IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • lv isahl. 4 iphe. 36-49
  • Kutheni Umele Umhlonele Umntu Onikwe Igunya?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kutheni Umele Umhlonele Umntu Onikwe Igunya?
  • “Zigcineni Kuthando LukaThixo”
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • ISIZATHU SOKUBA KUBE NZIMA
  • KUTHENI SIFANELE SIBAHLONELE ABANTU ABANIKWE IGUNYA?
  • INTLONELO ENTSATSHENI
  • INTLONELO EBANDLENI
  • UKUHLONELA ABASEMAGUNYENI BEHLABATHI
  • Yibani Nembeko Kwabo Banikwe Igunya Phezu Kwenu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Imbono YamaKristu Ngegunya
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Lamkele Igunya LikaYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Ukuhlonela Igunya—Kutheni Kubalulekile?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
Khangela Okunye
“Zigcineni Kuthando LukaThixo”
lv isahl. 4 iphe. 36-49
Uyise ufundisa intsapho yakhe

ISAHLUKO 4

Kutheni Umele Umhlonele Umntu Onikwe Igunya?

“Bekani abantu bazo zonke iintlobo.”—1 PETROS 2:17.

1, 2. (a) Kukuphi ukubethabethana kweengcinga esiye sijamelane nako kumba wegunya? (b) Yiyiphi imibuzo esiza kuyiphendula?

UKHE umbone na umntwana xa ecelwa ukuba enze into angafuniyo ukuyenza? Uye abonakale kwalapha ebusweni ukuba uneengcamango ezibethabethanayo. Uyaliva lona ilizwi lomzali, kwaye uyazi ukuba umele alihlonele igunya lakhe. Kodwa ke kule into, akafuni kuthobela. Nathi sikhe sizifumane sikwimeko efanayo.

2 Akusoloko kulula ukuhlonela umntu osegunyeni. Ngaba maxa wambi ukufumanisa kunzima ukuhlonela umntu onegunya lokukulawula? Ukuba kunjalo, akuwedwa. Siphila kwixesha apho ukuhlonela umntu onegunya kuyinto enqabileyo. Ukanti, iBhayibhile ithi kufuneka sibahlonele abo banegunya lokusilawula. (IMizekeliso 24:21) Enyanisweni, kubalulekile ukuba sibahlonele ukuba sifuna ukuzigcina eluthandweni lukaThixo. Kodwa ke ikho imibuzo ephakamayo. Kutheni kunzima kangaka kuthi ukuthobela umntu onegunya? Kutheni uYehova efuna ukuba simthobele, kwaye yintoni eya kusinceda senjenjalo? Owokugqibela uthi, ziziphi iindlela esinokubahlonela ngazo abantu abanegunya?

ISIZATHU SOKUBA KUBE NZIMA

3, 4. Isono nokungafezeki zaqala njani, yaye kutheni ukuba nesono kwethu kusenza kube nzima ukuhlonela umntu osegunyeni?

3 Makhe sithi gqaba-gqaba ngezizathu ezibini ezibangela ukuba kube nzima kuthi ukuhlonela abantu abanegunya. Okokuqala, kukungafezeki; okwesibini, nabantu abanikwe igunya abafezekanga. Isono nokungafezeki kwabantu zaqala kudal’ okuya, kumyezo wase-Eden, xa uAdam noEva bavukela igunya likaThixo. Ngoko isono saqala ngemvukelo. Nanamhl’ oku ke siye sityekele ngasekuvukeleni.—Genesis 2:15-17; 3:1-7; INdumiso 51:5; Roma 5:12.

