Sigcine Eesi Sihlomelo
Ndifanele Ndizijonge Njani Izinto Ezitsalwe Egazini Neendlela Zokunyanga Ezisebenzisa Igazi Lam?
IBhayibhile iyalela amaKristu ukuba ‘akhwebuke egazini.’ (IZe. 15:20) Ngenxa yoko, amaNgqina kaYehova akavumi kutofelwa igazi elipheleleyo okanye izinto ezine eziyila igazi—iiseli ezibomvu, iiseli ezimhlophe, iiplatelets neplasma. Kwakhona akanikeli ngegazi lawo, kananjalo akaligcini ngenjongo yokuba lisetyenziswe xa kutofelwa wona.—Lev. 17:13, 14; IZe. 15:28, 29.
Ziintoni ezi zinto zitsalwa egazini, yaye kutheni umKristu ngamnye emele agqibe enoba uyafuna na ukuzisebenzisa?
Izinto ezitsalwe egazini ziincindi ezikhutshwe egazini kusetyenziswa inkqubo ebizwa ngokuba yifractionation. Ngokomzekelo, iplasma, eyenye yezinto eziphambili eziyila igazi, inokwahlulwa ize ibe zezi ncindi zilandelayo: amanzi ayila malunga ne-91 ekhulwini kuyo; iiproteni ezinjengeealbumins, iiglobulins, nefibrinogen, ziyila malunga nesi-7 ekhulwini; ezinye izinto ezinjengesondlo, amadlala, iigesi, iivithamini, ukungcola kunye nee-electrolytes, ziyila malunga nesi-1,5 ekhulwini.
Ngaba umyalelo othi sizikhwebule egazini uquka nale michiza itsalwe kwizinto eziyila igazi? Asinakuqiniseka. IBhayibhile ayisiniki lwalathiso lucacileyo kulo mbandela.a Kakade ke, iinxalenye ezininzi zifunyanwa kwigazi elinikelwe ngenjongo yotofelo-gazi. UmKristu ngamnye ufanele enze isigqibo esamkelwa sisazela sakhe sokuba uya kulwamkela okanye akayi kulwamkela kusini na unyango olusebenzisa ezi zinto zitsalwe egazini.
Xa usenza izigqibo eziphathelele oku, cinga ngale mibuzo: Ngaba ndiyaqonda na ukuba xa ndingavumi ukwamkela zonke izinto ezitsalwe egazini, loo nto ithetha ukuba andiyi kuwamkela amayeza athile, anjengalawo alwa neentsholongwane kunye nezifo okanye anceda igazi ukuba lijiye, ukuze kuthinteleke ukopha? Ngaba ndinokukwazi ukuchazela ugqirha isizathu sokuba ndingavumi okanye ndivume ukusebenzisa iinxalenye ezithile zegazi?
Kutheni indim ofanele agqibe ngokuphathelele iinkqubo ezithile zonyango ezisebenzisa igazi lam?
Nangona amaKristu enganikeli okanye agcine igazi lawo ngenjongo yotofelo-gazi, ezinye iinkqubo okanye iindlela zokuxilonga ezibandakanya igazi likabani azingqubani ngokucacileyo nemigaqo yeBhayibhile. Ngoko ke, umntu ngamnye uya kuzenzela isigqibo enoba isazela sakhe siyamvumela ukuba ayamkele indlela ethile yokunyanga ebandakanya igazi lakhe okanye asimvumeli.
Xa usenza esi sigqibo, zibuze le mibuzo ilandelayo: Ukuba inxalenye ethile yegazi lam iyaphuma emzimbeni wam kwaye mhlawumbi ide ichithe ixesha elithile ingaphandle komzimba wam, ngaba isazela sam siya kundivumela ukuba ndijonge eli gazi njengenxalenye yomzimba wam, ngaloo ndlela kunganyanzeleki ukuba ‘ndiliphalazele emhlabeni’? (Dut. 12:23, 24) Ngaba isazela sam esiqeqeshwe yiBhayibhile besiya kuphazamiseka ukuba ebudeni bonyango, inxalenye ethile yegazi lam iye yatsalwa, yafakelwa imichiza ethile, yaza yabuyiselwa emzimbeni wam? Ngaba ndiyaqonda ukuba ukungavumi ukwamkela zonke iindlela zokunyanga ezisebenzisa igazi lam kuthetha ukuba andilwamkeli unyango olunjenge-dialysis okanye ukusetyenziswa kweheart-lung machine? Ngaba ndiye ndawuthandazela lo mba ngaphambi kokuba ndenze isigqibo?b
Ziziphi izigqibo ekufuneka zenziwe ndim?
