Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela
JUNI 3-9
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO GALATI 4–6
“Sithetha Ntoni Kuthi ‘Isiganeko Esingumfuziselo’?”
(Galati 4:24, 25) Ezi zinto zisisiganeko esingumfuziselo; kuba aba bafazi bathetha iminqophiso emibini, omnye ngoweNtaba yeSinayi, uzalela abantwana ebukhobokeni, yaye yena nguHagare. 25 Ke kaloku uHagare lo uthetha iSinayi, intaba ekwelaseArabhiya, yaye ufanekisela iYerusalem yanamhlanje, kuba isebukhobokeni kunye nabantwana bayo.
it-1-E 1018 ¶2
UHagare
Kwisiganeko esingumfuziselo umpostile uPawulos uthetha ngoHagare ofuzisela uhlanga lwakwaSirayeli, olwaluthembise uYehova ukuba luza kuthobela umnqophiso woMthetho owabekwa kwiNtaba YeSinayi. Loo mnqophiso wabangela ukuba ‘abantwana bazalelwe ebukhobokeni.’ Olu hlanga aluzange luwuthobele umnqophiso woMthetho ngenxa yokuba lungafezekanga. Loo mthetho awuzange uwenze amaSirayeli akhululeke esonweni, ahlala engabantu abanesono abafanelwe kukufa. Loo nto yawenza angamakhoboka. (Yoh 8:34; Rom 8:1-3) IYerusalem eyayikho ngexesha likaPawulos ifaniswa noHagare kuba elo komkhulu limela uhlanga lwakwaSirayeli, olwalungamakhoboka kunye nabantwana balo. ‘IYerusalem ephezulu,’ efuzisela umfazi kaThixo, imela amaKristu athanjisiweyo. Yona, ayizange ibe sebukhobokeni, njengoSara owayengumfazi okhululekileyo. Njengokuba uIsake wayetshutshiswa nguIshmayeli, nabantwana ‘beYerusalem ephezulu’ abaye bakhululwa nguNyana, nabo batshutshisiwe yiYerusalem elikhoboka. UHagare nonyana wakhe bagxothwa. Ukugxothwa kwabo kuthetha ukuba uYehova uye walulahla uhlanga lwakwaSirayeli.—Gal 4:21-31; funda noYohane 8:31-40.
(Galati 4:26, 27) Kodwa yona iYerusalem ephezulu ikhululekile, yaye inguma wethu. 27 Kuba kubhaliwe kwathiwa: “Chulumanca, mfazindini oludlolo ongazaliyo; gqabhuka uze udanduluke kakhulu, wena mfazi ungenanimba; kuba baninzi ngakumbi abantwana bomfazi ongenabani kunabo balowo unendoda.”
Yiba Nokholo Olungagungqiyo KuBukumkani
11 Umnqophiso ka-Abraham wazaliseka ngokoqobo kwimbewu yakhe xa yazuz’ ilifa iLizwe Lesithembiso. Noko ke, iZibhalo zibonisa ukuba lo mnqophiso wawuza kuzaliseka nangenye indlela. (Gal. 4:22-25) Njengokuba umpostile uPawulos wachazayo, kule nzaliseko yesibini, inxalenye ephambili yale mbewu ka-Abraham nguKristu, ize eyesibini inxalenye ibhekisele kumaKristu athanjisiweyo ayi-144 000. (Gal. 3:16, 29; ISityhi. 5:9, 10; 14:1, 4) Umfazi ovelisa le mbewu ‘yiYerusalem ephezulu’—inxalenye esezulwini yentlangano kaThixo, ebunjwa zizidalwa zomoya ezinyanisekileyo. (Gal. 4:26, 31) Kanye njengokuba umnqophiso ka-Abraham wathembisayo, imbewu yomfazi yayiza kuzisa iintsikelelo ebantwini.
(Galati 4:28-31) Ke kaloku thina, bazalwana, singabantwana besithembiso ngokufanayo noIsake. 29 Kodwa kanye njengokuba ngoko lowo wayezelwe ngokwenyama wamtshutshisayo lowo wayezelwe ngokomoya, kukwanjalo nangoku. 30 Noko ke, sithini iSibhalo? Sithi, “Sigxothe isicakazana nonyana waso, kuba unyana wesicakazana akasayi kuba yindlalifa kunye nonyana womfazi okhululekileyo.” 31 Ngoko ke, bazalwana, thina asingobantwana besicakazana, kodwa singabomfazi okhululekileyo.
Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(Galati 4:6) Ngenxa yokuba ke ningoonyana, uThixo uye wathumela umoya woNyana wakhe ezintliziyweni zethu yaye udanduluka usithi: “Abha, Bawo!”
Ngaba Ubusazi?
Kwakutheni ukuze uYesu athi “Abha, Bawo” xa wayethandaza kuYehova?
Igama lesiAramiki elithi ʼabbāʼ linokuthetha “utata” okanye “uBawo.” Sihlandlo ngasinye livela eli binzana eZibhalweni, liba yinxalenye yomthandazo yaye lisetyenziswa ngokunxibelelene noBawo wasezulwini uYehova. Lalinayiphi intsingiselo eli gama xa uYesu wayelapha emhlabeni?
