Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela
FEBRUWARI 4-10
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | ROMA 1-3
“Ungayeki Ukuqeqesha Isazela Sakho”
(Roma 2:14, 15) Kuba xa sukuba abantu beentlanga abangenawo umthetho besenza ngemvelo izinto zomthetho, aba bantu, nangona bengenawo umthetho, bangumthetho kubo ngokwabo. 15 Bona babonakalisa ukuba umthetho ubhalwe ezintliziyweni zabo, nesazela sabo siyakungqina oko, yaye iingcamango zabo ziyabamangalela okanye zibangxengxezele.
Unokusigcina Njani Sicocekile Isazela Sakho?
6 Ngaba esi siphiwo sesazela sinikwa abakhonzi bakaYehova kuphela? Khawufunde la mazwi aphefumlelweyo kampostile uPawulos athi: “Xa sukuba abantu beentlanga abangenawo umthetho besenza ngemvelo izinto zomthetho, aba bantu, nangona bengenawo umthetho, bangumthetho kubo ngokwabo. Bona babonakalisa ukuba umthetho ubhalwe ezintliziyweni zabo, nesazela sabo siyakungqina oko, yaye iingcamango zabo ziyabamangalela okanye zibangxengxezele.” (Roma 2:14, 15) Kwanabo bangazi nowathwethwa ngemithetho kaYehova maxa wambi basenokuqhutywa leli ngqina lingaphakathi kubo ukuba benze izinto ngokwemigaqo kaThixo.
(Roma 2:15) Bona babonakalisa ukuba umthetho ubhalwe ezintliziyweni zabo, nesazela sabo siyakungqina oko, yaye iingcamango zabo ziyabamangalela okanye zibangxengxezele.
Unokusigcina Njani Sicocekile Isazela Sakho?
8 Unokusenza njani isigqibo esisekelwe kwisazela sakho? Kubonakala ngathi abanye abantu baye bakhangele indlela abavakalelwa ngayo bona, bandule ke benze isigqibo. Kamva baye bathi, “Esam isazela sindikhulule.” Umnqweno wentliziyo unokuba namandla, unokude uphembelele kwaneso sazela sakho. IBhayibhile ithi: “Intliziyo inenkohliso kunayo nantoni na yaye iyatyhudisa. Ngubani na onokuyazi?” (Yeremiya 17:9) Ngoko, oko kunqwenelwa ziintliziyo zethu akufanele kube ngoyena ndoqo ekwenzeni izigqibo. Kunoko, masiqale sicinge ngento eya kumkholisa uYehova uThixo.
9 Xa ngokwenene isigqibo esisenzayo sisekelwe kwisazela sethu esiqeqeshiweyo, siya kubonisa indlela esimoyika ngayo uThixo, kunokuba sibonise iminqweno esinayo. Nanku umzekelo. Irhuluneli eyayithembekile uNehemiya yayinegunya lokubiza imali kunye nerhafu kubantu baseYerusalem. Kodwa akazange ayenze loo nto. Ngoba? Kaloku yayilisikizi kwaukuyicinga into yokona ubuhlobo bakhe noYehova ngokugagamela abantu bakhe. Wathi: “Andizange ndenze ngaloo ndlela ngenxa yokoyika uThixo.” (Nehemiya 5:15) Ukumoyika ngokunyanisekileyo uThixo, ukoyika ukumcaphukisa uBawo wethu osezulwini, kubaluleke ngokwenene. Uloyiko olunjalo luya kusenza sifune ulwalathiso kwiLizwi likaThixo xa kufuneka senze izigqibo.
Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(Roma 3:4) Nakanye! Kodwa uThixo makafunyaniswe enenyaniso, nakuba wonke umntu efunyaniswa elixoki, kwananjengokuba kubhaliwe kwathiwa: “Ukuze ungqinwe ulilungisa emazwini akho yaye uphumelele xa ugwetywa.”
Iimbalasane Zencwadi Eya KwabaseRoma
3:4. Xa amazwi abantu engqubana noko kuthethwa liLizwi likaThixo, ukuthembela kwethu kwisigidimi seBhayibhile sisenza ukuthanda kukaThixo, kunokwenza ‘uThixo afunyaniswe enenyaniso.’ Ngokushumayela ngoBukumkani ngenzondelelo size senze abafundi, sinokunceda abanye bamfumanise enenyaniso uThixo.
(Roma 3:24, 25) yaye kunjengesipho sesisa ukuvakaliswa kwabo bengamalungisa ngobubele bakhe obungasifanelanga ngako ukukhululwa ngentlawulelo ngoKristu Yesu. 25 UThixo wambeka njengomnikelo wocamagushelo ngokholo olusegazini lakhe. Oku kwakungokokuze abonise ubulungisa bakhe, ngenxa yokuba wayexolela izono ezenzeka kwixesha elidluleyo ngoxa uThixo wayenyamezele.
