Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela
SEPTEMBA 2-8
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO HEBHERE 7-8
“Umbingeleli Ngonaphakade Ngokohlobo lukaMelkitsedeki”
(Hebhere 7:1, 2) Kuba lo Melkitsedeki, ukumkani waseSalem, umbingeleli wOyena Thixo Uphakamileyo, owahlangabeza uAbraham ebuya ekoyiseni ookumkani waza wamsikelela 2 nalowo uAbraham wamahlulela isishumi sezinto zonke, okokuqala nje, ngokwenguqulelo, “unguKumkani woBulungisa,” yaye ukwangukumkani waseSalem, oko kukuthi, “uKumkani woXolo.”
it-2-E 366
Melkitsedeki
Ukumkani wendawo eyayibizwa ngokuba yi-Salem ekwanguye ‘nombingeleli wOyena Thixo Uphakamileyo’ uYehova. (Gen 14:18, 22) Ngumbingeleli wokuqala ekuthethwa ngaye eBhayibhileni kwaye waba nguye de kwabamalunga no-1933 B.C.E. Ukuba ngukumkani wase Salem kuthetha ukuba ‘Noxolo’, ibe nompostile uPawulos watsho ukuba uMelkitsedeki ‘nguKumakani woxolo’ kanye njengokuba negama lakhe xa liguqulelwa lithetha ukuba “unguKumkani woBulungisa.” (Heb 7:1, 2) ISalem kuthiwa yayisembindini kwindawo kamva eyabizwa ngokuba yi-Yerusalem, kwadityaniswa igama elithi Yeru nelithi Salem yiyo lo nto ngamanye amaxesha iYerusalem kusithiwa ‘yi-Salem’—Nd 76:2
Emva kokuba Abram okanye Abraham oyise uKedolahomere nookumkani ababekunye naye waya eNtilini yaseShave okanye “iNtili yokumkani”. UMelkitsedeki “wazisa isonka newayini” apho waza wamsikelela uAbraham, wathi: “Makasikelelwe uAbram wOyena Thixo Uphakamileyo, UMvelisi wezulu nomhlaba; Yaye makabongwe Oyena Thixo Uphakamileyo, Obanikele abacinezeli bakho esandleni sakho! Kusenjalo uAbram wanika lo mbingeleli “isishumi sento yonke.” Lo nto ithetha ukuba wamnika ‘amaxhoba aphambili.’ Awawafumanayo ngenxa yokoyisa kwakhe abakumkani babedibene.—Gen 14:17-20; Heb 7:4.
(Hebhere 7:3) Ekubeni engenayise, nanina, namlibo wakuzalwa, engenaso nesiqalo seentsuku nokuphela kobomi, kodwa enziwe wanjengoNyana kaThixo, uhlala engumbingeleli ngokungapheliyo.
it-2-E 367 ¶4
Melkitsedeki
Ayeyinyani njani amzwi athi uMelkitsedeki ‘wayengenaso nesiqalo seentsuku nokuphela kobomi’?
UPawulos wayemhlonipha uMelkitsedeki, wade wathi ngaye: “Ekubeni engenayise, nanina, namlibo wakuzalwa, engenaso nesiqalo seentsuku nokuphela kobomi, kodwa enziwe wanjengoNyana kaThixo, uhlala engumbingeleli ngokungapheliyo.” (Heb 7:3) Njengabanye abantu, naye uMelkitsedeki wazalwa waza wafa. Kodwa ke asiwaxelelwanga amagama abazali bakhe, akuthethwa nangembewu kunye nomnombo wakhe, futhi neBhayibhile ayisixeleli ukuba wazalwa waza wafa nini. Ngoko uMelkitsedeki wammela kakuhle uYesu Kristu ongumbingeleli ngokungapheliyo. Ekubeni kungekho ngxelo yamntu owayenesi sikhundla sikaMelkitsedeki ngaphambi nasemva kwakhe. Ngokufanayo noKristu, akukho mbingeleli mkhulu onesikhundla esifana nesakhe ibe soze abekhona ongena endaweni yakhe. Nangona uYesu wazalwa kwisizwe sakwaYuda kwaye esuka kumnombo wobukhosi kaDavide, ayiyo lo nto emenza abe ngumbingeleli nokumkani, kodwa nguYehova owamenza waba ngumbingeleli nokumkani ngenxa yesifungo awasenzayo kuye.
