IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • rs iphe. 367-iphe. 374
  • UVuko

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UVuko
  • Ukuqiqa NgeZibhalo
  • Amanqaku Afanayo
  • Ekuphela Kwesicombululo Sokufa!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Ithemba Eliqinisekileyo
    Kwenzeka Ntoni Kuthi Xa Sisifa?
  • “Ukufa Kuza Kutshitshiswa”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
  • Kwenzeka Ntoni Kwabo Sibathandayo Bafileyo?
    Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade
Khangela Okunye
Ukuqiqa NgeZibhalo
rs iphe. 367-iphe. 374

UVuko

Ingcaciso: Ua·naʹsta·sis, oligama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “uvuko,” ngokoqobo uthetha “ukuphakama kwakhona” ibe ubhekisela ekuvukeni ekufeni. Ibinzana elipheleleyo elithi “uvuko lwabafileyo (kubo abafileyo)” lisetyenziswa ngokuphindaphindiweyo eZibhalweni. (Mat. 22:31; Ize. 4:2; 1 Kor. 15:12) ElesiHebhere lithi techi·yathʹ ham·me·thimʹ, gama elo elithetha “ukuhlaziyeka kwabafileyo.” (Mat. 22:23, umbhalo osemazantsi kwiNW kuhlelo oluneeMbekiselo) Uvuko luquka uhlaziyo lohlobo lobomi bomntu, bomi obo uThixo abugcine kwinkumbulo yakhe. Ngokokuthanda kukaThixo ngalo mntu, ubuyiselwa kumzimba womntu okanye womoya ukanti zihlale zikho iimpawu zakhe zobuqu, enobuntu obufanayo neenkumbulo ezifanayo nethuba lokufa kwakhe. Ilungiselelo lovuko lwabafileyo liyimbonakaliso ebalaseleyo yobabalo lukaYehova; libonisa ubulumko bakhe namandla akhe ibe liyindlela eya kuthi injongo yakhe yangaphambili ngomhlaba iphunyezwe.

Ngaba uvuko kukumanyaniswa kwakhona komphefumlo ongabonakaliyo nomzimba wenyama?

Kakade ke, ukuze oku kube yinto ebingenzeka, abantu bekuya kufuneka babe nomphefumlo ongabonakaliyo onokwahlukana nomzimba wenyama. IBhayibhile ayiyifundisi into enjalo. Ingcamango enjalo yafunyanwa kwintanda-bulumko yamaGrike. Imfundiso yeBhayibhile ngomphefumlo yandlalwe kwiphepha 283-286. Ukuze ubone ubungqina ngemvelaphi yenkolelo yeNgqobhoko ngomphefumlo ongabonakaliyo nongafiyo, bona iphepha 286, 287.

Ngaba uYesu wavuswa ekumzimba wenyama, ibe ngaba unawo umzimba onjalo ezulwini ngoku?

1 Pet. 3:18: “NoKristu wabuva kwakanye ubunzima ngenxa yezono, ilungisa lisiva ubunzima ngenxa yabangemalungisa, ukuze asisondeze kuye uThixo; ebulewe okunene esenyameni, kodwa edliswe ubomi ekuwo umoya [“ngomoya,” AP, KJ; “ekumoya,” RS, NE, Dy, JB].” (Ekuvusweni kwakhe kwelabafileyo, uYesu weza ekumzimba womoya. KwisiGrike igama elithi “inyama” nelithi “umoya” ngalinye libekwe njengelisisichasi selinye, ibe omabini akuhlobo lwenjongosenzi exandileyo; ngoko, ukuba umguquleli usebenzisa amazwi athi “ngomoya” kwakhona ngokuvisisanayo umele athi “ngenyama,” okanye ukuba usebenzisa ethi “enyameni” kwakhona umele athi “kumoya.”)

Ize. 10:40, 41: “Yena lowo [uYesu Kristu] uThixo wamvusa ngomhla wesithathu, wenza ukuba abonakale, kungekubo abantu bonke, kukumangqina abenyuliwe ngenxa engaphambili nguThixo.” (Kutheni le nto abanye bengazange bambone nje? Kungenxa yokuba wayesisidalwa somoya ibe xa, njengoko izithunywa zezulu zazenzile kwixa elidluleyo, wayezambathisa imizimba yenyama ukuze azenze abonakale, wenjenjalo kuphela kukho abafundi bakhe.)

