IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • yb13 iphe. 42-77
  • Ukushumayela Nokufundisa Ehlabathini Lonke

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukushumayela Nokufundisa Ehlabathini Lonke
  • Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2013
Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2013
yb13 iphe. 42-77

Ukushumayela Nokufundisa Ehlabathini Lonke

EMaine, eUnited States: Belandela umzekelo kaYesu, aba bazalwana ‘bangabalobi babantu’

EMHLABENI WONKE

  • AMAZWE 239

  • ABAVAKALISI 7 782 346

  • ISIMBUKU SEEYURE EZICHITHWE ENTSIMINI 1 748 697 447

  • IZIFUNDO ZEBHAYIBHILE 8 759 988

EAFRIKA

  • AMAZWE 58

  • ABEMI 968 989 710

  • ABAVAKALISI 1 312 429

  • IZIFUNDO ZEBHAYIBHILE 2 999 639

Akasazukuqhomfa

EAddis Ababa, ikomkhulu lase-Ethiopia, kuhlala uSaba, elinye ibhinqa elinevenkile. Ngenye imini, oodade ababini bamnika iphephancwadi uVukani! elalinenqaku elithetha ngokuqhomfa. USaba wabangenisa ngaphakathi aba dade waza elila, wabaxelela ukuba ebecinga ngokuqhomfa. Njengokuba babencokola, bobathathu bachukumiseka baza balila. Ngolo suku, uSaba wagqiba kwelokuba liza kumgcina umntwana walo laza laxelela umyeni walo isizathu soko. Ethubeni, lazala umntwana omhle oyintombazana. Waqalisa nokufundelwa iBhayibhile wada wabhaptizwa. Ngoku unguvulindlela yaye wonwabile. Nomyeni wakhe waqalisa ukufundelwa waza waba ngumzalwana, yaye ngoAprili 2012, nabantwana babo ababini babhaptizwa.

‘Singakwazi Ukuthetha Naye?’

EKaokoland, eNamibhiya: Iincwadi ezinceda ekufundiseni ezibangel’ umdla zithimba ingqalelo yabantu bonke. Incwadana ethi Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade ngoku ifumaneka ngeelwimi ezingama-452!

Omnye umveleli wesiphaluka wase-Ethiopia wayeshumayela kwindlu ngendlu kunye nomnye umzalwana. Kwenye indlu, bavulelwa ngusisi oncedisayo baza bacela ukuthetha nomninimzi. Wathi akubaxelela ukuba abanakukwazi, bacela ukushiya iincwadi ukuze amnike. Wangena ngaphakathi esiya kucela imvume yomninimzi, wabuya esithi umninimzi ufuna ukuqala azibone ezo ncwadi.

Abazalwana banika lo sisi iphephancwadi ukuze aye kubonisa umninimzi. Emva kwemizuzu embalwa, wabuya esithi umninimzi uthi uza kuyifunda. Omnye waba bazalwana wathi kuye, “Xa engakwazi kuphuma eze kuthi, singakwazi ukungena sithethe naye?” Lo sisi waphinda waya kumbuza. Kwesi sihlandlo wahlala ixesha elide, abazalwana bada bathandabuza nokuba uza kubuya. Ekugqibeleni, wabuya waza wabangenisa ngaphakathi. Abazalwana beva ukuba lo mninimzi, uYirgu, wayeyindoda esele ikhulile neyayineminyaka elishumi ingakwazi kuzenzela nto, ingakwazi nokuphuma ebhedini okanye ukuhlala nkqo. Lo sisi uncedisayo wayethathe ixesha elide kuba wayeqale ngokunxibisa uYirgu nokuqoqosha igumbi.

Abazalwana bathetha naye ngeendaba ezilungileyo. UYirgu wazithanda izinto abathetha ngazo, waza wavuma ukufundelwa iBhayibhile. Njengokuba babeqhubeka nesifundo, waya esiba bhetele empilweni. Ethubeni, wakwazi ukuphuma ebhedini aze ahambe ngesitulo esinamavili. Kungekudala waqalisa ukuya kwiintlanganiso yaye usandul’ ukubhaptizwa kwindibano yesithili yakutshanje.

Icawa Yeencwadi Zikayise

UCalvin, ohlala eZimbabwe, wayeneminyaka emine kuphela xa kwasweleka uyise, emshiya nebhegi nje eneNguqulelo Yehlabathi Elitsha nencwadi ethi Isiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu, Umqulu 1. Wayedla ngokuthi kuCalvin: “Kufuneka uhambe le cawa yezi ncwadi. Ifundisa inyaniso.”

Kwathi kwakusweleka unina, uCalvin waya kuhlala noninakhulu. Kangangeminyaka esithoba, uCalvin akazange avume ukuya kwicawa kaninakhulu, esithi ngenye imini uya kuze ayifumane “icawa” yeza ncwadi wayezinikwe ngutata wakhe.

Ngenye imini, uninakhulu wadibana nomnye udade. Engazi ukuba liNgqina, wamxelela ukuba unomzukulwana onenkani ongafuniyo ukuya ecaweni. Kunoko, wayechitha iiCawa zakhe efunda incwadi awayishiyelwa nguyise. Lo dade wabuza igama laloo ncwadi. Uninakhulu wathi ucinga ukuba “yenye yeza ncwadi zingabhadlanga zamaWatchtower.”

Lo dade wathi angathanda ukumbona lo mfana. Wavuya kakhulu uCalvin akudibana nalo dade. Ngoko nangoko, lo dade waqalisa isifundo seBhayibhile kunye naye esebenzisa incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? waza waqalisa ukuya kwiintlanganiso nakuba wayechaswa ngokukrakra nguninakhulu. Uzimisele ukunamathela enyanisweni yaye ukhangele phambili ngolangazelelo kwixesha lovuko, enethemba lokuphinda abe kunye nabazali bakhe. UCalvin wabhaptizwa ngo-Agasti 2012.

“UThixo Omkhonzayo Unamandla”

UCaro uhlala eUganda. Kwinyanga nje emva kokuba eqalise ukufunda iBhayibhile, umyeni wakhe, uMartin, owayeligqwirha, waqalisa ukumchasa. Wathi: “Ezi ncwadi zakho zibangela ukuba izinyanya zingangeni kule ndlu.” Wamphatha kakubi waza wamsongela ngokumbulala ukuba akayeki ukufunda iBhayibhile. Wayeka nokondla intsapho yakhe. UCaro wahlala ezolile, wondla intsapho ngemifuno awayeyilima egadini yakhe, waza waqhubeka efundelwa. Kamva, xa kwabonakala ukuba ubomi bakhe buza kuba sesichengeni, uCaro wabaleka. Kwaba nzima ukuziphilisa. Sekunjalo, xa weva ukuba abantwana bakhe bayagula, wathatha imadlana eyayisele waza wabathengela amayeza.

Ethubeni, uCaro wafowunelwa ngumyeni wakhe. Wathi: “Ndicela ubuye. Ndibonile ukuba uThixo omkhonzayo unamandla, yaye ukugcinile. Ndifuna uxelele aba bantu bakufundisayo ukuba beze kundifundisa nam. Ndifuna ubomi bam butshintshe.” UMartin wayezimisele ngokwenene. Ngoku le ntsapho imanyene yaye yonwabile. UMartin noCaro babhaptizwa kwindibano ngoAgasti 2012.

