IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • bt isahl. 15 iphe. 117-123
  • “Ekhuthaza Amabandla”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Ekhuthaza Amabandla”
  • ‘Ukushumayela Ngokucokisekileyo’ NgoBukumkani BukaThixo
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • “Ngoku Makhe Sibuyele Kubazalwana” (IZenzo 15:36)
  • “Baxambulisana Benomsindo” (IZenzo 15:37-41)
  • “Babethetha Kakuhle NgoTimoti” (IZenzo 16:1-3)
  • “Aqhubeka Esiba Nokholo Olomeleleyo” (IZenzo 16:4, 5)
  • “Mntwana Wam Oyintanda Nothembekileyo ENkosini”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • UTimoti—Wayekulungele Yaye Ekufuna Ukukhonza
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • UMarko—‘Wayeluncedo Emsebenzini Wobulungiseleli’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • UTimoti “Umntwana Wokwenene Elukholweni”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
Khangela Okunye
‘Ukushumayela Ngokucokisekileyo’ NgoBukumkani BukaThixo
bt isahl. 15 iphe. 117-123

ISAHLUKO 15

“Ekhuthaza Amabandla”

Abalungiseleli abahambahambayo banceda amabandla ukuze omelele elukholweni

Sisekelwe kwiZenzo 15:36–16:5

1-3. (a) Ngubani eli tyendyana litsha lihamba noPawulos, ibe singathini ngalo? (b) Yintoni esiza kuyifunda kwesi sahluko?

NJENGOKO benqumla kummandla osemagqagaleni ophakathi kweedolophu, umpostile uPawulos ucinga ngoko liza kuhlangabezana nako ityendyana lomfana ahamba nalo. Eli tyendyana nguTimoti. Eselula yaye enamandla, kusenokwenzeka ukuba uTimoti lo sele eza kuyigqiba iminyaka eyi-20 ubudala ukuba akasele eyigqibile. Nyathelo ngalinye alithabathayo lithetha ukuba uya esiba kude nekhaya lakhe. Njengoko imini iqina, baya besithela kummandla weListra neIkoniyo. Into angayaziyo uTimoti kukuba kuza kwenzeka ntoni ngaphambili. Noko ke yena uPawulos uyazi, kuba olu luhambo lwakhe lwesibini njengomthunywa wevangeli. Wazi kakuhle ukuba balindelwe ziingozi neengxaki ezininzi. Lona eli tyendyana liza kujamelana njani nazo?

2 UPawulos umthembe gqitha uTimoti, mhlawumbi nangaphezu kokuba lo mfana uthobekileyo ezithemba. Iziganeko zakutshanje zenze uPawulos waqiniseka ngakumbi ukuba umele afumane umntu ofanelekileyo aza kuhamba naye. UPawulos uyazi ukuba umsebenzi abaza kuwenza​—ukutyelela amabandla nokuwomeleza—​uza kufuna ukuba bazimisele yaye bacinge ntonye njengabalungiseleli abahambahambayo. Yintoni enokubangela ukuba uPawulos avakalelwe ngolu hlobo? Esinye sezizathu isenokuba kukungaboni ngasonye akhe wanako noBharnabhas.

3 Kwesi sahluko siza kufunda okuninzi ngeyona ndlela yokusingatha ukungaboni ngasonye. Siza kuva nesizathu sokuba uPawulos akhethe ukuhamba noTimoti, ibe siza kufunda nangendima ebalulekileyo yabo bakhonza njengabaveleli besiphaluka namhlanje.

“Ngoku Makhe Sibuyele Kubazalwana” (IZenzo 15:36)

