IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w07 1/15 iphe. 8-iphe. 11 isiqe.¶ 11
  • Iimbalasane Zencwadi KaIsaya—II

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iimbalasane Zencwadi KaIsaya—II
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • “KHANGELA! KUZA IMIHLA”
  • (Isaya 36:1–39:8)
  • “IYA KUBUYA YAKHIWE”
  • (Isaya 40:1–59:21)
  • “UYA KUBA SISITHSABA SOBUHLE”
  • (Isaya 60:1–66:24)
  • “Gcobani”
  • Incwadi YeBhayibhile 23—Isaya
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
  • Ukuvuzwa Kokholo Lukakumkani
    Isiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu, Umqulu I
  • Iimbalasane Zencwadi KaIsaya—I
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • “Thuthuzelani Abantu Bam”
    Isiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu, Umqulu I
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
w07 1/15 iphe. 8-iphe. 11 isiqe.¶ 11

ILizwi LikaYehova Liphilile

Iimbalasane Zencwadi KaIsaya—II

UISAYA uwenza ngokuthembeka umsebenzi wakhe wokuba ngumprofeti. Izigidimi aye wazibhengeza nxamnye nezizwe ezilishumi zobukumkani bakwaSirayeli sele zizalisekile. Ngoku uza kuthetha ngoko kuza kwenzeka eYerusalem.

Isixeko saseYerusalem siza kutshatyalaliswa, baze abemi baso bathinjwe. Noko ke, ayizi kuphanziswa ngonaphakade. Emva kwexesha elithile, luza kuphinda lubuyiselwe unqulo lokwenyaniso. Esi sesona sigidimi sakhe kuIsaya 36:1–66:24.a Nathi sinokuzuza lukhulu xa sinokuqwalasela oko kuthethwa kwezi zahluko kuba iziprofeto ezininzi ezikule nxalenye yale ncwadi zizaliseka ngokupheleleyo kumhla wethu okanye kwixesha elizayo. Le nxalenye yencwadi kaIsaya ikwaqulethe neziprofeto ezibangel’ umdla eziphathelele uMesiya.

“KHANGELA! KUZA IMIHLA”

(Isaya 36:1–39:8)

Ngonyaka we-14 wokulawula kukaKumkani uHezekiya (732 B.C.E.), ama-Asiriya ahlasela uYuda. UYehova uthembisa ukuyikhusela iYerusalem. Olu hlaselo lufikelela esiphelweni xa ingelosi kaYehova ibulala amajoni ama-Asiriya ali-185 000 iyodwa nje.

UHezekiya uyagula. UYehova uphendula umthandazo wakhe aze amphilise, esongezelela iminyaka eli-15 kubomi bakhe. Xa ukumkani waseBhabhiloni ethumela abameli bakhe ukuya kuvuyisana naye kuba ebuye waphila, uHezekiya ngobuyatha ubabonisa bonke ubuncwane bakhe. UIsaya udlulisela isigidimi sikaYehova kuHezekiya, esithi: “Khangela! Kuza imihla, ekuya kuthi ngayo konke okusendlwini yakho noko kwaqwetywa ngookhokho bakho ukuza kuthi ga kule mini kuthwalelwe eBhabhiloni.” (Isaya 39:5, 6) Esi siprofeto sizaliseka emva kweminyaka nje engaphezu kwe-100.

Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:

38:8—Zaziyintoni “izinyuko” isithunzi esabuyela umva ngazo? Ekubeni eYiputa naseBhabhiloni ngenkulungwane yesibhozo B.C.E., kwakusetyenziswa iwotshi esebenza ngelanga nekwakujongwa indawo elikuyo ithunzi apho kuyo ukuze kubonwe ixesha, ezi zinyuko zisenokuba zazibhekisela kwiintlobo ezahlukeneyo zezi zixhobo zokujonga ixesha nezazisetyenziswa nguyise kaHezekiya, uAhazi. Okanye kusenokwenzeka ukuba kwakukho izinyuko phakathi ebhotwe. Mhlawumbi intsika engqamene nezi zinyuko yayisenza kubekho ithunzi kwizinyuko, elalisetyenziselwa ukubala ixesha.

Oko Sikufundayo:

36:2, 3, 22. Nangona uShebhena washenxiswa kwisikhundla sakhe sokuba ligosa, wavunyelwa ukuba aqhubeke engunobhala kakumkani esikhundleni salowo wayeligosa endaweni yakhe. (Isaya 22:15, 19) Ukuba ngesizathu esithile siye sarhoxiswa ekwenzeni umsebenzi othile entlanganweni kaYehova, ngaba asimele siqhubeke sikhonza uThixo enoba usinike yiphi imbopheleleko?

