IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mwbr18 Februwari iphe. 1-10
  • Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela
  • Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela (2018)
  • Imixholwana
  • FEBRUWARI 5-11
  • PHANTSI KWELISO ELIBUKHALI LIKAYESU
  • FEBRUWARI 12-18
  • FEBRUWARI 19-25
  • FEBRUWARI 26–MATSHI 4
Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela (2018)
mwbr18 Februwari iphe. 1-10

Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela

FEBRUWARI 5-11

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO MATEYU 12-13

“Umzekeliso Wengqolowa Nokhula”

(Mateyu 13:24-26) Wabenzela omnye umzekeliso, esithi: “Ubukumkani bamazulu bufaniswa nomntu owahlwayela imbewu entle entsimini yakhe. 25 Kwathi ke xa baleleyo abantu, kwafika utshaba lwakhe lwahlwayela ukhula phakathi kwengqolowa, lwemka. 26 Lithe ke lakuhluma ikhaba laza lavelisa isiqhamo, lwandula ke ukubonakala nokhula.

w13 7/15 9-10 ¶2-3

“Khangelani! Ndinani Yonke Imihla”

2 Iziganeko ezenzeka entsimini yalo mfama ziyibonisa kakuhle indlela nexesha uYesu aya kuluhlanganisa ngalo lonke udidi lwengqolowa—amaKristu athanjisiweyo aza kulawula kunye naye kuBukumkani bakhe. Ukuhlwayela kwaqalisa ngePentekoste ka-33. Ukuhlanganiswa kwawo kuya kugqitywa xa abathanjiswa abasaphilayo ekupheleni kwale nkqubo yezinto betywinwa okokugqibela baze emva koko bathatyathelwe ezulwini. (Mat. 24:31; ISityhi. 7:1-4) Kanye njengokuba umntu okwindawo ephakamileyo entabeni ekwazi ukubona kakuhle yonke into emngqongileyo, lo mzekeliso usinceda siqonde izinto ezaziza kwenzeka ebudeni beminyaka emalunga ne-2 000. Thina, ziziphi izinto ezenzekayo esizibonayo ngokuphathelele uBukumkani? Lo mzekeliso uchaza ixesha lokuhlwayela, lokukhula nelokuvuna. Eyona nto liza kunikela ingqalelo kuyo eli nqaku lixesha lokuvuna.

PHANTSI KWELISO ELIBUKHALI LIKAYESU

3 Ekuqaleni kwenkulungwane yesibini, ‘lwabonakala ukhula’ xa kwavela oosinga maKristu ehlabathini. (Mat. 13:26) Kwathi kufika inkulungwane yesine babe aba singa maKristu bewagqumelele amaKristu athanjisiweyo. Khumbula ukuba kumzekeliso kaYesu, amakhoboka acela kwinkosi yawo imvume yokulususa ukhula. (Mat. 13:28) Yathini kuwo inkosi?

(Mateyu 13:27-29) Ngoko amakhoboka omnini-ndlu eza athi kuye, ‘Nkosi, ubungahlwayelanga imbewu entle na entsimini yakho? Kwenzeka njani, ngoko, ukuba kubekho ukhula?’ 28 Wathi kuwo, ‘Ngumntu olutshaba owenze oku.’ Athi kuye, ‘Ngoko, ngaba ufuna siye kuluqokelela?’ 29 Wathi, ‘Hayi; hleze nithi, xa niqokelela ukhula, suke nincothule nengqolowa.

w13 7/15 10 ¶4

“Khangelani! Ndinani Yonke Imihla”

4 Ethetha ngengqolowa nokhula, uYesu wathi: “Yekani kukhule kokubini ndawonye de kube sekuvuneni.” Lo myalelo ubonisa ukuba ukususela kwinkulungwane yokuqala ukuza kuthi ga namhlanje, bekusoloko kukho amaKristu athanjisiweyo afanekiselwa yingqolowa emhlabeni. Eso sigqibo singqinelwa koko kwathethwa nguYesu kubafundi bakhe kamva: “Ndinani yonke imihla de kube sekuphelisweni kwenkqubo yezinto.” (Mat. 28:20) Ngoko ke, amaKristu athanjisiweyo ayeza kusoloko esesweni likaYesu yonke imihla de kufike ixesha lesiphelo. Kodwa ke, ekubeni ayegqunyelelwe ngamaKristu alukhula, asazi ukuba ngoobani kanye ababekolo didi lwengqolowa ebudeni balo lonke eli xesha. Noko ke, kumashumi eminyaka ngaphambi kokuqalisa kwexesha lesivuno, udidi lwengqolowa lwaye lwavela. Kwenzeka njani oko?

(Mateyu 13:30) Yekani kukhule kokubini ndawonye de kube sekuvuneni; yaye ngexesha lokuvuna ndothi kubavuni, Qokelelani ukhula kuqala, nilubophe lube zizithungu ukuze nilutshise, nandule ke nihlanganisele ingqolowa kuvimba wam.’”

w13 7/15 12 ¶10-12

“Khangelani! Ndinani Yonke Imihla”

10 Eyokuqala, kukuqokelelwa kokhula. UYesu uthi: “Ngexesha lokuvuna ndothi kubavuni, Qokelelani ukhula kuqala, nilubophe lube zizithungu.” Emva ko-1914, iingelosi zaqalisa ‘ukuqokelela’ amaKristu alukhula ngokuwahlula ‘koonyana bobukumkani’ abathanjisiweyo.—Mat. 13:30, 38, 41.