(Hebhere 7:17) kuba kungqinwa ngokuthi: “Ungumbingeleli ngonaphakade ngokohlobo lukaMelkitsedeki.”
it-2-E 366
Melkitsedeki
Ukuba ngumbingeleli kaKristu kuyafaniswa. Kwisiprofeto esingoMesiya uYehova wenza isifungo “eNkosini” kaDavide esithi: “Ungumbingeleli ukusa kwixesha elingenammiselo ngokohlobo lukaMelkitsedeki!” (Ind 110:1, 4) Le ncwadi yendumiso iphefumlelweyo yawanika isizathu amaHebhere sokuba uMesiya othenjisiweyo ngulowo uza kuba ngumbingeleli aphinde abe ngukumkani ngexesha elinye. Kwileta awayibhalela amaHebhere, umpostile uPawulos wawenza angamthandabuzi lowo kwakuprofetwe ngaye, wathi “uYesu, waba ngumbingeleli omkhulu ngokohlobo lukaMelkitsedeki ngonaphakade.”—Heb 6:20; 5:10; yiya kwindawo ethi UMNQOPHISO.
Ukwemba Ubuncwane Obusebhayibhileni
(Hebhere 8:3) Kuba wonke umbingeleli omkhulu umiselwa ukuba anikele izipho nemibingelelo; ngoko ke kube yimfuneko ukuba naye lo abe nokuthile akunikelayo.
Imibingelelo Eyayikholisa UThixo
11 Umpostile uPawulos uthi: “Wonke umbingeleli omkhulu umiselwa ukuba anikele izipho nemibingelelo.” (Hebhere 8:3) Phawula ukuba uPawulos uyahlula ibe ziindidi ezimbini imibingelelo eyayisenziwa ngumbingeleli omkhulu kuSirayeli wamandulo, ezizezi, “izipho” “nemibingelelo,” okanye “nemibingelelo yezono.” (Hebhere 5:1) Ngokuqhelekileyo abantu bapha abanye izipho ukuze babonakalise uthando noxabiso, nokuzama ukuhlakulela ubuhlobo, ukuthandwa okanye ukwamkeleka. (Genesis 32:20; IMizekeliso 18:16) Ngokufanayo, iminikelo emininzi eyayichazwe eMthethweni inokugqalwa ‘njengezipho’ eziya kuThixo zokufuna ukwamkeleka kuye nenkoliseko yakhe. Xa uMthetho waphulwe kwakufuneka kwenziwe impindezelo, yaye ukuze kulungiswe izinto, kwakunikelwa ‘imibingelelo yezono.’ IPentatiki, ingakumbi incwadi ye-Eksodus, iLevitikus neNumeri, inikela inkcazelo eninzi ngeentlobo ezahlukahlukeneyo zemibingelelo neminikelo. Ngoxa kunokuba lucelomngeni ngathi ukuba siziqonde kakuhle size sikhumbule zonke iinkcukacha, ezinye iingongoma eziziintloko ngokuphathelele iintlobo ezahlukahlukeneyo zemibingelelo zifuna ingqalelo yethu.
(Hebhere 8:13) Ngokuthi kwakhe “umnqophiso omtsha” uwenze waphelelwa lixesha lowo wangaphambili. Ke kaloku oko kuye kwenziwa kwaphelelwa lixesha nokuya kusiba kudala sele kukufuphi ukuba kuthi shwaka.
it-1-E 523 ¶5
Umnqophiso
“Waphelelwa” njani umnqophiso woMthetho?
Umnqophiso woMthetho waphelelwa xa uThixo wasebenzisa umprofeti uYeremiya ukuze achaze ukuba uza kwenza umnqophiso omtsha (Yer 31:31-34; Heb 8:13) Ngo 33 C.E. xa uKristu wafayo esibondeni sentuthumbo, lo mnqophiso woMthetho wayeka ukusebenza (Kol 2:14), kwaza kwabakho umnqophiso omtsha endaweni yawo.—Heb 7:12; 9:15; Ize 2:1-4.
