IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • “Hlalani Nilindile”—Kutheni Kubalulekile Nje?
    IMboniselo—2011 | Oktobha 15
    • uYesu wathi: “Xa nibona ezi zinto zisenzeka, yazini ukuba ubukumkani bukaThixo bukufuphi.” (Luka 21:31) Iindlela zoqhagamshelwano zakutshanje sizinceda sizibone zonke iinkalo zomqondiso, enoba siphila kweyiphi na imeko ekuhlaleni.

      Kwakhona, khumbula ukuba uYehova sele ewubekile ‘umhla nelixa’ lokuqalisa kwembandezelo enkulu. (Mat. 24:36) Iziganeko ezenzekayo emhlabeni azinako ukuwutshintsha lo mhla.

      UYesu wabongoza amaKristu akuyo yonke indawo esithi: “Hlalani nilungile.” (Mat. 24:44) Sifanele sihlale silungile ngalo lonke ixesha. Kakade ke, asinakusoloko sisenza imisebenzi yokomoya kude kuzik’ ilanga yonke imihla. Ngaphezu koko, akukho mntu waziyo ukuba uya kube esenza ntoni na xa kuqalisa imbandezelo enkulu. Kusenokwenzeka ukuba abanye baya kuba besebenza entsimini okanye besenza imisebenzi yasekhaya. (Mat. 24:40, 41) Ngoko ke, yintoni esinokuyenza ukuze sihlale silungile?

      UEmmanuel, uVictorine, neentombi zabo ezintandathu bahlala kwindawo eseAfrika apho bangaziboni ngokupheleleyo iziganeko zomqondiso. Ngoko bagqiba kwelokuba babe nengxubusho yeBhayibhile yonke imihla ukuze ibancede bahlale belungile. UEmmanuel uthi: “Kwakunzima ukufumana elona xesha lalilungela umntu wonke. Ekugqibeleni sakhetha imizuzu engamashumi amathathu emva kwentsimbi yesithandathu kusasa. Emva kokuxubusha itekisi yosuku, silungiselela iziqendu ezimbalwa kwezinye zeempapasho zethu ezifundwa kwisifundo sebandla veki nganye.” Ngaba olu cwangciso luye lwabanceda bahlala bephaphile? Lubancede ngokwenene! UEmmanuel ungumnxibelelanisi wequmrhu labadala ebandleni. UVictorine udla ngokuthatha inkonzo yobuvulindlela bobuncedani yaye uye wanceda abantu abaninzi bamkela inyaniso. Iintombi zabo ziqhuba kakuhle ngokomoya.

      UYesu usibongoza esithi: “Hlalani nikhangele, hlalani niphaphile.” (Marko 13:33) Ungaze uvumele iziphazamiso zikwenze ube kobude ubuthongo ngokomoya. Kunoko, sisebenzise isiluleko esifumaneka kwiimpapasho zethu nakwiintlanganiso zebandla, kanye njengoko uArielle wenzayo. Njengentsapho kaEmmanuel, zama ukwenza okuthile yonke imihla ukuze uhlale ulungile yaye ‘uhlale ulindile.’

  • Masibe Nemihlali Kunye!
    IMboniselo—2011 | Oktobha 15
    • Masibe Nemihlali Kunye!

      KUYE kusiba nzima ukufumana ulonwabo novuyo. Kubantu abaninzi kubonakala kunzima ukuthetha ngezinto ezintle nabanye. Ubomi bale mihla, ingakumbi kwiidolophu ezinkulu, benza abantu babe ngoonkom’ idla yodwa.

      UNjingalwazi weZifundo Ezingokusebenza Kwengqondo uAlberto Oliverio uthi: “Kuqheleke kakhulu ukubona abantu abangamalolo” yaye “alithandabuzeki elokuba abantu abakwiindawo ezinezakhiwo ezininzi badla ngokuba ngamakheswa. Kwiimeko ezininzi, loo nto inokusenza singabahoyi abantu esisebenza nabo eofisini, abamelwane, okanye umabhalana osebenza kwivenkile eselumelwaneni.” Oko kuzikhetha kudla ngokuphumela kuxinezeleko.

      Kodwa ke, umoya wabazalwana bethu abangamaKristu, wahlukile. Umpostile uPawulos wathi: “Hlalani ninemihlali.” (1 Tes. 5:16) Sinezizathu ezininzi zokuba novuyo nokuba nemihlali kunye. Sinqula Oyena Thixo Uphakamileyo, uYehova; siyasiqonda isigidimi seBhayibhile senyaniso; sinethemba losindiso nelobomi obungunaphakade; yaye sinokunceda nabanye

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share