IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w87 2/15 iphe. 22-24
  • Ngaba Kukho Nayiphi Na Ingenelo Ekubandezelekeni?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Kukho Nayiphi Na Ingenelo Ekubandezelekeni?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Londoloza Ithemba
  • Indlela Yokulinda Ngomonde
  • Iimbalasane Zencwadi YeZililo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Incwadi YeBhayibhile 25—IZililo
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
  • ‘Umphefumlo Wakho Uya . . . Kuthoba Phezu Kwam.’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • “Ndibeke Amazwi Am Emlonyeni Wakho”
    Ilizwi LikaThixo Elidluliselwa Kuthi NgoYeremiya
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
w87 2/15 iphe. 22-24

Ngaba Kukho Nayiphi Na Ingenelo Ekubandezelekeni?

XA BEJONGENE nokubandezeleka okukhulu, abantu abaninzi baba buhlungu. Abanye abafumana into efanayo okanye ede yambi ngakumbi baba neemvakalelo zemfesane nezovelwano ngabantu abangoowabo. Ngokufanayo, kukho abo babukhanyelayo kwaubukho bukaThixo xa bephantsi kobunzima bexesha elide, ngoxa abanye befumana izilingo eziqatha benokholo olungaxengaxengiyo kuSomandla. Kutheni kukho oku nje?

Ngokufuthi abantu baba buhlungu baze balulahle ukholo ngenxa yokuba bezijonga bengababaluleke gqitha baze basilele ukuqonda ukuba bangabantu abanesono abaphila kwihlabathi elingawukhathalelanga umthetho kaThixo. Ngokuphosakeleyo bathi izinto ezimbi ezo abantu abamele babekw’ ityala ngazo zenziwa nguSomandla. Ngenxa yoko, akukho nto iyingenelo bayifundayo ebunzimeni yaye, emva kokukhululeka, basenokude bazibonakalise ngakumbi iimpawu zobuntu ezinganqwenelekiyo kunokuba babesenjenjalo ngaphambili.

Ukuze oku kungenzeki kuthi, sifanele siqiniseke ngokungenelwa kuyo nantoni na enokusehlela. Oku kufuna ukuba sibe nembono efanelekileyo ngokubandezeleka kwabantu. Incwadi yeBhayibhile yeZililo iluncedo kakhulu ekuchazeni lo mcimbi ngengqiqo efanelekileyo.

Londoloza Ithemba

Le ncwadi inemibongo emihlanu enezililo ngokutshatyalaliswa okoyikekayo kweYerusalem ngamaBhabhiloni. Kowesithathu kule mibongo, umprofeti uYeremiya, eqhutywa ngumoya kaThixo, uchaza iimvakalelo zakhe ezinamandla, ezidlulisela kuhlanga luphela ngokungathi kwakubandezeleke yena kuphela. (IZililo 3:1) Nangona uYeremiya wabandezeleka kunye nohlanga luphela, loo mava akazange amenze abe buhlungu. Wakhangela ngethemba kwixesha laxa ubabalo lukaThixo lwaluya kuphinda lube kubantu Bakhe waza oko kwehlela uhlanga wakwamkela njengokuphunyezwa komgwebo kaThixo ngokufanelekileyo.

Ithemba lokuhlangulwa kwixesha elizayo lamzimasa uYeremiya. Sifunda oku: “Umphefumlo wam uyazikhumbula unangoku ezo zinto, usibekekile kum [wena Yehova]. Oko ndikunyamekele ngentliziyo: ngenxa yoko ndilindile.” (IZililo 3:20, 21) UYeremiya wayengathandabuzi ukuba ekugqibeleni uYehova wayeya kubababala abantu Bakhe ababeguqukile. Kuyinyaniso ukuba, babethotyiwe ngokuthi boyiswe ngokupheleleyo. Kodwa uYehova wayeza kuhla kwisikhundla sakhe esiphakamileyo emazulwini, abanyuse kwimeko yabo embi. Ecinga ngoku, uYeremiya wayenokuyithuthuzela intliziyo yakhe aze alinde ngomonde de uYehova abe nento ayenzayo ngenxa yabantu Bakhe ababeguqukile.

Ngoko, xa sifumana amava acinezelayo, asifanele silahle ithemba. Sifanele sikhumbule ukuba iimvavanyo zinesiqalo yaye zikwanesiphelo. Osenyangweni akasayi kuze avumele abakhonzi bakhe abathembekileyo ukuba babandezeleke ngokungenasiphelo kunye nabo bangengobantu bakhe bazinikeleyo. Kungenxa yoko le nto sifanele silinde ngomonde de uYehova azise inkululo ethile.