Ufundo LweBhayibhile
(Hebhere 7:1-17) Kuba lo Melkitsedeki, ukumkani waseSalem, umbingeleli wOyena Thixo Uphakamileyo, owahlangabeza uAbraham ebuya ekoyiseni ookumkani waza 2 nalowo uAbraham wamahlulela isishumi sezinto zonke, okokuqala nje, ngokwenguqulelo, “unguKumkani woBulungisa,” yaye ukwangukumkani waseSalem, oko kukuthi, “uKumkani woXolo.” 3 Ekubeni engenayise, nanina, namlibo wakuzalwa, engenaso nesiqalo seentsuku nokuphela kobomi, kodwa enziwe wanjengoNyana kaThixo, uhlala engumbingeleli ngokungapheliyo. 4 Khanibone, ngoko, indlela awayemkhulu ngayo lo mntu awathi uAbraham, intloko-ntsapho, wamnika isishumi samaxhoba aphambili. 5 Enyanisweni, oonyana bakaLevi abafumana isikhundla sabo sobubingeleli banomyalelo wokuqokelela izishumi ebantwini ngokuvumelana noMthetho, oko kukuthi, kubazalwana babo, nangona nabo bephuma esinqeni sika-Abraham; 6 kodwa yena nakuba owakhe umlibo wokuzalwa ungazange ulandwe kubo wathabatha izishumi kuAbraham waza wasikelelwa ngulowo wayenezithembiso. 7Yinto engenakuphikwa ke ukuba osikelelayo mkhulu kunosikelelwayo. 8 Yaye kwakhona, ngabantu abafayo abafumana izishumi, kodwa yena wazifumana nangona engqinelwa ukuba uyaphila. 9 Lilonke ke, noLevi ngokwakhe, esamkela izishumi nje, naye wazihlawula izishumi, ngokhokho wakhe uAbraham, 10 kuba wayesesesinqeni sakhe ukudibana kwakhe noMelkitsedeki. 11 Ukuba ke, ngokwenene ububingeleli bobuLevi bebuzisa ingqibelelo, (njengoko bebubalaselisa uMthetho,) bekusafuneka ngantoni na ukuba kuvele omnye umbingeleli ngokohlobo lukaMelkitsedeki, kungekhona ngokohlobo luka-Aron? 12 Ngoko ukutshintshwa kobubingeleli, kuveze imfuneko yokuba nomthetho utshintshwe. 13 Kuba umntu lowo zibhekisela kuye ezi zinto ngowesinye isizwe, ekungekho bani kuso uye waba ligosa esibingelelweni. 14 Kuba kucace mhlophe ukuba iNkosi yethu iphume kwaYuda, sizwe eso uMoses angathethanga nto ngaso ngokuphathelele ababingeleli. 15 Ngoko kucaca ngakumbi oku kuvela komnye umbingeleli ofana noMelkitsedeki, 16 ongamiselwanga ngokomyalelo womthetho ongowenyama, kodwa ngokwamandla obomi obungenakutshatyalaliswa, 17 kuba kungqinwa ngokuthi: “Ungumbingeleli ngonaphakade ngokohlobo lukaMelkitsedeki.”
it-1-E 524 ¶3-5
Yintoni umnqophiso omtsha?
Umnqophiso Omtsha. Kwiminyaka yoo-600 B.C.E., uYehova wathetha ngomnqophiso omtsha esebenzisa umprofeti uYeremiya. Wachaza ukuba lo mnqophiso awufani nomnqophiso woMthetho, amaSirayeli awawophulayo. (Yer 31:31-34) NgoNisan 14, 33 C.E., ngaphambi kokuba uYesu Kristu afe, wenza iSidlo seNkosi Sangokuhlwa. Waxelela abafundi bakhe ngalo mnqophiso mtsha, wathi uza kusebenza ngenxa yokufa kwakhe. (Luk 22:20) Kwiintsuku eziyi-50 emva kokuba evusiwe, kugqithe iintsuku ezilishumi emva kokuba enyukele ezulwini, wahlisela abafundi bakhe ababedibene endlini ephezulu umoya oyingcwele awawufumana kuYehova.—IZe 2:1-4, 17, 33; 2Ko 3:6, 8, 9; Heb 2:3, 4.