1 Kor. 15:45: “Ngokunjalo kubhaliwe kwathiwa, Owokuqala umntu uAdam waba ngumphefumlo odla ubomi; owokugqibela uAdam [uYesu Kristu, owayefezekile njengoko wayenjalo uAdam xa wayedalwa] waba ngumoya odlisa ubomi.”

Uthetha ukuthini uLuka 24:36-39 ngomzimba uYesu awavuswa ekuwo?

Luka 24:36-39: “Bakubon’ ukuba [abafundi] bayazithetha ezo zinto, uYesu ngokwakhe wema phakathi kwabo, wathi kubo, Uxolo malube nani. Besuka ke bankwantya, bangenelwa kukoyika, beba babone umshologu. Wathi kubo, Yini na ukuba nikhathazeke? Kungani na ke ukuba kunyuke izicamango ezintliziyweni zenu? Khangelani izandla zam neenyawo zam, ngokuba ndim kanye; ndicofeni, nikhangele; ngokuba umshologu awunanyama namathambo, njengokuba nindibona ndinawo mna.”

Abantu abanakuyibona imimoya, ngoko abafundi ngokucacileyo babecinga ukuba babebona umshologu okanye umbono. (Thelekisa uMarko 6:49, 50.) UYesu wabaqinisekisa ukuba wayengengomshologu; babenokuwubona umzimba wakhe wenyama yaye babenokuwuchukumisa, beve namathambo; ibe watya bekho nabo. Ngokufanayo, kwixa elidluleyo, izithunywa zezulu zazizambathise imizimba ukuze zibonwe ngabantu; zazisitya, ibe ezithile zade zatshata zaza zaba nabantwana. (Gen. 6:4; 19:1-3) Emva kovuko lwakhe, uYesu wayengasoloko ebonakala ekumzimba ofanayo wenyama (mhlawumbi eqinisekisa kwiingqondo zabo isibakala sokuba wayengumoya ngoko), ibe ke wayengaqondwa ngoko nangoko kwanazizinxulumani zakhe ezisondeleyo. (Yoh. 20:14, 15; 21:4-7) Noko ke, ngokubonakala kwakhe ngokuphindaphindiweyo kubo ekwimizimba yenyama aze athethe yaye enze izinto ezaziya kubenza bamqonde enguYesu ababemazi, walomeleza ukholo lwabo kwisibakala sokuba ngokwenyaniso wayevusiwe kwelabafileyo.

Ukuba abafundi babembona ngokwenene uYesu ekumzimba ngoku akuwo ezulwini, uPawulos ngewayengazange athi kamva abhekisele kuKristu ozukisiweyo ‘njengombhalo wenkqu [kaThixo],’ ngenxa yokuba uThixo unguMoya ibe akazange abe senyameni.—Heb. 1:3; thelekisa eyoku-1 kuTimoti 6:16.

Xa sifunda iingxelo zokubonakala kukaYesu emva kokuvuswa kwakhe, siyancedwa ukuba siziqonde ngokufanelekileyo ukuba sikhumbula eyoku-1 kaPetros 3:18 neyoku-1 yabaseKorinte 15:45, ecatshulwe kwiphepha 368.

Bona kwanephepha 403, 404, phantsi kothi “UYesu Kristu.”

Ngoobani abaya kuvuselwa ukuba nesabelo kubomi basezulwini noKristu, ibe baya kwenza ntoni apho?

Luka 12:32: “Musani ukoyika, mhlambi mncinane; ngokuba kukholekile kuYihlo ukuninika ubukumkani.” (Aba ababaquki bonke abaye banokholo; inani lilinganiselwe. Ukubakho kwabo ezulwini kokwenjongo.)

ISityhi. 20:4, 6: “Ndabona iitrone, nabahleli phezu kwazo, banikwa ugwebo. . . . Unoyolo, ungcwele, lowo unesabelo eluvukweni lokuqala; ukufa kwesibini akunagunya kubo abanjalo; baya kusuka babe ngababingeleli bakaThixo nabakaKristu, babe ngookumkani kunye naye iminyaka eliwaka.”

Bona kwanephepha 427-433, phantsi komxholo othi “IZulu.”

Ngaba abo bavuselwa kubomi basezulwini ekugqibeleni bafumana imizimba yenyama ezukileyo apho?

Fil. 3:20, 21: “INkosi uYesu Kristu; [iya] kuwenza kumila kumbi umzimba wokuthobeka kwethu, ukuze wona wenziwe ufane nawo umzimba wozuko lwakhe, ngokokusebenza kwalowo.” (Ngaba oku kuthetha ukuba imizimba yabo yokwenyama iya kuthi ekugqibeleni yenziwe ibe yezukileyo emazulwini? Okanye ngaba kuthetha ukuba, kunokuba babe nomzimba wenyama ophantsi, baya kwambathiswa ngomzimba womoya ozukileyo xa bevuselwa kubomi basezulwini? Masivumele isibhalo esilandelayo siphendule.)