Iimbalasane Zencwadi Eya KwabaseRoma
3:24, 25—Kunokwenzeka njani ukuba ‘intlawulelo kaKristu Yesu’ igubungele “izono ezenzeka kwixesha elidluleyo” ngaphambi kokuba ihlawulwe? Isiprofeto sokuqala esingoMesiya esikwiGenesis 3:15, sazaliseka ngowama-33 C.E. ngokubulawelwa kukaYesu kwisibonda sentuthumbo. (Gal. 3:13, 16) Kaloku, xa uYehova wavakalisa eso siprofeto, kwakufana nokuba ixabiso lentlawulelo sele lihlawulwe, kuba ayikho into enokuthintela ukuzalisekisa kwakhe oko akuthembisileyo. Ngokusekelwe kwidini elaliza kunikelwa nguYesu Kristu, uYehova wayeza kuxolela izono zenzala ka-Adam eyayiza kubonisa ukholo kweso sithembiso. Kwakhona loo ntlawulelo yayiza kuvula ithuba lokuvuswa kwabo bafa ngaphambi kwexesha lobuKristu.—IZe. 24:15.
Ufundo LweBhayibhile
(Roma 1:1-17) UPawulos, ikhoboka likaYesu Kristu nowabizwa ukuba abe ngumpostile, owahlulelwa iindaba ezilungileyo zikaThixo, 2 awayethembise ngazo kwixesha langaphambili ngabaprofeti bakhe kwiZibhalo ezingcwele, 3 ngokuphathelele uNyana wakhe, owaphuma kwimbewu kaDavide ngokwasenyameni, 4 kodwa owathi ngamandla wavakaliswa njengoNyana kaThixo ngomoya wobungcwele ngokuvuka kwabafileyo—ewe, uYesu Kristu iNkosi yethu, 5 ekuthe ngaye safumana ububele obungasifanelanga nobupostile ukuze zonke iintlanga zikholwe kulo igama lakhe, 6 ntlanga ezo ekuthe phakathi kwazo nani nabizelwa ukuba ngabakaYesu Kristu— 7 ubhalela bonke abo baseRoma, abaziintanda kuThixo, nababizelwe ukuba ngabo bangcwele: Ngamana ningaba nobubele obungasifanelanga noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu neNkosi uYesu Kristu. 8 Okokuqala nje, ndiyambulela uThixo wam ngoYesu Kristu ngokuphathelele nina nonke, ngenxa yokuba ukholo lwenu kuthethwa ngalo kwihlabathi liphela. 9 Kuba uThixo, endinikela kuye inkonzo engcwele ngomoya wam ngokunxibelelene neendaba ezilungileyo ezingoNyana wakhe, ulingqina lokuba andiyeki ukunikhankanya kwimithandazo yam, 10 ndimbongoza ngelokuba ukuba kunokwenzeka ekugqibeleni ndiphumelele kuko ukuthanda kukaThixo khon’ ukuze ndize kuni. 11 Kuba ndilangazelela ukunibona, ndize ndininike isiphiwo esithile sokomoya ukuze niqiniswe; 12 okanye, ukuze sikhuthazane elukholweni, olwenu kunye nolwam. 13 Kodwa andifuni ningazi, bazalwana, ukuba izihlandlo ezininzi bendinenjongo yokuza kuni, kodwa bendithintelekile de kwangoku, ukuze ndizuze isiqhamo esithile phakathi kwenu njengaphakathi kwezinye iintlanga. 14 Ndinetyala kumaGrike nakumaBharbhari, kwizilumko nakwabangenangqiqo: 15 ngoko ndinentumekelelo yokuzivakalisa iindaba ezilungileyo nakuni apho eRoma. 16 Kuba andinazintloni ngazo iindaba ezilungileyo; zona, enyanisweni, zingamandla kaThixo osindiso kuye wonk’ ubani onokholo, kumYuda kuqala kwanakumGrike; 17 kuba kuzo kutyhilwa ubulungisa bukaThixo ngenxa yokholo kuse elukholweni, kanye njengoko kubhaliwe kwathiwa: “Kodwa lowo ulilungisa—uya kuphila ngokholo.”
FEBRUWARI 11-17
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | ROMA 4-6
“UThixo Ubonakalisa Uthando Lwakhe Kuthi”
(Roma 5:8) Kodwa uThixo ubonakalisa uthando lwakhe kuthi ngokuthi, ngoxa sasisengaboni, uKristu asifele.
(Roma 5:12) Ngenxa yoko, kanye njengokuba isono sangena ngamntu mnye ehlabathini nokufa ngaso isono, ngaloo ndlela ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu ngenxa yokuba bonke bonayo—.
