INtlangano
Ingcaciso: Lumanyano okanye ngumbutho wabantu abanemigudu ehlanganisiweyo yokwenza umsebenzi othile okanye ukuphumeza injongo. Amalungu entlangano amanyaniswe ngamalungiselelo athile okwalathisa nangemilinganiselo okanye izinto ezifunekayo. Abantu abangamangqina kaYehova azahluleleyo nabhaptiziweyo bangena kwintlangano kaYehova ngenxa yokhetho lobuqu, kungekhona ngenxa yokuzalwa okanye ukunyanzelwa. Baye bangeniswa kwintlangano yakhe yasemhlabeni ngenxa yeemfundiso noqheliselo lwayo nangenxa yokufuna kwabo ukuba nesabelo kumsebenzi ewenzayo.
Ngaba uYehova ngokwenene unayo intlangano emhlabeni?
Ukuze kuphendulwe lo mbuzo, makuqwalaselwe okulandelayo:
Ngaba izidalwa zikaThixo zasezulwini, izithunywa zezulu, zilungelelanisiwe?
Dan. 7:9, 10: “Ndabona, zada zamiswa iitrone, wahlala uNyangelemihla; isambatho sakhe simhlophe njengekhephu, neenwele zentloko yakhe zinjengoboya bezimvu obunyulu, itrone yakhe ingamalangatye, iivili zayo ngumlilo olenyayo. Kwaphuma umlambo womlilo phambi kwakhe, amawaka amawaka ayelungiselela kuye, nezigidi zezigidi bezimisa phambi kwakhe; abagwebi bahlala phantsi, iincwadi zavulwa.”
INdu. 103:20, 21: “Mbongeni uYehova, nina zithunywa zakhe, magorha omeleleyo, alenzayo ilizwi lakhe, ephulaphula isandi selizwi lakhe. Mbongeni uYehova, nonke mikhosi yakhe, balungiseleli bakhe, benzi bokuthanda kwakhe.” (‘Umkhosi’ uliqela elilungelelanisiweyo.)
UThixo wayidlulisa njani imiyalelo kubakhonzi bakhe abasemhlabeni kwixa elidluleyo?
Xa abanquli bakaYehova babesembalwa, wadlulisa imiyalelo kwiintloko zeentsapho ezinjengoNowa noAbraham, ibe ke zasebenza njengezithethi zikaYehova kwiintsapho zazo. (Gen. 7:1, 7; 12:1-5) Xa uYehova wakhulula amaSirayeli eYiputa, wawanika imiyalelo ngoMoses. (Eks. 3:10) KwiNtaba yeSinayi, uThixo wabalungelelanisa abantu baluhlanga, ebanika imithetho nemimiselo yokulawula unqulo lwabo nolwalamano lwabo omnye nomnye. (Eks. 24:12) Wamisela isibingeleli sokukhokela kwimicimbi yonqulo nokufundisa abantu ngezinto ezazifunwa nguYehova; maxa wambi wakwavelisa abaprofeti bokunikela isiyalo esasifuneka nesilumkiso ebantwini. (Dut. 33:8, 10; Yer. 7:24, 25) Ngaloo ndlela, nangona uYehova wayiphulaphulayo imithandazo yabanquli ngabanye, wayebafundisa ngelungiselelo elicwangcisiweyo.
Njengoko ixesha lalisondela lokuba uYehova aqalise ukubamanyanisela kuye abanquli bokwenyaniso ngokusebenzisa uYesu Kristu, uThixo wamthumela emhlabeni ukuba akhonze njengesithethi Sakhe. (Heb. 1:1, 2) Kwandula ke ngokuthululwa komoya oyingcwele ngePentekoste yowama-33 C.E., kwabakho ibandla lamaKristu. Emva kokuba uYesu ebuyele ezulwini, eli bandla laba lilungiselelo likaYehova lokufundisa amaKristu nokumanyanisa imigudu yawo. Kwakukho abaveleli bokukhokela kumabandla asekuhlaleni, ibe iqumrhu elilawulayo eliyintloko lenza izigqibo ezifunekayo laza lanceda ekucwangciseni umsebenzi. Licacile elokuba, uYehova wayenze intlangano emhlabeni ebunjwe ngamaKristu okwenyaniso.—Ize. 14:23; 16:4, 5; Gal. 2:7-10.