1 Kor. 15:40, 42-44, 47-50: “Kukho iziqu ezisezulwini, neziqu ezisemhlabeni; bubodwa ubuqaqawuli basezulwini, bubodwa obezasemhlabeni. . . . Lunjalo ke kanye novuko lwabafileyo. . . . Kuhlwayelwa umzimba ongowemvelo, kuvuka umzimba ongowomoya. . . . Owokuqala umntu [uAdam] uphume emhlabeni, ungowomhlaba; owesibini umntu [uYesu Kristu], iNkosi, uphume emazulwini. Into ayiyo owomhlaba, bakwayiyo abomhlaba; kanjalo nento ayiyo osemazulwini, bakwayiyo abasemazulwini; njengokuba sawambathayo umfanekiso wowomhlaba, siya kuwambatha nomfanekiselo wosemazulwini. Ke, bazalwana, nditsho ukuthi, inyama negazi azinako ukubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.” (Apha akutshiwo ukuba kuxutyaniswa iindidi ezimbini zomzimba okanye kuthatyathwa umzimba wenyama usiwe ezulwini.)

UYesu wabonisa njani oko uvuko luya kuthetha kona kuluntu ngokubanzi?

Yoh. 11:11, 14-44: “[UYesu wathi kubafundi bakhe:] ULazaro, umhlobo wethu, ulele; ndiyaya ukuba ndimvuse. . . . Wandula ngoku uYesu wathi kubo ngokungafihlisiyo, ULazaro ufile. . . . Efikile ngoko uYesu, wafika eselesengcwabeni [uLazaro] iintsuku zone. . . . Wathi uYesu kuye [uMarta, udade boLazaro], Ndim uvuko, ndim ubomi; . . . Wadanduluka ngezwi elikhulu, wathi, Lazaro, phuma. Waphuma ofileyo, ebotshiwe iinyawo nezandla ngezithandelo, nobuso bakhe bujikelwe ngeqhiya. Athi kubo uYesu, Mkhululeni, nimyeke ahambe.” (Ukuba uYesu ngaloo ndlela wayebize uLazaro ukuba abuye kwimeko yoyolo kobunye ubomi, oko ngekwakungebubo ububele. Kodwa ukuvusa kukaYesu uLazaro kwimeko yokungabi nabomi yayibububele kuye nakoodade wabo. Kwakhona uLazaro waba ngumntu ophilileyo.)

Marko 5:35-42: “Kufike abakulomphathi wendlu yesikhungu, besithi, Intombi yakho ifile; usamkhathazelani na uMfundisi? Aze kwaoko uYesu, elivile elo zwi lithethwa, athi kumphathi wendlu yesikhungu, Musa ukoyika, kholwa kodwa wena. . . . Amthabathe uyise womntwana nonina, nabo babenaye, angene apho wayelele khona umntwana. Ambambe ngesandla umntwana, athi kuye, Talita, kumi; oko kukuthi, ngentetho evakalayo, Ntombazana, ndithi kuwe, Vuka! Yavuka kwaoko intombazana leyo, yahambahamba; kuba ibiminyaka ilishumi elinambini izelwe. Bathi nqa ngokuthi nqa okukhulu.” (Xa uvuko lwabantu abaninzi lusenzeka emhlabeni ebudeni boLawulo lukaKristu Lwewaka Leminyaka, ngokungathandabuzekiyo izigidi ezininzi zabazali nabantwana babo baya kuvuya gqitha xa bemanyana kwakhona.)

Liliphi ithemba eliya kulindela abo bavuselwa kubomi emhlabeni?

Luka 23:43, NW: “Inene ndithi kuwe namhlanje, Uya kuba nam eParadisi.” (Wonke umhlaba uya kuguqulelwa ekubeni yiparadisi phantsi kolawulo lukaKristu njengoKumkani.)