IThe International Standard Bible Encyclopedia ithi: “Ngoxa wayelapha emhlabeni uYesu, xa kuncokolwa igama elithi ʼabbāʼ lalidla ngokusetyenziswa ukubonisa ubuhlobo nendlela abantwana ababahlonela ngayo ootata babo.” Yayiyindlela yokuthetha ebonisa uthando yaye lalilelinye lamagama okuqala awayedla ngokufundwa ngumntwana. UYesu walisebenzisa eli binzana xa wayembongoza ngokunyanisekileyo uYise. Kwigadi yaseGetsemane, kwiiyure nje ezingephi ngaphambi kokuba afe, uYesu xa wayethandaza kuYehova wathi “Abha, Bawo” kuye.—Marko 14:36.
“Kwiincwadi zamaYuda zexesha lamaGrike namaRoma linqabe kakhulu igama elithi ʼAbbāʼ xa kuthethwa noYehova, ngokungathandabuzekiyo ngenxa yokuba kwakuya kubonakala ikukungamhloneli uThixo ukuthetha naye ngolo hlobo,” itsho njalo incwadi ecatshulwe ngasentla. Noko ke, “ukusebenzisa kukaYesu . . . eli binzana xa wayethandaza kuYise, kubonisa ngendlela engangqalanga ukuba wayenobuhlobo obunzulu noThixo.” Ezinye iindinyana ezimbini elivela kuzo eli binzana eZibhalweni kwiincwadi zikaPawulos—zibonisa ukuba namaKristu enkulungwane yokuqala ayelisebenzisa xa ethandaza.—Roma 8:15; Galati 4:6.
(Galati 6:17) Ndiphetha ngelithi, makungabikho bani undikhathazayo, kuba ndithwele emzimbeni wam iimpawu zomtshiso ezindifanisa njengekhoboka likaYesu.
Ngaba Ubusazi?
Wayetheth’ ukuthini umpostile uPawulos xa wayesithi emzimbeni wakhe ‘wayeneempawu zomtshiso ezimfanisa nekhoboka likaYesu’?—Galati 6:17.
▪ Abantu benkulungwane yokuqala babenokuwaqonda ngeendlela ezahlukahlukeneyo amazwi kaPawulos. Ngokomzekelo, mandulo kwakusetyenziswa intsimbi etshisayo ukuze kuphawulwe amabanjwa emfazwe, abaphangi betempile namakhoboka aqhweshileyo. Kwakulihlazo ukuphawulwa komntu ngale ndlela.
Noko ke, ukuphawulwa kwakungasoloko kujongwa njengehlazo. Abantu bamandulo abaninzi babe phawulwa ukuze babonise isizwe okanye unqulo lwabo. Ngokomzekelo, iTheological Dictionary of the New Testament ithi “amaSiriya ayezinikela kuthixo uHadadi noAtargatis ngokuziphawula esihlahleni okanye entanyeni . . . Abanquli bakaDionysus babe ziphawula ngegqabi leivy.”
Abahlalutyi abaninzi banamhlanje bathi uPawulos wayebhekisela kwiziva awazifumana ngenxa yokubethwa ngoxa wayeshumayela. (2 Korinte 11:23-27) Kodwa ke kusenokwenzeka ukuba uPawulos wayengabhekiseli kwiziva zokoqobo, kodwa wayebhekisela kwindlela yakhe yobomi eyayimenza acace ukuba ungumKristu.
Ufundo LweBhayibhile
(Galati 4:1-20) Ndithi ke lo gama indlalifa iselusana ayahlukanga konke konke kwikhoboka, nakuba iyinkosi yezinto zonke, 2 kodwa iphantsi kwamadoda aphetheyo naphantsi kwamagosa de kube ngumhla omiselwe kwangaphambili nguyise. 3 Ngokunjalo nathi, xa sasiziintsana, sasiqhubeka sikhotyokiswa zizinto eziziziqalelo zehlabathi. 4 Kodwa ke lithe lakuzaliseka ixesha, uThixo wathumela uNyana wakhe, owaphuma emfazini waza waba phantsi komthetho, 5 ukuze abakhulule ngokubathenga abo baphantsi komthetho, size thina senziwe oonyana. 6 Ngenxa yokuba ke ningoonyana, uThixo uye wathumela umoya woNyana wakhe ezintliziyweni zethu yaye udanduluka usithi: “Abha, Bawo!” 7 Ngoko, ke, akuselilo ikhoboka kodwa ungunyana; yaye ukuba ungunyana, ukwayindlalifa ngaye uThixo. 8 Noko ke, ngokuya naningamazi uThixo, naningamakhoboka abo ngokwemvelo bangengabo oothixo. 9 Kodwa ngoku nakuba nifikelele ekumazini uThixo, okanye kunoko ekubeni ngoku nifikelele ekwaziweni nguThixo, kwenzeka njani ukuba nibuyele kwakhona kwizinto eziziziqalelo ezibuthathaka nezingento nize nifune ukuba ngamakhoboka azo kwakhona? 