Ngaba imisebenzi kaYehova yendalo ebonakalayo ibonisa ukuba unguThixo wolungelelwaniso?
Isa. 40:26: “Phakamiselani amehlo enu phezulu, nibone: ngubani na owadala ezi zinto? Ngulokhupha umkhosi wazo ngamaqela, uzibiza zonke ziphela ngamagama, ngenxa yobukhulu bokomelela, ekhaliphile ngamandla; akusali nanye.” (Iinkwenkwezi zihlanganiswe zangamakroza ibe zihamba kunye enye nenye, nakubeni iimpawu zenkwenkwezi nganye zahlukile. Izijikelezi-langa zihamba ngokwexesha elichanileyo, kwizangqa ezizabelweyo. Iielektroni ezifumaneka kwiathom nganye yolutho ngalunye nazo zinezangqa ezihamba kuzo. Ibe ukumila kwayo yonke into elulutho ilandela indlela engokwemathematika evisisana kangangokuba kwaba nokwenzeka ngezazinzulu ukuxela kwangaphambili ubukho bezinto ezithile ngaphambi kokuba zizifumane ngokwenene. Konke oku kunikela ubungqina bolungelelwaniso oluphawuleka ngokubalaseleyo.)
Ngaba iBhayibhile ibonisa ukuba amaKristu okwenyaniso ayeya kuba ngabantu abalungelelanisiweyo?
Mat. 24:14; 28:19, 20: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela.” ‘Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptize nibafundise.’ (Oku kwakuya kufezwa njani ngaphandle kokulungelelaniswa kwezinto? Xa uYesu wabaqeqeshela umsebenzi abafundi bakhe bokuqala, Akazange nje axelele ngamnye wabo ukuba aye naphi na apho wayenqwenela ukuya khona nokuba athethe ngokholo lwakhe nangayiphi na indlela awayeyikhetha. Wabaqeqesha, wabanika imiyalelo waza wabathuma ngendlela elungelelanisiweyo. Bona uLuka 8:1; 9:1-6; 10:1-16.)
Heb. 10:24, 25: “Kanjalo masinyamekelane, ukuba silolane eluthandweni nasemisebenzini emihle; singakuhilizeli ukuhlanganisana kwethu, njengesiko labanye. Masivuselelane kube kokukhona, niyibona nje ukuba imini leyo iyasondela.” (Kodwa umntu wayeya kubalathisela phi abantu abanomdla ukuze bathobele lo myalelo ukuba kwakungekho ntlangano eyayineentlanganiso ezithe rhoqo ababenokuhlanganisana kuzo?)
1 Kor. 14:33, 40: “UThixo akangowesiphithiphithi, ngowoxolo; . . . zonke izinto mazenziwe ngokubekekileyo, nangolungelelwano.” (Umpostile uPawulos apha uxubusha ngenkqubo yokulungelelana kwiintlanganiso zebandla. Ukusebenzisa esi siluleko siphefumlelweyo kufuna ukuba kuhlonelwe ulungelelwaniso lwezinto.)
1 Pet. 2:9, 17: “Ke nina nisisizukulwana esinyuliweyo, isibingeleli esibukumkani, uhlanga olungcwele, abantu abayinqobo, ukuze nivakalise isidima salowo wanibizayo ukuba niphume ebumnyameni, ningene ekukhanyeni kwakhe okungummangaliso; . . . thandani isizalwana [lonke umanyano lwabazalwana, NW].” (Umanyano lwabantu abamigudu yabo yalathiselwe ekufezeni umsebenzi othile lubizwa ngokuba yintlangano.)
Ngaba abo bangabakhonzi bakaThixo abathembekileyo bangabantu nje abasasazeke kwiicawa ezahlukahlukeneyo zeNgqobhoko?
