lalinosana olugulayo nolwathi lwafa. Abanye bathi lubulewe ndim olo sana, kuba ndifundise unina unqulo olutsha. Utata wandileqa ngentsimbi esithi mandiphume ndiphele ekhaya. Ndabalekela eMadang ndihamba nodabawo, uLamit Mareg, owayamkele inyaniso. Akuzange kube kudala emva koko, sobabini sabhaptizwa.

Ekuhambeni kwexesha utata wagula kakhulu. Weza kuhlala nam eMadang, ndaza ndamnyamekela de wasweleka. Ngelo xesha yatshintsha indlela awayelujonga ngayo unqulo lwam. Ngaphambi kokusweleka kwakhe, wandicela ukuba ndibuyele kwiSiqithi saseBagabag ndishumayele apho. Ndayenza loo nto ngowe-1987. Izalamane zam zandakhela nje indlu encinane, yaye kangangeminyaka eli-14 yayindim ndedwa iNgqina apho. Eli-12 kuloo minyaka ndayichitha ndinguvulindlela othe ngxi.

Kamva ndabuyela eMadang ndaba nguvulindlela kunye noLamit. Ngowama-2009, abantu abathandathu abavela kwiSiqithi saseBagabag beza kwiSikhumbuzo sokufa kukaKristu saminyaka le eMadang. Andizange nditshate, yaye iyandivuyisa into yokuba ndiye ndasebenzisa ixesha lam ukuze ndikhonze uYehova ngokupheleleyo.

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 141, 142]

UYehova Wandithabatha

UDORAH NINGI

WAZALWA Ngowe-1977

WABHAPTIZWA Ngowe-1998

INGXELO YOBOMI Wafunda inyaniso eseyintombazana waza wagxothwa kowabo. Kamva waba nguvulindlela, ibe sithetha nje ukhonza kwiofisi yesebe.

◼ XA NDANDINEMINYAKA eli-17 ubudala, ndafumana incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni. Ndakhawuleza ndabona ukuba ndifumene into exabiseke gqitha. Ndaqonda ukuba le ncwadi yeyamaNgqina kaYehova kuba xa ndandineminyaka emine ubudala, amaNgqina amabini andixelela ngesithembiso sikaThixo seParadesi esemhlabeni.

Kungabanga thuba lide ndifumene incwadi ethi Unokuphila, abazali endandihlala nabo bandixelela ukuba, ekubeni benabantwana abahlanu, kuza kufuneka ndibuyele kwabam abazali, ababehlala kwidolophu eselunxwemeni yaseWewak. Ukufika kwam apho ndahlala notatomncinci.

Kuba ndandifuna ukubona amaNgqina, ndakhangela iHolo yoBukumkani ndaza ndafika kanye xa omnye umzalwana echaza ingoma ekuza kuqukunjelwa ngayo. Sekunjalo, omnye umthunywa wevangeli ovela eUnited States ogama linguPam wenza amalungiselelo okuba andifundele. Ndandizithanda izinto endandizifunda, kodwa emva kokuba ndifunde izihlandlo ezithathu, ndaxabana notatomncinci.

Njengoko ndandisondela ekhaya ndivela kwiintlanganiso zangeCawa, ndabona kunyuka umsi kwatatomncinci. Wayetshisa zonke izinto zam, kuquka iincwadi zam zokufunda iBhayibhile. Akundibona, wakhwaza esithi, “Ukuba ufuna ukuya kwicawa yaba bantu, hamb’ uyokuhlala nabo.” Ekubeni ndigxothiwe apho, ndabuyela kwabona bazali bam, ababehlala kwilali ekwisithuba seeyure ezimbini xa uhamba ngemoto usuka eWewak.

Ndaya kutata ibe wathi kubantwana basekhaya, nam ndisiva: “Yintombazana yaphi le? Asiyazi. Saphisa ngayo xa yayineminyaka emithathu ubudala.” Ndaqonda ukuba naye akandifuni; ngoko ndahamba ndihlala naphi na apho ndifumana khona ikhusi.