4. Yintoni awayezimisele ukuyenza uPawulos kuhambo lwakhe lwesibini njengomthunywa wevangeli?

4 Kwisahluko esandulela esi, siye seva ngendlela abazalwana abane ababethunyiwe​—uPawulos, uBharnabhas, uYudas noSilas—​abaye balomeleza ngayo ibandla lakwa-Antiyokwe xa babeliphathele isigqibo sequmrhu elilawulayo ngombandela wolwaluko. Yintoni awayenzayo uPawulos emva koko? Waya kuBharnabhas waza wathetha naye ngotyelelo alucebayo, wathi: “Ngoku makhe sibuyele kubazalwana abakuzo zonke izixeko esashumayela kuzo ilizwi likaYehova ukuze sibone ukuba banjani.” (IZe. 15:36) Apha uPawulos wayengathethi ngotyelelo nje lobuhlobo kuloo maKristu matsha. Incwadi yeZenzo iyichaza kakuhle eyona njongo yohambo lukaPawulos lwesibini njengomthunywa wevangeli. Okokuqala, wayeza kudlulisela imimiselo ekhutshwa liqumrhu elilawulayo. (IZe. 16:4) Okwesibini, njengomveleli ohambahambayo, uPawulos wayezimisele ukwakha amabandla ngokomoya, ewanceda omelele elukholweni. (Roma 1:11, 12) Intlangano yamaNgqina kaYehova iwuxelisa njani loo mzekelo wabapostile namhlanje?

5. IQumrhu Elilawulayo lanamhlanje liludlulisela njani ulwalathiso nokhuthazo emabandleni?

5 Namhlanje, uKristu usebenzisa iQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova ukwalathisa ibandla lakhe. La madoda athembekileyo nathanjiswe ngomoya asebenzisa iileta, iimpapasho ezikwi-intanethi neziprintiweyo, iintlanganiso nezinye iindlela zonxibelelwano ukwalathisa nokukhuthaza onke amabandla asehlabathini. Kwakhona iQumrhu Elilawulayo lizabalazela ukunxibelelana nebandla ngalinye kangangoko kunokwenzeka. Ukuze liphumeze oko, lisebenzisa abaveleli abahambahambayo. IQumrhu Elilawulayo liye lamisela amawaka abadala abafanelekayo ehlabathini lonke ukuba babe ngabaveleli besiphaluka.

6, 7. Ziziphi iimbopheleleko abanazo abaveleli besiphaluka?

6 Abaveleli abahambahambayo banamhlanje bazabalazela ukunceda nokukhuthaza wonk’ ubani osebandleni abatyelela kulo. Bakwenza njani oko? Baxelisa umzekelo owamiselwa ngamaKristu enkulungwane yokuqala anjengoPawulos. Wabongoza omnye umveleli wathi: “Lishumayele ilizwi ngokungxamisekileyo, xa iimeko zivuma naxa zinzima. Baluleke abantu, ubangxolise, ubacenge, ubafundise ngobuchule nangomonde. . . . Yenza umsebenzi womthunywa wevangeli.”​—2 Tim. 4:2, 5, umbhalo osemazantsi.

7 Ngokuvisisana naloo mazwi, umveleli wesiphaluka​—ekunye nenkosikazi yakhe ukuba utshatile—​usebenza nabavakalisi bebandla kwiinkalo ezahlukahlukeneyo zobulungiseleli basentsimini. Aba bashumayeli bahambahambayo banenzondelelo kubulungiseleli yaye banobuchule bokufundisa​—iimpawu ezinempembelelo entle emhlambini. (Roma 12:11; 2 Tim. 2:15) Abo benza umsebenzi wesiphaluka baziwa ngothando lwabo lokuzincama. Ngokuzithandela benza unako nako ukuze bancede abazalwana, bahamba kwiindawo ezinemozulu embi nakwimimandla eyingozi. (Fil. 2:3, 4) Kwakhona abaveleli besiphaluka bayakhuthaza, bafundise baze babongoze ibandla ngalinye ngeentetho ezisekelwe eBhayibhileni. Bonke ebandleni bayangenelwa xa bebona indlela abaziphatha ngayo abalungiseleli abahambahambayo yaye balinganisa ukholo lwabo.​—Heb. 13:7.

“Baxambulisana Benomsindo” (IZenzo 15:37-41)

8. UBharnabhas wasabela njani kwisicelo sikaPawulos?

8 UBharnabhas wasamkela isicelo sikaPawulos sokuba ‘babuyele kubazalwana.’ (IZe. 15:36) Aba bazalwana babesebenze kakuhle ekutyeleleni amabandla yaye bobabini babesele beqhelene naloo mimandla babesiya kuyo nabantu balapho. (IZe. 13:2–14:28) Ngoko ke, ukuba kunye kolu hambo kwakubonakala kusengqiqweni yaye kuza kubanceda. Kodwa kwavela ingxaki. IZenzo 15:37 zithi: “UBharnabhas wafuna kuhanjwe noYohane, owayebizwa ngokuba nguMarko.” UBharnabhas wayengacebisi nje ukuba kuhanjwe naye. “Wafuna” ukuba umzala wakhe uMarko abapheleke kolo hambo lwabo njengabathunywa bevangeli.