Wayeshumayela Yedwa Kwidolophu Esemagqagaleni

Ngoxa wayehlala kwidolophu ekude kowabo eKenya, uDavid waqalisa ukufundelwa iBhayibhile ngamaNgqina kaYehova. Kodwa kungekudala, kwafuneka abuyele kwilali yakowabo eLokichar, kwingingqi ekumntla-ntshona weKenya. Ibandla elikufutshane lalimalunga neekhilomitha ezili-165 ukusuka eLodwar. Kangangeminyaka emine uDavid wayengaqhagamshelani namaNgqina, nangona kunjalo washumayela kubamelwane bakhe nakwizalamane zakhe, esabelana nabo ngezinto aye wazifunda ngoxa efundelwa iBhayibhile. Abanye basabela kakuhle, kungekudala wayeqhuba izifundo zeBhayibhile eziliqela. Ngowama-2007, waqhagamshelana nabazalwana baseLodwar waza waqhubeka nokufundelwa, ehamba lo mgama ngesithuthuthu, iiteksi nangebhasi.

Njengokuba ulwazi lwakhe lwaya lukhula, nenzondelelo awayenayo uDavid ngokushumayela yaya ikhula. Nangona wayengekabhaptizwa, wakha “IHolo YoBukumkani” ngezitena zodaka waza wayifulela ngengca, wayeqhuba kuyo iintlanganiso nabo banomdla. Noko ke, ayingabo bonke abakuvuyelayo ukumbona eshumayela, kangangeminyaka waba lixhoba lokuphathwa kakubi. Ngelinye ilixa, abantu belali bambetha kabuhlungu, bemtyhola ngokuzisa “unqulo lukaMtyholi.” Noko ke, emva kokuba uDavid waya kucela uncedo kwigosa laseburhulumenteni, abantu belali bayeka ukumbetha, waza uDavid waqhubeka eshumayela. UDavid uthi: “Inyaniso yeyona nto ibalulekileyo ebomini bam. Akukho ntshutshiso inokundenza ndiyiyeke.”

Ngowama-2009, uDavid wabhaptizwa, ibe ngoku sisicaka solungiselelo novulindlela othe ngxi. Yena nonyana wakhe oneminyaka eli-15 ngabo kuphela abavakalisi kule ngingqi, kodwa ngoAprili 2012, abantu belali abamalunga nama-60 beza kwiSikhumbuzo sokufa kukaKristu, esabanjelwa kulaa holo wayakhayo kufutshane nomzi wakhe.

“Tyhila IZibhalo Ezibonisa Ukuba Akachananga”

UJanet, udade onguvulindlela eGhana, wayefunda incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile ngoxa wayehamba ngebhasi. Kwakhwela umshumayeli ebhasini, washumayela, waza wacela abo basebhasini ukuba banikele ngemali. UJanet wathi kuye: “Wena uthi uYesu nguThixo. Ngubani ke owayethetha noYesu ngoxa wayebhaptizwa?”

Lo mshumayeli wathi, “Akukho mntu waziyo.”

UJanet watyhila kwisahluko 4 sencwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile, watyhila kwizibhalo ezithile waza wacela abanye ukuba bazifunde. Wachaza umahluko phakathi kukaYesu noThixo onguSomandla, uYehova.

Lo mshumayeli wathi kuye: “Uligqwirha.”

Abanye ababekhwele ebhasini bamthethelela, bathi: “Sukuthi ligqwirha, tyhila iZibhalo ezibonisa ukuba akachananga.” Yathi ibhasi isakumisa isothula abanye, ngomsindo lo mshumayeli wehla. Elinye ibhinqa elalihleli ecaleni kukaJanet lathi kuye: “Bendicinga ukuba uYehova ligama lecawa yamaNgqina. Bendingazi ukuba ligama likaThixo de ndakuva uthetha nala mshumayeli.”

Bancokola, yaye uJanet wathatha iinombolo zefowuni yeli bhinqa. Lathi eli bhinqa lisakufika ekhayeni lalo, labalisela uninakhulu yonke into eyenzekileyo. Naye yamothusa into yokuba igama likaThixo nguYehova. UJanet wacela amanye amaNgqina ukuba abuyele kweli bhinqa kunye nomakhulu walo. Ngoku bobabini bayaya kwiintlanganiso.

Amazwe AseMerika

  • AMAZWE 57

  • ABEMI 946 087 916

  • ABAVAKALISI 3 861 145

  • IZIFUNDO ZEBHAYIBHILE 4 196 922

Wafumana Inyaniso Kwindawo Angazange Alindele Ukuyifumana Kuyo

Oonogada basentolongweni eBolivia bajijisana noAndrea oneminyaka engama-20, bezama ukumfaka entolongweni ngoxa wayethukisa ebasongela. Ekubeni wayenogonyamelo yaye enamandla, wayesoyikwa ngabantu. ULeidy, iNgqina likaYehova elalityholwe ngokungenasihlahla laza lavalelwa, wayengamoyiki uAndrea, nto nje wayemsizela. Ntsasa nganye uLeidy wayedla ngokufunda ngokuvakalayo amazwi elinye lamaculo ethu. UAndrea wamva, waza wambuza: “UliNgqina likaYehova?”

EPeru: Ukushumayela kubalimi entla kweUtcubamba Valley

Wathi uLeidy akuvuma ukuba ulilo, uAndrea wathi: “Nomama liNgqina likaYehova, yaye ndandidla ngokuya naye kwiintlanganiso. Wayendifundela iBhayibhile.” UAndrea wasuka walila. Kwiintsuku ezimbalwa ezalandelayo, uLeidy wancokola kakhulu noAndrea ngeBhayibhile, yaye lathi lakufika ixesha lokuba kuxoxwe ityala lika-Andrea, bathandaza kuYehova kunye becela uncedo. UAndrea wakhululwa waza waqhubeka efunda ngoYehova. Wakhawuleza wakufanelekela ukuba ngumvakalisi ongabhaptizwanga, yaye ngoku ulungiselela ukubhaptizwa.

Ngoxa wayesentolongweni, uLeidy wasebenzisa elo thuba waza waqalisa izifundo zeBhayibhile ezingama-21 ngaphambi kokuba akhululwe. Ngoku uya entolongweni kathathu ngeveki ukuze abuyele kwabo bantu.

Bancedwa yiWebhsayithi ethi www.pr2711.com

Ngolunye usuku lwangeCawa, ngentwasahlobo yowama-2011, isibini esitshatileyo esasinxibe kakuhle nesasihamba nabantwana baso ababini sangena kwiHolo yoBukumkani eKhanada, abanye abazalwana bacinga ukuba ngamaNgqina kaYehova asuka kwesinye isixeko. UDominic, osisicaka solungiselelo kwelo bandla, kunye nendoda yolo sapho, bakhawuleza bazana. Kwiminyaka eli-17 eyadlulayo uDominic wayekhe wafunda nale ndoda. Kwiminyaka emibini idluleyo, uMarc-André noJosée inkosikazi yakhe, bebekhuphela baze bafunde amaphephancwadi iMboniselo noVukani! kwiWebhsayithi ethi www.pr2711.com, yaye baye babona imfuneko yokuba yonke le ntsapho iye kwiHolo yoBukumkani. Kungekudala kwaqaliswa isifundo seBhayibhile nale ntsapho, yaza yaqalisa ukuya kuzo zonke iintlanganiso. Emva kweenyanga nje ezimbini iqhutyelwa isifundo seBhayibhile, le ntsapho yaqalisa ukuba nengokuhlwa yoNqulo lweNtsapho. Iyaqhubeka isakha ubuhlobo noYehova, yaye uJosée uye wanikela intetho yakhe yokuqala kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo ngoMeyi 2012.