Kukho amaphepha amabini alandelayo ekufuneka uwazalise. Iphepha Lokuqala lidwelisa ezinye zezinto ezitsalwa egazini lize lichaze neendlela ezidla ngokusetyenziswa ngayo kwezonyango. Bhala kweli phepha, ubonise ukuba uyayamkela okanye akuyamkeli kusini na nganye kwezi zinto zidwelisiweyo. Iphepha Lesibini lidwelisa ezinye zeendlela zokunyanga eziqhelekileyo ezibandakanya igazi lakho. Khetha enoba uyayamkela indlela nganye yokunyanga uze ubhale kwizikhewu ezibonisiweyo. La maphepha akangomaxwebhu asemthethweni, kodwa unokusebenzisa iimpendulo ozibhale kuwo ukuze zikuncede xa uzalisa ikhadi lakho leDPA (durable power of attorney).
Nguwe ofanele uzenzele ezi zigqibo kwaye ungasekeli isigqibo sakho kwisazela somnye umntu. Ngendlel’ efanayo ke, akakho umntu ofanele agxeke isigqibo somnye umKristu. Kwimiba elolu hlobo, “ngamnye uya kuthwala owakhe umthwalo.”—Gal. 6:4, 5.
[Imibhalo esemazantsi]
a Inkcazelo enokukunceda kulo mba ifumaneka kwiMboniselo kaJuni 15, 2004, iphepha 29-31.
b Inkcazelo enokukunceda kulo mba ifumaneka kwiMboniselo kaOktobha 15, 2000, iphepha 30-1, nakwi-Transfusion Alternatives—Documentary Series—On DVD.
[Isicangca esikwiphepha 5]
Iphepha Lokuqala
IZINTO EZINGA IZINTO OFANELE UZENZELE ISIGQIBO KUZO
MKELEKANGA
KUMAKRISTU
IGAZI Umele Wenze
ELIPHELELEYO IZINTO EZITSALWE EGAZINI Ukhetho Kwezi
IPLASMA IALBUMIN—EYILA MALUNGA
NESI-4 EKHULWINI KWIPLASMA
Le yiproteni efunyanwa kwiplasma.
Kukho iintlobo ezithile
zealbumin ezifumaneka
kwizityalo, ekutyeni
okufana nobisi namaqanda,
nakubisi lukamama ․․Ndiyayamkela
oncancisayo. Ialbumin ialbumin
efumaneka egazini maxa okanye
wambi iye isetyenziselwe ․․ Andiyamkeli
ukwandisa igazi xa kunyangwa ialbumin
umothuko okanye xa umntu
etshe kakhulu. Amayeza
okunyanga ezi zinto maxa
wambi aye abe nealbumin
efikelela kuma-25 ekhulwini.
Kuye kufakwe intwana yayo
naxa kusenziwa amanye amayeza,
anjengenge-erythropoietin (EPO).
I-IMMUNOGLOBULINS—ZIDE ZIFIKELELE
KWISI-3 EKHULWINI KWIPLASMA
Zizinto ezitsalwe kwiiproteni
ezinokusetyenziswa kwamanye
amayeza alwa neentsholongwane kunye
nezifo ezinjengomqala
omhlophe (diphtheria), ․․ Ndiyazamkela
uminxano-mihlathi ii-immunoglobulins
(tetanus), ukudumba okanye
kwesibindi (viral ․․ Andizamkeli
hepatitis), nomgada ii-immunoglobulin
(rabies). Zinokusetyenziswa
naxa kugonyelwa ezinye
izifo ezinokubulala imveku
engekazalwa, naxa kunyangwa
umntu olunywe yinyoka
okanye sisigcawu esinobuhlungu.