9. Kwakutheni ukuze uPawulos angavumelani noBharnabhas?

9 UPawulos wakhaba ngawo omane. Kwakutheni? Ingxelo ithi: “Kodwa uPawulos wayengafuni bahambe naye [uMarko], kuba wayebashiyile xa babesePamfiliya akaya kushumayela nabo.” (IZe. 15:38) UMarko wayehambe noPawulos noBharnabhas kuhambo lwabo lokuqala njengabathunywa bevangeli, kodwa wabashiya phakathi. (IZe. 12:25; 13:13) Ekuqaleni kolo hambo, ngoxa babesePamfiliya, uMarko wasishiya isabelo sakhe wagoduka esiya eYerusalem. IBhayibhile ayisixeleli ngesizathu sokuhamba kwakhe, kodwa kuyabonakala ukuba oko kwabangela ukuba umpostile uPawulos amjonge njengomntu ekungenakuthenjelwa kuye. Kusenokwenzeka ukuba uPawulos wayengenantembelo kuMarko.

10. Ukungaboni ngasonye kukaPawulos noBharnabhas kwaphumela entwenini, ibe yaba yintoni imiphumo?

10 Kuyo yonke loo nto, uBharnabhas wayesazimisele ukuhamba noMarko. Naye uPawulos wayengazimiselanga kugob’ uphondo. IZenzo 15:39 zithi: “Ngoko baxambulisana benomsindo, kangangokuba bohlukana.” UBharnabhas wagodukela kwisiqithi saseSipro kunye noMarko, behamba ngolwandle. UPawulos watyhalela phambili nohambo lwakhe. Le ngxelo ithi: “UPawulos wakhetha uSilas wahamba naye, emva kokuba abazalwana bethandazile bacela uYehova ukuba amenzele ububele uPawulos.” (IZe. 15:40) Ekunye noSilas, bayityhutyha ‘iSiriya neKilikiya, bekhuthaza amabandla.’​—IZe. 15:41.

11. Ziziphi iimpawu ezifunekayo ukuze kungabikho ntanda zihlala ixesha elide phakathi kwethu nabo baye basona?

11 Le ngxelo isenokusikhumbuza ngokwethu ukungafezeki. UPawulos noBharnabhas babemiselwe ngokukhethekileyo njengabameli bequmrhu elilawulayo. Kusenokwenzeka ukuba naye uPawulos waba lilungu lelo qumrhu. Sekunjalo, kwesi isihlandlo ukungafezeki kwabongamela uPawulos noBharnabhas. Ngaba bavumela loo meko yavula ithanda elingavalekiyo phakathi kwabo? Nakuba babengafezekanga, babethobekile, benengqondo kaKristu. Akuthandabuzeki ukuba ethubeni babonakalisa umoya wabazalwana abangamaKristu nowokuxolela. (Efe. 4:1-3) Kamva, uPawulos noMarko basebenza kunye kwezinye izabelo zobuthixo.a​—Kol. 4:10.

12. Ziziphi iimpawu abamele babe nazo abaveleli banamhlanje ukuze baxelise uPawulos noBharnabhas?

12 Oku kugqajukelwa ngumsindo kwakungafani kwaphela noBharnabhas okanye uPawulos. UBharnabhas wayesaziwa njengomntu onobubele nonesisa​—kangangokuba kunokuba bambize ngegama lakhe elinguYosefu, abapostile bamthiya ifani enguBharnabhas, ethetha “uNyana Wentuthuzelo.” (IZe. 4:36) Naye uPawulos wayesaziwa ngokuba nomsa nokuthantamisa. (1 Tes. 2:7, 8) Bexelisa uPawulos noBharnabhas, bonke abaveleli abangamaKristu namhlanje, kuquka abaveleli besiphaluka, bamele bahlale bezabalazela ukuthobeka nokubaphatha ngomsa abanye abadala nomhlambi xa uwonke.​—1 Pet. 5:2, 3.