11 Njengokuba umsebenzi wokuqokelela uqhubeka, waya ucaca ngamandla umahluko phakathi kwala maqela mabini. (ISityhi. 18:1, 4) Ngo-1919, kwaye kwacaca ukuba iwile iBhabhiloni Enkulu. Yintoni eyawahlula phandle amaKristu okwenyaniso koosinga maKristu? Ngumsebenzi wokushumayela. Abazalwana ababekhokela baqalisa ukugxininisa ukubaluleka kokuba ngamnye aye kushumayela ebantwini ngoBukumkani. Ngokomzekelo, iphecana elalinomxholo othi, To Whom the Work Is Entrusted, elapapashwa ngo-1919, labongoza onke amaKristu athanjisiweyo ukuba aye kushumayela kwindlu ngendlu. Lathi: “Lo msebenzi ubonakala ububudenge kodwa sithunywe yiNkosi, ngoko iza kusomeleza ukuze siwenze. Kulilungelo ukuba nenxaxheba kuwo.” Asabela njani amaKristu? Ngo-1922, iThe Watch Tower yathi ukususela ngoko ukusa phambili, aBafundi BeBhayibhile baye baphakamisa unyawo kumsebenzi wokushumayela. Zange kube kudala, ukushumayela kwindlu ngendlu kwayeyona ndlela aziwa ngayo loo maKristu athembekileyo—njengokuba kusenjalo nanamhlanje.

12 Eyesibini, ukuhlanganisela ingqolowa. UYesu uyalela iingelosi oku: ‘Hlanganiselani ingqolowa kuvimba wam.” (Mat. 13:30) Ukususela ngo-1919, abathanjiswa bebehlanganiselwa kwibandla lamaKristu. Kuloo maKristu athanjisiweyo aya kube esaphila ekupheleni kwale nkqubo yezinto, ukuhlanganiswa kwawo kokugqibela kuya kwenzeka xa efumana umvuzo wawo wasezulwini.—Dan. 7:18, 22, 27.

Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(Mateyu 12:20) Akukho ngcongolo yaphukileyo aya kuyityumza, yaye akukho msonto weflekisi aya kuwucima, ade akuphumelelise okusesikweni ngempumelelo.

Ingcaciso kaMateyu 12:20

umsonto weflekisi: Yayisisibane esasiqhelekile ezindlini esasigalelwa ioli yeminquma. Lo msonto wawutsala ioli ukuze isibane sikhanye. Ibinzana lesiGrike elithi ‘umsonto weflekisi’ kusenokwenzeka ukuba lalibhekisela kumsonto owawuqhuma ngenxa yothuthu olubangelwa kukucima kwesibane. Isiprofeto esikuIsaya 42:3 saxela kwangaphambili ukuba uYesu onovelwano wayeza kuligcina liphila ithemba kubantu abathobekileyo nabacinezelekileyo.

(Mateyu 13:25) Kwathi ke xa baleleyo abantu, kwafika utshaba lwakhe lwahlwayela ukhula phakathi kwengqolowa, lwemka.

w16.10 32

Ngaba Ubusazi?

Ngaba simele siyikholelwe into yokuba ngexesha lamandulo umntu wayehlwayela ukhula kwintsimi yomnye umntu?

KWINCWADI kaMateyu 13:24-26 uYesu wathi: “Ubukumkani bamazulu bufaniswa nomntu owahlwayela imbewu entle entsimini yakhe. Kwathike xa baleleyo abantu, kwafika utshaba lwakhe lwahlwayela ukhula phakathi kwengqolowa, lwemka. Lithe ke lakuhluma ikhaba laza lavelisa isiqhamo, lwandula ke ukubonakala nokhula.” Ababhali abathile bayayithandabuza into yokuba lo mzekeliso wawuthetha ngento eyayisenzeka nyhani. Kodwa imibhalo yamandulo engomthetho wamaRoma ibonisa ukuba le nto yayisenzeka.

“Esiny’ isichazi-magama seBhayibhile sithi: “Ngokomthetho wamaRoma, yayikukwaphula-umthetho ukuhlwayela ukhula kwintsimi yomnye umntu kuba usithi ubuyisa izitya. Into yokuba kubekho loo mthetho ibonisa ukuba oku kwakuyinto eqhele ukwenzeka.” Umphengululi wezomthetho uAlastair Kerr ucacisa athi, ngo-533 C.E., uMlawuli ongumRoma uJustinian wapapasha iDigest, eyayisithi gqaba-gqaba ngomthetho wamaRoma kwaye icaphula nabantu ababesazi umthetho ngexesha lakudala (malunga no-100 ukuya ku-250 C.E.) Ngokutsho kwale Digest yakhe, isazi ngomthetho, u-Ulpian wathetha ngetyala elachotshelwa nguCelsus, umlawuli ongumRoma wenkulungwane yesibini. Kwakuhlwayelwe ukhula kwintsimi yomnye umntu lwaza lonakalisa oko kwakulinyiwe. Le Digest ithetha ngembuyekezo eyayinokufunyanwa ngumnini okanye ngumntu oqeshe ifama, kuloo mntu ubangele ukuba alahlekelwe.

Into yokuba le ntlondi yayisenzeka kwimimandla eyayiphethwe ngamaRoma ngexesha lamandulo ibonisa ukuba uYesu wayezekelisa ngento eyayisenzeka ngokwenene.