10 Nigcina ngenyameko imihla neenyanga namaxesha neminyaka. 11 Ndiyanoyikela, hleze kuthi kanti ndifane ndabulaleka ngokungenanjongo ngenxa yenu. 12 Ndiyanibongoza, bazalwana, Yibani njengam, ngenxa yokuba ndandifudula ndinjengani. Anindenzanga bubi. 13 Kodwa niyazi ukuba kwakungenxa yokugula kwam endathi ndavakalisa iindaba ezilungileyo kuni okwesihlandlo sokuqala. 14 Yaye oko kusenyameni yam okwakusisilingo kuni, anizange nikudelele okanye nikucekise; kodwa nandamkela njengengelosi kaThixo, njengoKristu Yesu. 15 Luphi, ke ngoko, olwa yolo naninalo? Kuba ndinikela ubungqina bokuba, ukuba kwakunokwenzeka, ngenaniwakrukrile namehlo enu nawanika mna. 16 Ngoko, ke, ngaba ndiye ndaba lutshaba lwenu ngenxa yokuba ndinixelela inyaniso? 17 Banifuna ngenzondelelo, kungekhona ngenjongo entle, kodwa bafuna ukunahlukanisa nam, ukuze nifune bona ngenzondelelo. 18 Noko ke, kuhle ukuba nifunwe ngenzondelelo ngenxa yoko kuhle ngamaxesha onke, yaye kungekuphela nje xa ndikho phakathi kwenu, 19 bantwana bam abancinane, endiye kwakhona ndaba nenimba ngabo ade uKristu ayileke kuni. 20 Kodwa bendinqwenela ukuba kunye nani khona ngoku ndize ndithethe ngendlela eyahlukileyo, ngenxa yokuba ndididekile ngani.
JUNI 10-16
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO EFESE 1–3
“Ilungiselelo LikaYehova Nomsebenzi Walo”
(Efese 1:8, 9) Bona wabubangela baphuphuma kuthi ngabo bonke ubulumko nengqiqo efanelekileyo, 9 ngokusazisa imfihlelo engcwele yokuthanda kwakhe. Yona ivumelana nokuthanda kwakhe.
it-2-E 837 ¶4
Imfihlelo Engcwele
UBukumkani BukaMesiya. UPawulos uyicacisa kakuhle imfihlelo engcwele kaKristu. KumaEfese 1:9-11 uthi: “Yona ivumelana nokuthanda kwakhe elungiselela ukuzaliseka kwamaxesha amisiweyo, okuba, kuhlanganiselwe zonke izinto kwakhona kuKristu, izinto ezisemazulwini nezinto ezisemhlabeni. Ewe, siye, samiselwa kwangaphambili njengeendlalifa kunye naye, ngulowo wenza zonke izinto ngokokuthanda kwakhe.” Kule ‘mfihlelo ingcwele’ kukho urhulumente, uBukumkani BukaThixo obunomlawuli onguMesiya. “Izinto ezisemazulwini,” athetha ngazo uPawulos ngabantu abaza kuba ziindlalifa kunye noKristu kuBukumkani basezulwini. “Izinto ezisemhlabeni” ngabantu abaza kuphila emhlabeni. UYesu waxelela abafundi bakhe ukuba kule mfihlelo ingcwele kukho uBukumkani. Wathi: “Nina niyinikiwe imfihlelo engcwele yobukumkani bukaThixo.”—Mar 4:11.
(Efese 1:10) elungiselela ukuzaliseka kwamaxesha amisiweyo, okuba, kuhlanganiselwe zonke izinto kwakhona kuKristu, izinto ezisemazulwini nezinto ezisemhlabeni. Ewe, siye,
‘UYehova Omnye’ Uhlanganisa Intsapho Yakhe
3 UMoses wathi kumaSirayeli: “UYehova uThixo wethu nguYehova mnye.” (Dut. 6:4) Izinto ezenziwa nguYehova nenjongo yakhe ziyavumelana. Ngenxa yoko, ‘ekuzalisekeni kwamaxesha amisiweyo,’ uThixo wenza ‘ilungiselelo’—oko kukuthi ilungiselelo lokumanyanisa zonke izidalwa ezikrelekrele. (Funda eyabase-Efese 1:8-10.) Eli lungiselelo liya kufeza injongo yalo ngokwamanqanaba amabini. Inqanaba lokuqala kukulungiselelwa kwebandla labathanjiswa ubomi basezulwini phantsi kukaYesu Kristu njengeNtloko yalo yokomoya. Eli nqanaba laqalisa ngePentekoste yowama-33 C.E. xa uYehova waqalisa ukuhlanganisa abo baza kulawula noKristu ezulwini. (IZe. 2:1-4) Ekubeni abathanjiswa beye bavakaliswa bengamalungisa ngenxa yedini lentlawulelo likaKristu, bayaqonda ukuba baye bamkelwa ‘njengabantwana bakaThixo.’—Roma 3:23, 24; 5:1; 8:15-17.