4 Ngenxa yokuba sinesono, ikratshi nokuziphakamisa zingena lula kuthi, ngoxa ukuthobeka kunqabe kangangokuba kuye kufuneke sibhinq’ omfutshane ukuze sikufikelele nokuze sihlale sithobekile. Kwanasemva kokuba sichithe iminyaka sikhonza uThixo ngokuthembeka, sisenokungenwa ziinkani nalikratshi. Masenze umzekelo ngoKora, owaqhubeka ethembekile kuYehova ukutyhubela iingxaki ezininzi. Sekunjalo, wayelifun’ ebumnyameni igunya ibe akazange abe nazo neentloni zokukhokela iqela elalivukela uMoses, oyena mntu ululamileyo owayephila ngelo xesha. (Numeri 12:3; 16:1-3) Omnye umzekelo ngokaKumkani u-Uziya, okratshi lakhe lamqhubela ekubeni angene kwitempile kaYehova aze enze imisebenzi engcwele eyayibekelwe ababingeleli. (2 Kronike 26:16-21) La madoda adibana neembila zithutha ngenxa yokuvukela kwawo. Kodwa le mizekelo yawo mibi isikhumbuza nto sonke. Kufuneka sililwe ikratshi elenza kube nzima ukuthobela abantu abasegunyeni.

5. Abantu abangafezekanga baye balisebenzisa kakubi njani igunya abalinikiweyo?

5 Kwelinye icala, nabantu abangafezekanga abasegunyeni baye bafak’ isandla ekubeni bangahlonelwa. Abaninzi kubo zizikhohlakali, bathetha rhabaxa nabantu baze babaphathe gadalala, okanye balawule ngegqudu. Enyanisweni, ubukhulu becala imbali yabantu izaliswe ziingxelo zokusetyenziswa kakubi kwegunya. (Funda iNtshumayeli 8:9.) Ngokomzekelo, uSawule wayeyindoda ethandekayo neyayithobekile xa uYehova wayemchonga ukuba abe ngukumkani. Kodwa ke, kuthe kungekabi phi wathiwa nqo likratshi nomona; watshutshisa indoda eyayithembekile, uDavide. (1 Samuweli 9:20, 21; 10:20-22; 18:7-11) Kamva uDavide waba yenye yezona kumkani zakha zanesandla ekuphatheni kwaSirayeli, kodwa nanko naye esebenzisa kakubi igunya lakhe ngokukrexeza nomkaUriya umHiti waza wathumela le ndoda imsulwa edabini ukuze ibulawe. (2 Samuweli 11:1-17) Ngokwenene ukungafezeki kwenza kube nzima ukuba abantu balisebenzise kakuhle igunya abalinikiweyo. Kuye kube nzima nangakumbi ke xa abantu abasegunyeni bengamhloneli uYehova. Emva kokuchaza indlela ezinye iipopu zamaKatolika eziye zabangela ngayo ukuba kutshutshiswe abantu, esinye isihandiba saseBritani sabhala sathi: “Igunya liyamona umntu, kwaye igunya elipheleleyo limona ngokupheleleyo.” Sinaloo mbali ke ezingqondweni zethu, makhe siphendule umbuzo othi: Kutheni sifanele sibahlonele abantu abanikwe igunya?

KUTHENI SIFANELE SIBAHLONELE ABANTU ABANIKWE IGUNYA?

6, 7. (a) Ukuthanda kwethu uYehova kusiqhubela ekubeni senze ntoni, yaye ngoba? (b) Kubandakanya ntoni ukuzithoba, yaye sinokuzithoba njani?

6 Esona sizathu sibalulekileyo luthando—siyamthanda uYehova, siyabathanda abamelwane bethu, kwaye nathi siyazithanda. Ngenxa yokuba sithanda uYehova ngaphezu kwayo yonke into, sifuna ukumvuyisa. (Funda iMizekeliso 27:11; Marko 12:29, 30.) Siyazi ukuba ulongamo lwakhe, ilungelo lakhe lokulawula indawo iphela, luye lwadelwa apha emhlabeni ukususela ngexesha lemvukelo yase-Eden nokuba inkoliso yabantu iye yema kwicala likaSathana, yaluchasa ulawulo lukaYehova. Thina siyakuvuyela ukuma kwicala eliphikisana nabo. Xa sifunda amazwi azukileyo akwiSityhilelo 4:11, sivukwa lihlombe ezintliziyweni zethu. Icaca okwekat’ emhlophe ehlungwini kuthi into yokuba nguYehova oyena ufanelwe kukulawula indalo iphela! Siyaluxhasa ulongamo lukaYehova, sivume ukuba asilawule imihla ngemihla.