“Babethetha Kakuhle NgoTimoti” (IZenzo 16:1-3)

13, 14. (a) Wayengubani uTimoti, ibe wadibana njani noPawulos? (b) Yintoni eyabangela ukuba uPawulos anikele ingqalelo ekhethekileyo kuTimoti? (c) Sisiphi isabelo esafunyanwa nguTimoti?

13 Uhambo lwesibini lukaPawulos njengomthunywa wevangeli lwaya kumbeka kwiphondo laseGalati, apho kwakusele kukho iqela lamabandla amiselweyo. Ekugqibeleni, “wafika eDerbhe naseListra.” Le ngxelo ithi: “Apho kwakukho umfundi ogama linguTimoti, unyana womfazi ongumYuda olikholwa nendoda engumGrike.”​—IZe. 16:1.b

14 Kuyabonakala ukuba, uPawulos wadibana nentsapho yakuloTimoti xa wayeqala ukutyelela loo mmandla malunga no-47 C.E. Kweli tyeli lesibini kwiminyaka emibini okanye emithathu kamva, uPawulos wanikela ingqalelo ekhethekileyo kweli tyendyana linguTimoti. Kwakutheni? Kaloku uTimoti ‘kwakuthethwa kakuhle ngaye.’ Wayengathandwa ngabazalwana bedolophu yakowabo nje kuphela, kodwa wayedume kakuhle nakwamanye amabandla. Ingxelo ithi abazalwana baseListra nabaseIkoniyo, ekummandla okumgama oziikhilomitha eziyi-30, babethetha kakuhle gqitha ngaye. (IZe. 16:2) Bekhokelwa ngumoya oyingcwele, abadala baphathisa uTimoti imbopheleleko ebalulekileyo​—yokuba ngumlungiseleli ohambahambayo encedisa uPawulos noSilas.​—IZe. 16:3.

15, 16. Yintoni le ingaka yabangela ukuba uTimoti adume kakuhle?

15 Kwakutheni ukuze uTimoti adume kakuhle esemncinane kangako? Ngaba yayikukuba krelekrele kwakhe, imbonakalo yomzimba okanye ubuchule awayenabo? Abantu badla ngokuchukunyiswa zezo zinto. Kwanomprofeti uSamuweli wakha wathabatheka ngokugqithiseleyo yimbonakalo yangaphandle. Kodwa ke, uYehova wamkhumbuza oku: “Umntu ubona nje okubonakalayo emehlweni, kodwa uYehova ubona okusentliziyweni.” (1 Sam. 16:7) Kunokuba ibe yiyo nayiphi na imbonakalo awayenayo, uTimoti wayeneempawu ezamenza wanegama elihle kubazalwana bakhe abangamaKristu.

16 Kwiminyaka ethile kamva, umpostile uPawulos wabhekisela kwezinye zeempawu zokomoya zikaTimoti. UPawulos wachaza ubuntu bukaTimoti, uthando lokuzincama awayenalo, nendlela awayezikhuthalele ngayo izabelo zobuthixo. (Fil. 2:20-22) UTimoti wayesaziwa ‘nangokholo lwakhe olunyanisekileyo.’​—2 Tim. 1:5.

17. Abaselula namhlanje banokumxelisa njani uTimoti?

17 Namhlanje, abaselula abaninzi baxelisa uTimoti ngokuzabalazela ukuba neempawu ezifunwa nguThixo. Xa besenjenjalo bazenzela igama elihle noYehova kunye nabantu bakhe, kwasebutsheni babo. (IMize. 22:1; 1 Tim. 4:15) Banokholo olunyanisekileyo, bephepha ukuphila ubomi obumbaxa. (INdu. 26:4) Ngenxa yoko, njengoTimoti, abaninzi abaselula badlala indima ebalulekileyo ebandleni. Bakhuthazeka gqitha bonke abo bathanda uYehova xa bebabona befanelekela ukuba ngabavakalisi beendaba ezilungileyo baze ekuhambeni kwexesha bazahlulele kuYehova babhaptizwe!

“Aqhubeka Esiba Nokholo Olomeleleyo” (IZenzo 16:4, 5)

18. (a) Ngawaphi amalungelo awayenanditshwa nguPawulos noTimoti xa babengabalungiseleli abahambahambayo? (b) Ayesikelelwa njani amabandla?