4 Inqanaba lesibini lilungiselela abo baya kuhlala kwiParadesi esemhlabeni phantsi koBukumkani bukaKristu onguMesiya. “Isihlwele esikhulu” siya kuba ngabokuqala kweli qela. (ISityhi. 7:9, 13-17; 21:1-5) Ebudeni boLawulo Lweminyaka Eliwaka, siya kuba kunye neebhiliyoni zabantu abavusiweyo. (ISityhi. 20:12, 13) Khawucinge nje ngendlela uvuko oluya kulubonisa ngayo umanyano lwethu! Ekupheleni kweminyaka eliwaka, ‘izinto ezisemhlabeni’ ziya kufumana uvavanyo lokugqibela. Abo bazingqine bethembekile emhlabeni baya kwamkelwa ‘njengabantwana bakaThixo.’—Roma 8:21; ISityhi. 20:7, 8.
Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(Efese 3:13) Ngoko ke ndiyanicela ukuba ningayekeleli ngenxa yezi mbandezelo zam ngenxa yenu, kuba zona zithetha uzuko kuni.
Ungavumeli Nantoni Na Ikuthintele Ekufumaneni Uzuko
15 Ukunyamezela kwethu ekwenzeni ukuthanda kukaYehova kunceda nabanye bafumane uzuko. Kwibandla lase-Efese, uPawulos wathi: “Ndiyanicela ukuba ningayekeleli ngenxa yezi mbandezelo zam ngenxa yenu, kuba zona zithetha uzuko kuni.” (Efe. 3:13) Kutshiwo njani ukuba iimbandezelo zikaPawulos ‘zazithetha uzuko’ kwabase-Efese? Ngokuqhubeka kwakhe elungiselela abazalwana bakhe phezu kwazo nje iingxaki, uPawulos wababonisa ukuba ukukhonza uThixo kumele kube yeyona nto ibalulekileyo kumKristu. Ukuba uPawulos wayenikezele kwezo mvavanyo, abazalwana bakhe babenokucinga ukuba alubalulekanga nganto ulwalamano ababenalo noYehova, ubulungiseleli babo kunye nethemba ababenalo? Ngokunyamezela kwakhe wanceda abazalwana babona ukuba, umntu unokuncama nantoni na ukuze abe ngumlandeli kaKristu.
(Efese 3:19) nilwazi nothando lukaKristu olugqwesa ulwazi, ukuze nizaliswe kuko konke ukuzala kukaThixo.
‘Ukwazi Uthando LukaKristu’
21 Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi ‘ukwazi’ lithetha ukuyazi into “ngokuyiqhelisela nangokuba namava ayo ngokoqobo.” Xa sibonisa uthando ngendlela awenza ngayo uYesu—sizinikele ngokungazingciyo ngenxa yabanye, sizinyamekele ngemfesane iintswelo zabo, sibaxolele ngokusuka ezintliziyweni zethu—ngoko sinokuyiqonda ngokwenene indlela avakalelwa ngayo. Ngale ndlela, siya ‘kulwazi’ ngokusuka kumava obuqu ‘uthando lukaKristu olugqwesa ulwazi.’ Yaye masingaze silibale ukuba okukhona sisiba njengoKristu, kokukhona siya kusondela ngakumbi kulowo uYesu wayemxelisa ngokugqibeleleyo, uThixo wethu onothando, uYehova.
Ufundo LweBhayibhile
(Efese 1:1-14) UPawulos, umpostile kaKristu Yesu ngokuthanda kukaThixo, ubhalela abangcwele abase-Efese nabathembekileyo ngokumanyene noKristu Yesu, esithi: 2 Ngamana ningaba nobubele obungasifanelanga noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu neNkosi uYesu Kristu. 3 Makabongwe uThixo noYise weNkosi yethu uYesu Kristu, oye wasisikelela ngayo yonke intsikelelo yokomoya kwezasezulwini iindawo ngokumanyene noKristu, 4 waza ngalo uthando lwakhe wasinyula ngaphambi kokusekwa kwehlabathi, ukuba sibe ngcwele, singabi nasiphako phambi kwakhe. 5 Kuba wasimisela kwangaphambili ukuba senziwe oonyana kuye ngoYesu Kristu, ngokokuthanda kwakhe, 6 ukuze simdumise ngenxa yozuko lobubele bakhe obungasifanelanga aye wasibabala ngabo ngalowo amthandileyo. 7 Ngaye siye sakhululwa ngentlawulelo ngalo igazi lakhe, saxolelwa izigqitho zethu, ngokobutyebi bobubele bakhe obungasifanelanga. 8 Bona wabubangela baphuphuma kuthi ngabo bonke ubulumko nengqiqo efanelekileyo, 9 ngokusazisa imfihlelo engcwele yokuthanda kwakhe. Yona ivumelana nokuthanda kwakhe 10 elungiselela ukuzaliseka kwamaxesha amisiweyo, okuba, kuhlanganiselwe zonke izinto kwakhona kuKristu, izinto ezisemazulwini nezinto ezisemhlabeni. Ewe, siye, 11 samiselwa kwangaphambili njengeendlalifa kunye naye, ngulowo wenza zonke izinto ngokokuthanda kwakhe, 12 ukuze sidumise uzuko lwakhe, thina baye bangabokuqala ukuthembela kuKristu. 13 Kodwa nani nathembela kuye nakuba nilivile ilizwi lenyaniso, iindaba ezilungileyo ezingosindiso lwenu. Kwangaye, nakuba nikholiwe, natywinwa ngomoya oyingcwele owathenjiswayo, 14 ongumqondiso wangaphambili welifa lethu, ngenjongo yokukhulula ngentlawulelo abo [bangabakaThixo], ukuze adunyiswe ngokuzukileyo.