‘Wandipha Ukutya Kwakhe Wandiboleka Nomnqwazi’

Ngoxa ekwindibano yesithili eChile, uMarcelo oneminyaka eli-10, wabona inene elisele likhulile ngeminyaka lihleli ecaleni kwakhe yaye lingenazincwadi.

Ehlebela umama wakhe wathi: “Akaphethanga Bhayibhile.”

Unina wamphendula wathi: “Bambisana naye kweyakho.” UMarcelo wasondela kule ndoda, igama layo linguVictor, babambisana njengoko betyhila zonke izibhalo ezibonisiweyo. Ngexesha lekhefu, uMarcelo wathi kumama wakhe: “Akanakutya.” Wacebisa wathi makatye naye. Ngoko uMarcelo wanika uVictor isonka kunye neti eshushu. Ngoxa uVictor wayesitya, uMarcelo wambonisa zonke iivesi zeBhayibhile azaziyo.

Emva kwemini, ilanga laligqats’ ubhobhoyi. Kwakhona uMarcelo wahlebela umama wakhe wathi: “Akanamnqwazi.”

Umama wakhe waphendula wathi: “Mnike owakho.” Wenza kanye oko. Emva kokuphela kocwangciso, uMarcelo noVictor bathi ndlela ntle.

Kwindibano yesithili elandelayo, uMarcelo waya kukhangela uVictor. Wavuya akumbona, ngeli lixa, wayenxibe iqhina! Akubona uMarcelo, uVictor wathi: “Ndilapha nje namhlanje, ngulo mfana. Kulo nyaka uphelileyo, ndamenywa kwindibano, ndeza. Lo mfana wabambisana nam iBhayibhile yakhe, wandipha ukutya kwakhe waza wandiboleka nomnqwazi. Ngoku ndifundelwa iBhayibhile!” UVictor ngumvakalisi ongabhaptizwanga.

Ukunconywa Yintatheli

Kwelinye inqaku lephephandaba, enye intatheli yaseVenezuela yabalisa ngento eyenzeka kuyo xa yafowunela inkampani yefowuni ifuna uncedo. Yashiyeka ibamb’ ongezantsi kukuba krwada nokungabi nambeko kwebhinqa elaliphendula ifowuni. Kwityeli lesibini yaphendulwa ngumfana owathi “unguMisael,” owayinyamekela ngembeko, engayichitheli nexesha ngokungeyomfuneko. Yabhala yathi: “Ububele, intlonelo, uncedo nentsebenziswano yalo mfana yandichukumisa. Wandinceda ndayicombulula ingxaki endandinayo, ndatsho ndazi nokuba ndiza kuyilungisa njani xa iphinde yavela.”

Lathi eli bhinqa lakumncoma, lo mfana walixelela ukuba, ekubeni eliNgqina likaYehova, uzama ukuphatha abamelwane bakhe ngendlela uYesu awenza ngayo kwabanye. Le ntatheli yacela ukuthetha nomphathi kaMisael. Yancoma indlela aqhubene ngayo nayo. Kwinqaku layo, yathi uMisael ngummi waseVenezuela ongumzekelo yaye liNgqina likaYehova. Yaqukumbela inqaku layo ngelithi: “Kufuneka abantu abanjengaye kuzo zonke iiofisi zokunceda abantu.”

“Yekani Ukuba Nenkani!”

EMexico City, eMexico: Izifundo zeBhayibhile ezininzi kwezingaphezu kwesigidi eziqhutywa kweli lizwe beziqaliswe ngabavakalisi abashumayela esitratweni

UGabriela oneminyaka eli-15 nosisithulu, wavuya gqitha xa ebhaptizwa ngo-Oktobha kwindibano yesithili yentetho yezandla ngowama-2011 e-Ecuador. Wayevuya kangangokuba wathi xa ebuyela esikolweni ngoMvulo, wacela kutitshala wakhe ukwenza isaziso eklasini. Utitshala wavuma, waza uGabriela wema phambi kweklasi wathi: “Ndifuna ukunazisa ukuba ngoLwesihlanu, ngoMgqibelo nangeCawa edluleyo, bendiye kwindibano, ndabhaptizwa ndaba liNgqina likaYehova. Ndifuna ukunixelela nokuba le nkqubo yezinto sele iza kuphela. Ixesha eliseleyo liyaphela! Kufuneka nitshintshe ngokukhawuleza. Yekani ukuba nenkani. Yoyikani uThixo!” Abanye abantwana eklasini babemangalisiwe.

Kwangolo suku, ebudeni bekhefu, uKatty, iNgqina elisisithulu elipholileyo, laya kuGabriela lambuza ngendibano. UGabriela wathi: “Ibimnandi nyhani! Kodwa ngoku ndiliNgqina elibhaptiziweyo, ndifuna ukuthembeka kuYehova. Kuza kufuneka ndiyeke ukuba yitshomi yakho, kuba wenza ukungcola. Ukuba yitshomi yakho kunokonakalisa ubuhlobo bam noThixo. Kufuneka utshintshe. Kubalulekile ukuba uthandaze kuYehova uze uthethe nabadala. Ndiyazi ukuba ungakwazi ukutshintsha.” Ngenxa yamazwi kaGabriela angqalileyo nanothando, uKatty wathetha nabadala, wancedwa waza waqalisa ukushumayela kwakhona.

Wasebenzisa Ilaptop Katitshala Wakhe

Udade oneminyaka eli-16 waseUnited States wayebuzwa yiklasi yonke ngonqulo lwakhe, kodwa wayengaphathanga zincwadi, engaphathanga neBhayibhile yakhe. Ekubeni wayefuna ukuphendula imibuzo yeklasi ngezibhalo, wangena kwiWebhsayithi ethi www.pr2711.com esebenzisa ilaptop katitshala wakhe. Akazange aphendule nje yonke imibuzo yabo, kodwa wababonisa nendlela yokusebenzisa le webhsayithi. Wabaxelela ukuba, nanini na xa benemibuzo yeBhayibhile kube kungekho Ngqina elinokubanceda, banokungena ngokwabo kwiWebhsayithi ukuze bazifumanele iimpendulo. Njengokuba iintsuku zazihamba, waqaphela ukuba iklasi ayisabuzi kangako. Xa ebuza isizathu soko, abanye bamxelela ukuba bazingenele kule Webhsayithi kwiicellphone zabo. Notitshala wakhe wakwenza oku!