18 UPawulos noTimoti basebenza kunye kangangeminyaka. Njengabalungiseleli abahambahambayo, baqhubeka nemisebenzi eyahlukahlukeneyo ababeyithunywa liqumrhu elilawulayo. IBhayibhile ithi: “Njengoko babehamba kwezo zixeko, babedlulisela izigqibo emazithotyelwe, ezo babegqibe kuzo abapostile nabadala ababeseYerusalem.” (IZe. 16:4) Kuyacaca ukuba amabandla aluthobela ulwalathiso oluvela kubapostile nakubadala baseYerusalem. Ngenxa yoko kuthobela kwawo, “amabandla aqhubeka esiba nokholo olomeleleyo yaye esanda yonke imihla.”​—IZe. 16:5.

19, 20. Kutheni amaKristu emele azithobe nje ‘kwabo bakhokelayo’?

19 Ngokufanayo, amaNgqina kaYehova namhlanje axhamla iintsikelelo ezifumaneka ngokuthobela ulwalathiso ‘lwabo bakhokelayo.’ (Heb. 13:17) Ekubeni imeko yehlabathi isoloko itshintsha, kubalulekile ukuba amaKristu ahlale ezondla ngokutya kokomoya okulungiselelwa ‘likhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Mat. 24:45; 1 Kor. 7:29-31) Ukwenjenjalo kunokusikhusela kwintlekele yokomoya kuze kusincede sihlale singenabala kulo ihlabathi.​—Yak. 1:27.

20 Yinyaniso ukuba, abaveleli abangamaKristu namhlanje, kuquka amalungu eQumrhu Elilawulayo, abafezekanga, kanye njengokuba wayenjalo uPawulos, uBharnabhas, uMarko nabanye abadala ababethanjisiwe benkulungwane yokuqala. (Roma 5:12; Yak. 3:2) Kodwa ngenxa yokuba iQumrhu Elilawulayo libambelela ngokuqinileyo kwiLizwi likaThixo lize linamathele kumzekelo wabapostile, liye lazingqina lithembekile. (2 Tim. 1:13, 14) Ngenxa yoko, amabandla ayaqhubeka esomelezwa yaye eqiniswa elukholweni.

UTIMOTI UYAZIBHOKOXA “UKUZE AHAMBISELE PHAMBILI IINDABA EZILUNGILEYO”

UTimoti wayexatyiswa gqitha ngomsebenzi awayewenza wokunceda umpostile uPawulos. Emva kokusebenza kunye kangangeminyaka eyi-11, uPawulos wabhala ngoTimoti esithi: “Andinaye omnye umntu onjengaye oza kunihoya kakuhle. . . . niyayazi ukuba wazibonakalisa ukuba ufanelekile, kuba wasebenza nzima nam ukuze ahambisele phambili iindaba ezilungileyo, kanye njengomntwana okunye notata wakhe.” (Fil. 2:20, 22) UTimoti wazinikela ukuze umsebenzi wokushumayela utyhalele phambili, ngenxa yoko wathandwa nguPawulos yaye wasimisela umzekelo omhle.

UTimoti.

Kuyabonakala ukuba uTimoti lo, unyana wendoda engumGrike nomfazi ongumYuda, wakhulela eListra. Kwasebusaneni bakhe, uTimoti wafundiswa iZibhalo ngunina uYunike, noninakhulu uLoyisi. (IZe. 16:1, 3; 2 Tim. 1:5; 3:14, 15) Kusenokwenzeka ukuba uTimoti kunye nabo baba ngamaKristu xa uPawulos wayetyelele kwidolophu yabo okokuqala.

Xa uPawulos wayebuyela khona emva kweminyaka ethile kamva, kusenokwenzeka ukuba uTimoti wayesele eza kugqiba iminyaka eyi-20 ubudala okanye esandul’ ukuyigqiba, yaye “abazalwana baseListra naseIkoniyo babethetha kakuhle” ngaye. (IZe. 16:2) Umoya kaThixo waphefumlela ‘abaprofeti ukuba bathethe amazwi’ ngalo mfana, ibe ngokuvumelana noko uPawulos nabadala balapho bancomela ukuba uTimoti anikwe inkonzo ekhethekileyo. (1 Tim. 1:18; 4:14; 2 Tim. 1:6) Wayeza kuhamba noPawulos njengomthunywa wevangeli. Kwakuza kufuneka ashiye intsapho yakowabo, ibe ukuze athintele nasiphi na isikhalazo kumaYuda awayeza kuwatyelela, kwafuneka avume ukwaluswa.​—IZe. 16:3.