JUNI 17-23
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO EFESE 4–6
“Yambathani Sonke Isikrweqe SikaThixo”
(Efese 6:11-13) Yambathani sonke isikrweqe sikaThixo ukuze nikwazi ukuma niqinile nxamnye namaqhinga kaMtyholi; 12 kuba sizamazamana, kungekhona negazi nenyama, kodwa noorhulumente, namagunya, nabalawuli behlabathi bobu bumnyama, kwanemikhosi yoomoya abangendawo kwezasezulwini iindawo. 13 Ngenxa yoku thabathani sonke isikrweqe sikaThixo, ukuze nikwazi ukuxhathisa ngemini embi nize, nakuba nenze zonke izinto ngokucokisekileyo, nime niqinile.
Lutsha—Mlweni UMtyholi
UMPOSTILE UPAWULOS wafanisa ubomi bamaKristu nobamajoni alwa imfazwe. Asilwi imfazwe yokoqobo kunoko silwela ukholo lwethu. Kodwa ke, sineentshaba eziphilayo. USathana needemon zakhe ngamajoni anobuchule nakuqhelileyo ukulwa. Kusenokubonakala ngathi asinakuphumelela. Ulutsha olungamaKristu lunokubonakala ngathi lungoyiswa lula. Lungenza ntoni ukuze luwoyise la majoni akhohlakeleyo anamandla kunabantu? Inyaniso kukuba, ulutsha lungaphumelela, ibe luyaphumelela! Luncedwa yintoni? ‘Luzuza amandla eNkosini.’ Kodwa alupheleli nje ekuzuzeni amandla kuThixo. Lunxibele ukulwa imfazwe. Njengamajoni aqeqeshwe kakuhle, lunxibe “sonke isikrweqe sikaThixo.”—Funda kwabase-Efese 6:10-12.
(Efese 6:14, 15) Yimani niqinile, ke ngoko, nibhinqe inyaniso ezinqeni zenu, ninxibe isigcina-sifuba sobulungisa, 15 neenyawo zenu nizixhobisele iindaba ezilungileyo zoxolo.
Lutsha—Mlweni UMtyholi
4 Ngokufanayo, inyaniso esiyifunda kwiLizwi LikaThixo isikhusela kubuxoki obunokusonzakalisa. (Yoh. 8:31, 32; 1 Yoh. 4:1) Okukhona siyithanda inyaniso, kokukhona kuya kuba lula ukuthwala “isigcina-sifuba,” loo nto ithetha ukuthi ukuphila ngemithetho kaThixo yobulungisa. (INdu. 111:7, 8; 1 Yoh. 5:3) Kwakhona, xa siyiqonda kakuhle inyaniso eseLizwini LikaThixo, siya kukwazi ukuyimela, siyithethelele kubachasi.—1 Pet. 3:15.
7 Esi sigcina-sifuba siyifanekisela kakuhle indlela imithetho kaYehova yobulungisa ezikhusela ngayo iintliziyo zethu zomfuziselo! (IMize. 4:23) Njengokuba ijoni lingenakulahla isigcina-sifuba sentsimbi lize linxibe esenziwe ngenkcenkce, nathi asifuni kulahla imithetho kaYehova size sizibekele eyethu engacacanga. Kaloku thina siyoyiswa kukwenza izigqibo ezinokusikhusela. (IMize. 3:5, 6) Ngoko, sihlala sihlola ‘iziqwenga zentsimbi’ esizinikwe nguYehova ukuze sibone ukuba zisahleli kakuhle na phezu kweentliziyo zethu.
10 Izihlangu ezazinxitywa lijoni elingumRoma zazilinceda likwazi ukuya emfazweni, kanti izihlangu zomfuziselo ezinxitywa ngamaKristu ziwanceda akwazi ukuhambisa iindaba zoxolo. (Isa. 52:7; Roma 10:15) Nakuba kunjalo, kufuneka umntu abe nesibindi ukuze ashumayele xa ithuba livela. UBo ona-20 uthi: “Ndandisoyika ukushumayela kubantwana endandifunda nabo. Ndandineentloni. Xa sendicinga ngoku, andazi ndanditheni. Ngoku ndiyathanda ukushumayela koontanga bam.”
(Efese 6:16, 17) Ngaphezu kwezinto zonke, thabathani ikhaka elikhulu lokholo, enothi ngalo nikwazi ukucima yonke imijukujelwa evuthayo yalowo ungendawo. 17 Kanjalo, yamkelani isigcina-ntloko sosindiso, nekrele lomoya, oko kukuthi, ilizwi likaThixo,
Lutsha—Mlweni UMtyholi
13 Eminye ‘yemijukujelwa evuthayo’ uSathana angakuhlasela ngayo kukuxoka ngoYehova, athi uThixo akakukhathalelanga kwaye awuthandeki tu kuye. UIda ona-19 okhe azive engento yanto, uthi: “Ngamanye amaxesha ndiye ndingamva tu esondele kum uYehova, ibe iba ngathi akafuni ukuba ngumhlobo wam.” Uncedwa yintoni? Uthi: “Iintlanganiso ziluqinisa kakhulu ukholo lwam. Ngaphambili ndandihlala nje ndingaphenduli ezintlanganisweni kuba ndicinga ukuba akukho mntu uhoyileyo ukuba ndifuna ukuthini. Kodwa ngoku ndiyazilungiselela ibe ndizama ukuphendula kabini okanye kathathu. Kunzima kona, kodwa kuba mnandi kum xa ndiphendule. Abazalwana noodade bandikhuthaza nyhani. Ndiphuma qho ezintlanganisweni ndisazi ukuba uYehova uyandithanda.”