7 Intlonelo enjalo ifuna ukuba senze okungaphaya kokumthobela. UYehova simthobela kuba simthanda. Kodwa ke, akho amaxesha apho kuya kuba ngumnqantsa kakhulu ukuba sithobele. Xa kunjalo, njengenkwenkwana esithethe ngayo ngaphambidlana, kuya kufuneka sifunde ukuzithoba. Siyakhumbula ukuba uYesu wazithoba kukuthanda kukaYise, nangona kumele ukuba kwakunzima gqitha ukwenjenjalo. Wathi kuYise: “Makwenzeke, kungekhona ukuthanda kwam, kodwa okwakho.”—Luka 22:42.

8. (a) Ukuzithoba kwigunya likaYehova kudla ngokuquka ntoni, yaye siyibona phi indlela uYehova avakalelwa ngayo ngalo mba? (b) Yintoni enokusinceda siphulaphule isiluleko size samkele uqeqesho? (Bona ibhokisi ethi “Phulaphula Icebiso Uze Wamkele Ingqeqesho.”)

8 UYehova akathethi nomntu ngamnye apha kuthi namhlanje; usebenzisa iLizwi lakhe nabameli bakhe abangabantu. Ngoko, ubukhulu becala sizithoba kwigunya likaYehova ngokuhlonela abantu ababeke, okanye abavumele ukuba baqhubeke, besegunyeni. Ukuba sinokubavukela abo bantu—ngokomzekelo, singavumi ukwamkela amacebiso neziluleko zabo ezisekelwe kwiZibhalo—siya kumcaphukisa uThixo wethu. Xa amaSirayeli ambombozelayo aza avukela uMoses, uYehova wawajonga ngokungathi ayevukela yena.—Numeri 14:26, 27.

9. Kutheni ukuthanda kwethu abanye abantu kusenza sibahlonele abantu abanikwe igunya? Zekelisa.

9 Enye into esenza sibahlonele abantu abanikwe igunya kukuba siyabathanda abanye abantu. Njani? Masithi ubulijoni emkhosini. Ukuphumelela kwanobomi bomkhosi buxhomekeke ekubeni ijoni ngalinye libe nentsebenziswano, lithobele yaye lihlonele abaphathi-mkhosi. Ukuba ubunokuwusingela phantsi umkhosi ngokuba nemvukelo, onke amanye amajoni ebeya kuba sengozini. Ewe kona, imikhosi yabantu idala imbuqe ehlabathini namhlanje. Kodwa ke, umkhosi kaYehova wenza izinto ezintle kuphela. IBhayibhile iyiphindaphinda kangangezihlandlo ezingaphezu kwekhulu into yokuba uThixo ‘nguYehova wemikhosi.’ (1 Samuweli 1:3) UyiNkumanda yomkhosi omkhulu nonamandla wezidalwa zomoya. Maxa wambi, uYehova ufanisa abakhonzi bakhe basemhlabeni nomkhosi. (INdumiso 68:11; Hezekile 37:1-10) Ukuba besinokuvukela abantu abanikwe igunya nguYehova lokuba basilawule, ngaba besingayi kuwabeka engozini amanye amajoni okomoya akulo mkhosi sikuwo? Xa umKristu evukela abadala abamiselweyo, nabanye ebandleni basenokuchaneka. (1 Korinte 12:14, 25, 26) Xa umntwana evukela, yonke intsapho isenokuchaneka. Ngoko sifanele sibathande abanye abantu ngokuba nentlonelo nentsebenziswano.

10, 11. Umnqweno wethu ofanelekileyo wokuba silungelwe usinceda njani ukuba sithobele abantu abanikwe igunya?

10 Enye into esenza sibahlonele abantu abanikwe igunya kukuba kunceda kwathina ukwenjenjalo. Xa uYehova esithi masibahlonele abantu abanikwe igunya, udla ngokusichazela neengenelo esiya kuzifumana ngokwenjenjalo. Ngokomzekelo, uxelela abantwana ukuba bathobele abazali babo ukuze baphile ubomi obude nobanelisayo. (Duteronomi 5:16; Efese 6:2, 3) Uthi masibahlonele abadala bebandla kuba xa singenjinjalo, siya kwenzakala ngokomoya. (Hebhere 13:7, 17) Kwaye uthi masiwathobele amagunya ehlabathi ukuba sifuna ukukhuseleka.—Roma 13:4.