UThixo Ubonakalisa Uthando Lwakhe Kuthi
5 UPawulos wawuchaza lo mba, esithi: “Isono sangena ngamntu mnye ehlabathini nokufa ngaso isono, ngaloo ndlela ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu ngenxa yokuba bonke bonayo.” (Roma 5:12) Sinako ukuyiqonda le nto kuba uThixo wabhala ingxelo yendlela obaqala ngayo ubomi bomntu. UYehova wadala abantu ababini, uAdam noEva. UMdali ufezekile, ibe babenjalo nabantu bokuqala, ookhokho bethu. UThixo wabanika umyalelo wamnye waza wabalumkisa ukuba xa bengawuthobeli babeza kufa. (Gen. 2:17) Noko ke, bakhetha ukuhamba ngekhondo elibi, besaphula umyalelo kaThixo, baza ngaloo ndlela bamgatya njengoMwisi-mthetho noMongami.—Dut. 32:4, 5.
(Roma 5:13, 14) Kuba de kwabakho uMthetho isono saye sikho ehlabathini, kodwa isono asibalelwa kuye nabani na xa kungekho mthetho. 14 Noko ke, ukufa kwalawula njengokumkani ukususela kuAdam de kwasa kuMoses, nakwabo basono singafani nesika-Adam, oyintsobi yalowo wayeza kuza.
UThixo Ubonakalisa Uthando Lwakhe Kuthi
6 UAdam waba nabantwana emva kokuba onile, bonke ebosulela ngesono nangemiphumo yaso. Kakade ke, babengawaphulanga njengoAdam umthetho kaThixo, ngoko abazange babekwe ityala elifanayo nelakhe; kananjalo babengekanikwa mithetho. (Gen. 2:17) Sekunjalo, inzala ka-Adam yasizuza njengelifa isono. Ngoko, abantu baqhubeka benesono yaye besifa kwada kwalixesha uThixo awanika ngalo amaSirayeli umthetho, owabonisa ngokucacileyo ukuba babengaboni. (Funda eyabaseRoma 5:13, 14.) Umphumo wesono esizuzwe njengelifa unokufaniswa nezifo ezithile umntu azifumana kubazali bakhe. Kwanaxa abantwana entsatsheni besosulelwa ngabazali babo ngesifo, basenokungosuleleki bonke. Kodwa isono asinjalo. Sonke sizuze isono sika-Adam njengelifa yaye ngenxa yoko, sonke siza kufa. Ngaba inokuze ilungiswe le ngxaki?
(Roma 5:18) Ngoko ke, njengokuba ngesigqitho esinye umphumo kubantu bazo zonke iintlobo waba ngumgwebo wesohlwayo, ngokunjalo kwanangesenzo esinye sothethelelo umphumo kubantu bazo zonke iintlobo ukukuvakaliswa kwabo bengamalungisa afanelwe bubomi.
(Roma 5:21) Ukuze kuthini? Ukuze, kanye njengokuba isono salawula njengokumkani ngokufa, ngokunjalo nabo ububele obungasifanelanga bulawule njengokumkani ngobulungisa ngokubhekisele kubomi obungunaphakade ngoYesu Kristu iNkosi yethu.
UThixo Ubonakalisa Uthando Lwakhe Kuthi
9 Lithetha ukuthini ibinzana lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “uvakaliso lobulungisa” nokuthi “ukuvakaliswa kwabo bengamalungisa”? Omnye umguquleli weBhayibhile wathi: “Asisifaniso somthetho esiphuhlisa ingongoma ethile. Achaza utshintsho kwindlela uThixo amjonga ngayo umntu, kungekhona utshintsho lomntu ngaphakathi . . . Esi sifaniso sisinika umfanekiso-ngqondweni kaThixo engumgwebi omfumanisa engenatyala ummangalelwa, ngokungathi kunjalo, obeziswe kwinkundla kaThixo etyholwa ngokungabi nabulungisa. Kodwa uThixo uyamkhulula ummangalelwa.”
10 Kunokwenzeka njani ukuba “uMgwebi womhlaba wonke” akhulule umntu ongenabulungisa? (Gen. 18:25) Okokuqala, eqhutywa luthando, uThixo wathumela uNyana okuphela kwamzeleyo ukuba eze emhlabeni. UYesu wenza ukuthanda kukaYise ngokugqibeleleyo, nangona wayehendwa, egculelwa ngokuqatha yaye exhatshazwa. Wayigcina ingqibelelo yakhe kangangokude afe kwisibonda sentuthumbo. (Heb. 2:10) Ngokuncama ubomi bakhe njengomntu ofezekileyo, uYesu wanikela intlawulelo eyayinokukhulula, okanye ihlawulele inzala ka-Adam kwisono nasekufeni.—Mat. 20:28; Roma 5:6-8.
Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(Roma 6:3-5) Okanye ngaba anazi na ukuba sonke thina sabhaptizelwayo kuKristu Yesu sabhaptizelwa ekufeni kwakhe? 4 Ngoko ke sangcwatywa kunye naye ngokubhaptizelwa kwethu ekufeni kwakhe, ukuze, kanye njengoko uKristu wavuswayo kwabafileyo ngalo uzuko lukaYise, nathi ngokunjalo siphile ubomi obutsha. 5 Kuba ukuba simanyene naye ekufeni okufana nokwakhe, ngokuqinisekileyo siya kumanyana naye nasekuvukeni okufana nokwakhe.
Iimbalasane Zencwadi Eya KwabaseRoma
6:3-5—Kuthetha ntoni ukubhaptizelwa kuKristu Yesu nokubhaptizelwa ekufeni kwakhe? Xa uYehova ethambisa abalandeli bakaKristu ngomoya oyingcwele, bamanyana noYesu baze babe ngamalungu ebandla elingumzimba kaKristu, yena ayiNtloko yalo. (1 Kor. 12:12, 13, 27; Kol. 1:18) Babhaptizelwa ngolo hlobo ke kuKristu Yesu. AmaKristu athanjisiweyo aphinda ‘abhaptizelwe ekufeni kukaKristu’ kuba aphila ubomi bokuzincama yaye ancama naliphi na ithemba lokuphila ubomi obungunaphakade emhlabeni. Ngenxa yoko, ukufa kwawo kulidini, kanye njengokukaYesu, nangona okwawo kungenalo ixabiso lentlawulelo. Oku kubhaptizelwa ekufeni kukaKristu kupheleliswa xa la maKristu esifa aze avuselwe ezulwini.
(Roma 6:7) Kuba lowo uye wafa ugwetyelwe kwisono sakhe.
Liliphi Ithemba Ngookhokho Bam Abafileyo?
Xa abangengomalungisa bevuswa, ngaba baza kugwetywa ngokwezenzo zabo zangaphambili? Hayi. AmaRoma 6:7 athi: “Lowo uye wafa ugwetyelwe kwisono sakhe.” Abangengomalungisa baya kube bezihlawulele izono zabo ngokufa kwabo. Ngaloo ndlela, baya kugwetywa ngokwezenzo zabo emva kokuba bevukile, kunokuba bagwetywe ngenxa yoko bakwenza bengazi ngaphambi kokufa kwabo. Baza kungenelwa njani?
Ufundo LweBhayibhile
(Roma 4:1-15) Ekubeni oko kunjalo, siya kuthini na ngoAbraham ukhokho wethu ngokwasenyameni? 2 Ukuba, ngokomzekelo, uAbraham wayevakaliswe elilungisa ngenxa yemisebenzi, wayeya kuba nesizathu sokuqhayisa; kodwa kungekhona kuThixo. 3 Kuba sithini na isibhalo? “UAbraham wabonisa ukholo kuYehova, yaye oko kwabalelwa kuye njengobulungisa.” 4 Ke kumntu osebenzayo intlawulo ibalwa, kungekhona njengobubele obungamfanelanga, kodwa njengetyala. 5 Kwelinye icala, umntu ongasebenziyo kodwa okholwayo kulowo umvakalisa elilungisa lowo ungenabuthixo, ukholo lwakhe lubalwa njengobulungisa. 6 Kunjengokuba kanye noDavide ethetha ngoyolo lomntu uThixo ambalela ebulungiseni ngaphandle kwemisebenzi esithi: 7 “Banoyolo abo bazenzo zabo zokuchas’ umthetho zixolelweyo nabazono zabo zigutyungelweyo; 8 unoyolo umntu osono sakhe uYehova angayi kuze asiqwalasele.” 9 Ngoko, ngaba olu yolo lufunyanwa ngabantu abalukileyo okanye lufunyanwa nangabantu abangalukanga? Kuba sithi: “Ukholo luka-Abraham lwabalelwa kuye njengobulungisa.” 10 Ngoko, lwabalelwa phantsi kwaziphi na iimeko? Xa wayalukile okanye engalukanga? Kungekhona ngoxa wayalukile, kodwa ngoxa wayengalukanga. 11 Yaye wafumana umqondiso, oko kukuthi, ulwaluko, njengetywina lobulungisa ngokholo awayenalo ngoxa wayengalukanga, ukuze abe nguyise wabo bonke abo banokholo ngoxa bengalukanga, ukuze babalelwe ebulungiseni; 12 abe nguye noyise wenzala eyalukileyo, kungekuphela nje abo babambelela kulwaluko, kodwa kwanabo bathi ngoxa bengalukanga bahambe ngokulungeleleneyo emanyathelweni okholo olo wayenalo ubawo uAbraham. 13 Akubanga ngamthetho athe uAbraham okanye imbewu yakhe yafumana isithembiso sokuba ifanele kukuba yindlalifa yehlabathi, kodwa kwaba ngenxa yobulungisa bokholo. 14 Kuba ukuba abo babambelela emthethweni baziindlalifa, ukholo lwenziwe alwabi namsebenzi nesithembiso sibhangisiwe. 15 Ngenene uMthetho uvelisa ingqumbo, kodwa apho kungekho mthetho, akukho kunxaxha.