UTimoti watyelela iindawo ezininzi. Washumayela noPawulos noSilas eFilipi, washumayela noSilas eBhereya, waza ke wayedwa eTesalonika. Xa wayephinda edibana noPawulos eKorinte, uTimoti wayeze neendaba ezimnandi eziphathelele uthando nokuthembeka kwabazalwana baseTesalonika nangona babesebunzimeni. (IZe. 16:6–17:14; 1 Tes. 3:2-6) Emva kokufumana kwakhe iindaba ezimbi ngabazalwana baseKorinte, uPawulos owayese-Efese ngoko, wayefuna ukuthumela uTimoti abuyele eKorinte. (1 Kor. 4:17) Ese-Efese, kamva uPawulos wathumela uTimoti noErasto eMakedoni. Kodwa xa uPawulos wayebhalela abaseRoma, uTimoti wayesele ebuyile bekunye eKorinte. (IZe. 19:22; Roma 16:21) Ezi zezinye zeendawo awaya kuzo uTimoti ngenxa yeendaba ezilungileyo.

UTimoti usenokuba wayemadolw’ anzima ukusebenzisa igunya lakhe njengokuba ebonisa amazwi okhuthazo kaPawulos: “Makungabikho mntu ukujongela phantsi kuba umncinci.” (1 Tim. 4:12) Kodwa uPawulos wayemthemba uTimoti xa emthumele kumabandla aneengxaki: ‘Yalela abanye apho ukuba bayeke ukuza nemfundiso eyahlukileyo.’ (1 Tim. 1:3) UPawulos waphinda wanika uTimoti igunya lokumisela abaveleli nezicaka zolungiselelo ebandleni.​—1 Tim. 5:22.

Iimpawu ezintle zikaTimoti zamenza wathandwa gqitha nguPawulos. IZibhalo zibonisa ukuba eli tyendyana lalisondele gqitha kuPawulos, yaye lithembekile. UPawulos wada wachaza ukuba wayekhumbula iinyembezi zikaTimoti, elangazelela ukumbona kwanokuba wayemkhankanya emithandazweni. Njengoyise onenkxalabo, uPawulos wacebisa uTimoti owayesoloko ‘ekhathazwa yimpilo,’ enengxaki yesisu.​—1 Tim. 5:23; 2 Tim. 1:3, 4.

Ukuvalelwa kukaPawulos okokuqala entolongweni eRoma, uTimoti wayekunye naye. Likho ixesha apho naye uTimoti wanyamezela imixokelelwane yasentolongweni. (Filem. 1; Heb. 13:23) Indlela ababesondelelene ngayo aba babini inokubonwa kwinto yokuba xa uPawulos wayebona ukuba sele eza kufa, wathi kuTimoti: “Zama ngandlela zonke ukuba ukhawuleze uzokundibona.” (2 Tim. 4:6-9) Enoba uTimoti wafika kwangexesha ukuza kumbona, iZibhalo azisichazeli.

UMARKO UXHAMLA AMALUNGELO AMANINZI

Incwadi yeVangeli kaMarko isixelela ukuba abantu ababamba uYesu bazama nokubamba “omnye umfana” owabhungcayo waza “wabaleka ehamba ze.” (Marko 14:51, 52) Ekubeni uMarko, okwabizwa ngokuba nguYohane Marko, inguye kuphela obalisa le ngxelo, kusenokwenzeka ukuba lo mfana abalisa ngaye wayekwangumbhali. Ukuba kunjalo, uMarko umele ukuba ubuncinane wayemazi ngokoqobo uYesu.

UMarko umamele futhi uyabhala njengoko ingwevu ithetha.

Kwiminyaka emalunga neyi-11 kamva, xa uHerode Agripa wayetshutshisa amaKristu, kwakukho amalungu ‘aliqela’ ebandla laseYerusalem awayethandaza emzini kaMariya, unina kaMarko. Lelo khaya awaya kulo umpostile uPetros emva kokukhululwa kwakhe entolongweni ngendlela engummangaliso. (IZe. 12:12) Ngenxa yoko, uMarko umele ukuba wakhulela kwikhaya elasetyenziswa njengendawo yokuhlanganisana kwamaKristu kamva. Kuyabonakala ukuba wayebazi kakuhle abafundi bokuqala bakaYesu, ibe baba nempembelelo entle gqitha kuye.