IINCINDI EZIBANGELA IGAZI
LIJIYE—ZINGAPHANTSI
KWESI-1 EKHULWINI KWIPLASMA
Kukho iiproteni ezahlukeneyo
ezinceda igazi ukuba
lijiye ukuze kunqandwe ․․ Nidiyazamkela
ukopha. Ezinye ziye incindi
zisetyenziswe kubantu ezibangela
abopha msinya. ukujiya kwegazi
Zibakho nakwiiglu i ezitsalwe kulo
ezisetyenziswa okanye
ukungciba amanxeba ․․ Andizamkeli
naxa kunqunyanyiswa iincindi
ukopha emva kotyando. ezibangela
Omnye umxube weencindi ukujiya kwegazi
ezibangela ukujiya kwegazi ezitsalwe kulo
waziwa ngokuba
yi-cryoprecipitate.
Phawula: Mvanje eminye
imichiza ebangela ukujiya
kwegazi yenziwa ngezinto
ezingatsalwanga gazini.
IISELI EZIBOMVU
IHEMOGLOBIN—IYILA AMA-33
EKHULWINI KWIISELI EZIBOMVU
Le yiproteni ethwala ioksijini
iyise emzimbeni wonke
ize ithwale icarbon dioxide
iyise emiphungeni. ․․ Ndiyayamkela
Izinto ezenziwe ihemoglobin
ngehemoglobin yegazi okanye
lomntu okanye ․․ Andiyamkeli
lezilwanyana ziyasetyenziswa ihemoglobin
xa kunyangwa abantu
abanengxaki yomlambo
(anemia) okanye abaye
bopha kakhulu.
IIHEMIN—IBA NGAPHANTSI
KWESI-2 EKHULWINI KWIISELI EZIBOMVU
Olu lwelo luthintela iienzymes
lufunyanwa kwihemoglobin
ibe lusetyenziswa xa
kunyangwa izifo
zegazi ezingaqhelekanga ․․ Ndiyayamkela
eziba kwimizila ihemin
yemfuza (ezaziwa okanye
ngokuba ziiporphyria) ․․ Andiyamkeli
ezihlasela inkqubo ihemin
yomzimba yokwetyisa,
eyemithambo-luvo kunye
neyokuhambisa igazi.
IISELI II-INTERFERONS—ZIYILA INXALENYE ENCINANE
EZIMHLOPHE KAKHULU YEESELI EZIMHLOPHE
Ziiproteni ezilwa nezifo
ezithile ezibangelwa ․․ Ndiyazamkela
ziintsholongwane kunye ii-interferons
nemihlaza. Inkoliso ezifunyanwa
yeeinterferons egazini
ayifunyanwa egazini. okanye
Ukanti zikho ․․ Andizamkeli
ezifunyanwa ii-interferons
kwiinxalenye zeeseli ezifunyanwa egazini
ezimhlophe zegazi lomntu.
IIPLATELETS Okwangoku, azikabikho
izinto ezitsalwa kwiiplatelets
ngenjongo yokuba
zisetyenziswe xa
kunyangwa abantu.
[Isicangca esikwiphepha 6]
IPHEPHA LESIBINI
IZINTO OFANELE UZENZELE ISIGQIBO KUZO
IINDLELA ZOKUNYANGA EZIBANDAKANYA UKUSETYENZISWA KWEGAZI LAKHO
*Phawula: Oogqirha bayahluka kwindlela abazisebenzisa ngayo ezi ndlela zokunyanga. Cela ugqirha wakho akucacisele ngoko kanye kanye kubandakanyekileyo kuyo nayiphi na indlela aceba ukuyisebenzisa ukuze uqiniseke ukuba ayingquzulani nemigaqo yeBhayibhile kunye nezigqibo ozenze uqhutywa sisazela sakho.