FEBRUWARI 18-24
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | ROMA 7-8
“Ngaba ‘Ulinde Ngentumekelelo’?”
(Roma 8:19) Kuba indalo ilinde ngentumekelelo ukutyhilwa koonyana bakaThixo.
Vumela UYehova Akukhokelele Kwinkululeko Yokwenene
17 Xa wayethetha ngenkululeko uYehova ayigcinele abakhonzi bakhe basemhlabeni, uPawulos wabhala wathi: “Indalo ilinde ngentumekelelo ukutyhilwa koonyana bakaThixo.” Waleka ngelithi: “Nayo indalo ngokwayo iya kukhululwa ekukhotyokisweni kukonakala ize ibe nenkululeko ezukileyo yabantwana bakaThixo.” (Roma 8:19-21) “Indalo” ibhekisela kuluntu olunethemba lokuphila emhlabeni, abo baya kungenelwa ‘ekutyhilweni’ koonyana bakaThixo abathanjiswe ngomoya. Oko kutyhilwa kuya kuqala xa aba ‘nyana,’ bavuselwe kummandla womoya, bencedisa uKristu ekususeni ububi emhlabeni baze balondolozele “isihlwele esikhulu” kwinkqubo entsha yezinto.—ISityhi. 7:9, 14.
(Roma 8:20) Kuba indalo yalulanyiselwa kokuphuthileyo, kungengakuthanda kwayo kodwa ngalowo wayilulamisayo, ngethemba
Ukuba Nemihlali Ngethemba Lethu
11 Uluntu lwalifumana ‘ithemba’ kuYehova xa wathembisa ukuluhlangula ‘kwinyoka yantlandlolo,’ uSathana uMtyholi, esebenzisa ‘imbewu’ ethenjisiweyo. (ISityhi. 12:9; Gen. 3:15) Loo ‘mbewu’ ngokuyintloko yayinguYesu Kristu. (Gal. 3:16) Ngokufa nangokuvuswa kwakhe, uYesu waba sisiseko esiluqilima sethemba loluntu awayeza kuthi alukhulule kubukhoboka besono nokufa. Eli themba linxibelelene ‘nokutyhilwa koonyana bakaThixo,’ abathanjiswa. Abathanjiswa abazukisiweyo bayinxalenye yesibini ‘yembewu.’ Baya ‘kutyhilwa’ xa bona noKristu betshabalalisa le nkqubo ingendawo yezinto kaSathana. (ISityhi. 2:26, 27) Oku kuya kusindisa ezinye izimvu, eziphuma kwimbandezelo enkulu.—ISityhi. 7: 9, 10, 14.
(Roma 8:21) lokuba nayo indalo ngokwayo iya kukhululwa ekukhotyokisweni kukonakala ize ibe nenkululeko ezukileyo yabantwana bakaThixo.
Ukuba Nemihlali Ngethemba Lethu
12 “Indalo” engabantu iya kufumana isiqabu ebudeni beMinyaka Eliwaka Yokulawula kukaKristu. Ngelo xesha, “oonyana bakaThixo” abazukileyo baya ‘kutyhilwa’ ngakumbi xa bengababingeleli kunye noKristu, besenza abantu bangenelwe kwidini lentlawulelo likaYesu. Njengabalawulwa boBukumkani basezulwini “indalo” engabantu iza kuqalisa ukuhlangulwa kwimiphumo yesono nokufa. Ngokuthe ngcembe, abantu abathobelayo ‘baya kukhululwa ekukhotyokisweni kukonakala.’ Ukuba bahlala bethembekile kuYehova ebudeni beMinyaka Eliwaka nasebudeni bovavanyo lokugqibela oluza kubakho emva kwale minyaka, amagama abo aya kubhalwa ngokusisigxina ‘kumsongo wobomi.’ Baya kungena ‘kwinkululeko ezukileyo yabantwana bakaThixo.’ (ISityhi. 20:7, 8, 11, 12) Ngokwenene, eli lithemba elizukileyo!
Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(Roma 8:6) Ukunyamekela inyama kuthetha ukufa, kodwa ukunyamekela umoya kuthetha ubomi noxolo;
Ngaba Usakhumbula?