ISityhi. 20:12, 13: “Ndabona abafileyo, abancinane nabakhulu, bemi phambi koThixo. Zavulwa iincwadi; kwavulwa nenye incwadi, eyeyobomi; bagwetywa abafileyo ngokubhaliweyo ezincwadini ezo, ngokwemisebenzi yabo. . . . bagwetywa elowo ngokwemisebenzi yakhe.” (Ngokucacileyo ukuvulwa kweencwadi kubonisa ukuba kobakho ixesha lokufundwa kokuthanda kukaThixo, ngokuvisisana noIsaya 26:9. Isibakala sokuba ‘incwadi yobomi’ ivulwa sibonisa ukuba kuya kubakho ithuba lokuba abo bayamkelayo loo mfundo amagama abo abhalwe kuloo ncwadi. Ngaphambi kwabo kuya kubakho ithemba lobomi obungunaphakade kwimfezeko yobuntu.)

Bona kwanaphepha 86-91, phantsi kothi “UBukumkani.”

Ngaba abathile baya kuvuselwa nje ukuba kuvakaliswe umgwebo kubo baze ke baphoswe ekufeni kwesibini?

Iyintoni intsingiselo kaYohane 5:28, 29? Uthi: “Kuza ilixa abaya kuthi ngalo bonke abasemangcwabeni balive ilizwi lakhe; baphume ke: abo benza izinto ezilungileyo beze eluvukweni lobomi; nabo ke benza izinto ezimbi, beze eluvukweni lokugwetywa.” Into eyathethwa nguYesu apha imele iqondwe ngokwesityhilelo samva awasinika uYohane. (Bona ISityhilelo 20:12, 13, esicatshulwe kwiphepha 371.) Abo bebesenza izinto ezilungileyo ngaphambili nabo ngaphambili ababeqhelisela izinto ezimbi baya ‘kugwetywa elowo ngokwemisebenzi yakhe.’ Yiphi imisebenzi? Ukuba besinokuba nembono yokuba abantu bebeza kugwetywa ngokwemisebenzi yobomi babo bexa elidluleyo, oko bekungayi kuvisisana namaRoma 6:7: “Owafayo ugwetyelwe, wakhululwa kuso isono.” Kwakhona bekungayi kuba sengqiqweni ukuvusa abantu ukuze nje batshatyalaliswe. Ngoko, kuYohane 5:28, 29a, uYesu wayesalatha phambili eluvukweni; ngoko, kwinxalenye elandelayo yendinyana 29, wayevakalisa umphumo emva kokuba bephuculwe bafikelela kwimfezeko yobuntu baza bagwetywa.

Sibonisa ntoni ISityhilelo 20:4-6 ngokubhekisele kwabo baya kuvuselwa emhlabeni?

ISityhi. 20:4-6: “Ndabona iitrone, nabahleli phezu kwazo, banikwa ugwebo. Ndayibona imiphefumlo yababenqunyulwe iintloko ngezembe, ngenxa yobungqina bukaYesu, nangenxa yelizwi likaThixo, . . . badla ubomi, baba ngookumkani kunye noKristu iminyaka eliwaka. Ke abafileyo abaseleyo ababuyanga badle bomi, yada yazaliseka iminyaka eliwaka. Olo luvuko lokuqala. Unoyolo, ungcwele, lowo unesabelo eluvukweni lokuqala; ukufa kwesibini akunagunya kubo abanjalo; baya kusuka babe ngababingeleli bakaThixo nabakaKristu, babe ngookumkani kunye naye iminyaka eliwaka.”

Isivakalisi sokuqala sendinyana 5 sifakwe kwizibiyeli kwiNW neMo ukunceda umfundi anxibelelanise okulandela amazwi akwizibiyeli nawazandulelayo. Njengoko kuchazwe ngokucacileyo, ‘asingabafileyo bonke’ abanesabelo kuvuko lokuqala. Olu vuko lolwabo balawula noKristu iminyaka eliwaka. Ngaba oku kuthetha ukuba abakho abanye boluntu abaya kuphila ebudeni bewaka leminyaka ngaphandle kwabo baya kulawula ezulwini noKristu? Akunjalo; kuba, ukuba bekunjalo, bekuya kuthetha ukuba bekungayi kubakho bantu abebeya kukhonza ngenxa yabo njengababingeleli, ibe ummandla abawulawulayo ubuya kuba ngumhlaba ongenabemi.

Ke, ngoobani “abafileyo abaseleyo”? Ngabo bonke abo boluntu abafa ngenxa yesono sika-Adam nabo, nangona bengabasindi bembandezelo enkulu okanye abo basenokuzalwa ebudeni beWaka Leminyaka, abathi bafune ukukhululwa kwimiphumo yokufa yesono esinjalo.—Thelekisa amaEfese 2:1.