Ufundo LweBhayibhile

(Mateyu 12:1-21) Ngelo xesha uYesu wayehamba kumasimi okudla okuziinkozo ngesabatha. Abafundi bakhe balamba baza baqala ukukha izikhwebu zokudla okuziinkozo, badla. 2 Bakukubona oku abaFarisi bathi kuye: “Khangela! Abafundi bakho benza oko kungekho mthethweni ukuba kwenziwe ngesabatha.” 3 Wathi kubo: “Anizange nikufunde na oko kwenziwa nguDavide xa yena nabantu awayekunye nabo bathi balamba? 4 Indlela awangena ngayo endlwini kaThixo baza badla izonka ezingumboniso, nto leyo ekwakungekho mthethweni ngaye ukuyidla, okanye ngabo wayenabo, ngaphandle kwababingeleli kuphela? 5 Okanye, anizange nifunde na eMthethweni ukuba ngeesabatha etempileni ababingeleli abayiphathi isabatha njengengcwele kwaye baqhubeka bengenatyala? 6 Ndithi ke kuni, okuthile okukhulu ngakumbi kunetempile kulapha. 7 Noko ke, ukuba nanikuqondile okuthethwa kukuthi, ‘Ndifuna inceba, kungekhona umbingelelo,’ ngeningakhange nibagwebele isohlwayo abo bangenatyala. 8 Kuba uNyana womntu uyiNkosi yesabatha.” 9 Emva kokuba emkile kuloo ndawo waya kwindlu yabo yesikhungu; 10 kwaye, khangela! nanko umntu onesandla esomileyo! Ngoko ukuze bafumane isimangalo ngokunxamnye naye bambuza bathi, “Kusemthethweni na ukuphilisa ngesabatha?” 11 Wathi kubo: “Nguwuphi na umntu phakathi kwenu oya kuthi enemvu enye aze, ukuba yeyela emhadini ngesabatha, angayibambi ayirhole? 12 Kuqwalaselwe konke oku, uxabiseke ngaphezulu kangakanani na ke umntu kunemvu! Ngoko kusemthethweni ukwenza into entle ngesabatha.” 13 Wandula ke wathi kulo mntu: “Yolula isandla sakho.” Wasolula, saza saphila njengesinye isandla. 14 Kodwa abaFarisi baphuma baza baceba ukumtshabalalisa. 15 Ekwazile oko, uYesu wemka apho. Abaninzi bamlandela, waza wabaphilisa bonke, 16 kodwa wabayala ngokungqongqo ukuba bangamvezi; 17 ukuze kuzaliseke oko kwathethwa ngoIsaya umprofeti, owathi: 18 “Khangela! Umkhonzi wam endimnyulileyo, intanda yam, lowo ukholisiweyo nguye umphefumlo wam! Ndiza kufaka umoya wam kuye, yaye okusesikweni uya kukwenza kucace ezintlangeni. 19 Akayi kudala ingxabano, okanye adanduluke kakhulu, kungekho nabani na oya kuliva ilizwi lakhe kwiindlela eziphangaleleyo. 20 Akukho ngcongolo yaphukileyo aya kuyityumza, yaye akukho msonto weflekisi aya kuwucima, ade akuphumelelise okusesikweni ngempumelelo. 21 Eneneni, iintlanga ziya kuthembela egameni lakhe.”

FEBRUWARI 12-18

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO MATEYU 14–15

“Ukondla Abaninzi Ngezandla Zabambalwa”

(Mateyu 14:16, 17) Noko ke, uYesu wathi kubo: “Akuyomfuneko ukuba zimke: Zinikeni nina into yokudla.” 17 Bathi kuye: “Asinanto apha ngaphandle kwezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini.”

w13 7/15 15 ¶2

Ukondla Abaninzi Ngezandla Zabambalwa

2 Esakubona ezo zihlwele, uYesu uyazisizela, aze ke aphilise abagulayo abafundise izinto ezininzi ngoBukumkani bukaThixo. Kuthi kwakuhlwa, abafundi bacele uYesu ukuba andulule izihlwele ukuze zikwazi ukuya kwiidolophana ezikufuphi zize zizithengele ukutya. Esabela uYesu uthi kubo: “Zinikeni nina into yokudla.” Amazwi akhe amele abamangalise, kuba ukutya abanako kuncinane gqitha—zizonka nje ezihlanu neentlanzi ezimbini.

(Mateyu 14:18, 19) Wathi: “Ziziseni apha kum.” 19 Wandula wayalela izihlwele ukuba zingqendeve engceni, wazithabatha izonka ezo ezihlanu neentlanzi ezimbini, wakhangela phezulu ezulwini, wacela intsikelelo, waza akuba eziqhekezile izonka, wazabela abafundi, abafundi bona bazabela izihlwele.

w13 7/15 15 ¶3

Ukondla Abaninzi Ngezandla Zabambalwa

3 Ezisizela, uYesu wenza ummangaliso—ekuphela kommangaliso ochazwa ngabo bobane ababhali beencwadi zeVangeli. (Marko 6:35-44; Luka 9:10-17; Yoh. 6:1-13) UYesu uyalela abafundi bakhe ukuba bahlalise ezo zihlwele engceni ngokwamaqela ngalinye libe na-50 amanye 100. Emva kokucela iintsikelelo, uqhekeza isonka nentlanzi. Kunokuba abanike ngokwakhe oko kutya abantu, uYesu ‘ukunika abafundi, ukuze bona bakunike izihlwele.’ Okumangalisayo kukuba, wonk’ umntu olapho udla anele koko kutya! Khawufan’ ucinge: UYesu wondla amawaka ngezandla zabambalwa—abafundi bakhe.

(Mateyu 14:20, 21) Ngoko bonke badla banela, kwaza kwakuqokelelwa amaqhekeza aseleyo, azalisa iingobozi ezilishumi elinesibini. 21 Ukanti abo babesidla yayingamadoda amalunga namawaka amahlanu, ngaphandle kwabafazi nabantwana abaselula.

Ingcaciso kaMateyu 14:21

ngaphandle kwabafazi nabantwana abaselula: NguMateyu kuphela othetha ngabafazi nabantwana xa echaza lo mmangaliso. Kusenokwenzeka ukuba abantu abondliwa ngokungummangaliso bangaphezu kwabayi-15 000.

w13 7/15 15 ¶1

Ukondla Abaninzi Ngezandla Zabambalwa

KHAWUBE nalo mfanekiso. (Funda uMateyu 14:14-21.) Kungaphambi kwePasika ka-32. Kukho isihlwele samadoda amalunga ne-5 000, ngaphandle kwabafazi nabantwana, sihleli kunye noYesu nabafundi bakhe kwanti, kufuphi neBhethesayida, idolophana ekunxweme olusemantla kuLwandle lwaseGalili.

Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(Mateyu 15:7-9) Bahanahanisindini, watyapha ukuprofeta ngani uIsaya, xa wathi, 8 ‘Esi sizwana sindibeka ngemilebe yaso, kanti intliziyo yaso ikude lee kum. 9 Sindinqulela ilize, kuba sifundisa iimfundiso eziyimiyalelo yabantu.’”

