IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Yaziwa Njani Inyaniso YeBhayibhile?
    Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje?
    • ISIFUNDO 3

      Yaziwa Njani Inyaniso YeBhayibhile?

      Iqela lamadoda elifunda iBhayibhile ngeminyaka yee-1870

      ABafundi beBhayibhile, ngeye-1870

      Indoda efunda iMboniselo yokuqala

      IMboniselo yokuqala, ngowe-1879

      Ibhinqa eliphethe iMboniselo noVukani!

      IMboniselo namhlanje

      IBhayibhile yaprofeta yathi emva kokufa kukaKristu, phakathi kwamaKristu okuqala kwakuya kuvela abafundisi bobuxoki, kwaye babeya kuyingxenga imfundiso eyinyaniso yeBhayibhile. (IZenzo 20:29, 30) Ekuhambeni kwexesha kwenzeka kanye loo nto. Baxuba iimfundiso zikaYesu nezobuhedeni, aqalisa ukuvela amaKristu obuxoki. (2 Timoti 4:3, 4) Sinokuqiniseka njani ukuba namhlanje sikuqonda ngokwenene oko kufundiswa yiBhayibhile?

      Kwafika ixesha lokuba uYehova ayityhile inyaniso. Waprofeta wathi, ‘ngexesha lesiphelo ulwazi lokwenyaniso luya kuba luninzi.’ (Daniyeli 12:4) Ngowe-1870, iqaqobana labantu ababefuna inyaniso laqonda ukuba iicawa ezininzi zifundisa izinto ezingekhoyo eZibhalweni. Ngoko ke, laqalisa ukufuna ukwazi ezona mfundiso zeBhayibhile, waza uYehova walinceda lazazi kakuhle izibhalo.

      Amadoda anyanisekileyo ayifundisisa ngenyameko iBhayibhile. Abo Bafundi beBhayibhile banyanisekileyo baqalisa indlela yokufundisisa esiyisebenzisayo nanamhlanje. Baxubusha imfundiso yeBhayibhile nganye. Xa kukho umbandela weBhayibhile abangawuqondiyo, babekhangela ezinye iindinyana eziwucacisayo. Xa befikelela kwisigqibo esivisisana nazo zonke iZibhalo, babesibhala phantsi. Ngenxa yokuvumela ingcaciso yeBhayibhile, bafumana inyaniso ngegama likaThixo noBukumkani, injongo yakhe ngoluntu nomhlaba, imeko yabafi kunye nethemba lovuko. Uphando abalwenzayo lwabakhulula kwiimfundiso nezenzo ezininzi zobuxoki.—Yohane 8:31, 32.

      Ngowe-1879 aBafundi beBhayibhile baqonda ukuba lifikile ixesha lokwazisa bonke abantu inyaniso. Ngaloo nyaka baqalisa ukuprinta iphephancwadi elisahanjiswayo nanamhlanje, IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova. Sithethanje sixelela abantu abakumazwe angama-240 abathetha iilwimi ezingaphezu kwama-750 ngenyaniso yeBhayibhile. Ulwazi lokwenyaniso luye lwasasazeka ngakumbi kunangaphambili!

      • Yintoni eyenzeka kwinyaniso yeBhayibhile emva kokufa kukaKristu?

      • Yintoni eye yasinceda sayifumana inyaniso yeLizwi likaThixo?

  • Kutheni Siye Savelisa INguqulelo Yehlabathi Elitsha?
    Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje?
    • ISIFUNDO 4

      Kutheni Siye Savelisa INguqulelo Yehlabathi Elitsha?

      Umatshini wokuprinta wakudala
      Kukhululwa iNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele yokuqala
      Abantu baseCongo (eKinshasa) babuka iNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele

      Congo (Kinshasa)

      ERwanda kukhululwa iNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele

      ERwanda

      Isiqwenga senguqulelo kaSymmachus esinegama likaThixo

      Isiqwenga senguqulelo kaSymmachus esinegama likaThixo kwiNdumiso 69:31, ngenkulungwane yesithathu okanye eyesine yexesha eliqhelekileyo

      Kangangeminyaka, amaNgqina kaYehova ebesebenzisa, eprinta yaye ehambisa iinguqulelo ezahlukahlukeneyo zeBhayibhile. Kodwa sabona ukuba kufuneka sivelise inguqulelo entsha eza kunceda abantu bafumane ‘ulwazi oluchanileyo lwenyaniso,’ nto leyo uThixo afuna wonke umntu ayifumane. (1 Timoti 2:3, 4) Ngaloo ndlela, ngowe-1950 saqalisa ukuvelisa iinxalenye ezithile zeNguqulelo Yehlabathi Elitsha, iBhayibhile esebenzisa ulwimi oluthethwayo namhlanje. Iye yaguqulelwa ngokuchanileyo kwiilwimi ezingaphezu kwe-130.

      Kwakufuneka iBhayibhile ekulula ukuyiqonda. Ulwimi luyatshintsha yaye iinguqulelo ezininzi zinamagama angaziwayo nawayesetyenziswa kudala ekunzima ukuwaqonda. Kwakhona, kuye kwafunyanwa imibhalo-ngqangi yamandulo esondeleyo kuleyo yeelwimi eyabhalwa ngazo iBhayibhile, nto leyo eye yabangela ukuba kube lula ukuqonda isiHebhere, isiAramiki nesiGrike eyabhalwa ngaso iBhayibhile.

      Kwakufuneka inguqulelo enamathela elizwini likaThixo. Kunokuba batshintshe imibhalo ephefumlelwe nguThixo, abaguquleli bamele banamathele kuleyo yolwimi eyabhalwa ngalo. Sekunjalo, kwiinguqulelo ezininzi, igama likaThixo, uYehova, alisetyenziswa kwiZibhalo Ezingcwele.

      Kwakufuneka iBhayibhile ezukisa uMbhali wayo. (2 Samuweli 23:2) Njengoko kubonisiwe kumzekelo ongezantsi, kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha, igama elithi Yehova liye labuyiselwa kwiindawo elivela kuzo izihlandlo ezingama-7 000 kwimibhalo-ngqangi yeBhayibhile. (INdumiso 83:18) Ngenxa yophando olwenziwe iminyaka emininzi, le Bhayibhile ifundeka kamnandi njengoko ibonisa indlela acinga ngayo uThixo. Enoba uneNguqulelo Yehlabathi Elitsha ngolwimi lwakho okanye akunayo, siyakukhuthaza ukuba ufundisise iLizwi likaYehova yonke imihla.—Yoshuwa 1:8; INdumiso 1:2, 3.

      • Kwakutheni ukuze sigqibe kwelokuba kufuneka inguqulelo entsha yeBhayibhile?

      • Yintoni ekufuneka ayenze yonke imihla umntu ofuna ukufunda oko kuthandwa nguThixo?

      FUNDA OKUNGAKUMBI

      Funda “intshayelelo” yeNguqulelo Yehlabathi Elitsha uze uphendule lo mbuzo: “Ikomiti yabaguquleli yavelisa le Bhayibhile inayiphi imbopheleleko?” Emva koko thelekisa indlela abaziguqulele ngayo ezi ndinyana kunye nezinye iinguqulelo onazo: Genesis 25:29; Isaya 14:23; Mateyu 5:3; 11:12; 1 Korinte 10:24, 25; Filipi 1:8.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share