UYehova ukumnqophiso omtsha. Kwakulo mnqophiso, kukho “uSirayeli kaThixo,” ongoonyana abamanyene noKristu, abakha ibandla lakhe okanye umzimba wakhe. (Heb 8:10; 12:22-24; Gal 6:15, 16; 3:26-28; Rom 2:28, 29) Umnqophiso omtsha wenziwa wasebenza ngegazi likaYesu (xa wafela abantu) ibe igazi lakhe lanikelwa kuYehova xa wanyukela ezulwini. (Mat 26:28) Xa uThixo ekhetha umntu ukuba aye kuphila ezulwini, (Heb 3:1) umfaka kumnqophiso omtsha owenziwa ngenxa yokufa kukaKristu. (Nd 50:5; Heb 9:14, 15, 26) UYesu Kristu nguMlamli kumnqophiso omtsha (Heb 8:6; 9:15) ibe uyimbewu ka-Abraham eyintloko. (Gal 3:16) Kuba enguMlamli, unceda abantu abakulo mnqophiso mtsha ukuba baxolelwe iizono zabo, batsho babe yimbewu ka-Abraham. (Heb 2:16; Gal 3:29) Emva koko, uYehova athi bangamalungisa.—Rom 5:1, 2; 8:33; Heb 10:16, 17.
Aba bantu bakhethiweyo baba ngababingeleli abaphantsi koMbingeleli Omkhulu, “ububingeleli basebukhosini.” (1Pe 2:9; ISi 5:9, 10; 20:6) Benza umsebenzi wababingeleli, “inkonzo kawonke-wonke” (Fil 2:17), ibe babizwa ngokuba “ngabalungiseleli bomnqophiso omtsha.” (2Ko 3:6) Aba bantu bakhethiweyo bafanele balandele uYesu ngokusondeleyo, bathembeke de bafe; emva koko uYehova uza kubavusa, abenze ubukumkani bababingeleli, abanike umzimba wasezulwini, bangafi, bangonakali, kuba beziindlalifa noYesu Kristu ezulwini. (1Pe 2:21; Rom 6:3, 4; 1Ko 15:53; 1Pe 1:4; 2Pe 1:4) Lo mnqophiso mtsha wenzelwe ukukhetha abantu bakaYehova abaza kuba ‘yimbewu ka-Abraham.’ (IZe 15:14) Baba ‘ngumtshakazi’ kaKristu ibe baza kulawula noYesu eBukumkanini BukaThixo. (Yoh 3:29; 2Ko 11:2; ISi 21:9; Luk 22:29; ISi 1:4-6; 5:9, 10; 20:6) Umnqophiso omtsha ufanele uqhubeke ukhona de bonke abantu ‘abanguSirayeli kaThixo’ bavuselwe ezulwini bangaphinde bafe. Asoze ziphele izinto ezintle eziza kwenzeka ngenxa yalo mnqophiso mtsha, yiloo nto ubizwa ngokuba ‘ngumnqophiso ongunaphakade.’—Heb 13:20.
SEPTEMBA 9-15
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO HEBHERE 9-10
“Isithunzi Sezinto Ezilungileyo Eziza Kuza”
(Hebhere 9:12-14) wangena, kungekhona ngegazi leebhokhwe nelamathole eenkomo aziinkunzi, kodwa ngelakhe igazi, kwaba kanye kwindawo engcwele waza wasizuzela intlangulo engunaphakade. 13 Kuba ukuba igazi leebhokhwe neleenkunzi zeenkomo nothuthu lwethokazi olufefwe kwabo benziwe iinqambi lingcwalisa ukusa kumkhamo wokuhlanjululwa kwenyama, 14 liya kuba nako ngakumbi kangakanani na ke lona igazi likaKristu, owathi ngomoya ongunaphakade wazinikela kuThixo engenasiphako, ukuhlambulula izazela zethu kwimisebenzi efileyo ukuze sinikele inkonzo engcwele kuThixo ophilayo?
it-1-E 862 ¶1
Ukuxolela
Umthetho kaThixo awayewunike amaSirayeli wawusithi ukuze umntu axolelwe xa one uThixo okanye umzalwana wakhe kwakufuneka enze le nto ibhalwe eMthethweni, ibe amaxesha amaninzi lo nto yayikukunikela kuYehova ngegazi lesilwanyana. (Lev 5:5–6:7) Kangangokuba noPawulos wabhala lo mgaqo esithi: “Ewe, phantse zonke izinto zihlanjululwa ngegazi ngokuvumelana noMthetho, yaye kungaphalalanga gazi, akubikho kuxolelwa.” (Heb 9:22) Imibingelelo yegazi lezilwanyana yayingasusi zono ingenzi nabantu babenezazela ezicoceke ngokupheleleyo. (Heb 10:1-4; 9:9, 13, 14) Ngokwahlukileyo, umnqophiso omtsha ekwaprofetwa ngawo wenza baxolelwe abantu ngenxa yokuba kunikelwe intlawulelo ngoYesu Kristu. (Yer 31:33, 34; Mat 26:28; 1Kor 11:25; Efe 1:7) Xa uYesu wayelapha emhlabeni, emva kokuphilisa indoda efe umzimba wabonisa ukuba unamandla okuxolela izono.—Mat 9:2-7.