16 Kanye njengokuba isigcina-ntloko sikhusela ubuchopho bejoni, ‘ithemba lethu losindiso’ likhusela iingqondo zethu okanye amandla ethu okucinga. (1 Tes. 5:8; IMize. 3:21) Ithemba lisenza sihlale sicinga ngezinto uThixo asithembise zona kwaye lisinceda sizibone ngendlela efanelekileyo iingxaki. (INdu. 27:1, 14; IZe. 24:15) Kodwa ukuba sifuna ‘izigcina-ntloko’ zethu zisincede, kufuneka sizithwale entloko, singaziphathi ngezandla.
20 UPawulos uthi iLizwi LikaThixo lifana nekrele esilinikwe nguYehova. Kodwa kufuneka silisebenzise ngobuchule xa sithethelela iinkolelo zethu—okanye xa silungisa indlela esicinga ngayo. (2 Kor. 10:4, 5; 2 Tim. 2:15) Ungabuphucula njani ubuchule bakho? USebastian oneminyaka eyi-21, uthi: “Emva kokuba ndifunde isahluko seBhayibhile ndiye ndibhale ivesi ibe nye. Ndizenzela uludwe lweevesi endizithandayo. Loo nto indenza ndizive ndisondele kuYehova.” UDaniel, ocatshulwe ngaphambili, uthi: “Xa ndifunda iBhayibhile, ndiye ndikhethe iivesi endicinga ukuba ziya kunceda abantu entsimini. Ndifumanise ukuba abantu baba nomdla xa bebona ukuba uyithanda nyhani iBhayibhile kwaye uzama ngandlela zonke ukubanceda.”
Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(Efese 4:30) Kanjalo, musani ukuwenza buhlungu umoya oyingcwele kaThixo, eniye natywinwa ngawo ukwenzela imini yokukhululwa ngentlawulelo.
it-1-E 1128 ¶3
Ukuba Ngcwele
Umoya oyingcwele. Amandla asetyenziswa nguYehova, ngumoya awusebenzisa xa efuna ukuba into yenzeke. Lo moya kaYehova ucocekile kwaye ungcwele, usetyenziswa kwizinto ezifunwa nguThixo. Yiloo nto kusithiwa ‘ngumoya oyingcwele.’ (Nd 51:11; Luk 11:13; Rom 1:4; Efe 1:13) Lo moya usebenza emntwini ongcwele okanye ococekileyo. Nayiphi na into embi eyenziwa ngumntu iwenza “buhlungu” umoya oyingcwele. (Efe 4:30) Lo moya ayingomntu, kodwa uyindlela ekuchazwa ngayo ukuba uThixo ucocekile, ngoko unokwenziwa ‘buhlungu.’ Nantoni na embi ayenzayo umntu ‘iyawucima umoya kaThixo osebenza njengomlilo.’ (1 Tes. 5:19) Ukuba umntu akayeki ukwenza into embi, uwenza “buhlungu” umoya oyingcwele kaThixo. Loo nto inokumenza abe lutshaba lukaThixo. (Isa. 63:10) Umntu owenza buhlungu umoya oyingcwele unokude awunyelise. UYesu Kristu wathi eso sisono esingasoze sixolelwe ngoku naxa kulawula uBukumkani BukaThixo.—Mat. 12:31, 32; Marko 3:28-30; funda indawo ethi UMOYA, UKUSEBENZELANA NEMIMOYA.
(Efese 5:5) Kuba niyakwazi oku, niqonda ngokwenu, ukuba akukho mhenyuzi namntu ungahlambulukanga namntu ubawayo—okuthetha ukuba ngumnquli-zithixo—unelifa ebukumkanini bukaKristu noThixo.
it-1-E 1006 ¶2
Ukubawa
Kubonakala Ngezenzo. Umntu obawayo ubonakala ngento embi ayenzayo nangokunqwenela into engafanelekanga. Omnye umbhali weBhayibhile, uYakobi, uthi emva kokuba umnqweno ombi ukhawule uzala isono. (Yak 1:14, 15) Umntu obawayo ubonakala ngezinto azenzayo. Umpostile uPawulos uthi umntu obawayo unqula izithixo. (Efe 5:5) Lo mntu wenza into ayinqwenelayo ibe nguthixo wakhe, ayenze ibaluleke ngaphezu kokunqula uMdali.—Rom 1:24, 25.
