IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • th isifu. 7 iphe. 10
  • Fundisa Into Eyinyani

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Fundisa Into Eyinyani
  • Zimisele Ukufunda Nokufundisa
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuchana Kombandela
    Zuza Kwimfundo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
  • Zitshayelele Kakuhle IZibhalo
    Zimisele Ukufunda Nokufundisa
  • Zicacise Kakuhle Izinto Ozifundisayo
    Zimisele Ukufunda Nokufundisa
  • Buza Imibuzo
    Zimisele Ukufunda Nokufundisa
Khangela Okunye
Zimisele Ukufunda Nokufundisa
th isifu. 7 iphe. 10

ISIFUNDO 7

Fundisa Into Eyinyani

Izibhalo ezikule ncwadi

Luka 1:3

INTO OMELE UYENZE: Phanda uze usebenzise into eyinyani ukuze uncede abantu abakumameleyo.

INDLELA YOKUYENZA LE NTO:

  • Phanda kakuhle. Le nto uyithethayo mayisuke kwiLizwi LikaThixo, ufunde ngqo kulo ukuba kunokwenzeka. Ukuba uza kuthetha ngesayensi, into ibikwiindaba, amava omntu okanye nantoni na efuna ukuphandwa, qiniseka ukuba injalo nyhani ibe isasebenziseka.

  • Yisebenzise kakuhle le nto uyiphandileyo. Cacisa isibhalo ngale ndlela siyiyo, sidibane nento ethethwa yiBhayibhile ‘nalikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’. (Mat. 24:45) Ukuba le nto uyithethayo ayisuki eBhayibhileni, qiniseka ukuba ichanile ibe uyithetha ngale ndlela umbhali wayo ayithethe ngayo.

    Icebiso elincedayo

    Sukubaxa. Ulumke ukuba xa kuye kwathiwa “abanye abantu” wena ungathi “abantu abaninzi” okanye xa kusithiwa “ngamanye amaxesha” ungathi “ngalo lonke ixesha” okanye xa kusithiwa “mhlawumbi” ungathi “injalo.”

  • Yicacise le nto uyiphandileyo. Emva kokuba ufunde iBhayibhile okanye uthethe ngento oyiphandileyo, buza imibuzo okanye wenze umzekelo ukuze uncede abantu abakumameleyo bayiqonde le nto uthetha ngayo.

ENTSIMINI

Xa ulungiselela ukuya entsimini, cinga ngemibuzo onokuyibuzwa uze uphande iindlela zokuyiphendula. Ukuba umntu othetha naye ukubuza umbuzo ongakwaziyo ukuwuphendula, mxelele ukuba uza kuwuphanda uze ubuye nempendulo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share