(Hebhere 9:24-26) Kuba uKristu wangena, kungekhona kwindawo engcwele eyenziwe ngezandla, engumfanekiso weyokwenene, kodwa ezulwini ngokwalo, ukuze ngoku abonakale phambi kukaThixo ngenkqu ngenxa yethu. 25 Akaphindaphindi ukuzinikela, njengoko umbingeleli omkhulu wayengena kwindawo engcwele minyaka le negazi elingelolakhe. 26 Kungenjalo, bekuya kufuneka abandezeleke ngokufuthi ukususela ekusekweni kwehlabathi. Kodwa ngoku uzibonakalise kwaba kanye ekuphelisweni kweenkqubo zezinto ukuze asisuse isono ngombingelelo wakhe siqu.
“Qhubeka Undilandela”
4 IZibhalo azithethi nto ngokufika kukaYesu ezulwini, ngovuyo olwalukho ekudibaneni kwakhe noYise. Kodwa iBhayibhile yayichaza kwangaphambili into eyayiza kwenzeka ezulwini ngokukhawuleza emva kokubuyela kukaYesu apho. Kaloku, ngaphezu kweenkulungwane ezili-15 amaYuda ayesiba nomthendeleko ongcwele. Kanye ngonyaka, umbingeleli omkhulu wayengena kwEyona Ngcwele yetempile ukuze afefe igazi lemibingelelo yoMhla Wocamagushelo phambi kwetyeya yomnqophiso. Loo mbingeleli mkhulu wayefanekisela uMesiya. UYesu wakuzalisekisa oko kwakufuziselwa nguloo mthendeleko emva kokuba ebuyele ezulwini. Wema phambi kwesihlalo esizukileyo sikaYehova ezulwini—eyona ndawo ingcwele kwindalo iphela—waza wanika uYise ixabiso ledini lakhe lentlawulelo. (Hebhere 9:11, 12, 24) Ngaba uYehova walamkela?
(Hebhere 10:1-4) Kuba ekubeni uMthetho unesithunzi sezinto ezilungileyo eziza kuza, kodwa ungenawo owona mongo wezinto, abantu abanakuze babe nako ukubenza bagqibelele abo basondela ukuza kunikela imibingelelo efanayo ngokuqhubekayo unyaka nonyaka. 2 Kungenjalo, ngekwakungasele kuyekiwe na ukunikelwa kwemibingelelo, kuba abo banikela inkonzo engcwele abaye bahlanjululwa kwaba kanye bebengayi kubuye babe nasazela sazono kwakhona? 3 Ngokwahlukileyo koko, ngale mibingelelo kukhunjuzwa ngezono unyaka nonyaka, 4 kuba akunakwenzeka ukuba igazi leenkunzi zeenkomo neleebhokhwe lisuse izono.
it-2-E 602-603
Ukugqibelela
Ukugqibelela koMthetho kaMoses. Umthetho kaMoses wawusithi kumele kubekho ababingeleli ababezakubingelela ngezilwanyana ezahlukahlukeneyo. Nangona wawusuka kuThixo ofezelileyo, uMthetho, ababingeleli, kunye nemibingelelo yabo babephantsi koMthetho zange ibenze bafezeke, ibe umpostile uPawulosi waphefumlelwa ukuba athethe lo nto. (Heb 7:11, 19; 10:1) Endaweni yokuba uphelise isono nokufa, uMthetho wenza isono sacaca ukuba siyintoni. (Ro 3:20; 7:7-13) Zonke ezi zinto uThixo wayezenze ngenjongo; kuba uMthetho “waba ngumkhapheli” okhokelela abantu kuKristu, kwaye ‘usisithunzi sezinto ezilungileyo eziza kuza.’ (Ga 3:19-25; Heb 10:1) UPawulos wathetha ‘ngokungabi namandla kuwo uMthetho, ngenxa yokuba wawubuthathaka ngayo inyama’ (Ro 8:3), apha wayethetha ngombingeleli omkhulu wamaYuda. (owayesonyulwa ngokohloba ekubhalwe ngalo eMthethweni kwaye wayengena kanye ngonyaka kwingcwele yengcwele ngoMhla woCamagushelo ephethe igazi lesilwanyana) owayengakwazi ‘ukubasindisa ngokupheleleyo’ abo babephantsi koMthetho, itsho njalo incwadi yamaHebhere 7:11, 18-28. Nangona imibingelelo eyayisenziwa ngababingeleli abasuka kumnombo ka-Aron yayibenza abantu bakufanelekele ukuma phambi kukaThixo, lo nto yayingasisusi ngokupheleleyo isono kubo. UPawulos wathi xa ethetha ngemibingelelo eyayisenziwa ngomhla wocamagushelo ayinako “ukubenza bagqibelele, abo basondela ukuza kunikela”. (Heb 10:1-4; jonga namaHeb 9:9.) Umbingeleli omkhulu wayengakwazi ukunikela ngexabiso elifunekayo lentlawulo ukuze abakhulule ngokupheleleyo abantu kwisono. Mnye qha umbingeleli nomhlawuleli onokuyenza le nto nguKristu.—Heb 9:14; 10:12-22.
Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(Hebhere 9:16, 17) Kuba apho kukho umnqophiso, kufuneka kulungiselelwe ukufa komnqophisi ongumntu. 17 Kuba umnqophiso uqinisekiswa ngokufa kwamaxhoba, ekubeni ungenamandla nangaliphi na ixesha ngoxa umnqophisi ongumntu ephila.
Imibuzo Evela Kubafundi
UPawulos wakhankanya ukuba ukufa kwakuyimfuneko ukuze iminqophiso ephakathi koThixo nabantu isebenze. Umzekelo woku ngumnqophiso woMthetho. UMoses wayengumlamleli wawo, lowo wayefanele azise esi sivumelwano phakathi koThixo noSirayeli wokwenyama. Ngaloo ndlela uMoses wayenendima ebalulekileyo yaye wayengumntu owayeqhubana namaSirayeli xa ayengena kumnqophiso. Ngaloo ndlela uMoses wayenokugqalwa njengomnqophisi ongumntu womnqophiso woMthetho owawusungulwe nguYehova. Kodwa ngaba uMoses wayefanele aphalaze igazi lobomi bakhe khon’ ukuze umnqophiso woMthetho usebenze? Akunjalo. Kwanikelwa ngezilwanyana, igazi lazo lalimela igazi likaMoses.—Hebhere 9:18-22.
Kuthekani ngomnqophiso omtsha ophakathi koYehova nohlanga loSirayeli wokomoya? UYesu Kristu wayenendima ezukileyo yokuba ngumlamleli, uMlamleli phakathi koYehova noSirayeli wokomoya. Nangona lo mnqophiso wawusungulwe nguYehova, wawusekelwe kuYesu Kristu. Ngaphandle kokuba abe nguMlamleli wawo, uYesu wayeneenkqubano ezingqalileyo esenyameni nabo babeya kuba ngabokuqala ukungeniswa kulo mnqophiso. (Luka 22:20, 28, 29) Ngaphezu koko, wayekufanelekele ukunikela idini elaliyimfuneko ukuze lo mnqophiso usebenze. Eli yayingelodini lezilwanyana nje kodwa yayilidini lobomi bomntu ofezekileyo. Ngoko uPawulos wayenokubhekisela kuKristu njengomnqophisi ongumntu womnqophiso omtsha. Emva kokuba “uKristu [engene] . . . kuwo amazulu ngokwawo, ukuba abonakale ngoku ebusweni bukaThixo ngenxa yethu,” umnqophiso omtsha waqalisa ukusebenza.—Hebhere 9:12-14, 24.
Ngokuthetha ngoMoses noYesu njengabanqophisi abangabantu, uPawulos wayengathethi ukuba ngamnye wabo wasungula umnqophiso awayengumlamleli wawo, okunene owenziwa nguThixo. Kunoko, abo bantu babini babebandakanyeke ngokusondeleyo njengabalamleli ekuziseni le minqophiso yahlukahlukeneyo. Yaye kwimeko nganye, ukufa kwakuyimfuneko—uMoses emelwa zizilwanyana, yaye uYesu enikela ngegazi lobomi bakhe ngenxa yabo bakumnqophiso omtsha
(Hebhere 10:5-7) Ngoko ke xa engena ehlabathini uthi: “ ‘Akufunanga mbingelelo namnikelo, kodwa undilungiselele umzimba. 6 Akukholiswanga yiminikelo etshiswa kuphele nangumnikelo wesono.’ 7 Ndandula ke ndathi, ‘Khangela! Ndiyeza (emqulwini wencwadi kubhaliwe ngam) ukuza kwenza intando yakho, Thixo.’”