Ingcaciso kaMateyu 15:7

bahanahanisindini: Igama lesiGrike elithi, hy·po·kri·tesʹ ekuqaleni lalibhekisela kubadlali beqonga bamaGrike (kamva nabangamaRoma) ababenxiba izinto ezigquma ubuso bazitshintshe namazwi. Eli gama lalisetyenziswa ngokufuziselayo ukuchaza nabani na owayezifihla oko akuko. Apha uYesu ubiza iinkokheli zonqulo zamaYuda ngokuthi “bahanahanisindini.”—Mat 6:5, 16.

(Mateyu 15:26) Ekuphenduleni wathi: “Akulunganga ukuthabatha isonka sabantwana uze usiphose ezinjaneni.”

Ingcaciso kaMateyu 15:26

sabantwana. . . ezinjaneni: Ngenxa yokuba izinja zazingahlambulukanga ngokomthetho kaMoses, eZibhalweni igama elithi, izinja lidla ngokusetyenziswa njengesithuko. (Lev 11:27; Mat 7:6; Fil 3:2; ISi 22:15) Sekunjalo, kwingxelo ekuMarko (7:27) nakuMateyu, kwincoko kaYesu igama elithi “injana” okanye “inja yasekhaya” lisetyenziswa ukwenza isifaniso. Kusenokwenzeka ukuba uYesu wayethetha ngendlela izilwanyana zasekhaya ezazithandwa ngayo ngabantu abangengomaYuda. Ngokufanisa amaSirayeli ‘nabantwana’ nabantu abangengomaYuda ‘neenjana,’ uYesu wayefuna ukubonisa eyona nto iza kuqala. Kumzi onabantwana nezinja, abantwana bebeza kutyiswa kuqala.

Ufundo lweBhayibhile

(Mateyu 15:1-20) Ngoko kweza kuYesu abaFarisi nababhali bevela eYerusalem, besithi: 2 “Kutheni abafundi bakho besigqitha isithethe sabantu bamaxesha angaphambili? Ngokomzekelo, abazihlambi izandla zabo xa beza kudla isidlo.” 3 Ekuphenduleni wathi kubo: “Kutheni nani niwugqitha umyalelo kaThixo ngenxa yesithethe senu? 4 Ngokomzekelo, uThixo wathi, ‘Beka uyihlo nonyoko’; yaye wathi ‘Lowo utshabhisa uyise okanye unina makafe.’ 5 Kodwa nina nithi, ‘Nabani na othi kuyise okanye kunina: “Nakuphi na endinako ebekunokuba yingenelo kuwe, ndikunikele kuThixo njengesipho,” 6 makangambeki uyise konke konke.’ Ngoko nilitshitshisile ilizwi likaThixo ngenxa yesithethe senu. 7 Bahanahanisindini, watyapha ukuprofeta ngani uIsaya, xa wathi, 8 ‘Esi sizwana sindibeka ngemilebe yaso, kanti intliziyo yaso ikude lee kum. 9 Sindinqulela ilize, kuba sifundisa iimfundiso eziyimiyalelo yabantu.’” 10 Ngako oko wasibizela kufutshane isihlwele waza wathi kuso: “Phulaphulani nize nikuqonde oku: 11 Asikokungena emlonyeni wakhe okumenza inqambi umntu; kodwa okuphuma emlonyeni wakhe kuko okumenza inqambi umntu.” 12 Beza ke abafundi kuye baza bathi: “Uyazi na ukuba abaFarisi bakhubekile bakuva oko ukuthethileyo?” 13 Ekuphenduleni wathi: “Sonke isityalo esingatyalwanga nguBawo osemazulwini siya kuncothulwa. 14 Bayekeni benjalo. Bangabakhokeli abaziimfama. Ukuba ke, imfama ikhokela enye imfama, zombini ziya kweyela emhadini.” 15 Esabela uPetros wathi kuye: “Sicacisele lo mzekeliso.” 16 Ngako oku wathi: “Kanti nani nikwanje na ukungaqondi? 17 Aniqondi na ukuba yonk’ into engena emlonyeni idlulela emathunjini ize ikhutshelwe kumjelo ogutyulayo? 18 Noko ke, izinto eziphuma emlonyeni ziphuma entliziyweni, kwaye ezo zinto zimenza inqambi umntu. 19 Ngokomzekelo, entliziyweni kuphuma iingcinga ezingendawo, ukubulala, ukukrexeza, uhenyuzo, ubusela, ubungqina bobuxoki, izinyeliso. 20 Zizo ezo izinto ezimenza inqambi umntu; kodwa ukutya ngezandla ezingahlanjwanga akumenzi nqambi umntu.”

FEBRUWARI 19-25

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO MATEYU 16–17

“Ucinga Njengabani?”

(Matthew 16:21, 22) Ukususela ngelo xesha kuse phambili uYesu Kristu wababonisa abafundi bakhe ukuba umele aye eYerusalem, afumane imbandezelo kumadoda amakhulu nakubabingeleli abaziintloko nababhali, abulawe, aze avuswe ngomhla wesithathu. 22 Ngako oku uPetros wamthabathela bucala waza wamkhalimela, esithi: “Yiba nobubele kuwe, Nkosi; akuyi kuba nesi siphelo konke konke.”

w07 2/15 16 ¶17

Madoda—Xelisani Ubuntloko BukaKristu

17 Ngesinye isihlandlo, uYesu wabachazela abapostile bakhe ukuba wayemele aye eYerusalem, apho wayeza kutshutshiswa, ‘ngamadoda amakhulu nangababingeleli abaziintloko nababhali, abulawe, aze avuswe ngomhla wesithathu.’ UPetros wambizel’ ecaleni uYesu waza waqalisa ukumkhalimela, esithi: “Yiba nobubele kuwe, Nkosi; akuyi kuba nesi siphelo konke konke.” Ngokucacileyo, uPetros wayephazanyiswe ziimvakalelo. Wayefanele alungiswe. Ngoko ke, uYesu wathi kuye: “Suka uye emva kwam, Sathana! Usisikhubekiso kum, ngenxa yokuba ucinga, kungekhona iingcamango zikaThixo, kodwa ezabantu.”—Mateyu 16:21-23.