Yintoni umahluko phakathi ‘kokunyamekela inyama’ ‘nokunyamekela umoya’? (Roma 8:6)
Umntu onyamekela inyama usoloko ecinga ngeminqweno yenyama, ibe usoloko ethetha ngazo kwaye ezityibela. Yena umntu onyamekela umoya usoloko ecinga ngezinto zikaThixo nangokuthanda kwakhe; ulawulwa ngumoya oyingcwele. Ukunyamekela inyama kukhokelela ekufeni, ukunyamekela umoya kukhokelela kubomi noxolo.—w16.12, iphe. 15-17.
(Roma 8: 26, 27) Ngokukwanjalo nawo umoya uyasinceda kubuthathaka bethu; kuba ingxaki esifanele siyithandazele njengoko kuyimfuneko asiyazi, kodwa umoya ngokwawo uyasibongozela ngokugcuma okungathethekiyo. 27 Ukanti yena lowo uphengulula iintliziyo uyakwazi oko kuthethwa ngumoya, ngenxa yokuba ubongozela abo bangcwele kuThixo.
Imithandazo Yakho Ibonisa Ntoni Ngawe?
20 Ngamany’ amaxesha sisenokungayazi into emasiyithandazele. UPawulos wathi: ‘Ingxaki esifanele siyithandazele njengoko kuyimfuneko asiyazi, kodwa umoya oyingcwele ngokwawo uyasibongozela ngokugcuma okungathethekiyo. Ukanti yena uThixo ophengulula iintliziyo uyakwazi oko kuthethwa ngumoya.’ (Roma 8:26, 27) UYehova walungiselela ukuba kubhalwe imithandazo emininzi eZibhalweni. Uyasiva xa sisenza izicelo ezikule mithandazo aze asiphe ezo zinto sizicelayo. UThixo uyasazi yaye uyayazi nentsingiselo yezinto awaphefumlela ngomoya wakhe ukuba zithethwe ngababhali beBhayibhile. UYehova uyaziphendula izikhungo zethu xa umoya ‘usibongozela’ okanye usicelela. Kodwa njengoko siqhelana ngakumbi neLizwi likaThixo, kusenokuba lula ukuthandaza.
Ufundo LweBhayibhile
(Roma 7:13-25) Kusuke na, ngoko, okulungileyo kwaba kukufa kum? Nakanye! Kodwa isono saba kuko ukufa, ukuze sibe nokubonakaliswa njengesono esibangela ukufa kum ngako oko kulungileyo; ukuze isono sibe sisono ngakumbi ngawo umyalelo. 14 Kuba siyazi ukuba uMthetho ngowokomoya; kodwa mna ndingowokwenyama, ndithengiswe phantsi kwesono. 15 Kuba oko ndikusebenzayo andikwazi. Kuba oko ndikunqwenelayo, andikuqheliseli; kodwa oko ndikuthiyileyo koko ndikwenzayo. 16 Noko ke, ukuba oko ndingakunqweneliyo koko ndikwenzayo, ndiyavuma ukuba uMthetho usulungekile. 17 Kodwa ngoku lowo ukusebenzayo ayisendim, kodwa sisono esihleli kum. 18 Kuba ndiyazi ukuba kum, oko kukuthi, kwinyama yam, akuhlali nto ilungileyo; kuba umnqweno ukho kum, kodwa amandla okwenza oko kuhle akakho. 19 Kuba okulungileyo endikunqwenelayo andikwenzi, kodwa okubi endingakunqweneliyo kuko endikuqheliselayo. 20 Ukuba oko ndingakunqweneliyo koko ndikwenzayo, lowo ukusebenzayo ayisendim, kodwa sisono esihleli kum. 21 Ngoko, ndifumana lo mthetho kum: ukuba xa ndinqwenela ukwenza okulungileyo, kusuke kubekho okubi kum. 22 Ngokwenene ndiyayoliswa ngumthetho kaThixo ngokomntu endinguye ngaphakathi, 23 kodwa ndibona omnye umthetho emalungwini am usilwa nomthetho wengqondo yam yaye undithimbela emthethweni wesono osemalungwini am. 24 Hayi usizana endilulo! Ngubani na oya kundihlangula kulo mzimba usisisulu sokufa? 25 Ndiyambulela uThixo ngaye uYesu Kristu iNkosi yethu! Ngoko, ke, ngengqondo yam mna ngokwam ndilikhoboka lomthetho kaThixo, kodwa ngomzimba wam ndilelomthetho wesono.
FEBRUWARI 25–MATSHI 3
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | ROMA 9–11
“Umzekeliso Womthi Womnquma”
(Roma 11:16) Ngokubhekele phaya, ukuba intlahlela yentlama ingcwele, ikwanjalo nentlama iphela; yaye ukuba ingcambu ingcwele, akwanjalo namasebe.
‘Hayi Ubunzulu Bobulumko BukaThixo!’