Malunga neminyaka emibini kamva, ndadibana nabazalwana ababini abangoovulindlela abakhethekileyo kwilali yasekhaya. Ndathi kubo, “Ndicela nixelele uPam ukuba andizilibalanga izinto awandifundisa zona, kodwa andazi ukuba ndingadibana njani naye.” Kodwa ke, kungekudala emva koko ndadibana noPam eWewak saza saqhubeka nesifundo. Ngelo xesha, ndahlala neentsapho ezintathu ezahlukahlukeneyo, kodwa ngenxa yokuba ndinxulumana namaNgqina, ndagxothwa kuyo yonke loo mizi. UPam wenza amalungiselelo okuba ndihlale nenye intsapho yamaNgqina eWewak. Ndabhaptizwa ngowe-1998 ndaza ndaqalisa ubuvulindlela ngoSeptemba 1999. Ndabizwa eBheteli ngowama-2000 yaye ngoku ndisebenza kwisebe labaguquleli lesiTok Pisin.

Nangona ndagxothwayo yintsapho yakowethu, nto leyo endixhela kakhulu, ngoku ndifumene intsapho yokomoya. Esinye sezibhalo endizithandayo yiNdumiso 27:10, ethi: “Nokuba ubawo noma bangandishiya, ke yena uYehova uya kundithabatha.”

[Umfanekiso]

Iincwadi zesiTok Pisin

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 147, 148]

“UYehova Ngoyena Mfundisi Wethu Mkhulu”

UJOHN TAVOISA

WAZALWA Ngowe-1964

WABHAPTIZWA Ngowe-1979

INGXELO YOBOMI Esengumntwana watshutshiswa ngenkohlakalo ngootitshala nangabanye abafundi, nto leyo eyamenza washiya isikolo emva nje kweminyaka emibini. Ngoku ungumveleli wesiphaluka.

◼ NDAZALELWA kwilali yaseGovigovi kwiPhondo laseMilne Bay. Utata waqalisa ukufunda iBhayibhile xa ndandineminyaka esixhenxe ubudala, yaye wayendifundisa izinto azifundayo.

Kanye ngelo xesha, ndaya kwisikolo sikarhulumente. Bathi bakuva ukuba ndinxulumana namaNgqina, ootitshala bam ababini abangamaTshetshi banditshutshisa. Ndatshutshiswa nangabanye abafundi, bendibetha nangeentonga. Loo nto yabangela ukuba ndisishiye isikolo emva nje kweminyaka emibini.

Malunga nonyaka kamva, ndabona enye yezo titshala kwimarike yalapho. Yathi: “Ukrelekrele kwedini, ungaqhuba kakuhle esikolweni. Kodwa le cawa yakho iza kukwenza uqeshwe ngabantwana obufunda nabo.” Ndathi ndakuxelela utata ngoko kuthethwa ngulo titshala wandithuthuzela esithi: “Ukuba ihlabathi alikufundisi, uYehova uza kukufundisa.”

Utata nomnye umzalwana onguvulindlela okhethekileyo bandinceda ukuba ndifumane eyona mfundo ixabisekileyo—ulwazi olukhokelela kubomi obungunaphakade. (Yoh. 17:3) Ndandithetha isiDawawa, kodwa bandifundisa iBhayibhile ngesiHiri Motu, nangesiTok Pisin. Ndabhaptizwa xa ndandineminyaka eli-15 ubudala. Kwiminyaka emibini kamva, ndaba nguvulindlela.

Ngowe-1998, ndabizwa kwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli. Ngelo xesha ndandingasazi kakuhle isiNgesi. Ngoko, ukuze ndisilungele kakuhle esi sikolo, isebe landithumela kwibandla lesiNgesi ePort Moresby. Ngoko, olunye ulwimi endalufundayo sisiNgesi.