EASIYA NAKUMBINDI MPUMA

  • AMAZWE 48

  • ABEMI 4 222 869 785

  • ABAVAKALISI 674 608

  • IZIFUNDO ZEBHAYIBHILE 662 736

Ukuphepha Ingxabano Elalini

Ngoxa lalisiya emngcwabeni, iqela lamaNgqina lanqumla kwilali encinane yaseIndonesia. Omnye uvulindlela wabona abantu abasebatsha ecaleni kwendlela. Wathetha nabo waza wabashiyela incwadana ethi Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade. Emva kwexesha elithile, omnye udade wahamba ngale ndlela inye xa ebuyela kwakhe. Enye indoda eyayiphethe incwadana ethi Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade, yeza kulo dade yaza yambulela ngokunika abantwana bayo le ncwadana. Yathi: “Le ncwadi isindise ubomi babantwana bam!” Lo dade, owayengazi ukuba kwenzeke ntoni, wabuza le ndoda. Yachaza ukuba aba bafana babeceba ukuhlasela enye ilali. Ngokwesiko lasekuhlaleni, babefuna ukuphindezelela omnye wabahlobo babo. Noko ke, emva kokufunda le ncwadana inemifanekiso, la matyendyana afunda ukuba abantu abathanda ukulwa abayi kuphila kwiParadesi ezayo. Behlisa umsindo baza bagoduka. Kwaphetshwa ingxabano embi ngenxa yesigidimi seBhayibhile esikule ncwadana.

Indoda Ethanda Ukunxiba Njengebhinqa Iyaguquka

EShau Kei Wan, eHong Kong: Ushumayela kwintombazana emarikeni

URek wakhuliswa yintsapho eqhelekileyo eKhambodiya, kodwa ukususela ebuntwaneni bakhe, lo mfana kunye newele lakhe babesithi bangamabhinqa. Babedlala ngoonodoli, bethanda ukunxiba neempahla zamantombazana. Unina wayedidekile, eneentloni ngale nto kodwa engazi ukuba angenza ntoni. Babesiya esikolweni benxibe njengabafana, kodwa bakufika esikolweni, banxibe iimpahla zamantombazana. Bathi xa beneminyaka eli-16, aba bafana bangenela ukhuphiswano lwabafana abanxiba njengamantombazana baza babonwa ngoonozakuzaku bakamabonwakude. Le nto yakhokelela ekubeni bafakwe kwiTV nakwiinkqubo ezihlekisayo. Kungekudala, uRek waba lifanasini waza wanxulumana namanye amafanasini athanda ukunxiba njengamabhinqa.

Umama kaRek waqalisa ukuya ecaweni waza wahamba noRek. Nangona wavuma ukunxiba iimpahla zamadoda, akazange avume ukucheba iinwele zakhe. Umfundisi wayedla ngokumgculela uRek aze agxeke indlela yakhe yokuphila. Nakuba kunjalo, uRek wayezimisele ukufunda iBhayibhile ecaweni. Kwiveki yokuqala, wavuka kusasa waza waya ecaweni ngebhayisekile, kodwa umfundisi wayengenamdla wokufundisa. URek wacaphuka xa lo mfundisi engazange afike nokufika kwiveki yesibini.

Noko ke, akufika uRek kowabo, iwele lakhe lamxelela ukuba kufike ibhinqa elithile laza lacela ukumfundela iBhayibhile simahla. Lashiya incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? La mawele aqalisa ukufunda nalo dade nomyeni wakhe. Emva kweenyanga ezintandathu, umntakwabo Rek wathi akakakulungeli ukutshintsha ubomi bakhe, waza wayeka ukufunda. URek yena wachukunyiswa yeyoku-1 kwabaseKorinte 6:9, 10, waza wabona ukuba umele enze ntoni. Wazimisela ukufunda iBhayibhile, wathandaza, waza waya kwiintlanganiso, watsho wakwazi ukutshintsha ubomi bakhe. Ngoku nonina uyafundelwa yaye wenza inkqubela. Ngexesha lokubhaptizwa kukaRek, unina walila, esithi, “Ndiyavuya umntwana wam ebhaptizwa njengendoda.” Ngoku uRek nguvulindlela othe ngxi.

Umvumisi Utshintsha Iindlela Zakhe

UOr-Ya wayengumvumisi, igqirha, umphilisi, umcebisi nomxeli-mathamsanqa. Isibini esingoovulindlela abakhethekileyo esasikhonza eHaifa, kwaSirayeli, sadibana naye ngoxa sasishumayela kwindlu ngendlu. Wasibulisa ngamazwi athi: “Ukuba nize kuthetha ngoThixo, ngenani!” Ikhaya lakhe lalizaliswe zizinto zonqulo lwemimoya nobugqi. Wathi ufumana imiyalezo evela kuThixo, eminye yayo ithunyelwa “ngomoya” karabhi owafayo.

Wavuma xa ecelwa ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile kwincwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile. Kwiintsuku nje ezimbini ngaphambi kokuba kufike esi sibini, wayethandaze kuThixo ukuba athumele umntu onokumfundisa iBhayibhile ongazukufakela iimfundiso zoorabhi. Emva kwenyanga efundelwa, wabuza, “Bakho abanye abantu abaneenkolelo ezifana nezenu?” Ukuya kwakhe kwiintlanganiso zebandla, wachukunyiswa luthando olwaboniswa kuye. Zange aphoswe ziintlanganiso ukususela ngelo lixa.

“Nineenyanga nje ezimbini zokundinceda ndifanelekele ukubhaptizwa!”

Emva kweenyanga ezimbini efundelwa, uOr-Ya wabuza ngendibano yesiphaluka eyayisiza wathi: “Abantu bayabhaptizwa kwezi ndibano? Ukuba kunjalo, loo nto ithetha ukuba nineenyanga nje ezimbini zokundinceda ndifanelekele ukubhaptizwa!” Okokuqala, walahla zonke izinto zakhe zexabiso ezinokuthanani nokuvumisa nemimoya. Emva koko wayeka ukuvumisa, waza waqalisa ukushumayela kwabanye abantu, bonke abantu ababedla ngokuya kuthenga amayeza kuye wabanika incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile kunye namaphephancwadi. Akugula, akazange abuyele kwiindlela zakhe zangaphambili zokunyanga. Ukuyeka ukuvumisa kwamshiya engenamvuzo kangangeenyanga ezine. Nangona kunjalo, wazibekela imiqathango ngokuphathelele umsebenzi—usebenza iintsuku ezine ngeveki, iiyure ezintandathu ngosuku—ukuze abe nexesha lokufunda, ukuya kwiintlanganiso nokushumayela, kungekudala wawufumana umsebenzi olungele iimeko zakhe. Wathengisa indlu yakhe enkulu waza waya kurenta igumbi.

Kungekudala, uOr-Ya wakufanelekela ukubhaptizwa, kodwa kwiveki ngaphambi kwendibano, waphuka umlenze. Oko akuzange kumtyhafise, wabhaptizwa nangona umlenze wakhe wawufakwe isamente. Namhlanje, uOr-Ya ngumvakalisi ozimiseleyo oshumayela aze aqhube izifundo kwabo bantu wayebathengisela amayeza.

Ilungu Lonqulo Olungaqhelekanga Lamkela Inyaniso

Kwaqaliswa isifundo seBhayibhie kumawele azizithulu kwindawo esemagqagaleni ezintabeni zeePhilippines. Omabini ayekwiqela lonqulo olwalukholelwa ukuba izixhobo azinakubenzakalisa xa benokuzikhusela ngamakhubalo okanye ngezikafu. Olu nqulo lwawavumela ukuba afunde iBhayibhile kuphela ukuba amaNgqina kaYehova athembisa ukuba awazi kuwanyanzela ukuba ashiye unqulo lwawo.