11 Ukwazi isizathu sokuba uYehova afune sithobele kuyasinceda ukuba sithobele abantu abanikwe igunya, akunjalo? Ngoku makhe sibone indlela esinokubahlonela ngayo abantu abanikwe igunya kwiinkalo ezintathu ezibalulekileyo ebomini.

INTLONELO ENTSATSHENI

12. Yiyiphi indima uYehova ayabele umyeni nobawo entsatsheni, kwaye indoda inokuyiphumeza njani loo ndima?

12 UYehova walisungula ngokwakhe ilungiselelo lentsapho. Ekubeni enguThixo wocwangco, ulungelelanise intsapho ngendlela yokuba isebenze kakuhle. (1 Korinte 14:33) Unika umyeni nobawo igunya lokuba yintloko yentsapho. Umyeni yena uhlonela iNtloko yakhe, uKristu uYesu, ngokuxelisa indlela uYesu abusebenzisa ngayo ubuntloko bakhe ebandleni. (Efese 5:23) Ngenxa yoko, umyeni akafanele ayibaleke imbopheleleko yakhe, kunoko umele ayisingathe njengendoda; kwangaxeshanye akafanele abe nguzwilakhe okanye abe ngqwabalala, kunoko, umele abe nothando, abe nengqiqo nobubele. Uyakhumbula ukuba igunya lakhe lisikelwe umda—lingaphantsi kwelikaYehova.

Ubawo ongumKristu uxelisa indlela uKristu abusebenzisa ngayo ubuntloko

13. Umfazi unokuyiphumeza njani indima yakhe entsatsheni ngendlela eya kumkholisa uYehova?

13 Umfazi nomama ufanele abe ngumncedi okanye umphelelisi wendoda yakhe. Naye unikwe igunya entsatsheni, kuba iBhayibhile ithetha ‘ngomthetho kanyoko.’ (IMizekeliso 1:8) Kakade ke, igunya lakhe lingaphantsi kwelomyeni wakhe. Umfazi ongumKristu uhlonela igunya lomyeni wakhe ngokumnceda aphumeze indima yakhe njengentloko-ntsapho. Akamdeleli, amqhathe okanye athathele kuye iintambo. Kunoko, uyamxhasa aze asebenzisane naye. Xa engazithandi izigqibo azenzayo, unokuziveza ngentlonelo izimvo zakhe, aze aqhubeke ezithoba kuye. Xa umyeni engelokholwa, kusenokuba nzinyana kuye, kodwa ke ukuzithoba kwakhe kunokwenza indoda yakhe iphele sele ifuna ukunqula uYehova.—Funda eyoku-1 kaPetros 3:1.

Uyise umlungisa ngobubele unyana wakhe ongene nodaka endlwini

14. Abantwana banokwenza njani ukuze abazali babo kunye noYehova bavuye?

14 Abantwana bayayivuyisa intliziyo kaYehova xa bethobela abazali babo. Nabazali bayavuya baze bazive bebekekile. (IMizekeliso 10:1) Kwiintsapho ezinomzali omnye, abantwana basebenzisa imigaqo efanayo kumba wokuthobela, besazi ukuba umzali wabo usenokuba uyifuna ngamandla inkxaso nentsebenziswano yabo. Kwiintsapho apho wonk’ ubani aphumeza indima yakhe ebekwe nguThixo, kubakho uxolo novuyo. Loo nto imenza azukiswe uMsunguli wazo zonke iintsapho, uYehova uThixo.—Efese 3:14, 15.

INTLONELO EBANDLENI

15. (a) Sinokubonakala njani ukuba siyalihlonela igunya likaYehova ebandleni? (b) Yiyiphi imigaqo enokusinceda sibathobele abo bakhokelayo? (Bona ibhokisi ethi “Bathobeleni Abo Bakhokelayo.”)