Kwaisibakala sokuba umntu abe usaphila sifanele simnike isizathu sethemba. Emva kwixesha likaYeremiya, isixeko saseYerusalem nelizwe lakwaYuda zaba yinkangala, yaye amaSirayeli amaninzi atshabalala. Sekunjalo, babakho abasindayo. Oku kwanikela isiqinisekiso sokuba uThixo uyaqhubeka ebonakalisa inceba kubantu bakhe. Sifunda oku: “Kungeenceba zikaYehova le nto singagqityelwanga, ngokuba azipheli iimfesane zakhe. Zintsha imiso ngemiso; kukhulu ukuthembeka kwakhe. Isabelo sam nguYehova, utsho umphefumlo wam; ngenxa yoko ndilindele kuye.”—IZililo 3:22-24.

Ukuba kwakungengenxa yobubele bukaThixo obunothando, inkxalabo yakhe enemfesane ngabantu bakhe, ngekwakungazange kubekho maSirayeli asindayo. Kodwa uYehova uThixo wabonakalisa inceba. Ngoko ukubonakalisa kwakhe inceba kwakuya kuqhubeka kusenzeka kubantu bakhe, kuhlaziywa ntsasa nganye. Isibakala sokuba ukuthembeka kukaYebova kubalasele saqinisekisa ukuba iinceba zakhe kwakunokuxhonyekekwa kuzo. Zaziya kuhlala zihleli, zazingayi kuze zibe buthathaka okanye zibe zezingasebenziyo. Ekubeni Osenyangweni wahlala esisabelo, okanye elilifa, labantu bakhe, kwakukho isizathu esilungileyo sokuba bahlale belindele ukuguqulwa kweemeko ezinzima awayevumele ukuba bazifumane ngenxa yokungathembeki kwabo.

Indlela Yokulinda Ngomonde

Ukulinda okunjalo kufanele kuphawulwe yintoni? Incwadi yeZililo iyaphendula: “UYehova ulungile kwabathembele kuye, kumphefumlo omquqelayo. Kulungile ukuba umntu alulindele, ethe cwaka, usindiso lukaYehova. Kuyilungele indoda ukuba iyithwale idyokhwe kwasebutsheni bayo. Mayihlale yodwa ithe cwaka, xa iyithwalisiweyo. Mayiwubeke eluthulini umlomo wayo; kungabakho ithemba mhlawumbi. Mayisinikele isidlele sayo koyibethayo; mayihluthe yingcikivo.”—IZililo 3:25-30.

Phawula ukuba ebudeni bexesha lokubandezeleka okunjalo, ubani ufanele ahlale eyikhangele ngethemba inkululo kuThixo aze asondele ngakumbi kuye. Umntu kufuneka abe nomonde, alinde ethe cwaka okanye engakhalazi de uSomandla azise inkululo, okanye usindiso. Ngaloo ndlela ukuyithwala komntu kwasebutsheni idyokhwe yokubandezeleka kuneyona ngenelo. Ngoba? Kungenxa yokuba kwenza kube lula gqitha ngaye ukuba atyhubele amava anjalo kamva ebomini ngaphandle kokulahla ithemba. Esazi ukuba uye watyhubela ubunzima obukhulu ngaphambili, unesizinzi sethemba lokuba uya kukwazi ukwenjenjalo kwakhona.

Xa umntu ethwaliswe idyokhwe yembandezelo, akafanele ahambe nje evakalisa izikhalazo zakhe. Ufanele ahlale yedwa, njengokuba esenjenjalo umntu osentlungwini, aze ahlale ethe cwaka. Hayi, ufanele ahlale ethe tywa, umlomo ewubeke eluthulini. Oku kuthetha ukuba ngokuthobekileyo ufanele azithobe kwiimvavanyo uThixo amvumela ukuba azinyamezele, yaye ngethemba ufanele akhangele kwintlangulo ezayo. Akafanele abavukele abo bamtshutshisayo kodwa ngomonde ufanele akunyamezele ukuphathwa kakubi ngokwasemzimbeni nokuthukwa. Oku kusikhumbuza indlela uYesu Kristu awaziphatha ngayo. Ingxelo yeBhayibhile ithi: “Obesithi, etshabhiswa, angaphindezeli atshabhise, athi esiva ubunzima, angaphindezeli asongele; ke ubeyekele kulowo ugwebayo ngokobulungisa.”—1 Petros 2:23.

Enye ingongoma ebalulekileyo omawuyikhumbule xa ubandezelekile kukuba uThixo akakholiswa zizinto ezimbi abantu abasenokuzenza. Phofu ke, Osenyangweni uyazivumela izinto ezithile ukuba zenzeke ngenjongo elungileyo. Oku kuvakaliswa kakuhle ngala mazwi alandelayo akwincwadi yeZililo: “Ngokuba iNkosi yam ayiyi kumhlamba umntu ngonaphakade, ngokuba naxa imhlisele usizi, noko yoba nemfesane ngokobuninzi benceba yayo. Ngokuba ayibacinezeli ngokuphuma entliziyweni yayo, ibenze babe nosizi oonyana babantu. Ekutyunyuzweni kwababanjiweyo bonke behlabathi phantsi kweenyawo; ekulijikeni ityala lomfo phambi kobuso bOsenyangweni; ekuphenulweni komntu ekubambaneni kwakhe nomnye: iNkosi yam ayiboni na?”—IZililo 3:31-36.