Ukuphumelela kwam kwesi sikolo, ndathunyelwa kwiBandla laseAlotau kwiPhondo laseMilne Bay. Kwiinyanga ezimbini kamva, ndothuka—ndaza ndavuya gqitha—xa ndamiselwa njengomveleli wesiphaluka. Isiphaluka endaqala ndasebenza kuso sasiquka iNew Britain, iNew Ireland, iSiqithi saseManus nezinye iziqithi ezikufutshane. Ndatshata nesithandwa sam uJudy ngowama-2006, saza saba ngoovulindlela abakhethekileyo kangangonyaka, emva koko saya esiphalukeni.

Xa ndityelele amabandla, ndidla ngokuthi kwabaselula: “UYehova ngoyena Mfundisi wethu mkhulu. Mvumele akufundise, kuba uya kukwenza uphumelele ebomini.” Eso sesona sifundo sibalulekileyo ndisifundileyo.

[Umfanekiso]

Ndikunye nomfazi wam, uJudy

[Isicangca/Imifanekiso ekwiphepha 156, 157]

ULUHLU LWEZIGANEKO—IPapua New Guinea

1930

1935 Oovulindlela abakhwele isikhephe soMbutho iLightbearer bashumayela ePort Moresby.

1940

1950

1951 UTom noRowena Kitto bafika ePort Moresby.

1956 Oovulindlela bafudukela eNew Ireland naseNew Britain.

1957 UJohn Cutforth wenza isigidimi semifanekiso.

1960

1960 Kubhaliswa uMbutho WaBafundi BeBhayibhile Bezizwe Ngezizwe.

1962 UTom noRowena Kitto bafudukela kwimimandla esezintabeni yaseNew Guinea.

1965 Kwakhiwa iofisi yesebe eKoki, ePort Moresby.

1969 INdibano Yezizwe Ngezizwe ‘Yoxolo Emhlabeni’ iqhutyelwa eHaima, ePapua.

1970

1975 Kudityaniswa iPapua neNew Guinea zibe yiPapua New Guinea.

1977-1979 Amahlokondiba akhohlakeleyo atshabalalisa iiHolo zoBukumkani kwiPhondo laseMilne Bay.

1980

1987 Kunikezelwa iofisi yesebe entsha.

1989 Kuqhambuka imfazwe yamakhaya kwiSiqithi saseBougainville.

1990

1991 IMboniselo ipapashwa ngesiTok Pisin nesiHiri Motu ngaxeshanye neyesiNgesi.

1994 Kuqalisa iKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele.

1994 Intaba-mlilo itshabalalisa iRabaul, eNew Britain.

1999 Kuqaliswa iSebe Lokwakhiwa KweeHolo ZoBukumkani.

2000

2002 Kwakhiwa iHolo yeNdibano eGerehu, ePort Moresby.

2010

2010 Kunikezelwa inxalenye entsha yeofisi yesebe.

2020

[Igrafu/Umfanekiso okwiphepha 118]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

Isimbuku Sabavakalisi

Isimbuku Soovulindlela

3,500

2,500

1,500

500

1955 1965 1975 1985 1995 2005

[Iimaphu ezikwiphepha 81]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

PAPUA NEW GUINEA

PORT MORESBY

Wewak

Sepik River

Kambot

Dimiri

Biwat

Yuat River

Wabag

Mount Hagen

Banz

Wahgi Valley

NEW GUINEA HIGHLANDS

Lake Murray

Fly River

Basken

Talidig

Bagildig

Madang

Goroka

Kainantu

Lae

Bulolo

Wau

Kerema

Savaiviri

Gulf of Papua

Popondetta

Kokoda Trail

Hula

Agi

Govigovi

Alotau

CORAL SEA

Manus Island

Bismarck Archipelago

BISMARCK SEA

Bagabag Island

New Britain

Rabaul

Kokopo

Kurmalak Island

New Ireland

Kavieng

SOLOMON SEA

Goodenough Island

Buka Island

Bougainville Island

Nukumanu Atoll

Equator

Haima

Six Mile

Hanuabada

Port Moresby Harbour

Koki Market

Sogeri Plateau

Ioadabu

[Umfanekiso ozalise iphepha, kwiphepha 74]

[Umfanekiso okwiphepha 77]

I-“Lightbearer”