2 Kor. 6:15-18: “Unasahlulelwano sini na okholwayo nongakholwayo? . . . Kungoko ndithi, Phumani phakathi kwabo, nizahlule, itsho iNkosi, nento engcolileyo ningayichukumisi; ndandiya kunamkela, ndibe nguyihlo, nina nibe ngoonyana neentombi kum; itsho iNkosi uSomandla.” (Ngaba umntu ngokwenene ungumkhonzi kaThixo othembekileyo ukuba uyaqhubeka esiba nesabelo elunqulweni nabo bathi ngendlela yabo yobomi babonise ukuba ngokwenene abangomakholwa? Bona umxholo omkhulu othi “IBhabhiloni Enkulu.”)
1 Kor. 1:10: “Ke kaloku, ndiyaniyala, bazalwana, ngalo igama leNkosi yethu, uYesu Kristu, ukuba nithethe nto-nye nonke, nokuba kungabikho zahlukahlukano kuni; ke nibe ngabalungisiweyo, nigqibelele ngqiqweni-nye, nasicamangweni sinye.” (Umanyano olunjalo alukho phakathi kweecawa ezahlukahlukeneyo zeNgqobhoko.)
Yoh. 10:16: “Ndinazo nezinye izimvu, ezingezizo ezobu buhlanti; nazo ezo ndimelwe kukuza nazo; zaye ziya kuliva izwi lam, zibe mhlambi mnye, nomalusi abe mnye.” (Ekubeni uYesu wayeya kuzisa abantu abanjalo ‘kumhlambi omnye,’ alicacanga na elokuba babengenakusasazeka kwiinkonzo zeNgqobhoko?)
Inokubonwa njani intlangano kaYehova ebonakalayo kumhla wethu?
(1) Ngokwenyaniso iphakamisa uYehova njengokuphela koThixo oyinyaniso, izukisa igama lakhe.—Mat. 4:10; Yoh. 17:3.
(2) Iyigqala ngokupheleleyo indima ebalulekileyo kaYesu Kristu kwinjongo kaYehova—njengomthetheleli wolongamo lukaYehova, iMbangi yobomi, intloko yebandla lamaKristu, uKumkani olawulayo onguMesiya.—ISityhi. 19:11-13; 12:10; Ize. 5:31; Efe. 1:22, 23.
(3) Inamathela gqitha kwiLizwi eliphefumlelwe nguThixo, isekela zonke iimfundiso nemilinganiselo yayo yokuziphatha eBhayibhileni.—2 Tim. 3:16, 17.
(4) Ihlala izahlulile ehlabathini.—Yak. 1:27; 4:4.
(5) Ilondoloza umlinganiselo ophakamileyo wokucoceka okungokokuziphatha phakathi kwamalungu ayo, ngenxa yokuba uYehova ungcwele.—1 Pet. 1:15, 16; 1 Kor. 5:9-13.
(6) Inikela imigudu yayo ephambili ekwenzeni umsebenzi iBhayibhile eyawuxela kwangaphambili ukuba uza kuqhubeka ngomhla wethu, ongulo, ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo zoBukumkani kulo lonke ihlabathi ukuze zibe bubungqina.—Mat. 24:14.
(7) Phezu kwako nje ukungafezeki kwabantu, amalungu ayo ahlakulela aze avelise isiqhamo somoya kaThixo—uthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, ukholo, ubulali, ukuzeyisa—esenjenjalo ukusa kumlinganiselo wokuba siyawahlula kwihlabathi ngokubanzi.—Gal. 5:22, 23; Yoh. 13:35.
Sinokuyibonakalisa njani intlonelo ngentlangano kaYehova?
1 Kor. 10:31: “Zenzeleni uzuko lukaThixo izinto zonke.”
Heb. 13:17: “Bathambeleni abakhokeli benu, nibathobele; kuba bona abalali, ngenxa yemiphefumlo yenu, ngokwabaya kuphendula.”
Yak. 1:22: “Yibani ke ngabenzi belizwi, ningabi ngabaphulaphuli kodwa.”
Tito 2:11, 12: “Lubonakele kubantu bonke ubabalo lukaThixo, lulolusindisayo; lusiqeqesha ukuze sithi, sikuncama ukungahloneli Thixo nokukhanuka okukokwehlabathi, sihlale ngokunesidima, nangokubulungisa, nangokuhlonela uThixo.”
1 Pet. 2:17: “Thandani isizalwana [lonke umanyano lwabazalwana, NW].”