(Mateyu 16:23) Kodwa, emnikela umva, wathi kuPetros: “Suka uye emva kwam, Sathana! Usisikhubekiso kum, ngenxa yokuba ucinga, kungekhona iingcamango zikaThixo, kodwa ezabantu.”

w15 5/15 7-8 ¶16-17

Hlalani Nithe Qwa USathana Ufuna Ukuniqwenga!

16 USathana unokuqhatha nkqu nabo bakukhuthaleleyo ukukhonza uYehova. Ngokomzekelo, cinga ngoko kwenzekayo xa uYesu waxelela abafundi bakhe ukuba wayeza kubulawa kungekudala. Umpostile uPetros, owayemthanda uYesu, wathi: “Yiba nobubele kuwe, Nkosi; akuyi kuba nesi siphelo konke konke.” UYesu wamphendula wathi: “Suka uye emva kwam, Sathana!” (Mateyu 16:22, 23) Kwakutheni ukuze athi “Sathana” kuPetros? Kaloku uYesu wayeyazi into eyayiza kwenzeka kungekudala. Wayeza kuba lidini lentlawulelo aze amngqine elixoki uMtyholi. Eli yayilixesha elibaluleke kakhulu kwimbali yabantu, ingeloxesha lokuba uYesu ‘abe nobubele’ kwisiqu sakhe. Ngewayevuye nyhani uSathana ukuba uYesu wayengazange ahlale ethe qwa.

17 Isiphelo sale nkqubo yezinto sisondele, ngenxa yoko nathi siphila kwixesha lamanqam. USathana ufuna sibe ‘nobubele’ kwiziqu zethu ngokusenza sifune ukuphumelela kweli hlabathi. Ungayivumeli loo nto! Kunoko, ‘hlala ulindile.’ (Mateyu 24:42) Ungaze uyikholelwe into yokuba isiphelo sisekude okanye asizi kwaukuza.

(Mateyu 16:24) Wandula ke uYesu wathi kubafundi bakhe: “Ukuba nabani na ufuna ukundilandela, makazincame, athabathe isibonda sakhe sentuthumbo aze aqhubeke endilandela.

w06 4/1 23 ¶9

‘Hambani Niye Kwenza Abafundi, Nibabhaptize’

9 Kuquka ntoni ukulandela umzekelo kaYesu wokwenza ukuthanda kukaThixo? UYesu wathi kubafundi bakhe: “Ukuba nabani na ufuna ukundilandela, makazincame, athabathe isibonda sakhe sentuthumbo aze aqhubeke endilandela.” (Mateyu 16:24) Apha wachaza izinto ezintathu esimele sizenze. Okokuqala, simele ‘sizincame.’ Ngamany’ amazwi, sigatye utyekelo lwethu lokuzingca nokungafezeki size sithobele isiluleko nolwalathiso lukaThixo. Okwesibini, ‘sithabathe isibonda sethu sentuthumbo.’ Ngomhla kaYesu isibonda sentuthumbo sasifuzisela ihlazo nokubandezeleka. NjengamaKristu, siyayamkela into yokuba maxa wambi sisenokubandezeleka ngenxa yeendaba ezilungileyo. (2 Timoti 1:8) Nangona ihlabathi lisenokusigculela okanye lisigxeke, njengoKristu ‘siyalidela ihlazo’, sivuyiswa kukwazi ukuba sikholisa uThixo. (Hebhere 12:2) Okokugqibela, ‘siqhubeka’ silandela uYesu.—INdumiso 73:26; 119:44; 145:2.

Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(Mateyu 16:18) Ngoko ndithi kuwe, UnguPetros wena, yaye ndiza kulakhela phezu kolu lwalwa ibandla lam, namasango eHadesi akayi kulongamela.

Ingcaciso kaMateyu 16:18

UnguPetros wena, yaye kolu lwalwa: Igama lesiGrike upeʹtros xa libhekisela kumadoda lithetha ulwalwa okanye ilitye. Apha lisetyenziwa njengegama lomntu (uPetros), igama lesiGrike uYesu awalinika uSimon. (Yoh 1:42) Xa libhekisela kumabhinqa igama elithi peʹtra lithetha ilitye, ulwalwa okanye iliwa. Eli gama liyavela nakuMateyu 7:24, 25; kuLuka 6:48; 8:6; kwabaseRoma 9:33; kweyo-1 Korinte 10:4; nakweyo-1 kaPetros 2:8. Kuyabonakala ukuba uPetros wayengazijongi njengelitye uYesu awayenokwakhela kulo ibandla lakhe, yiyo loo nto wabhala kweyoku-1 kaPetros 2:4-8 ukuba nguYesu owachazwa kwakudala ukuba ‘ulilitye lembombo elisisiseko,’ elikhethwe nguThixo. Ngendlela efanayo, umpostile uPawulos wathi uYesu ‘sisiseko’ ‘nolwalwa lokomoya.’ (1Ko 3:11; 10:4) Kuyabonakala ukuba uYesu wayedlala ngamagama xa wathi: ‘UnguPetros wena, ilitye, gama elo elibhekisela kuKristu, “ulwalwa” ekwakuza kwakhelwa kulo ibandla lamaKristu.’

ibandla: Igama lesiGrike elithi, ek·kle·siʹa liyaqala ukuvela. Lisuka kumagama amabini esiGrike uek othetha “phandle” noka·leʹo, othetha “ukubiza”. Libhekisela kubantu ababizelwe umsebenzi okanye injongo enye. Umongo wale vesi ubonisa ukuba uYesu wayethetha ngokusekwa kwebandla lamaKristu, elibunjwa ngamaKristu athanjisiweyo, “amatye aphilayo” akhele kuwo ‘indlu yokomoya.’ (1Pe 2:4, 5) Eli gama lisoloko lisetyenziswa kwiSeptuagint njengelimela “ibandla” ngokuqhelekileyo uhlanga luphela lwabantu bakaThixo. (Dut 23:3; 31:30) KwiZenzo 7:38 amaSirayeli aphuma eYiputa abizwa ngokuba ‘libandla.’ Ngokufanayo amaKristu abizwe ukuba ‘aphume ebumnyameni’ ‘naphuma kulo ihlabathi’ abumba “ibandla likaThixo.” —1Pe 2:9; Yoh 15:19; 1Ko 1:2

(Mateyu 16:19) Ndiza kukunika izitshixo zobukumkani bamazulu, kuze kuthi nakuphi na okubopha emhlabeni kubotshwe nasemazulwini, kuthi nakuphi na okukhululayo emhlabeni kukhululwe nasemazulwini.”