[Umfanekiso okwiphepha 78]

Abavakalisi bokuqala basekuhlaleni, ukususela ekhohlo ukuya ekunene: UBobogi Naiori, uHeni Heni Nioki, uRaho Rakatani, no-Oda Sioni

[Umfanekiso okwiphepha 79]

Ilali yaseHanuabada, ngasemva yiPort Moresby

[Umfanekiso okwiphepha 82]

UShirley noDon Fielder ngaphambi kokuba bafike

[Umfanekiso okwiphepha 85]

IHolo yoBukumkani yokuqala eHaima, ePort Moresby

[Umfanekiso okwiphepha 87]

UJohn Cutforth

[Umfanekiso okwiphepha 89]

Ukukhuphela isigidimi semifanekiso

[Imifanekiso ekwiphepha 90]

Ekunene: UJohn Cutforth ufundisa esebenzisa imifanekiso; ezantsi: Umzalwana uphethe ibhodi enemifanekiso esiya kushumayela kwiilali ezisehlathini

[Umfanekiso okwiphepha 92]

UAlf Green, uDavid Walker, noJim Smith

[Imifanekiso ekwiphepha 93]

Ekhohlo: UShirley, uDebbie, noDon Fielder; ekunene: UDon nephenyane lakhe

[Umfanekiso okwiphepha 96]

UJim Smith noGlenn Finlay

[Umfanekiso okwiphepha 97]

UStephen Blundy enqumla iKerema Bay

[Umfanekiso okwiphepha 99]

URosina noKen Frame

[Umfanekiso okwiphepha 102]

UMatthew noDoris Pope

[Imifanekiso ekwiphepha 103]

Ikhaya likaMagdalen noJohn Endor laliyindawo yokuqala ekwakuhlanganiswana kuyo eLae

[Umfanekiso okwiphepha 109]

Imimandla esezintabeni

[Umfanekiso okwiphepha 110]

UTom noRowena Kitto phambi kwevenkile encinane nekhaya labo eliseWabag

[Umfanekiso okwiphepha 113]

UErna noBerndt Andersson

[Umfanekiso okwiphepha 114]

UKerry Kay-Smith noJim Wright

[Umfanekiso okwiphepha 115]

UMike Fisher kuMlambo iSepik

[Imifanekiso ekwiphepha 123]

IHolo yoBukumkani yaseAgi yatshiswa yaza yaphinda yandiswa

[Umfanekiso okwiphepha 127]

UElsie noBill Thew

[Umfanekiso okwiphepha 128]

I-“puapua” efakwe iiseyile

[Umfanekiso okwiphepha 128]

Iphenyane eliyi-“Pioneer,” elakhiwa nguBerndt Andersson

[Imifanekiso ekwiphepha 131]

Ukuhamba kuMlambo iSepik

[Imifanekiso ekwiphepha 132, 133]

Ekhohlo: Umveleli wesiphaluka uWarren Reynolds nenkosikazi yakhe uLeann batyelela ilali yaseBiwat; phezulu: unikela intetho yesidlangalala ngoxa etyelele ilali yaseDimiri

[Umfanekiso okwiphepha 135]

UKora Leke

[Umfanekiso okwiphepha 135]

USoare Maiga

[Umfanekiso okwiphepha 136]

USave Nanpen

[Umfanekiso okwiphepha 139]

UGeordie noJoanne Ryle

[Umfanekiso okwiphepha 145]

Abanye kwaba bantwana bagxothwa esikolweni ngenxa yokungavumi ukukhahlela iflegi

[Imifanekiso ekwiphepha 152, 153]

Ekhohlo: IRabaul nentaba-mlilo iTavurvur mgama; ezantsi: iHolo yoBukumkani yaseRabaul eyatshabalala ngowe-1994

[Umfanekiso okwiphepha 155]

Iqela labaguquleli ngowama-2010

[Imifanekiso ekwiphepha 161]

ISebe lasePapua New Guinea

IKomiti yeSebe: UDan Burks, uTimo Rajalehto, uKegawale Biyama, uCraig Speegle

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share