15 UYehova umisele uNyana wakhe njengoMlawuli webandla lamaKristu. (Kolose 1:13) NoYesu uye wamisela ‘ikhoboka lakhe elithembekileyo neliyingqondi’ ukuba lincede abantu bakaThixo emhlabeni. (Mateyu 24:45-47) IQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova ‘lilikhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ Njengoko kwakunjalo kumabandla amaKristu enkulungwane yokuqala, abadala namhlanje bafumana imiyalelo namacebiso avela kwiQumrhu Elilawulayo, enokuba kungendlela engqalileyo okanye kusetyenziswa abameli balo, abanjengabaveleli abahambahambayo. Xa ngamnye kuthi ehlonela igunya elinikwe abadala abangamaKristu, uthobela uYehova.—Funda eyoku-1 kwabaseTesalonika 5:12; Hebhere 13:17.

16. Kungayiphi ingqiqo ekunokuthiwa abadala bamiselwe ngomoya oyingcwele?

16 Abadala nezicaka zolungiselelo abafezekanga. Zikho iindawo abasilela kuzo, njengokuba phofu kunjalo nakuthi. Sekunjalo, abadala ‘bazizipho ezingabantu,’ esiziphiwe ngenjongo yokuba zincede ibandla lihlale lomelele ngokomoya. (Efese 4:8) Abadala bamiselwa ngomoya oyingcwele. (IZenzo 20:28) Njani? Kaloku la madoda kuye kufuneke afikelele iimfaneleko ezichazwe kwiLizwi likaThixo eliphefumlelwe ngomoya ngaphambi kokuba amiselwe. (1 Timoti 3:1-7, 12; Tito 1:5-9) Ukongezelela koko, abadala abahlola ezo mfaneleko kumzalwana baye bathandaze becela ulwalathiso lomoya oyingcwele kaYehova.

17. Kutheni maxa wambi abafazi abangamaKristu beye bathwale entloko xa besenza izinto zebandla?

17 Kwezinye iimeko ibandla lisenokungabi nabo abadala nezicaka zolungiselelo abenza umsebenzi odla ngokwabelwa bona, njengokuqhuba intlanganiso yenkonzo yasentsimini. Xa kunjalo, kunokusetyenziswa abazalwana ababhaptiziweyo. Xa nabo bengekho, kunokusetyenziswa oodade abafanelekayo. Noko ke, xa umfazi esenza umsebenzi ngokuqhelekileyo owabelwe indoda ebhaptiziweyo, uyathwala entloko.a (1 Korinte 11:3-10) Ukwenjenjalo asikokubathoba abafazi. Kunoko, kubanika ithuba lokuhlonela ilungiselelo likaYehova lobuntloko, entsatsheni nasebandleni.

UKUHLONELA ABASEMAGUNYENI BEHLABATHI

18, 19. (a) Unokuyicacisa njani imigaqo ebhalwe kweyabaseRoma 13:1-7? (b) Sibahlonela njani abasemagunyeni?

18 AmaKristu enene anamathela ngokuthembeka kwimigaqo ekweyabaseRoma 13:1-7. (Yifunde.) Xa ufunda esi sicatshulwa, uya kuphawula ukuba “amagunya awongamileyo” akhankanywe apha ngoorhulumente. Logama nje uYehova esavumele oorhulumente babantu ukuba baqhubeke bekho, banomsebenzi obalulekileyo abawenzayo, bagcina ucwangco kwaye basenzela nezinto esizifunayo. La magunya siwahlonela ngokuthobela imithetho. Siyaqiniseka ukuba siyazihlawula iirhafu ekufuneka sizihlawule, sizizalisa kakuhle iifomu okanye amaxwebhu urhulumente asenokufuna ukuba siwazalise, kwaye siyayithobela yonke imithetho echaphazela thina, intsapho, ishishini okanye izinto esinazo. Kodwa ke, asizithobi kwabasemagunyeni xa besithi masingamthobeli uThixo. Kunoko, siphendula ngendlela abaphendula ngayo abapostile bamandulo, besithi: “Simele sithobele uThixo njengomlawuli kunabantu.”—IZenzo 5:28, 29; bona ibhokisi ethi “Ligunya Likabani Endifanele Ndilithobele?”

LIGUNYA LIKABANI ENDIFANELE NDILITHOBELE?

Umgaqo: “UYehova nguMgwebi wethu, uYehova nguMmisi-mthetho wethu, uYehova nguKumkani wethu.”—Isaya 33:22.