it-1-E 249-250
UkuBhaptizwa
ULuka uthi uYesu wayethandaza xa wayebhaptizwa. (Luk 3:21) Ukongezelela, umbhali wencwadi yamaHebhere uthi xa ethetha ngoYesu Kristu “xa engena ehlabathini” (akathethi ngexesha awayezalwa ngalo, kuba wayengakwazi ukuthetha engakwazi nokufunda, kwaye wayengenakuwathetha la mazwi, apha kuthethwa ngexesha uYesu awayebhaptizwa ngalo waza waqalisa umsebenzi wakhe wokushumayela) wayethetha ngokwamazwi, abhalwe kwiNdumiso 40:6-8 (iLXX): “Akufunanga mbingelelo namnikelo, kodwa undilungiselele umzimba. . . . Khangela! Ndiyeza (emqulwini wencwadi kubhaliwe ngam) ukuza kwenza intando yakho, Thixo.” (Heb 10:5-9) UYesu wazalwa ngamaYuda, isizwe sakwaYuda uThixo wayenze naso umnqophiso, lo mnqophiso ubizwa ngokuba ngumnqophiso woMthetho. (Eks 19:5-8; Gal 4:4) Ngenxa yeso sizathu, uYesu wayephantsi komnqophiso noYehova uThixo xa wayezinikezela ukuba abhaptizwe nguYohane. UYesu wenza okungakumbi kunoko kwakulindeleke kuye kunxa wayephantsi koMthetho. Wayezinikela kuTata wakhe uYehova ukuze enze ‘intando’ yakhe, enikela nangomzimba wakhe ‘olungisiweyo’ ukuze kungabi sabingelelwa ngezilwanyana njengoko uMthetho wawusitsho. Umpostile uPawulos wathi: “Kungenxa yale “ntando” yakhe le nto siye sangcwaliswa ngokunikelwa komzimba kaYesu Kristu kwaba kanye.” (Heb 10:10) Okunye ukuthanda kukaThixo uYesu awayemele akwenze kwakunento yokwenza noBukumkani, nakulowo umsebenzi uYesu waye wazinikezela. (Luk 4:43; 17:20, 21) Ngenxa yokuba uYehova wayewamkele waza wawuxabisa loo mnikelo, wamthambisa uNyana wakhe ngomoya oyingcwele, wavakala esithi: “UnguNyana wam, oyintanda; ndikholisiwe nguwe.”—Mar 1:9-11; Luk 3:21-23; Mat 3:13-17.
Ufundo LweBhayibhile
(Hebhere 9:1-14) Wona ke, ngoko, umnqophiso wangaphambili wawunemimiselo yawo ngokuphathelele ukunikelwa kwenkonzo engcwele, wawukwanayo nendawo yawo engcwele emhlabeni. 2 Kuba kwakhiwa icandelo lokuqala lentente ekwakukho kulo isiphatho sezibane kwanetafile nesiboniso sezonka; yaye libizwa ngokuthi “iNdawo Engcwele.” 3 Kodwa ngemva kwekhuselo lesibini kwakukho icandelo lentente elibizwa ngokuthi “eYona Ngcwele.” 4 Lalinesiqhumiso segolide netyeya yomnqophiso eyalekwe macala onke ngegolide, kukho kuyo ingqayi yegolide inemana kunye nentonga ka-Aron eyayimile amathupha kunye namacwecwe omnqophiso; 5 kodwa ngaphezu kwayo kwakukho iikherubhi ezizukileyo zisibekele isigubungelo socamagushelo. Kodwa ngoku asiloxesha lokuthetha ngokweenkcukacha ngezi zinto. 6 Emva kokuba ezi zinto zakhiwe ngale ndlela, ababingeleli babengena kwicandelo lokuqala lentente ngamaxesha onke ukuze benze inkonzo engcwele; 7 kodwa kwicandelo lesibini ngumbingeleli omkhulu yedwa ongenayo kanye ngonyaka, kungekhona ngaphandle kwegazi, alinikela ngenxa yakhe nangenxa yezono ezenziwa ngabantu ngokungazi. 8 Ngaloo ndlela umoya oyingcwele ukwenza kucace ukuba indlela eya kwindawo engcwele yayingenakubonakaliswa ngoxa intente yokuqala yayimile. 