Kakade ke, abazalwana bakhuthaza la mawele ukuba azenzele izigqibo ezisekelwe koko akufunda eBhayibhileni. Elinye iwele lathi alikakulungeli ukwenza utshintsho oluyimfuneko ukuze lukhonze uThixo ngokwamkelekileyo. Noko ke, elinye lona laqhubeka lifundelwa. Ngenjongo yokulikhuthaza, umzalwana olifundelayo watyhila eBhayibhileni waza walicacisela ngentetho yezandla esithi: “Igama lakho, uSamuweli, likhona eBhayibhileni. USamuweli oseBhayibhileni wakhonza uThixo oyinyaniso uYehova, de waluphala. Nawe unokumkhonza uYehova ngokuthembeka.” Oku kwayichukumisa intliziyo kaSamuel. Waqiqa ngelithi: “Ukuba igama lam likho eBhayibhileni, nam ndimele ndinqule uYehova.” Wachazela amalungu onqulo lwakhe ukuba uyalushiya, waza watshisa onke amakhubalo akhe nezinto zakhe ezinokuthanani nemimoya, wenza inkqubela. Ngoku ngumkhonzi obhaptiziweyo kaYehova, onceda ezinye izithulu zifunde ngenyaniso yeBhayibhile.

Umntwana Uyatshutshiswa

E-Erdenet, eMongolia: Kuqhutywa isifundo seBhayibhile nebhinqa elihlala kwindawo esemagqagaleni

URajiv uhlala kwilali esemagqagaleni kumntla Indiya. Xa wayeneminyaka elithoba, efunda ibanga lesibini, utitshala wakhe oliNgqina likaYehova wafundisa abantwana indlela yokuziphatha esebenzisa incwadi ethi Funda Kumfundisi Omkhulu. URajiv wafunxa yonke le mfundiso waza waphila ngokuvisisana nayo. Wachazela utitshala wakhe ukuba uyekile ukuxoka nokulwa yaye ngoku utya nabanye abantwana abangenakutya.

“Undiqubudise ngenkani, kodwa entliziyweni yam andiqubudanga”

Njengoko wayefunda ngakumbi ngesithembiso seParadesi emhlabeni, waqalisa ukuthetha ngezi ndaba zilungileyo kwabanye elalini naxa ehamba ngololiwe. Abazali bakhe babesithi ubazisele ihlazo. Bamxelela ukuba ayeke ukuthetha ngoYehova noYesu. Wathi xa engayeki, baqalisa ukumbetha, unina ethatha iimpahla zakhe xa ebuya esikolweni ukuze angakwazi ukuphuma aye kushumayela ngethemba lakhe elitsha. Abazali bakhe abazange bamvumele ukuba alale ebhedini yakhe, bada bamvimba nokutya. Kwathi xa kubonakala ukuba zonke ezi nzame azisebenzi, babiza umfundisi ukuba aze kumguqula.

Lo mfundisi wahlala kwelo khaya iintsuku eziliqela, ezama ukunyanzela uRajiv ukuba aqubude kwisithixo. Xa uRajiv wathi esi sithixo lilitye nje elingengothixo ophilayo, lo mfundisi wathi makalijonge ngamehlo ‘entliziyo.’ Wathi yiloo ndlela kuphela enokumnceda abone uthixo kweli litye. URajiv wakrazula iphepha waza wabhala kulo “100 rupees.” Wanika lo mfundisi waza wamcela ukuba aye kumthengela iiswiti abuye netshintshi. Lo mfundisi wathi akasosidenge; eli phepha lalingenaxabiso. URajiv waphendula wathi, “Ukuba ulijonga ngamehlo entliziyo, uza kulibona ixabiso leli phepha.” Ecaphukile, lo mfundisi wabamba eli tyendyana entloko waza waliqubudisa ngenkani. URajiv wathi: “Undiqubudise ngenkani, kodwa entliziyweni yam andiqubudanga.” Ekugqibeleni lo mfundisi wemka, esithi le nkwenkwe yeyokuncanywa yaye ukuba uhleli, uza kuzibona naye sele engenalukholo. Abazali bakaRajiv bamthatha unyana wabo bamsa kwesinye isikolo. Kodwa akayekanga ukuthetha naye nabani na ophulaphulayo ngoYehova nangethemba leParadesi. Ngoku uneminyaka elishumi yaye usaqhubeka enethemba lokuba uYehova uza kumnceda ahlale enokholo olomeleleyo.

Wayifumana IBhayibhile Awayeyikhangela

ULarisa wayeshumayela kwibhinqa elisebenza kwivenkile yeencwadi eArmenia, kwangena ibhinqa elithile lifuna iBhayibhile “Yehlabathi Elitsha.” Eli bhinqa lisebenza kule venkile lathi aliyazi loo Bhayibhile kodwa lingamthengisela inguqulelo yesiArmenia yasekuhlaleni. Eli bhinqa lize kuthenga labuza: “Kulula ukuyiqonda?” Eli lithengisayo lafunda iivesi ezimbalwa laza lathi, “Iyavakala kum.” Lisenamathandabuzo, eli bhinqa lalize kuthenga lema kwinto yokuba lifuna laa Bhayibhile “Yehlabathi Elitsha.” ULarisa wakhawuleza wakhumbula ukuba uphethe eyakhe iBhayibhile yesiArmenia ebhegini yakhe. Wayibonisa eli bhinqa waza walicela ukuba lifunde umxholo wayo. Lafunda, “INguqulelo Yehlabathi Elitsha.” Yiyo kanye le Bhayibhile elaliyifuna!

Labalisa ukuba intombi yalo nomyeni wayo abaseGrisi babeqalise ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Ekubeni babengekasazi isiGrike, bacela unina ukuba abaphathele iNguqulelo Yehlabathi Elitsha xa eze kubabona. ULarisa walinika le Bhayibhile waza wathi: “Ndicela ubanike uze ubaxelele ukuba sisipho esivela kuYehova.” Eli bhinqa lavuya xa uLarisa esithi angamncedisa ukuze ayiqonde iBhayibhile. Banikana iinombolo zefowuni ukuze baqalise ukufunda iBhayibhile kunye ukubuya kweli bhinqa eGrisi.

EYurophu

  • AMAZWE 47

  • ABEMI 738 679 198

  • ABAVAKALISI 1 595 888

  • IZIFUNDO ZEBHAYIBHILE 841 260

Wasibuyisa Isipaji

UNina, udade onguvulindlela othe ngxi eBosnia, wayefundela intsapho yamaRoma. Ngenye imini, ngoxa intwazana yale ntsapho eneminyaka elishumi yayihamba esitratweni, yachola isipaji esinemali, iicredit cards kunye namaxwebhu. Ngaphambi kokuba ifunde inyaniso, yayinokuyijonga njengentlahla, kodwa emva kokuthetha nonina, bagqiba kwelokuba basise emapoliseni. Isigqibo sayo sasincomeka, kuba le ntsapho yayingamahlwempu, ingenayo nemali yokuthenga isonka. Emva kweeyure ezimbini enike ipolisa elalithe khamnqa eso sipaji, bafowunelwa kusithiwa babizwa emapoliseni. Umnikazi wesipaji wayebalindile efuna ukubabulela. Wabanika imali engange-R240, umvuzo weentsuku ezimbini.