Ingcaciso kaMateyu 16:19

izitshixo zobukumkani bamazulu: EBhayibhileni, abo babenikwa izitshixo ezithile, enoba zezokoqobo okanye zezokomfuziselo, babenomlinganiselo othile wegunya. (1Kr 9:26, 27; Isa 22:20-22) Ngenxa yoko, igama elithi isitshixo limela igunya okanye isigxina. UPetros wasebenzisa “izitshixo” azinikiweyo ukuze avulele amaYuda (IZe 2:22-41), amaSamariya (IZe 8:14-17) nabantu abangengomaYuda (IZe 10:34-38) ithuba lokufumana umoya kaThixo njengoko babeza kungena eBukumkanini bamazulu.

Ufundo LweBhayibhile

(Mateyu 16:1-20) Kweza kuye abaFarisi nabaSadusi baza, bemhenda, bamcela ukuba ababonise umqondiso ovela ezulwini. 2 Ekuphenduleni wathi kubo: “[[Xa kusihlwa niqhele ukuthi, ‘Imozulu iza kuba ntle, kuba isibhakabhaka sibomvu okomlilo’; 3 yaye kusasa nithi, ‘Iza kuba yimozulu yobusika, enemvula namhlanje, kuba isibhakabhaka sibomvu okomlilo, kodwa lisibekele.’ Niyakwazi ukutolika imbonakalo yesibhakabhaka, kodwa imiqondiso yamaxesha aninako ukuyitolika.]] 4 Isizukulwana esingendawo nesikrexezayo sihlala sifuna umqondiso, kodwa asiyi kunikwa mqondiso ngaphandle komqondiso kaYona.” Wabashiya ke, wemka. 5 Abafundi bawelela ngaphesheya, balibala ukuthabatha izonka. 6 UYesu wathi kubo: “Amehlo enu mawahlale evulekile nize niliphaphele igwele labaFarisi nabaSadusi.” 7 Ngoko baqiqa ngelithi: “Utsho kuba singathabathanga zonka.” 8 Ekwazi oku, uYesu wathi: “Kutheni niqiqa ngolu hlobo, ngenxa yokuba ningenazo izonka, nina nilukholo luncinane? 9 Anikayifumani na ingongoma, okanye anizikhumbuli na izonka ezihlanu kwimeko yabangamawaka amahlanu nokuba zingaphi iingobozi enazithabathayo? 10 Okanye izonka ezisixhenxe kwimeko yabangamawaka amane nokuba zingaphi iingobozi zomphako enazithabathayo? 11 Kwenzeka njani ukuba ningaqondi ukuba bendingathethi ngazonka kuni? Kodwa phaphelani igwele labaFarisi nabaSadusi.” 12 Bandula ke bacacelwa ukuba wayesithi mabaphaphele, kungekhona igwele lezonka, kodwa imfundiso yabaFarisi nabaSadusi. 13 Ke kaloku akuba uYesu efikile kwimimandla yaseKesareya Filipi, wababuza abafundi bakhe wathi: “Abantu bathi ungubani uNyana womntu?” 14 Bathi: “Bambi bathi nguYohane umBhaptizi, abanye bathi nguEliya, ukanti abanye bathi nguYeremiya okanye ngomnye wabaprofeti.” 15 Wathi kubo: “Ke nina nithi ndingubani na?” 16 Ekuphenduleni uSimon Petros wathi: “UnguKristu, uNyana woThixo ophilayo.” 17 Waphendula uYesu wathi kuye: “Unoyolo, Simon nyana kaYona, kuba oku akukutyhilelwanga yinyama negazi, kodwa nguBawo osemazulwini. 18 Ngoko ndithi kuwe, UnguPetros wena, yaye ndiza kulakhela phezu kolu lwalwa ibandla lam, namasango eHadesi akayi kulongamela. 19 Ndiza kukunika izitshixo zobukumkani bamazulu, kuze kuthi nakuphi na okubopha emhlabeni kubotshwe nasemazulwini, kuthi nakuphi na okukhululayo emhlabeni kukhululwe nasemazulwini.” 20 Wandula ke wabayala kabukhali abafundi ukuba bangatsho nakubani na ukuba unguKristu.

FEBRUWARI 26–MATSHI 4

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO MATEYU 18-19

“Kuphephe Ukukhubeka Nokukhubekisa Abanye”

(Mateyu 18:6, 7) Kodwa nabani na okhubekisa omnye waba bancinane banokholo kum, ngekumlungele kanye ukuba agangxwe ilitye lokusila entanyeni yakhe njengelo lijikeleziswa nge-esile aze atshoniswe enzulwini yolwandle. 7 “Yeha ihlabathi ngenxa yezikhubekiso! Kambe ke, ziya kuhlala zikhona zona izikhubekiso, kodwa yeha loo mntu siza ngaye isikhubekiso!

Ingcaciso kaMateyu 18:6, 7

ilitye lokusila elijikeleziswa ngedonki: Okanye ilitye lokusila elikhulu. Ngokoqobo “ilitye lokusila ledonki.” Eli litye lokusila, ekusenokwenzeka ukuba laliziimitha eziyi-1.2 ukuya kweziyi-1.5 lalinzima kangangokuba kwakufuneka lijikeleziswe ngedonki.

izikhubekiso: “Isikhubekiso” yintsingiselo yegama lesiGrike elithi skanʹda·lon, ekucingwa ukuba libhekisela kumgibe; abanye bathi yintonga ekumgibe ekubanjiswe ngawo. Ukongezelela, sibhekisela nakwintoni na enokubangela umntu akhubeke okanye awe. Ngokufuziselayo, sibhekisela kwisenzo okanye imeko ebangela umntu enze izinto ezingafanelekanga, akhubeke okanye aziphathe kakubi, okanye awele esonweni. KuMateyu 18:8, 9, isenzi segama elithi skan·da·liʹzo, siguqulelwa ngokuthi “into ebangela umntu akhubeke” ibe sinokubekwa ngolu hlobo “umgibe okanye into ebangela umntu enze isono.”