Ufundo LweBhayibhile
(Efese 4:17-32) Ke ngoko, oku ndiyakuthetha ndikungqine ndiseNkosini, ukuba ningabi saqhubeka nihamba njengokuhamba kweentlanga ngamampunge eengqondo zazo, 18 ngoxa zisebumnyameni ngengqondo, yaye zahlukanisiwe nobomi bukaThixo, ngenxa yokungazi okukuzo, ngenxa yokuqaqadeka kweentliziyo zazo. 19 Zingasaziva konke konke ngokokuziphatha, zizinikele kwihambo evakalala ukuze zisebenze ukungahlambuluki kwalo lonke uhlobo zibawa. 20 Kodwa nina animfundanga enjalo uKristu, 21 ukuba nje, eneneni, namva naza nafundiswa ngaye, kanye njengoko inyaniso ikuye uYesu, 22 yokuba nifanele nibulahle ubuntu obudala obuvisisana nehambo yenu yangaphambili nobonakaliswe yiminqweno yabo ekhohlisayo; 23 kodwa mawahlaziyeke amandla engqondo yenu, 24 nambathe ubuntu obutsha obadalwa ngokokuthanda kukaThixo ngobulungisa bokwenyaniso nokunyaniseka. 25 Ngoko ke, ekubeni nikulahlile ukuxoka, ngamnye kuni makathethe inyaniso nommelwane wakhe, ngenxa yokuba singamalungu omnye elomnye. 26 Qumbani, kodwa ningoni; malingatshoni ilanga nicaphukile, 27 ningamvuleli indawo uMtyholi. 28 Lowo ubayo makangabi seba, kunoko makasebenze nzima, esenza umsebenzi olungileyo ngezandla zakhe, ukuze abe nento yokwabela lowo usweleyo. 29 Makungaphumi lizwi libolileyo emlonyeni wenu, kodwa mayibe lelilungele ukwakha njengoko kusenokuba yimfuneko, ukuze libanike oko kukholekileyo abevayo. 30 Kanjalo, musani ukuwenza buhlungu umoya oyingcwele kaThixo, eniye natywinwa ngawo ukwenzela imini yokukhululwa ngentlawulelo. 31 Mabususwe kuni bonke ubukrakra bolunya nomsindo nengqumbo nokumemeza nokutshabhisa nabo bonke ububi. 32 Kodwa yibani nobubele omnye komnye, nibe nemfesane, nixolelane ngesisa kanye njengokuba noThixo wanixolelayo ngesisa ngaye uKristu.
JUNI 24-30
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO FILIPI 1-4
“Musani Ukuxhalela Nantoni Na”
(Filipi 4:6) Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo;
‘Uxolo LukaThixo Lungaphaya Kokuqonda’
10 Yintoni enokusinceda singabi naxhala lanto kwaye sibe ‘noxolo lukaThixo’? Amazwi kaPawulos awawabhalela abaseFilipi athi iyeza lexhala ngumthandazo. Ngoko xa sinexhala, kufuneka sithandaze. (Funda eyoku-1 kaPetros 5:6, 7.) Thandaza unokholo kuYehova, usazi ukuba ukukhathalele. Thandaza ‘umbulele,’ ungazilibali izinto akusikelele ngazo. Xa sikhumbula ukuba “unako ukwenza ngaphezu koko sikucelayo nesikuthelekelelayo, ngamandla akhe asebenzayo kuthi” siya kumthemba nangakumbi.—Efe. 3:20.
(Filipi 4:7) yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo ngoKristu Yesu.
‘Uxolo LukaThixo Lungaphaya Kokuqonda’
7 Asithandabuzi ukuba xa abazalwana baseFilipi bafunda incwadi ababeyibhalelwe nguPawulos, bakhumbula into eyayenzeke kuye nokuba akukho namnye kubo owayelindele ukuba uYehova enze ngendlela awaye wenza ngayo. Wayebafundisa ntoni uPawulos? Babengamele babe nexhala. Babemele bathandaze, ibe babeza kufumana uxolo lukaThixo. Kodwa masiqaphele ukuba ‘uxolo lukaThixo lungaphaya kokuqonda.’ Itheth’ ukuthini loo nto? Abanye abaguquleli basebenzisa ibinzana elithi “lungaphaya kwento esinokuyiphupha” okanye elithi “lungaphaya koko sinokukuceba.” Eyona nto yayithethwa nguPawulos apha kukuba, “uxolo lukaThixo” lumangalisa ngeyona ndlela. Ngoko nangona thina bantu sinokubona ngathi into ayinakusombululeka, uYehova uyazi ukuba unokuyilungisa njani, ibe unokuyilungisa ngendlela esingakhange siyicingele.—Funda eyesi-2 kaPetros 2:9.
‘Uxolo LukaThixo Lungaphaya Kokuqonda’
16 Uba yintoni umphumo xa sifumana “uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda”? IZibhalo zithi “luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo ngoKristu Yesu.” (Fil. 4:7) Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi ‘ukulinda’ lalisetyenziswa emkhosini. Lalibhekisela kwiqela lamajoni elalithunyelwa ukuba lilinde isixeko esinqatyisiweyo mandulo. NeFilipi yayinawo loo majoni. Abemi baseFilipi babelala obehlayo, besazi ukuba amajoni alinde amasango eso sixeko. Ngokufanayo, xa ‘sinoxolo lukaThixo,’ iintliziyo neengqondo zethu aziphakuzeli. Siyazi ukuba uYehova usihoyile ibe ufuna siphumelele. (1 Pet. 5:10) Ukwazi loo nto kusenza singabi naxhala kwaye singadimazeki.
Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(Filipi 2:17) Kwangokunjalo ke, nokuba ndinokugalelwa njengomnikelo othululwayo esibingelelweni nakwinkonzo kawonke-wonke oluthe ukholo lwanikhokelela kuyo, ndichulumancile yaye ndivuyisana nani nonke.
it-2-E 528 ¶5
Iminikelo
Umnikelo othululwayo. Umnikelo othululwayo okanye oselwayo wawunikelwa neminye iminikelo. Loo nto yenzeka kakhulu emva kokuba amaSirayeli ekwiLizwe Lesithembiso. (Num 15:2, 5, 8-10) Lo mnikelo wawusenziwa ngewayini uze ugalelwe esibingelelweni. (Num 28:7, 14; thelekisa iEksodus 30:9; Num 15:10.) Umpostile uPawulos wabhalela amaKristu aseFilipi wathi: ‘Ukuba ndinokugalelwa njengomnikelo othululwayo esibingelelweni nakwinkonzo kawonke-wonke oluthe ukholo lwanikhokelela kuyo, ndichulumancile.’ Apha uzifanisa nomnikelo othululwayo, ebonisa indlela afuna ukubasebenzela ngayo abazalwana. (Fil 2:17) Ngaphambi kokuba afe wabhalela uTimoti wathi: “Sele ndigalelwa njengomnikelo othululwayo, yaye ixesha elililo lokukhululeka kwam likufuphi.”—2Ti 4:6.
(Filipi 3:11) ndinethemba lokufumana uvuko lokuqala lwabafileyo.
“Uvuko Lokuqala”—Luyaqhubeka Sithethanje!
5 Emva koko, abathanjiswa ‘boSirayeli kaThixo’ bamele bathelele iNkosi uYesu Kristu kuzuko lwasezulwini, apho baza ‘kusoloko bekunye neNkosi.’ (Galati 6:16; 1 Tesalonika 4:17) Eso siganeko sibizwa ngokuthi ‘luvuko lokuqala.’ (Filipi 3:10, 11; ISityhilelo 20:6) Xa olo vuko lugqityiwe, kuya kuba lixesha lokuvuswa kwezigidi zabantu, babuyele emhlabeni benethemba lokufumana ubomi obungunaphakade eParadesi. Ngenxa yoko, enoba sinethemba lasezulwini okanye lasemhlabeni, sinomdla okhethekileyo ‘kuvuko lokuqala.’ Luvuko olunjani olu? Lwenzeka nini?
Ufundo LweBhayibhile
(Filipi 4:10-23) Ndinemihlali kakhulu eNkosini ngenxa yokuba ngoku ekugqibeleni niye nakuvuselela ukucinga kwenu ngam, enanihleli nicinga ngako, kodwa naswela ithuba. 11 Andithethi kuba ndiswele nto, kuba ndiye ndafunda ukwaneliseka, phantsi kwazo naziphi na iimeko. 12 Eneneni ndiyazi ukuba kunjani ukuhlwempuzeka, ndiyazi ukuba kunjani ukuba nentabalala. Kuzo zonke izinto nakuzo zonke iimeko ndiye ndayifunda imfihlelo yokuba kunjani ukuhlutha nokulamba, neyokuba kunjani ukuba nentabalala nokuswela. 13 Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undomelezayo. 14 Noko ke, nenza kakuhle ngokwabelana nam kwimbandezelo yam. 15 Enyanisweni, nina maFilipi, niyazi ukuba ekuqaleni kokuvakaliswa kweendaba ezilungileyo, ekumkeni kwam eMakedoni, akubangakho bandla labelana nam ekupheni nasekwamkeleni, ngaphandle kwenu nedwa; 16 kuba, naxa ndandiswele eTesalonika, nandithumelela okuthile okokuqala nokwesibini. 17 Asikuko ukuba ndifuna ukuphiwa, kodwa eyona nto ndiyifunayo sisiqhamo esizisa udumo kuni. 18 Noko ke, ndinazo zonke izinto ngokwaneleyo yaye ndinentabalala. Akukho nto ndingenayo, ekubeni uEpafrodito endinike izinto ezivela kuni, ezilivumba elimnandi, umbingelelo owamkelekileyo, okholekileyo kuThixo. 19 Ke yena uThixo wam wonibonelela kuzo zonke iintswelo zenu ngokobutyebi bakhe bozuko ngaye uKristu Yesu. 20 Makazukiswe uThixo uBawo wethu ngonaphakade kanaphakade. Amen. 21 Ndibulisa kuye ngamnye ongcwele omanyene noKristu Yesu. Bayanibulisa abazalwana abakunye nam. 22 Bayanibulisa bonke abangcwele, ngokukodwa abendlu kaKesare. 23 Ububele obungasifanelanga beNkosi uYesu Kristu mabube nomoya eniwubonisayo.