13 Umpostile uPawulos uthelekisa abo baba yimbewu ka-Abraham namasebe omnquma womfuziselo. (Roma 11:21) Lo mnquma wasemyezweni ufuzisela ukuzaliseka kwenjongo kaThixo ngokuphathelele umnqophiso ka-Abraham. Ingcambu yalo mthi ingcwele kwaye ifuzisela uYehova njengalowo udala uSirayeli wokomoya. (Isa. 10:20; Roma 11:16) Isiqu sawo sifuzisela uYesu njengenxalenye eyintloko yembewu ka-Abraham. Amasebe ahlukahlukeneyo xa ewonke amela ‘inani elipheleleyo’ labo baqukwe kwinxalenye yesibini yembewu ka-Abraham.
(Roma 11:17) Noko ke, ukuba athile kumasebe aye aphulwa kodwa wena, nangona ungumnquma wasendle, wamiliselwa phakathi kwawo waza waba nesabelo kwingcambu yomnquma etyebileyo,
(Roma 11:20, 21) Kulungile ke! Ngenxa yokuswela kwawo ukholo aphulwa, kodwa wena umi ngokholo. Yeka ukuba neengcinga eziphakamileyo, kodwa yiba noloyiko. 21 Kuba ukuba uThixo ebengawasindisanga amasebe emvelo, ebengayi kukusindisa nawe.
‘Hayi Ubunzulu Bobulumko BukaThixo!’
15 Wenza ntoni ke uYehova ukuze azalisekise injongo yakhe? UPawulos uyacacisa ukuba amasebe omnquma wasendle amiliselwa phakathi komnquma wasemyezweni ukuze kubuyiselwe lawo ayaphulwe. (Funda eyabaseRoma 11:17, 18.) Ngenxa yoko, amaKristu eentlanga athanjiswe ngomoya, njengalawo ayekwibandla laseRoma, ngokungathi kunjalo amiliselwa kulo mnquma womfuziselo. Ngale ndlela aba yinxalenye yembewu ka-Abraham. Ekuqaleni, ayefana namasebe omnquma wasendle, engenalo ithuba lokuba yinxalenye yalo mnqophiso ukhethekileyo. Kodwa uYehova wawavulela indlela yokuba abe nguSirayeli wokomoya.—Roma 2:28, 29.
(Roma 11:25, 26) Kuba andifuni ningabi nalwazi, bazalwana, ngale mfihlelo engcwele, ukuze ningabi ziingqondi kwawenu amehlo: le yokuba ziye zenziwa buthuntu ngokuyinxenye iingqiqo zikaSirayeli de kungene inani elipheleleyo labantu beentlanga, 26 yaye ngolu hlobo wonke uSirayeli uya kusindiswa. Kunjengokuba kanye kubhaliwe kwathiwa: “Umhlanguli uya kuza ephuma eZiyon aze alukhwelelise uqheliselo olungelolwabuthixo kuYakobi.
‘Hayi Ubunzulu Bobulumko BukaThixo!’
19 Ewe, injongo kaYehova ngokuphathelele “uSirayeli kaThixo” izalisekiswa ngendlela emangalisayo. (Gal. 6:16) “Wonke uSirayeli uya kusindiswa,” kanye njengoko watshoyo uPawulos. (Roma 11:26) Ngexesha elikhethwe nguYehova, “wonke uSirayeli”—ngamany’ amazwi, onke amaSirayeli okomoya—uya kukhonza njengookumkani nababingeleli ezulwini. Ayikho into enokwenza injongo kaYehova ingenzeki!
Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(Roma 9:21-23) Intoni? Akanagunya na umbumbi phezu kodongwe lokuba enze ngentlama enye esinye isitya sibe sesomsebenzi obekekileyo, esinye sibe sesomsebenzi ongabekekanga? 22 Ukuba uThixo, nangona ebengathanda ukubonakalisa ingqumbo yakhe aze enze namandla akhe aziwe, wazinyamezela ngokuzeka kade umsindo okukhulu izitya zengqumbo ezenziwe zafanelekela intshabalalo, 23 ukuze baziwe ubutyebi bozuko lwakhe kwizitya zenceba, azilungiselele kwangaphambili ngenxa yozuko,
Vumela Ingqeqesho KaYehova Ikubumbe
5 Kuthekani ukuba abantu bayala ukubunjwa ngulo Mbumbi, Mkhulu? Uye alisebenzise njani igunya lakhe? Cinga ngoko kwenziwa kudongwe xa lungabumbeki lwenze oko kufunwa ngumbumbi. Kaloku, umbumbi usenokugqiba ekubeni enze enye into ngalo, okanye alulahle! Ngokuqhelekileyo, udongwe luba yingxaki xa umbumbi engakhange alulungise kakuhle. Kodwa soze abe njalo uYehova, uMbumbi wethu. (Dut. 32:4) Xa umntu engabumbeki esandleni sikaYehova sukube ikuye ingxaki. Indlela uYehova asebenzisa ngayo igunya lakhe ekubumbeni umntu ixhomekeka kwindlela abasabela ngayo. Abamthobelayo, baba yile nto kanye ayifunayo. Ngokomzekelo, amaKristu athanjisiweyo ‘azizitya zenceba’ eziye zabunjwa zaba ‘zizitya zomsebenzi obekekileyo.’ Kodwa abo bangamthobeliyo, baba ‘zizitya zengqumbo ezenziwe zafanelekela intshabalalo.’—Roma 9:19-23.