Umfanekiso

Ilitye Lokusila

Amatye okusila ayesetyenziswa ukuze kugutywe nokuze kucudiswe ioli yeminquma. Amanye amatye okusila ayemancinane kangangokuba ayejikeleziswa ngesandla kodwa amanye ayemakhulu ibe kwakufuneka ajikeleziswe sisilwanyana. Eli litye lokusila kusenokwenzeka ukuba lalilikhulu lifana nelo uSamson kwanyanzeleka ukuba alijikelezisele amaFilisti. (ABa 16:21) Ilitye lokusila elijikeleziswa sisilwanyana lalingaqhelekanga nje kumaSirayeli kodwa lalisaziwa nasebudeni boLawulo LwamaRoma.

Amatye Okusila, Eliphezulu Nelisezantsi

Ilitye lokusila elikhulu ekuthethwe ngalo apha lalijikeleziswa sisilwanyana sasekhaya, njengedonki ibe lalisetyenziswa ukuze kugutywe okanye kucudiswe ioli yeminquma. Ilitye lokusila eliphezulu lalinokuba ziimitha eziyi-1.5 ububanzi ibe lalijikeleziswa phezu kwelitye lokusila elikhulu elingezantsi.

(Mateyu 18:8, 9) Ukuba ke, isandla sakho okanye unyawo lwakho luyakukhubekisa, lunqumle ululahle kude; kulunge kanye ukuba ungene ebomini usisilima okanye usisiqhwala kunokuba uthi unezandla zozibini okanye iinyawo zombini uphoswe emlilweni ongunaphakade. 9 Kwaneliso lakho, ukuba liyakukhubekisa, linyothule ulilahle kude; kulunge kanye ukuba ungene ebomini uneliso elinye kunokuba uthi unamehlo omabini uphoswe emlilweni weGehena.

Ingcaciso kaMateyu 18:9

IGehena: Eli gama lisuka kumagama esiHebhere athi, geh hin·nomʹ, athetha “intlambo yakwaHinom,” eyayikuMzantsi nakwiNtshona yeYerusalem yamandulo. (Jonga imaphu ethi, “IYerusalem Neendawo Eziyingqongileyo.” kwicandelo 16 kwincwadana ethi, Isikhokelo Sokufunda ILizwi LikaThixo) Ngemihla kaYesu, intlambo yayiyindawo yokutshisa inkunkuma, ngoko igama elithi, “Gehena” laliyimela kakuhle intshabalalo.

Isichazi-magama

IGehena

Ligama lesiGrike leNtlambo yakwaHinom, ekumzantsi-ntshona weYerusalem yamandulo. (Yer 7:31) Kwakuprofetiwe ngayo, kwathiwa iza kuba yindawo enezidumbu ezithe saa. (Yer 7:32; 19:6) Abukho ubungqina obubonisa ukuba izilwanyana okanye abantu babeza kutshiswa bephila okanye bathuthunjiswe eGehena. Ngoko iGehena ayinakumela indawo engabonakaliyo ekuthuthunjiswa kuyo imiphefumlo yabantu emlilweni. Endaweni yoko, uYesu nabafundi bakhe bathetha ngeGehena ukubonisa isohlwayo ‘sokufa kwesibini,’ intshabalalo kanaphakade.—ISi 20:14; Mat 5:22; 10:28.

(Mateyu 18:10) Qinisekisani ukuba anideleli namnye waba bancinane; kuba ndithi kuni iingelosi zabo ezulwini zisoloko zibubona ubuso bukaBawo osezulwini.

Ingcaciso kaMateyu 18:10

zibubona ubuso bukaBawo: Okanye zikwazi ukufikelela kuBawo. Kuba zikwazi ukubonakala phambi kukaThixo, zizidalwa zasezulwini kuphela ezinokububona ubuso bukaThixo.—Eks 33:20.

w10 11/1 16

Indlela Ezisichaphazela Ngayo Izidalwa Zomoya

UYesu wathi iingelosi zinceda abakhonzi bakaThixo ukuze bahlale benokholo olomeleleyo. Ngenxa yoko, xa uYesu wayelumkisa abafundi bakhe nxamnye nokukhubekisana, wathi: “Qinisekisani ukuba anideleli namnye waba bancinane; kuba ndithi kuni iingelosi zabo ezulwini zisoloko zibubona ubuso bukaBawo osezulwini.” (Mateyu 18:10) Noko ke, uYesu wayengathi mlandeli ngamnye wakhe unengelosi yakhe. Kodwa wayesithi iingelosi ezisebenza noThixo zinomdla kumalungu ebandla lamaKristu.

Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(Mateyu 18:21, 22) Weza ke uPetros wathi kuye: “Nkosi, zingaphi izihlandlo umzalwana wam amele andone ngazo ndize ndimxolele? Ukusa kwizihlandlo ezisixhenxe na?” 22 UYesu wathi kuye: “Ndithi kuwe, kungekhona, Ukusa kwizihlandlo ezisixhenxe, kodwa, Ukusa kwizihlandlo ezingamashumi asixhenxe anesixhenxe.