37:1, 14, 15; 38:1, 2. Ngamaxesha obunzima, kububulumko ukuthandaza kuYehova size sikholose ngaye ngokupheleleyo.

37:15-20; 38:2, 3. Xa iYerusalem yayisongelwa ngama-Asiriya, eyonanto yayixhalabise uHezekiya kukuba ukutshatyalaliswa kwayo kwakuza kuzisa ugculelo kwigama likaYehova. Emva kokuva ukuba isigulo anaso siza kumbulala, uHezekiya akazange axhalabele nje isiqu sakhe. Eyona nto yayimenza buhlungu kukuba ukufa kwakhe engenandlalifa kwakuza kuchaphazela umnombo kaDavide wookumkani. Enye into eyayimxhalabisa kukuba wayengazi ukuba ngubani oza kukhokela kumlo nxamnye nama-Asiriya. NjengoHezekiya, ukungcwaliswa kwegama likaYehova nokuzaliseka kwenjongo yakhe sikugqala njengeyona nto ibaluleke ngaphezu kokusindiswa kwethu.

38:9-20. Le ngoma kaHezekiya isifundisa ukuba ayikho into ebalulekileyo ebomini kunokukwazi ukudumisa uYehova.

“IYA KUBUYA YAKHIWE”

(Isaya 40:1–59:21)

Kamsinya emva kokuba uIsaya eprofete ngokutshatyalaliswa kweYerusalem nokuthinjelwa eBhabhiloni, uprofeta ngokubuyiselwa. (Isaya 40:1, 2) UIsaya 44:28 uthi: “[IYerusalem] iya kubuya yakhiwe.” Izithixo zoothixo baseBhabhiloni ziza kushenxiswa ‘njengomthwalo.’ (Isaya 46:1) IBhabhiloni iza kutshatyalaliswa. Konke oku kwenzeka emva kweenkulungwane ezimbini.

UYehova uya kunikela umkhonzi wakhe abe “lukhanyiselo lweentlanga.” (Isaya 49:6) “Amazulu” aseBhabhiloni, okanye abalawuli balapho, aya “kubhangazeka abe ngamaqhekeza kanye njengomsi,” ibe abo babalawulayo “baya kufa njengembuzane nje”; kodwa ‘intombi yaseZiyon engumthinjwa iya kukhulula izibopho zentamo yayo.’ (Isaya 51:6; 52:2) Kwabo baza kuye baze bamphulaphule, uYehova uthi: “Ndiya kukulungela ukwenza umnqophiso nani ohlala ngokungenammiselo ngokuphathelele ububele bothando obuthembekileyo bukaDavide.” (Isaya 55:3) Ukuphila ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo yobulungisa kukhokelela ‘ekuyolisweni ngokugqibeleleyo nguYehova.’ (Isaya 58:14) Kwelinye icala, iziphoso zabantu, ‘zibahlukanisa noThixo wabo.’—Isaya 59:2.

Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:

40:27, 28—Kwakutheni ukuze uSirayeli athi: “Indlela yam ifihlakele kuYehova, nokusesikweni kwam kuyadlula kuThixo wam”? Kusenokwenzeka ukuba amaYuda athile awayeseBhabhiloni ayevakalelwa kukuba uYehova wayengakuboni ukuphathwa kwawo ngokungekho sikweni. Akhunjuzwa ukuba uMdali womhlaba ongadinwayo okanye atyhafe wayekubona okwenzekayo eBhabhiloni.

43:18-21—Kwakutheni ukuze kuthiwe kwabo bavela ekuthinjweni ‘mabangazikhumbuli izinto zangaphambili’? Oku kwakungathethi ukuba bamele bazilibale izenzo zikaYehova zokubakhulula. Kunoko, uYehova wayefuna bamdumise ngokusekelwe ‘kwinto entsha’ ababeza kuyifumana, njengohambo olukhuselekileyo lokuya eYerusalem mhlawumbi behamba ngendlela engayi kubenza babhadule entlango. “Isihlwele esikhulu” esiphuma ‘kwimbandezelo enkulu’ naso siya kuba nezizathu ezitsha zokuzukisa uYehova.—ISityhilelo 7:9, 14.