IGAMA OKO IKUPHUMEZAYO Ukhetho Ekufuneka
YOKUNYANGA Ulwenze
LENDLELA (Kusenokufuneka
uthethe nogqirha
wakho ngaphambi
kokuba wamkele
okanye ungamkeli
nayiphi na kwezi
ndlela zokunyanga.)
ICELL SALVAGE Yonga igazi.
Igazi elophayo liqokelelwa
enxebeni ebudeni
botyando. Liyahlanjwa ․․ Ndiyayamkela
okanye lihluzwe ․․ Kuya kuxhomekeka*
lize, mhlawumbi ․․ Andiyamkeli
kwangelo xesha
lotyando, libuyiselwe
kumntu otyandwayo.
IHEMODILUTION Nayo iyalonga igazi.
Ebudeni botyando, igazi
litsalwa ngemibhobho
lifakwe kwizingxobo
ezithile kuze
endaweni yalo
utofelwe umxube ․․ Ndiyayamkela
wesandisi-gazi ․․ Kuya kuxhomekeka*
ongenziwanga ngagazi. ․․ Andiyamkeli
Ngenxa yoko, ebudeni
botyando, loo mntu
utyandwayo uye asale
negazi elingxengiweyo,
elineeseli ezibomvu
ezimbalwa. Kuye kuthi
ke ebudeni botyando okanye
ekupheleni kwalo, igazi
elitsaliweyo ekuqaleni
libuyiselwe kuye.
IHEART-LUNG Incedisa ekuhambiseni igazi.
MACHINE Igaziliyatsalwa liye kungena
kwiheart-lung machine, ․․ Ndiyayamkela
lifakwe ioksijini, ․․ Kuya kuxhomekeka*
lize libuyiselwe ․․ Andiyamkeli
emzimbeni womguli.
IDIALYSIS Isebenza njengelungu lomzimba.
Kwihemodialysis, igazi
lingena kumatshini ․․ Ndiyayamkela
olihluzayo uze ․․ Kuya kuxhomekeka*
ulicoce ngaphambi ․․ Andiyamkeli
kokuba libuyele
emzimbeni womguli.
IEPIDURAL BLOOD Isetyenziswa xa kungcitywa ukuvuza
PATCH okwenzeka kumnqonqo.
Kutofwa intwana yegazi
lomguli lowo kwinwebu ․․ Ndiyayamkela
egubungele umnqonqo. ․․ Kuya kuxhomekeka*
Isetyenziswa ukungciba ․․ Andiyamkeli
ukuvuza kolwelo lomnqonqo.
IPLASMAPHERESIS Inyanga isigulo.
Igazi liyatsalwa lize
lihluzwe ukuze kukhutshwe
iplasma. Kufakwa ulwelo
oluthabathel’ indawo
iplasma, kuze kubuyiselwe
elo gazi kumguli. ․․ Ndiyayamkela
Abanye oogqirha ․․ Kuya kuxhomekeka*
banokufuna ukusebenzisa ․․ Andiyamkeli
iplasma yomnye umntu
ukuba ithabathel’
indawo leyo yegazi
lomguli. Xa kunjalo,
umKristu akasayi
kulwamkela olu nyango.
UKUPHAWULA Yindlela yokuxilonga okanye
IGAZI ukunyanga isifo.
Kutsalwa igazi,
lixutywe neyeza, ․․ Ndiyayamkela
lize libuyiselwe ․․ Kuya kuxhomekeka*
kumguli. Lisenokwahluka ․․ Andiyamkeli
ixesha elichithwa
ligazi lingaphandle
komzimba womguli.
IPLATELET GEL; (Othetha “Yenziwe Ngegazi Lakho”)
IAUTOLOGOUS Ingciba amanxeba, inciphise ukopha.
Kutsalwa igazi lize lenziwe
umxube oneeplatelets
neeseli ezimhlophe
ezininzi. Lo mxube
usetyenziswa ․․ Ndiyayamkela
kumanxeba otyando ․․ Kuya kuxhomekeka*
okanye kumanxeba ․․ Andiyamkeli
okwenzakala.
Phawula: Kwezinye
iimeko, kuye kusetyenziswe
umchiza owenza igazi
lijiye othathwe kwigazi lenkomo.