Watsalwa Ngumxholo

EGjógv, kwiiFaroe Islands: Ezi ziqithi bezinencopho yabavakalisi abanga-118 ngowama-2012

UNihad, ohlala eBosnia, wayephuma entsimini. Njengoko wayesiya ngasemotweni yakhe, wabona indoda ethile imi ecaleni kwayo. UNihad wayibulisa, le ndoda yathi: “Uxolo, ndibone iphephancwadi emotweni yakho elinomxholo othi, ‘Indlela Yokuba Ngutata Olungileyo.’ Ndiyalicela. Bendilinde apha iyure yonke de kubekho umntu ofikayo. Awunakundinika lona?” UNihad wanika le ndoda eli phephancwadi waza wancokola nayo ngeBhayibhile.

Oomatiloshe Bayathuthuzelwa

Xa esinye isibini esasishumayela ngakwizibuko laseRotterdam eNetherlands saya kushumayela koomatiloshe, safika bethe khunubembe. Injineli ephambili yaxelela esi sibini ukuba inqanawa yabo iye yaphantse yangqubana nenye yaza yonakala. Yathi, “Aninakusithandazela?” Esi sibini sacela ukunikela intetho esekelwe eBhayibhileni. Ngosuku olulandelayo ngentsimbi yesixhenxe emalanga, esi sibini kunye nezinye ezimbini bamkelwa kwindawo evulekileyo yenqanawa. Apho babelindwe ngabantu abali-15 kwiqela loomatiloshe abali-16. Emva kokuvula ngomthandazo, omnye umzalwana wathetha ngomxholo othi “Iintlekele—Ngaba Zibangelwa NguThixo?” Eli qela lakwazi nokutyhila iivesi zeBhayibhile ekuthethwa ngazo, kuba abavakalisi babephethe iiBhayibhile ezaneleyo baza balincedisa ekutyhileni izibhalo. Emva komthandazo wokuvala, eli qela laqhubeka lihleli laza lancokola nabazalwana. Aba matiloshe baziva bethuthuzelekile yaye babulela. Omnye wathi: “Iphenduliwe imithandazo yethu.” Bathatha iincwadi ezingama-20 neeBhayibhile kunye nezinye iimpapasho, waza ukapteni wanika abavakalisi imvulophu ene-R1 600 njengomnikelo weencwadi.

Wathandaza Efuna Ukunceda

UIrene, ohlala eSweden, wabhala wathi: “Ndineminyaka engama-80, yaye isigulo endinaso sibangela ukuba ndingakwazi ukuya entsimini. Ndathandaza kuYehova ndicela andincede ndikwazi ukunceda umntu endandimtyelele kudala onokuba nomdla wokuphinda ancokole nam.

“Ngenye imini, kwakhala ifowuni yethu, yaphendulwa ngumyeni wam. Kwathetha ibhinqa elithile lathi: ‘Uxolo, nini kuphela ebendisabakhumbula, ndathi mandifowune. Ndicela inkosikazi yakho ize kuthetha nam ngeLizwi likaThixo. Ndakhe ndafundelwa kwiminyaka eli-15 okanye engama-20 eyadlulayo, kodwa umyeni wam ongasekhoyo ngoku wayechasa, ndayeka.’

“Ndakhumbula ukuba ndandikhe ndalityelela eli nenekazi ndihamba nomnye udade, owayelifundela. Kodwa into emangalisayo kukuba, lakhumbula mna. Ndavuya, sabeka ixesha lokudibana. Ukususela ngelo xesha, besifunda kunye veki nganye. Uye weza kwiSikhumbuzo nakwintetho ekhethekileyo. Uyeza nakwiintlanganiso. Ndimbulela yonke imihla uYehova kuba waphendula umthandazo wam.”

Itshokolethi Ayingeni Kwibhokisi Yeminikelo

USergio oneminyaka esibhozo nohlala eItali, wayefuna ukubonisa abadala ukuba ukulungele ukuba ngumvakalisi ongabhaptizwanga. Ngenye imini, wahamba noyise, owayephangele esiya kulungisa iqhaga lesinye isibini esikwiminyaka engama-70 ubudala. USergio waphatha amaphephancwadi ambalwa. Wathi: “Njengokuba utata wayesebenza, ndanika utata waphaya amaphephancwadi, wothuka wada wabiza umkakhe wambonisa wona. Ndabhala amagama abo, iadresi nenombolo yefowuni yabo ukuze ndikwazi ukubabuyela. La mama wandinika yonke le nkcazelo, esakugqiba wandinika itshokolethi enkulu.” Kwiintsuku ezimbalwa emva koko, uSergio wahamba nomnye umdala esiya kwenzela esi sibini ibuyelo. USergio wankqonkqoza, umama weli khaya wavula, waza uSergio wamxelela ukuba umphathele incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Eli bhinqa layivuyela. Lamnika enye itshokolethi. USergio uthi, “Ndandingazi kukwazi ukufaka itshokolethi kwibhokisi yeminikelo.” Wongez’ esithi: “Abadala bada babona ukuba ndikufuna ngamandla ukuba ngumvakalisi ongabhaptizwanga.”

Umfundisi Wayefuna Ukufunda Okungakumbi

USimeon wayengumfundisi kwicawa yaseGurkovo, eBulgaria, kwindawo engenamaNgqina. Ufundo lwakhe lweBhayibhile lwamenza wabona umahluko koko kufundiswa yiBhayibhile noko iicawa zikufundisayo. Ngenye imini, wafumana enye yeencwadi zethu ngoxa ehamba ngololiwe. USimeon wavuyiswa kukufunda ukuba uYehova nguThixo oyinyaniso yaye akangoBathathu Emnye. Enomdla wokufunda okungakumbi, wabhalela iofisi yesebe nazo zonke iicawa awayezazi. Inye kuphela icawa eyamphendulayo, yathi: “Ungazixhalabisi ngobo budenge.” Ngokwahlukileyo koko, iofisi yesebe yalungiselela ukuba amaNgqina amabini ahambe iikhilomitha ezingama-35 ukusuka eKazanlŭk ukuza kumtyelela. Baqalisa isifundo seBhayibhile noSimeon nentsapho yakhe. USimeon wayezithanda izinto azifundayo, wamema abamelwane nabahlobo bakhe ukuba beze kuphulaphula. Kungekudala, kwakusiza abantu abangama-25 kwesi sifundo seBhayibhile veki nganye. Emva kokuya kwisifundo nje esinye, ummelwane oneminyaka engama-75 wathetha la mazwi echiphiza iinyembezi, “Ndiye ndaqonda okuninzi kwiyure nje enye kuneminyaka engama-30 ndisiya ecaweni.” Ngabantu abamalunga nama-60 abaya kwiintlanganiso zaseGurkova eziqhutywa ngabazalwana baseKazanlŭk nyanga nganye, yaye bangama-79 abaya kwiSikhumbuzo.

“Ndiye ndaqonda okuninzi kwiyure nje enye kuneminyaka engama-30 ndisiya ecaweni”

“Ungatshintshi”

UValya, udade oneminyaka eli-15 waseUkraine, waqaphela ukuba utitshala wakhe unxibe iimpahla ezimnyama yaye ebelila. Emva kokuva ukuba utitshala wakhe uswelekelwe ngunina, uValya wagqiba kwelokuba uza kumthuthuzela ngezibhalo ezithetha ngovuko. UValya waphatha iBhayibhile kunye neencwadana ezinemifanekiso ezimbini, ethi Kwenzeka Ntoni Kuthi Xa Sisifa? nethi Xa Umntu Omthandayo Esifa, waza wazixelela ukuba emva kweklasi uza kuya kuthetha notitshala wakhe. Ubalisa athi: “Ndandisoyika kakhulu ngoxa ndilinde ngaphandle kweofisi yakhe, ngoko ndathandaza kuYehova ndicela uncedo.”