49:6—UMesiya ululo njani “ukhanyiselo lweentlanga,” nakuba ubulungiseleli bakhe emhlabeni babupheleliselwe koonyana bakaSirayeli? Oku kunjalo ngenxa yoko kwenzekayo emva kokufa kukaYesu. UIsaya 49:6 ubhekisela kubafundi bakhe. (IZenzo 13:46, 47) Namhlanje, amaKristu athanjisiweyo, encediswa sisihlwele esikhulu, akhonza ‘njengokhanyiselo lweentlanga,’ ekhanyisela abantu “ukusa eziphelweni zomhlaba.”—Mateyu 24:14; 28:19, 20.

53:10—Kungayiphi ingqiqo uYehova awayoliswa ngayo kukutyumza uNyana wakhe? Kumele ukuba waba buhlungu uYehova, uThixo onemfesane novelwano, kukubona uNyana wakhe amthandayo ebandezeleka. Kodwa, wayoliswa kukuthobela kukaYesu ngokuzithandela noko kwakuza kuphunyezwa kukubandezeleka nokufa kwakhe.—IMizekeliso 27:11; Isaya 63:9.

53:11—Luluphi ulwazi uMesiya ‘aya kubazisela ukuma kobulungisa ngalo abantu abaninzi’? Olu lulwazi uYesu awalufumana xa weza emhlabeni waba ngumntu waza wabandezeleka ngokungekho sikweni de wafa. (Hebhere 4:15) Ngaloo ndlela wanikela idini lentlawulelo, elalifuneka ukunceda amaKristu athanjisiweyo nesihlwele esikhulu ukuba abe ngamalungisa kuThixo.—Roma 5:19; Yakobi 2:23, 25.

56:6—Ngobani “abasemzini,” ibe ziziphi iindlela ‘abawubamba ngazo umnqophiso kaYehova’? “Abasemzini” ‘zezinye izimvu’ zikaYesu. (Yohane 10:16) Babamba umnqophiso omtsha ngengqiqo yokuba bathobela imithetho enxulumene naloo mnqophiso, besebenzisana ngokupheleleyo namalungiselelo enziwe ngawo, ngokutya ukutya kokomoya okufanayo noko kwamaKristu athanjisiweyo, baze bawaxhase kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi.

Oko Sikufundayo:

40:10-14, 26, 28. UYehova womelele, uyathantamisa, unamandla, ubulumko yaye unokuqonda okukhulu esingenakuze sikuqonde.

40:17, 23; 41:29; 44:9; 59:4. Umanyano lwezopolitiko nezithixo ‘zizinto ezingeyonene.’ Kulilize ukukholosa ngazo.

42:18, 19; 43:8. Ukutyeshela iLizwi likaThixo elibhaliweyo nokungafuni ukuphulaphula ulwalathiso aludlulisela ‘ngekhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ kusenza sibe ziimfama nezithulu ngokomoya.—Mateyu 24:45.

43:25. UYehova ususa ukunxaxha ngenxa yakhe. Eyona nto ibalulekileyo kukungcwaliswa kwegama lakhe kuze kulandele ukukhululeka kwethu kubukhoboka besono nokufa size sizuze ubomi.

44:8. UYehova uyasixhasa njengeliwa elomeleleyo. Asimele soyike ukunikela ubungqina ngaye.—2 Samuweli 22:31, 32.

44:18-20. Ukunqula izithixo kubonisa ukuba intliziyo kabani yonakele. Ayikho into emele ithabathele indawo kaYehova entliziyweni yethu.

46:10, 11. Ukwazi kwakhe ukwenza ‘icebo lakhe lime,’ okuthetha ukuthi uya kuzalisekisa injongo yakhe, kububungqina bokuba uYehova nguThixo.

48:17, 18; 57:19-21. Ukuba silufuna kuYehova usindiso, sisondela kuye size siphulaphule imiyalelo yakhe, uxolo lwethu luya kuba lukhulu njengomlambo oqukuqelayo zize izenzo zethu zobulungisa zilingane namaza olwandle. Abo bangalithobeliyo iLizwi likaThixo ‘banjengolwandle olulatyuzayo.’ Abanalo uxolo.

52:5, 6. AmaBhabhiloni afikelela kwisigqibo esingachananga sokuba uThixo akanamandla. Ayengaqondi ukuba isizathu sokuba amaSirayeli abe sebukhobokeni kukuba uYehova wayengakholiswa ngawo. Xa abanye behlelwa ziintlekele, kububulumko ukuba singakhawulezi sigqibe ngonobangela wazo.