UMarko wayesebenzisana nabaveleli abaliqela bamabandla amaKristu enkulungwane yokuqala. Ngokwendlela esazi ngayo, ilungelo lokuqala lenkonzo awalixhamlayo lelo lokusebenza nomzala wakhe uBharnabhas kunye nompostile uPawulos kwisabelo sabo kwa-Antiyokwe yaseSiriya. (IZe. 12:25) Xa uBharnabhas noPawulos babekuhambo lwabo lokuqala njengabathunywa bevangeli, uMarko wayekunye nabo. Baqala eSipro baza baya kutsho eAsia Minor. Ukusuka kwabo apho, uMarko wabuyela eYerusalem ngenxa yezizathu esingazaziyo. (IZe. 13:4, 13) Emva kweyantlukwano kaBharnabhas noPawulos ngokuphathelele uMarko, njengokuba ichazwe kwiZenzo isahluko 15, uMarko noBharnabhas baqhubeka nenkonzo yabo njengabathunywa bevangeli eSipro.​—IZe. 15:36-39.

Ngo-60 okanye ngo-61 C.E. xa uMarko wayesebenza noPawulos kwakhona, ngoku beseRoma, bamele ukuba babesele belibele kwaphela ngengxabano ababenayo. UPawulos, owayelibanjwa kweso sixeko, wabhalela ibandla laseKolose wathi: “Uyabulisa uAristarko endibanjwe naye, noMarko umzala kaBharnabhas, (lo kwakuthiwe nize nimamkele ukuba uze kuni).” (Kol. 4:10) Ngoko uPawulos wayecinga ngokuthumela uYohane Marko owayeseRoma ukuba aye kuba ngummeli wakhe eKolose.

Ngaxa lithile phakathi ko-62 no-64 C.E., uMarko wasebenza nompostile uPetros eBhabhiloni. Njengokuba kubonisiwe kwiSahluko 10 sale ncwadi, baba nolwalamano olusondeleyo, kuba uPetros uthi xa ethetha ngeli tyendyana lomfana, ‘uMarko unyana wam.’​—1 Pet. 5:13.

Okokugqibela, ngo-65 C.E., xa umpostile uPawulos wayevalelwe okwesibini eRoma, wabhalela umsebenzi olidlelane lakhe uTimoti, owayese-Efese, wathi: “Ndicela uze noMarko, kuba uyandinceda kumsebenzi wam.” (2 Tim. 4:11) Akuthandabuzeki ukuba, uMarko wasamkela ngezandl’ ezishushu eso sicelo waza washiya iEfese wabuyela eRoma. Siyaqondakala isizathu sokuba lo mfana wayexatyiswa kangaka nguBharnabhas, uPawulos noPetros.

Elona lungelo likhulu elaxhamlwa nguMarko yaba kukuphefumlelwa kwakhe nguYehova ukuba abhale ingxelo yeVangeli. Ngokuqhelekileyo uMarko umele ukuba eyona nkcazelo yakhe ininzi wayifumana kumpostile uPetros. Izibakala zikungqinela kakuhle oku kuba ingxelo kaMarko iqulethe iinkcukacha zeziganeko zabantu abazibonela ngawabo amehlo, njengokuba zazimele zaziwe nguPetros. Noko ke, kubonakala ukuba iVangeli yakhe uMarko wayibhalela eRoma, kungekhona eBhabhiloni xa wayenoPetros. UMarko usebenzisa amabinzana amaninzi esiLatin aze aguqulele amagama esiHebhere ebekungayi kuba lula ukuqondakala kumntu ongengomYuda, ngenxa yoko kuyabonakala ukuba ngokuyintloko wayebhalela abantu beeNtlanga.

a Funda ibhokisi enomxholo othi “UMarko Uxhamla Amalungelo Amaninzi.”

b Funda ibhokisi enomxholo othi, “UTimoti Uyazibhokoxa ‘Ukuze Ahambisele Phambili Iindaba Ezilungileyo.’”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share