(Roma 10:2) Kuba ndinikela ubungqina bokuba banenzondelelo kuThixo; kodwa kungekhona ngokolwazi oluchanileyo;
it-1-E 1260 ¶2
Umona
Ukungamkhonzi Kakuhle UThixo. Umntu unokuzimisela kakhulu ngento okanye ayithande kakhulu angafuni nokuva ngayo kanti akamkholisi uThixo. Kwenzeka loo nto kumaYuda akudala. Ayefuna ukubonwa engamalungisa ngenxa yezenzo zawo kuba ethobela uMthetho KaMoses. Kodwa uPawulos wawaxelela ukuba awenzi le nto ifunwa nguThixo kuba awanalwazi luchanileyo. Ngoko awazange abe ngamalungisa kuThixo. Kwakuza kufuneka aguquke aze amkele uKristu ukuze uThixo awajonge njengamalungisa aze akhululeke nakuMthetho KaMoses. (Rom 10:1-10) USawule waseTarso naye wayenjalo, wayewuthanda nyhani umthetho wamaYuda kangangokuba ‘walitshutshisa ibandla likaThixo, eliphanzisa’ okanye elenzakalisa. Wayezimisele nyhani ekuthobeleni uMthetho ‘ezingqina engenakusoleka.’ (Gal 1:13, 14; Fil 3:6) Kodwa indlela awayewuthanda ngayo umthetho yayingamkholisi uThixo. Ngenxa yokuba wayeyenza ngentliziyo emsulwa le nto, uYehova wamenzela ububele obungamfanelanga waza wambonisa eyona ndlela yokumkhonza.—1Ti 1:12, 13.
Ufundo LweBhayibhile
(Roma 10:1-15) Bazalwana, umnqweno okholekileyo wentliziyo yam nesikhungo sam ngabo kuThixo, eneneni, kukuba basindiswe. 2 Kuba ndinikela ubungqina bokuba banenzondelelo kuThixo; kodwa kungekhona ngokolwazi oluchanileyo; 3 kuba, ngenxa yokungabazi ubulungisa bukaThixo kodwa befuna ukuzimisela obabo, abazange bazithobe kubulungisa bukaThixo. 4 Kuba uKristu ukukuphela koMthetho, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo abe nobulungisa. 5 Kuba uMoses ubhala athi umntu oye wabenza ubulungisa boMthetho uya kuphila ngabo. 6 Kodwa ubulungisa obuphuma elukholweni buthetha ngale ndlela: “Musa ukuthi entliziyweni yakho, ‘Ngubani na oya kunyuka aye ezulwini?’ oko kukuthi, ukuze ahlise uKristu; 7 okanye, ‘Ngubani na oya kuhla aye enzonzobileni?’ oko kukuthi, ukuze anyuse uKristu kwabafileyo.” 8 Kodwa buthini na ke? “Ilizwi likufuphi kuni, emlonyeni wenu nasentliziyweni yenu”; oko kukuthi, “ilizwi” lokholo, esilishumayelayo. 9 Kuba ukuba ulivakalisa esidlangalaleni elo ‘lizwi lisemlonyeni wakho,’ lokuba uYesu uyiNkosi, uze ubonise ukholo entliziyweni yakho lokuba uThixo wamvusa kwabafileyo, uya kusindiswa. 10 Ngentliziyo ubani ubonisa ukholo lobulungisa, kodwa ngomlomo wenza uvumo lwasesidlangalaleni losindiso. 11 ISibhalo sithi: “Akukho namnye ukholwayo kuye uya kudaniswa.” 12 Akukho lucalucalulo phakathi komYuda nomGrike, kuba kukho iNkosi enye kubo bonke, esisityebi kubo bonke abo babiza kuyo. 13 “Wonk’ ubani obiza egameni likaYehova uya kusindiswa.” 14 Noko ke, baya kubiza njani na kulowo bangakholwanga kuye? Baya kukholwa njani na kulowo bangevanga ngaye? Baya kuva njani na kungekho bani ushumayelayo? 15 Baya kushumayela njani na bengathunywanga? Kunjengokuba kanye kubhaliwe kwathiwa: “Hayi indlela ezibukeka ngayo iinyawo zabo bavakalisa iindaba ezilungileyo zezinto ezilungileyo!”