Ingcaciso kaMateyu 18:22

izihlandlo ezingamashumi asixhenxe anesixhenxe: Okuthetha ukuthi, izihlandlo ezingamashumi asixhenxe aphindaphindwe kasixhenxe. Esi sivakalisi sesiGrike sisenokuqondwa ngokuba sithetha u-70 odityaniswe no-7 (izihlando eziyi-77) okanye u-70 ophindaphindwe kayi-7 (izihlandlo eziyi-490). La mabinzana afanayo ayafumaneka nakwiSeptuagint kuGenesis 4:24 athetha izihlandlo eziyi-77 ngesiHebhere nto leyo exhasa ukuba zizihlandlo eziyi-77. Kungakhathaliseki ukuba aqondwa njani la mabinzana, ukuphindaphindwa kwenani usixhenxe kuthetha into engenasiphelo okanye engasikelwanga mda. Xa uYesu watshintsha izihlandlo eziyi-7 awayethethe ngazo uPetros zaba zizihlandlo eziyi-77, wayexelela abalandeli bakhe ukuba bafanele baqhubeke bexolela. Le nto yayahlukile kwiTalmud yaseBhabhiloni (Yoma 86b) yona eyayisithi: Ukuba umntu wona kanye, kabini okanye kathathu unako ukuxolelwa kodwa ukuba wona okwesine akafanele axolelwe.”

(Mateyu 19:7) Bathi kuye: “Kutheni, ngoko, uMoses wamisela ukunikwa kwesiqinisekiso sokumndulula nokuqhawula umtshato naye?”

Ingcaciso kaMateyu 19:7

isiqinisekiso sokumndulula: Okanye isiqinisekiso sokuqhawula umtshato. Xa uMthetho wawuyalela indoda efuna ukuqhawula umtshato ukuba ibe namaphepha asemthethweni ize ithethe nabadala, wawufuna ukuyinika ithuba lokucingisisa ngesi sigqibo sinzulu iza kusenza. UMthetho wawufuna abantu bangenzi isigqibo sokuqhawula umtshato bengacingisisanga kakuhle ngaso ibe wawufuna ukukhusela namabhinqa. (Dut 24:1) Kodwa ngemihla kaYesu, iinkokeli zonqulo zayenza yalula into yokuqhawula umtshato. Umbhali-mbali wenkulungwane yokuqala uJosephus, naye owayengumFarisi owayeqhawule umtshato, wathi kuyinto evumelekileyo ukuqhawula umtshato “kungakhathaliseki ukuba isizathu siyintoni (ibe amaxesha amaninzi yayisiba ngamadoda enza loo nto).”

Umfanekiso

Isiqinisekiso Sokuqhawula Umtshato

Esi siqinisekiso sokuqhawula umtshato sika-71 okanye 72 C.E., sabhalwa ngesiAramaic. Safunyanwa kwicala lasemntla laseWadi Murabbaat, intlambo eyomileyo ekwiJudean Desert. Sithi kunyaka wesithandathu wokuvukela kwamaYuda, uJoseph unyana kaNaqsan waqhawula umtshato noMiriam intombi kaJonathan owayehlala kwisixeko saseMasada.

Ufundo LweBhayibhile

(Mateyu 18:18-35) “Inene ndithi kuni, Naziphi na izinto enizibophayo emhlabeni ziya kubotshwa nasezulwini, yaye naziphi na izinto enizikhululayo emhlabeni ziya kukhululwa nasezulwini. 19 Ngoko ndithi kuni, Ukuba ababini kuni emhlabeni bayavumelana nangantoni na ebalulekileyo abafanele bayicele, iya kwenzeka kubo ngenxa kaBawo osezulwini. 20 Kuba apho kukho ababini okanye abathathu abahlanganisene ndawonye egameni lam, ndilapho phakathi kwabo.” 21 Weza ke uPetros wathi kuye: “Nkosi, zingaphi izihlandlo umzalwana wam amele andone ngazo ndize ndimxolele? Ukusa kwizihlandlo ezisixhenxe na?” 22 UYesu wathi kuye: “Ndithi kuwe, kungekhona, Ukusa kwizihlandlo ezisixhenxe, kodwa, Ukusa kwizihlandlo ezingamashumi asixhenxe anesixhenxe. 23 “Kungenxa yoko le nto ubukumkani bamazulu bunjengomntu, ukumkani, owayefuna ukulungisa amatyala kunye nabakhonzi bakhe. 24 Kuthe ke akuqala ukuwalungisa, kwaziswa umntu owayemtyala ishumi lamawaka eetalente [=iidenariyo ezingama-60,000,000]. 25 Kodwa ngenxa yokuba wayengenayo indlela yokuzihlawula, inkosi yakhe yayalela ukuba kuthengiswe yena nomfazi wakhe nabantwana bakhe nazo zonke izinto awayenazo, kuhlawulwe. 26 Ngoko ke ikhoboka lawa phantsi laza laqubuda kuye, lisithi, ‘Yiba nomonde kum, ndiza kukuhlawula yonk’ into.’ 27 Inosizi ngako oku, inkosi yelo khoboka yalikhulula yaza yalicima ityala lalo. 28 Kodwa elo khoboka laphuma laza ladibana nelinye kumakhoboka angamadlelane alo elalilityala ikhulu leedenariyo; laza lalixhakamfula, lalikrwitsha, lisithi, ‘Hlawula nakuphi na okutyalayo.’ 29 Ngoko ke ikhoboka elilidlelane lalo lawa phantsi laza lalibongoza, lisithi, ‘Yiba nomonde kum, ndiza kukuhlawula.’ 30 Noko ke, alivumanga, kodwa laya kuliphosa entolongweni de lihlawule oko lalikutyala. 31 Athi ke, amakhoboka angamadlelane alo akukubona oko kwenzekileyo, aba buhlungu kakhulu, aza aya kuxelela inkosi yawo konke okwenzekileyo. 32 Yandula ke inkosi yalo yalibiza yaza yathi kulo, ‘Khobokandini lingendawo, ndakucimela lonke elaa tyala, xa wandibongozayo. 33 Ubungafanele na ukuba ube nenceba nawe kwikhoboka elilidlelane lakho, njengokuba nam ndiye ndanenceba kuwe?’ 34 Ngako oko yaqumba inkosi yalo, yalinikela kubagcini-ntolongo, de lihlawule konke oko lalikutyala. 35 UBawo osemazulwini uya kuqhubana nani ngohlobo olufanayo ukuba anixoleli ngamnye umzalwana wakhe ngokusuka ezintliziyweni zenu.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share