Khawuzibuze le mibuzo

  • Bendiya kwenza ntoni ukuba bekunokuthiwa mandaphule imilinganiselo kaYehova?—Mateyu 22:37-39; 26:52; Yohane 18:36.

  • Bendiya kwenza ntoni ukuba bekunokuthiwa mandiyeke ukwenza imiyalelo kaYehova?—IZenzo 5:27-29; Hebhere 10:24, 25.

  • Yintoni enokundinceda ndithobele abantu abanikwe igunya?—Roma 13:1-4; 1 Korinte 11:3; Efese 6:1-3.

19 Enye indlela esibahlonela ngayo abasemagunyeni yindlela esibaphatha. Ngamany’ amaxesha kusenokufuneka sithethe namagosa karhulumente. Umpostile uPawulos wathetha nabalawuli abanjengoKumkani uHerode Agripa neRhuluneli uFesto. La madoda ayeneziphako ezingathandekiyo, kodwa uPawulos waba nentlonelo xa ethetha nawo. (IZenzo 26:2, 25) Nathi simele simxelise uPawulos, enoba elo gosa sithetha nalo ngumlawuli onegunya elikhulu okanye lipolisa lasekuhlaleni. AmaKristu aselula azama ukuba nembeko efanayo kootitshala, kumagosa nakubasebenzi basesikolweni. Intlonelo yethu ayipheleli kwabo baneenkolelo ezifana nezethu; siba nembeko naxa sithetha nabantu abalwayo namaNgqina kaYehova. Phofu masithi, bonke abantu abangakholwayo bafanele bayibone into yokuba sinentlonelo.—Funda amaRoma 12:17, 18; 1 Petros 3:15.

20, 21. Ziziphi ezinye zeentsikelelo zokubahlonela ngendlela efanelekileyo abantu abanikwe igunya?

20 Masingabi madolw’ anzima xa kufuneka sihlonele abanye abantu. Umpostile uPetros wabhala esithi: “Bekani abantu bazo zonke iintlobo.” (1 Petros 2:17) Xa abantu bephawula ukuba sinentlonelo yokwenene, baya kuchukumiseka. Sikhumbule ukuba olu phawu luya luphela ebantwini. Ngoko ke, ukuhlonela abantu kuyenye indlela esinokuthobela ngayo umyalelo kaYesu othi: “Malukhanye ngokunjalo ukhanyiselo lwenu phambi kwabantu, ukuze babone imisebenzi yenu emihle baze bazukise uYihlo osemazulwini.”—Mateyu 5:16.

21 Kweli hlabathi lifathula ebumnyameni, abantu abaneentliziyo ezintle basondezwa ekukhanyeni kokomoya. Ngoko ukuba nentlonelo kwethu entsatsheni, ebandleni, naxa siqhubana nabantu abangengomakholwa kunokubatsala abanye babo, baze nabo bahambe ekukhanyeni kunye nathi. Ingantle gqitha loo nto! Kodwa ke, kwanokuba abade bahambe nathi ekukhanyeni, siqiniseke ngento enye nje qha. Ukuhlonela kwethu abanye abantu kuyamkholisa uYehova uThixo kwaye kuyasinceda ukuba sihlale eluthandweni lwakhe. Ingayintoni ke eyenye esiyifunayo engaphezu kwaleyo?

a Inqaku elikwiSihlomelo elithi “Udade Ufanele Athwale Xa Kutheni, Yaye Ngoba?” lixubusha ezinye iindlela ezimbalwa onokusetyenziswa ngazo lo mgaqo.

“PHULAPHULA ICEBISO UZE WAMKELE INGQEQESHO”

Umoya kaSathana—isimo sengqondo sakhe sokuvukela nokuthand’ usukuzwano—ugqugqisile ehlabathini namhlanje. Ngenxa yoko, iBhayibhile ithi ngenxa yokuba uSathana ‘engumlawuli wegunya lomoya’ umphumo ‘ngumoya ngoku osebenza koonyana bokungathobeli.’ (Efese 2:2) Abantu abaninzi namhlanje abafuni kulawulwa mntu. Okulusizi kukuba, lo moya wokuzilawula uye wosulela nabanye kwibandla lamaKristu. Ngokomzekelo, umdala unokunikela isiluleko ngeengozi zokuzonwabisa ngezinto ezibonisa ukuziphatha okubi okanye ugonyamelo, kodwa abanye banokungasamkeli de basicaphukele isiluleko sakhe. Ngamnye wethu kufuneka asebenzise amazwi akwiMizekeliso 19:20, athi: “Phulaphula icebiso uze wamkele ingqeqesho, ukuze ube nobulumko kamva.”