Wathi uValya engena eofisini katitshala, utitshala wambuza, “Ufuna ntoni?”

“Ndize kukuthuthuzela kuba ndiyayiqonda indlela ovakalelwa ngayo. Kule minyaka idluleyo ndaswelekelwa ngutamkhulu wam.”

EGeorgia: Ukushumayela esidiliyeni

Lo titshala wachukunyiswa yinkathalo kaValya. Enyembezana, wathi akukho namnye kwizalamane zakhe nabantu asebenza nabo oye wavelana naye ngolu hlobo. Emva koko uValya wafunda waza wacacisa iSityhilelo 21:3, 4, utitshala wakhe wazamkela zombini ezi ncwadana, wathi, “Awufani tu nabanye abantwana.”

UValya wathi, “Ndiye ndizame ukufunda iBhayibhile ndize ndiphile ngokuvisisana nayo, ibe ndimamela nabazali bam.”

Lo titshala wavuma ukuba uValya amphathele iBhayibhile nencwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile. Wabulela kakhulu waza wathi kuValya: “Icawa yenu yeyona ifundisa inyaniso, ibe unabazali abalungileyo abakukhulisa kakuhle. Ungatshintshi.”

Wafowunela Inombolo Engachananga

Ngosuku lokuqala lwendibano yesithili yowama-2011 eyaqhutyelwa eMalakasa, eGrisi, uNatalie wafowunela uyise efuna ukuqonda ngebhasi eya endibanweni. Noko ke, wafowunela inombolo engachananga, yaye akuzange kuphendule mntu. Kamva, umnikazi wenombolo awayifowunelayo wayibona, waza wafowuna efuna ukuqonda ukuba ngubani obemfowunela. Noko ke, indibano yayisele iqalile yaye nakuba uNatalie wazama ukuyicima ifowuni yakhe, ngempazamo wacofa iqhosha lokuyiphendula. Engazi uNatalie, le ndoda ingumnini wefowuni yakwazi ukuphulaphula inxalenye yentetho kasihlalo, ibe yaba nomdla.

Kamva, le ndoda yathumela isms, ibuza: “Ungubani? Ungumfundisi?” Ekupheleni kocwangciso lwakusasa, uNatalie wawubona lo myalezo, waza waphendula wathi: “Andingomfundisi. NdiliNgqina likaYehova, yaye ndize kwindibano.”

EPittenweem, eSkotlani: Ukushumayela ezibukweni

Le ndoda yaphinda yafowuna ngoMgqibelo, ibuza ukuba indibano isaqhubeka na. Utata kaNatalie wakwazi ukushumayela kule ndoda, emva koko yathi, “Ngemizuzu nje embalwa, le ntetho ndiyive efowunini iye yaphendula imibuzo emininzi ebindikhathaza.” Intsapho yale ndoda yayihlaselwa ziidemon, ingazi ukuba iyintoni le mimoya nokuba kutheni oku kusenzeka. Yathi: “Bendikade ndingafuni ukuthetha namaNgqina kaYehova, kodwa ukuba kunokwenzeka, ndingathanda ukuthetha nala ndoda ibisenza intetho.”

Yayingeyongxaki leyo. Le ndoda yeza endibanweni ngeCawa, yamangaliswa yinto eyayibonayo—iintsapho ezinxibe kakuhle nabantu abonwabileyo. Kwakungekho nkunkuma phantsi, kungekho mntu uthukayo yaye kungatshaywa. Yathi: “Bendingazi ukuba kukho abantu abafana nani apha emhlabeni. Ingathi ndikwenye indawo endingayaziyo.” Utata kaNatalie wasa le ndoda kwiofisi kasihlalo, apho yafika yancokola naye. Indibano kunye neempendulo eyazifumanayo zayichukumisa le ndoda. Yanikwa incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile, iBhayibhile namaphephancwadi, yaye kwenziwa amalungiselelo okuba kubuyelwe kuyo.

EOceania

  • AMAZWE 29

  • ABEMI 38 495 300

  • ABAVAKALISI 94 924

  • IZIFUNDO ZEBHAYIBHILE 59 431

“Yeyona Ngoma Imnandi Kwendakha Ndaziva”

ESavaii, eSamoa, usuku oluqhelekileyo lwesikolo luqala ngokuba wonke umntu ahlanganisane ukuze kuculwe iingoma zecawa. Kodwa uCelina, oneminyaka emihlanu kunye noLevaai oneminyaka emithandathu, ngembeko baxelela inqununu ukuba abanakukwazi ukuthelela kuloo maculo kuba bangamaNgqina kaYehova. Ukwala ukucula kwakunokubenza bohlwaywe ngokuqatha. Noko ke, inqununu icinga ukuba yayinokubenza bathelele kula maculo yathi, “Kulungile, ukuba anizi kuwacula awethu amaculo, culani elinye lawenu.” Bethobela loo myalelo, uCelina noLevaai bacula ingoma-111, ethi “Baya Kubizwa,” ababesandul’ ukuyifunda kwingokuhlwa Yonqulo Lwentsapho. Bakugqiba ukucula, inqununu yayithe gwantyi iinyembezi. Yathi: “Le yeyona ngoma imnandi kwendakha ndaziva. Ndicela niphinde niyicule.” Benza njalo. Yathi kubo, “Ukususela ngoku, ndiza kunivumela nicule ezenu iingoma, hayi ezethu.”

“Ukususela ngoku, ndiza kunivumela nicule ezi zenu iingoma, hayi ezi zethu”

Wayesele Eqhele Ukuthandaza KuYesu

ETimor-Leste: Eli lizwe lalalikade ligquba iimfazwe zobukhaya, lande ngabavakalisi abasi-9 ekhulwini

Indoda eyayingumshumayeli kwicawa yasekuhlaleni eFiji yagqiba ekubeni ikhe ihlale imamele xa kuqhutyelwa omnye umntu isifundo seBhayibhile. Yeva apho ukuba uYesu akangoThixo. Loo nto Yayikhathaza kangangokuba ayizange ikwazi ulala. Ngenxa yokubona ukuphazamiseka kwayo, umfazi wayo wathi, “Sukuphinda umamele aba bantu!” Sekunjalo, wayengakwazi ukuyeka ukucinga ngale nto. Kwiveki elandelayo, waphinda wabakho xa kuqhutywa isifundo seBhayibhile. Kungekudala emva kwesifundo sesibini yaye ingekaqhutyelwa esayo isifundo, le ndoda yaya ecaweni yayo ichaza ukuba iyayeka ukuba ngumshumayeli. Oku kwenza ukuba izalamane namalungu ecawa bacaphuke baza babe nomsindo. Wayengashiyi icawa kuphela kodwa nomsebenzi ohlawula kakuhle. IBhayibhile yamchazela inyaniso ngoYesu, kodwa kwakunzima ukuthandaza kuYehova kuba wayesele eqhele ukuthandaza kuYesu. Emva kweenyanga ezininzi, wada wakwazi ukuthandaza kuYehova. Ngoku ushumayela iindaba ezilungileyo kwabanye abantu aze abancede bazi uYehova.