Kuthetha ukuthini ukuthi “ababuyanga badle bomi” de kwaba sekupheleni kweminyaka eliwaka? Oku akuthethi ukuvuswa kwabo. Oku ‘kudla ubomi’ kuquka okuninzi ngakumbi kunokubakho nje njengabantu. Kuthetha ukufikelela imfezeko yobuntu, engenayo yonke imiphumo yesono sika-Adam. Phawula ukuba imbekiselo yoku kwindinyana 5 ivakaliswa ngoko nangoko emva kokuba indinyana eyandulelayo isithi abo baya kuba sezulwini ‘badle ubomi.’ Kwimeko yabo kuthetha ubomi obungenayo yonke imiphumo yesono; ngokukhethekileyo bade bababalwe ngokungafi. (1 Kor. 15:54) Ngoko, ‘kwabanye abafileyo,’ kumele kuthethe ubomi obupheleleyo kwimfezeko yobuntu.

Ngoobani abaya kuqukwa kuvuko lwasemhlabeni?

Yoh. 5:28, 29: “Musani ukumangaliswa kuko oko; ngokuba kuza ilixa abaya kuthi ngalo bonke abasemangcwabeni balive ilizwi lakhe [ilizwi likaYesu]; baphume ke.” (Igama lesiGrike eliguqulelwa ngokuthi “abasemangcwabeni” alisosininzi selithi taʹphos [ingcwaba, indawo yengcwaba lomntu omnye] okanye elithi haiʹdes [ingcwaba, ingcwaba eliqhelekileyo loluntu olufileyo] kodwa liyinjongosenzi exandileyo nesininzi segama elithi mne·meiʹon [inkumbulo, ingcwaba lenkumbulo]. Ligxininisa ekukhunjulweni komntu ofileyo. Abantu abaya kuvuswa nguThixo babe nethuba lokuphila ngonaphakade asingabo abo ukukhunjulwa kwabo kwaphoselwa eGehena ngenxa yezono ezingaxolelwanga kodwa ngabantu abakhunjulwayo nguye.—Mat. 10:28; Marko 3:29; Heb. 10:26; Mal. 3:16.)

Ize. 24:15: “Ndinethemba kuThixo, . . . ukuba kuza kubakho uvuko lwabafileyo, lwamalungisa kwanolwabangemalungisa.” (Abo baphila ngokuvisisana neendlela zikaThixo zobulungisa nabantu abathi, ngokungazi, benza izinto ezingezozabulungisa baya kuvuswa. IBhayibhile ayiyiphenduli yonke imibuzo yethu ngokubhekisele enoba abantu abathile abafileyo baya kuvuswa na. Kodwa sinokuba nentembelo yokuba uThixo, owazi zonke izibakala, uya kwenza ngokungakhethi buso, ngokusesikweni okuqhutywa yinceba engayityesheli imilinganiselo yakhe yobulungisa. Thelekisa iGenesis 18:25.)

ISityhi. 20:13, 14: “Lwathi ulwandle lwabakhupha abafileyo abakulo, kwathi ukufa nelabafileyo kwabakhupha abafileyo abakhona; bagwetywa elowo ngokwemisebenzi yakhe. Kwaza ukufa nelabafileyo kwaphoswa edikeni lomlilo. Oko kukufa kwesibini.” (Ngoko, abo ukufa kwabo okwabangelwa sisono sika-Adam baya kuvuswa, enoba babengcwatyelwe elwandle okanye eHadesi, ingcwaba lasemhlabeni eliqhelekileyo loluntu olufileyo.)

Bona kwanomxholo omkhulu othi “USindiso.”

Ukuba amawaka ezigidi aza kuvuswa kwelabafileyo, aya kuhlala phi?

Uqikelelo nje lwenani labantu abakhe baphila emhlabeni lungama-20 000 000 000. Njengoko sesibonile, asingabo bonke aba bantu abaya kuvuswa. Kodwa, nokuba sicinga ukuba baya kuvuswa, kuya kubakho indawo eyaneleyo. Ummandla womhlaba okwangoku umalunga ne-147 600 000 zezikwe-khilomitha. Ukuba isiqingatha soko sibekelwe ezinye iinjongo, sekunjalo bekuya kubakho ngaphantsi nje kancinane kweehektare eziyi-0,37 kumntu ngamnye, nto leyo enokubangela kubekho ukutya okuyintabalala. Unobangela osisiseko wokunqongophala kokutya okukhoyo asikokungakwazi komhlaba ukuvelisa okwaneleyo kodwa, kunoko, unobangela lusukuzwano lwezobupolitika nokubawa kwezorhwebo.

Bona kwanephepha 195, phantsi komxholo othi “UMhlaba.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share