52:7-9; 55:12, 13. Ubuncinane sinezizathu ezithathu zokuba siwenze ngovuyo umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi. Iinyawo zethu ziyabukeka kwabo balambileyo ngokomoya. Sibona uYehova “ngamehlo,” okanye sinolwalamano olusondeleyo naye. Sinandipha nezinto zokomoya ezininzi.

52:11, 12. Ukuze sifanelekele ukuthwala “impahla kaYehova”—amalungiselelo enkonzo engcwele—simele sicoceke ngokomoya nangokuziphatha.

58:1-14. Ukubonisa ukuzinikela nobulungisa ngokuhanahanisa kulilize. Abanquli bokwenyaniso bamele bazinikele kuThixo ngokunyaniseka baze babathande ngokwenene abazalwana babo.—Yohane 13:35; 2 Petros 3:11.

59:15b-19. UYehova uyazibona izinto ezenzeka ebantwini ibe uyangenelela ngexesha lakhe elifanelekileyo.

“UYA KUBA SISITHSABA SOBUHLE”

(Isaya 60:1–66:24)

Ethetha ngokubuyiselwa konqulo lokwenyaniso kumaxesha amandulo nakumhla wethu, uIsaya 60:1 uthi: “Sukuma, mfazi, ukhanyise, kuba kufikile ukukhanya kwakho, nobuqaqawuli bukaYehova bukhanyisile phezu kwakho.” IZiyon ‘iya kuba sisithsaba sobuhle esandleni sikaYehova.’—Isaya 62:3.

UIsaya uthandaza kuYehova ethandazela abantu bakowabo abaya kuguquka ebudeni bokuthinjwa kwabo eBhabhiloni. (Isaya 63:15–64:12) Emva kokubonisa umahluko phakathi kwabakhonzi bokwenyaniso nabobuxoki, lo mprofeti uchaza indlela uYehova aza kubasikelela ngayo abo bamkhonzayo.—Isaya 65:1–66:24.

Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:

61:8, 9—Uyintoni ‘umnqophiso ohlala ngokungenammiselo,’ ibe ngoobani ‘inzala’? Lo ngumnqophiso omtsha uYehova aye wawenza namaKristu athanjisiweyo. ‘Inzala’ ‘zezinye izimvu’—izigidi ezamkela isigidimi sawo.—Yohane 10:16.

63:5—UThixo uxhaswa njani ngumsindo wakhe? Umsindo kaThixo yimvakalelo elawulekayo—umsindo wobulungisa. Umsindo wakhe uyamxhasa uze umenze agwebe ngobulungisa.

Oko Sikufundayo:

64:6. Abantu abangafezekanga abanako ukuzisindisa. Ngokuphathelele ukwenza ucamagushelo lwezono, izenzo zabo zobulungisa akukho nto zibhetele ngayo kwisambatho esimdaka.—Roma 3:23, 24.

65:13, 14. UYehova uyabasikelela abakhonzi bakhe abanyanisekileyo, aze azanelise ngokupheleleyo iintswelo zabo zokomoya.

66:3-5. UYehova uluthiyile uhanahaniso.

“Gcobani”

AmaYuda athembekileyo awayethinjwe eBhabhiloni amele ukuba athuthuzelwa gqitha ziziprofeto zokubuyiselwa kwawo kwilizwe lawo. UYehova wathi: “Gcobani nize nivuye ngonaphakade koko ndikudalayo. Kuba yabona, ndidala iYerusalem ukuba ibe ngunobangela wovuyo nabantu bayo unobangela wokugcoba.”—Isaya 65:18.

Nathi namhlanje siphila kwixesha apho ubumnyama bugubungele umhlaba neentlanga zikwisithokothoko. (Isaya 60:2) Siphila ‘kumaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.’ (2 Timoti 3:1) Ngoko, isigidimi sikaYehova sosindiso esikwincwadi yeBhayibhile kaIsaya silukhuthazo gqitha kuthi.—Hebhere 4:12.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ukuze ufumane ingxubusho kaIsaya 1:1–35:10, funda inqaku elithi “ILizwi LikaYehova Liphilile—Iimbalasane Zencwadi KaIsaya—I” kwiMboniselo kaDisemba 1, 2006.

[Umfanekiso okwiphepha 8]

Ngaba uyasazi esona sizathu sabangela ukuba uHezekiya athandazele ukusindiswa kuma-Asiriya?

[Umfanekiso okwiphepha 11]

“Hayi indlela ezibukeka ngayo ezintabeni iinyawo zalowo uzisa iindaba ezilungileyo!”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share