Abantu Besiqithi Esincinane Bamkela Inyaniso

Bangama-62 kuphela abantu abahlala kwisiqithi esikuMzantsi wePasifiki, iMakatea. Ibandla lamaNgqina kaYehova laseTahiti linyamekela iintswelo zokomoya zaba bantu. Kuqhutywa izifundo zeBhayibhile kunye nabantu abasithoba besi siqithi. Kubakho abantu abamalunga ne-15 abaya ekhayeni lomnye waba baqhutyelwa isifundo seBhayibhile ukuze baphulaphule iintlanganiso eziqhutyelwa eTahiti. Phakathi kwabo bafunda iBhayibhile, kukho ibhinqa ebelibaluleke kakhulu enkonzweni yalo ebelisele liza kumiselwa njengomdikonikazi. Laya ecaweni yalo ukuze lichaze isizathu sokuba lingasayi ecaweni. Lachaza ngokusuka eBhayibhileni isizathu sokuba umfazi engafanele afundise ebandleni. Lachaza indima kaYesu Kristu kunye noko kumelwa siSidlo SeNkosi esimele senziwe kube kanye ngonyaka kungekhona ngeCawa nganye. Ukongezelela, lakwazi nokuchaza ukuba bali-144 000 kuphela abaya kuba kunye noKristu ezulwini yaye ngabo kuphela abafanele bathabathe kwimifuziselo yeSikhumbuzo. Ekhuthazwe ngumzekelo walo, elinye ibhinqa layishiya icawa yaye ngoku lifunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova ngokuqhubekayo.

Intsapho Yamkela Isimemo

Ngelizama ukumema abapholileyo ukuba babekho kwiSikhumbuzo sokufa kukaKristu, abadala ababini bakwiiSolomon Islands batyelela uJoshua, owagqibela ukuya ezintlanganisweni ngowe-1998. Kunye namalungu angama-20 entsapho yakhe, uJoshua wahamba iiyure ezimbini ukuze abekho eSikhumbuzweni. Indlela efudumeleyo abamkelwa ngayo ebandleni yamenza wachiphiza iinyembezi uJoshua. Abaninzi kwintsapho yakhe babekho kwintetho ekhethekileyo baza emva koko baxelela abadala ukuba bangathanda ukuqhutyelwa isifundo zeBhayibhile. Kwenziwa amalungiselelo okuba kufundwe nabali-15 babo.

Wayeyazi Impendulo

Kwiziqithi neziqithana ezili-1 000 ezikumhlaba wesebe laseGuam, zingaphezu kwe-100 ezinabantu. Noko ke, kuphela ziziqithi ezili-13 kuphela ezikufutshane namabandla. Ezininzi kwezi ziqithi azizange zatyelelwa ngamaNgqina kaYehova, abazalwana basaqhubeka bekhangela indlela zokufikelela kuzo. NgoAprili 2012, iqela labavakalisi lahamba ngesikhitshana laya ePolowat, esinye sezona ziqithi kunzima ukuzifikelela. IPolowat ayikhange iphenjelelwe zizinto ezikhoyo ehlabathini. Amadoda anxiba izishuba, enza amaphenyane yaye aphila ngokulima.

Omnye umvakalisi wabuza umfana othile walapho lo mbuzo, “Kwenzeka ntoni kuthi xa sisifa?”

“Ndiyayazi impendulo yalo mbuzo!” waphendula lo mfana. Waxhuma wema ngeenyawo waza wathatha incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade EParadesi Emhlabeni ebhalwe ngesiChuuk kwindawo yakhe yencwadi waza wavula kwiziqulatho. Walatha kwisahluko 8 esinomxholo othi, “Kwenzeka Ntoni Kuthi Xa Sisifa?” ngomdlakazi wachaza oko akufunde kule ncwadi.

EKingston, eNorfolk Island: Ukushumayela esitratweni eQuality Row

Makube wayifumana njani le ncwadi? Ngowama 2009, abavakalisi besiqithi iChuuk babeshumayela kwindawo yezikhephe ngenjongo yokufikelela abantu ababesiya kwiziqithi ekungelula ukuzifikelela bebanika iincwadi ezithi Unokuphila Ngonaphakade. Umntu owayesiya ePolowat wakuvuyela ukuthatha ibhokisi yezi ncwadi ukuze anike abamelwane bakhe, omnye wabo yayingulo mfana.

Ngaphambi kokuba bemke ePolowat, abazalwana batyelela lo mfana izihlandlo eziliqela ukuze bamkhuthaze, bembonisa indlela anokungenelwa ngayo ngokuba nocwangciso lokufundisisa. Bambonisa nendlela yokukhangela izibhalo aze abhale iingongoma ezibalulekileyo kudini lwencwadi yakhe.

Kuvuyisa ngokwenene ukwazi ukuba nkqu nakwiziqithi ekungelula ukuzifikelela apho kungekho mabonwakude, unomathotholo, amaphephandaba okanye i-Intanethi, uncwadi lwethu lunceda abantu bafunde inyaniso ngolwimi lwabo!

Iimbumbulu Ezintathu, Nezizathu Ezintathu

UAnna wayengumvakalisi ongabhaptizwanga oneminyaka emalunga nama-20 ubudala xa yaqinayo imfazwe yaseBougainville ePapua New Guinea. Ngowe-1991 wayephakathi kweqela lamaNgqina elalinabantu abadala abathandathu kunye nabantwana abasixhenxe abasuka kwibandla laseArawa, abanyanzelwa ukuba babhacele emahlathini nezinto nje ezimbalwa. Kangangeminyaka emibini, babehlala kwizindlu ezingahlali bantu bekhangela ukutya. Iintlanganiso babeziqhuba ngokusebenzisa iincwadi ezimbini ababenazo, iBhayibhile ka-Anna kunye nekopi yencwadi ethi United in Worship of the Only True God. Babethandaza kunye, becula iingoma zoBukumkani kunye yaye babeshumayela kwabo babedibana nabo.

Amajoni erevolutionary army abafumana aza afuna ukuba abazalwana ababini babe ngamalungu alo mkhosi, kodwa ayewahlonela amaNgqina ngenxa yokuba ngoondilele. Elinye ijoni labonisa uAnna iimbumbulu ezintathu laza lathi kuye, “Nditshate okanye ndiza kukubulala.” Walinika izizathu ezithathu—mbumbulu nganye inesayo—zokuba engenakulitshata, esona siphambili isesokuba iBhayibhile ithi tshata “kuphela eNkosini.” (1 Kor. 7:39) Loo ndoda yajika yaza yahamba.

“Akukho nto inokuthintela umsebenzi kaYehova, nditsho nemfazwe le”

Ngowama-2012, emva kokuva ngendingeko yabavakalisi boBukumkani eArawa, uAnna, ngoku okhonza njengovulindlela othe ngxi, wabuyela khona kunye nomnye onguvulindlela ukuze bancede kubekho iqela apho. Wabuzwa ukuba akumkhathazi na ukubuyela kwindawo awabona abantu abaninzi bebulawa waza wanyamezela ubunzima bemfazwe. Waphendula wathi: “Into endiyivayo ngokubuyela apha luvuyo qha. Akukho nto inokuthintela umsebenzi kaYehova, nditsho nemfazwe le.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share