INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela—Yisebenzise Kakuhle Imibuzo
ISIZATHU SOKUBA KUBALULEKILE: Ukuba “icebo entliziyweni yomntu linjengamanzi anzulu,” imibuzo injengebhakethi eliwakhayo. (IMi 20:5) Imibuzo isinceda singathethi sedwa. Iimpendulo kwimibuzo ecingisiswe kakuhle zidla ngokusinceda sibone oko kucingwa ngumntu. UYesu wayisebenzisa kakuhle imibuzo. Sinokumxelisa njani?
INDLELA ONOKWENZA NGAYO:
Buza imibuzo eveza oko umntu akucingayo. UYesu wabuza imibuzo ukuze azi oko kwakucingwa ngabafundi bakhe. (Mat 16:13-16; be 238 ¶3-5) Yiyiphi imibuzo eveza oko abantu bakucingayo wena onokuyibuza?
Buza imibuzo ekhokelela kwimpendulo. Ukuze uYesu alungise indlela uPetros awayecinga ngayo, wambuza imibuzo waza wamnika neempendulo awayenokukhetha kuzo, emva koko uPetros waphendula ngokuchanileyo. (Mat 17:24-26) Yiyiphi imibuzo wena onokuyibuza enokunceda umntu aphendule ngokuchanileyo?
Mncome umntu othetha naye. Emva kokuba umbhali ‘ephendule ngokunengqiqo,’ uYesu wamncoma. (Mar 12:34) Unokumcoma njani umntu emva kokuba ephendule umbuzo?
BUKELA INXALENYE YOKUQALA YEVIDIYO ETHI, YENZA UMSEBENZI OWAWUSENZIWA NGUYESU—FUNDISA, UZE UPHENDULE LE MIBUZO ILANDELAYO
Kutheni sinokuthi lo mntu akafundisanga kakuhle nangona ethethe izinto ezichanileyo?
Kutheni kufuneka senze okungakumbi kunokucacisa nje izinto esithetha ngazo?
BUKELA INXALENYE YESIBINI YEVIDIYO, UZE UPHENDULE LE MIBUZO ILANDELAYO:
Lo mzalwana uyisebenzise kakuhle njani imibuzo?
Yiyiphi indlela afundisa ngayo esinokuyilinganisa?
Oko sikufundisayo kubanceda njani abanye abantu? (Luk 24:32)