Kwimeko yamaSirayeli awayengathembekanga, uYehova uThixo wawanikela kumaBhabhiloni ewavumela ukuba athubeleze kubunzima oboyikekayo. Wawashiya ukusa kwinqanaba lokuba awavumele ukuba athinjwe. Kanti, oku wakwenza ngenjongo elungileyo, eyayikukuvelisa intsalela eguqukileyo phakathi kwababesindile nenzala yabo. Kwakukule ntsalela awayeya kuthi uYehova abonise inceba. USomandla wayengavuyiswa kukohlwaya amaSirayeli. Kwakungengomnqweno wentliziyo yakhe ukubangela ukuba abe buhlungu aze abandezeleke ngokuwanikela kwiintshaba zawo. UYehova akazange akholiswe yindlela eyoyikekayo ezi ntshaba ezazibaphethe ngayo abantu bakhe. Akazange awajonge njengakholekileyo kuye amadoda awayecinezela amabanjwa emfazwe, abo babandeza indoda amalungelo ayo ewanikwe nguThixo, nabo bangazange bavume ukugweba ngokusesikweni ityala labantu ababambeneyo.

Ngokuvisisana noko, xa sibandezelwa ngabantu, asifanele simbek’ ityala uThixo ngezinto ezimbi abantu abazenzayo. Osenyangweni akakholiswa yingcinezelo nalu-gonyamelo lwabo. Ekugqibeleni kuya kufuneka bephendule kuye ngenxa yezenzo zabo ezibi.

Ngoko, kwakhona, abantu basenokuzibandezela ngokwabo. AmaSirayeli awayengenalukholo amnikel’ umva uYehova uThixo, eyichasa inyameko yakhe ekhuselayo. Ngoko, ngokufanelekileyo, wawanikela kwiintshaba zawo. Ngoko ayengenasizinzi sakukhalaza ngokubhekisele koko kwakuwehlele. Oku kugxininiswa kulo mbuzo uthi: “Yini na ukuba umntu akhalaze ephilile? Umfo makakhalaze ngenxa yezono zakhe.” (IZililo 3:39) Endaweni yokuba akhalaze, amaSirayeli ayefanele ngokuzohlwaya abuyele kuYehova, embongoza ukuba awenzele inceba. Sifunda oku: “Masiziphengulule iindlela zethu, sizigocagoce, sibuyele kuYehova. Masizinyuse iintliziyo zethu kunye nezandla zethu, sizise kuThixo emazulwini. Thina sikreqile saba neenkani.”—IZililo 3:40-42.

Ewe, elo yayingelo xesha lokumbombozela nokukhalaza. Yayilixesha lokuba azihlole ngenyameko iindlela zawo, ikhondo lawo lobomi okanye ihambo, nokuqwalasela okwakube ngumphumo woko. Endaweni yokuba aqhubeke ehamba ngayibonayo ezenzakalisa, ayefanele abuyele kuYehova aze ahambisane nemiyalelo yakhe. Iimbonakaliso zangaphandle zenguquko, ukunyuswa nje kwamasundu emthandazweni, ezo zinto zazinganele. Kwakufuneka inguquko esuk’ entliziyweni ngenxa yeziphoso.

Ngoko xa sithi sibandezeleke, sifanele sikhangele kwikhondo lethu lobomi. Ngaba siye sazizisela iingxaki ngokungawukhathaleli umthetho kaThixo? Ukuba kunjalo, asinasizinzi sakumbek’ ityala Osenyangweni. Kunoko, sifanele sibonise ukuba siye sangenelwa kuqeqesho olubuhlungu ngokushiya ikhondo eliphosakeleyo size ngokuzohlwaya sibuyele kuThixo. Ukuba siye sazama ukuphila ubomi obuthe tye ukanti sabandezeleka, asifanele silibale ukuba oko abantu abangendawo basenokukwenza kuthi asikuko oko uThixo akholiswayo kuko. Okweli thuba, sifanele ngokululama sizithobe kwiimvavanyo zethu, silindele ngomonde yaye singakhalazi de uYehova uThixo azise inkululo. Ukuba siyasisebenzisa isiluleko seLizwi likaThixo xa sijongene nokubandezeleka, siya kungenelwa. Siya kufunda ukuba ngabanomonde, abanyamezelayo nabathembele ngokupheleleyo kuYehova. Asisayi kuze sihambe ngeendlela ezithiyekileyo zabantu abacinezelayo, kodwa siya kuqhubeka singabantu abanobubele nabanemfesane kubantu abangoowethu.

[Umfanekiso okwiphepha 23]

UYeremiya, owabhala IZililo, wayenokubhala ngokusuka kumava ngokubandezeleka

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share