Yintoni enokusinceda kule nkalo? Makhe sixubushe ngezizathu ezithathu eziye zenze abantu bangasamkeli isiluleko okanye uqeqesho, size sibone nokuba iZibhalo zithini.

  • “Noko asindifanelanga esi siluleko.” Sisenokuvakalelwa kukuba isiluleko asingeni ndawo kwiimeko zethu okanye loo mntu usilulekayo akayiqondi kakuhle le nto athetha ngayo. Mhlawumbi ekuqaleni sinokude sisidelele isiluleko sakhe. (Hebhere 12:5) Ekubeni sonke singafezekanga, akungebi sithi ekufuneka silungise iimbono zethu? (IMizekeliso 19:3) Ngaba ngokwenene asikho isizathu sokuba silulekwe? Ukuba sikho, masicinge ngaso ke. ILizwi likaThixo lithi: “Bamba ingqeqesho; musa ukuyiyeka. Yilondoloze, kuba yona ibubomi bakho.”—IMizekeliso 4:13.

  • “Andiyithandi indlela endilulekwe ngayo.” Ewe kona, iLizwi likaThixo libeka imilinganiselo ephakamileyo yendlela umntu afanele alulekwe ngayo. (Galati 6:1) Noko ke, iBhayibhile ikwathi: “Bonke bonile baza basilela kuzuko lukaThixo.” (Roma 3:23) Ekuphela kwendlela esinokuze silulekwe ngendlela egqibeleleyo nangexesha elifanelekileyo kukuba silulekwe ngumntu ofezekileyo. (Yakobi 3:2) UYehova usebenzisa abantu abangafezekanga ukuba basiluleke, ngoko asibobulumko ukuzikhathaza kakhulu ngendlela esilulekwa ngayo. Kunoko masiphulaphule isiluleko eso, sithandaze yaye sicinge ngendlela esinokusisebenzisa ngayo.

  • “Unjani yena, sel’ ede andiluleke nje?” Ukuba sivakalelwa kukuba iziphako zaloo mntu usilulekayo zimenza angafaneleki ukusiluleka, simele sikhumbule ezi ngongoma zichazwe ngasentla. Ngendlel’ efanayo ke, ukuba sivakalelwa kukuba asifanele kululekwa ngenxa yobudala, amava, okanye iimbopheleleko esinazo ebandleni, kuza kufuneka silungise indlela esicinga ngayo. KuSirayeli wamandulo, ukumkani wayeneembopheleleko ezinkulu, kodwa kwakukhe kufuneke ukuba alulekwe ngabaprofeti, ababingeleli, nabanye awayebalawula. (2 Samuweli 12:1-13; 2 Kronike 26:16-20) Namhlanje intlangano kaYehova imisela amadoda angafezekanga ukuba aluleke abanye abantu, ibe amaKristu akhulileyo ngokomoya ayasamkela eso siluleko aze asisebenzise. Ukuba sinembopheleleko engakumbi okanye sinamava kunabanye abantu, kufuneka sibe ngabona bangumzekelo wokuba nengqiqo nokuthobeka xa silulekwa.—1 Timoti 3:2, 3; Tito 3:2.

Akakho umntu olunge kangangokuba angafanelwa sisiluleko. Ngoko masizimisele ukusamkela lula, sisisebenzise, kwaye simbulele uYehova ngesi sipho sakhe siluncedo. Ngokwenene isiluleko siyindlela uYehova abonisa ngayo ukuba uyasithanda, ibe nathi siyafuna ukuzigcina kuthando lwakhe.—Hebhere 12:6-11.

“BATHOBELENI ABO BAKHOKELAYO”

KuSirayeli wamandulo kwakha kwafuneka ukuba kwenziwe uhlengahlengiso olungxamisekileyo. UMoses wayengakwazi ukuzinyamekela yedwa izigidi zabantu ezazihamba kwintlango eyayiyingozi. Wenza ntoni? “Wanyula ke uMoses amadoda afanelekileyo kuSirayeli ephela waza wawanika izikhundla zokuba ziintloko phezu kwabantu, aba ziintloko zamawaka, iintloko zamakhulu, iintloko zamashumi ngamahlanu neentloko zamashumi.”—Eksodus 18:25.

Nanamhlanje, kwibandla lamaKristu luyafuneka ulungelelwano. Kungoko iqela lenkonzo yasentsimini linomveleli, ibandla linabadala, iqela lamabandla linomveleli wesiphaluka, yaye ilizwe lineKomiti Yelizwe okanye iKomiti Yesebe. Ngenxa yolu lungelelwano, indoda nganye engumalusi iyakwazi ukunyamekela izimvu zikaYehova eziphathisiweyo. Aba balusi baya kuphendula kuYehova nakuKristu.—IZenzo 20:28.

Le ndlela ilungelelaniswe ngayo intlangano ifuna ukuba ngamnye wethu athobele. Singaze nanini na sifane noDiyotrefe, owayebadelela abo babekhokela ngemihla yakhe. (3 Yohane 9, 10) Kunoko, simele sithobele amazwi kampostile uPawulos, owathi: “Bathobeleni abo bakhokelayo phakathi kwenu nize nibalulamele, kuba bahlala beyilindile imiphefumlo yenu njengabo baya kuphendula; ukuze bakwenze oku ngovuyo kungekhona ngokuncwina, kuba oko kungenza umonakalo kuni.” (Hebhere 13:17) Abanye abantu bayathobela xa bevumelana nolwalathiso oluvela kwabo bakhokelayo kodwa bem’ entla xa bengavumelani nalo okanye xa bengasiboni isizathu salo. Noko ke, simele sikhumbule ukuba ukuthobela kuthetha ukwenza into naxa ungavumelani nayo. Ngoko ke, ngamnye kuthi makazibuze lo mbuzo, ‘Ngaba ndiyabathobela abo bamiselwe ukuba bandikhokele?’

Kakade ke, iLizwi likaThixo alichazi yonke into emele yenziwe ukuze ibandla lisebenze kakuhle. Sekunjalo, iBhayibhile iyayitsho into yokuba: “Zonke izinto mazenzeke ngokundilisekileyo nangolungelelwano.” (1 Korinte 14:40) IQumrhu Elilawulayo liyaluthobela olu lwalathiso kuba limisela iinkqubo nemiyalelo emele ilandelwe ukuze izinto zihambe ngokutyibilikayo nangocwangco ebandleni. Amadoda angamaKristu anikwe iimbopheleleko enza eyawo indima ngokuba ngumzekelo wokuthobela ezo nkqubo. Kwakhona ‘anengqiqo kwaye akulungele ukuthobela’ abo bamiselwe njengabaveleli. (Yakobi 3:17) Ngenxa yoko, iqela, ibandla, isiphaluka nelizwe ngalinye linamakholwa amanyeneyo nalungelelanisiweyo ammela kakuhle uThixo owonwabileyo.—1 Korinte 14:33; 1 Timoti 1:11.

Kwelinye icala, amazwi kaPawulos akweyamaHebhere 13:17 akwachaza isizathu sokuba ukungathobeli kuyingozi. Kunokubangela ukuba abo bakwizikhundla zembopheleleko benze umsebenzi wabo “ngokuncwina.” Ilungelo elingcwele lenkonzo linokujika libe ngumthwalo xa umhlambi ungasebenzisani naloo mzalwana ulinikiweyo yaye umvukela. Ngenxa yoko, umonakalo uba “kuni” njengebandla. Ikho nenye ingozi ebangelwa kukungavumi ukuzithoba kulungelelwano lobuthixo. Ikratshi liyalonakalisa ulwalamano lomntu noYehova. (INdumiso 138:6) Ngoko ke, masizimisele ukuqhubeka sithobela.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share