9 Yona kanye le ntente ingumzekeliso wexesha elimisiweyo elilapha ngoku, yaye ngokuvumelana nayo kunikelwa izipho nemibingelelo. Noko ke, zona ezi azikwazi kumenza agqibelele ngokuphathelele isazela sakhe umntu owenza inkonzo engcwele, 10 kodwa zinento yokwenza kuphela nokutya nesiselo nobhaptizo olwahlukahlukeneyo. Zaziyimfuneko esemthethweni ngokuphathelele inyama yaye zabekwa de kwalixesha elimisiweyo lokulungelelanisa izinto. 11 Noko ke, xa uKristu weza njengombingeleli omkhulu wezinto ezilungileyo eziye zenzeka, ngentente enkulu ngakumbi negqibelele ngakumbi engenziwanga ngazandla, oko kukuthi, engeyoyale ndalo, 12 wangena, kungekhona ngegazi leebhokhwe nelamathole eenkomo aziinkunzi, kodwa ngelakhe igazi, kwaba kanye kwindawo engcwele waza wasizuzela intlangulo engunaphakade. 13 Kuba ukuba igazi leebhokhwe neleenkunzi zeenkomo nothuthu lwethokazi olufefwe kwabo benziwe iinqambi lingcwalisa ukusa kumkhamo wokuhlanjululwa kwenyama, 14 liya kuba nako ngakumbi kangakanani na ke lona igazi likaKristu, owathi ngomoya ongunaphakade wazinikela kuThixo engenasiphako, ukuhlambulula izazela zethu kwimisebenzi efileyo ukuze sinikele inkonzo engcwele kuThixo ophilayo?
SEPTEMBA 16-22
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO HEBHERE 11
“Ukholo Lubalulekile”
(Hebhere 11:1) Ukholo lululindelo oluqinisekisiweyo lwezinto ezithenjiweyo, ubungqina obucacileyo bezinto zokwenene nangona zingabonwa.
Bonisa Ukuba Unokholo Kwizithembiso ZikaYehova
6 KumaHebhere 11:1 (Yifunde) iBhayibhile iyachaza ukuba yintoni ukholo. Ukholo lujoliswe kwiindidi ezimbini zezinto esingaziboniyo ngamehlo ethu: (1) “Izinto ezithenjiweyo”—esingabala kuzo iziganeko zexesha elizayo ezithenjisiweyo kodwa zibe zingekenzeki, njengokupheliswa kobubi nokufika kwehlabathi elitsha. (2) ‘Izinto zokwenene ezingabonwayo.’ Kule meko, igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ubungqina obucacileyo” lithetha “ubungqina obubambekayo” bento engabonakaliyo ngeliso lenyama, njengobukho bukaYehova uThixo, uYesu Kristu, iingelosi, nemisebenzi ephunyezwa buBukumkani bamazulu. (Heb. 11:3) Sibonisa njani ke ukuba sinethemba kwaye siyakholelwa kwizinto ezingabonwayo ezithethwa liLizwi likaThixo? Ngamazwi nangezenzo—kaloku ngaphandle kwezi zinto ukholo lwethu aluphelelanga.
(Hebhere 11:6) Ngaphezu koko, ngaphandle kokholo akunakwenzeka ukumkholisa kakuhle, kuba lowo uzayo kuThixo umele akholwe ukuba ukho nokuba ungumvuzi wabo bamfuna ngenyameko.
‘Umvuzi Wabo Bamfuna Ngenyameko’
Yintoni ekufuneka siyenze ukuze simkholise uYehova? UPawulos uthi: “Ngaphandle kokholo akunakwenzeka ukumkholisa kakuhle [uThixo].” Phawula ukuba uPawulos akathi kunzima ukukholisa uThixo ngaphandle kokholo. Kunoko uthi akunakwenzeka. Ngamanye amazwi, ukholo yenye yezinto ezibalulekileyo ukuze sikholise uThixo.
Lukholo olunjani olukholisa uYehova? Ukholo lwethu kuThixo lumele lubandakanye izinto ezimbini. Okokuqala, ‘simele sikholwe ukuba ukho.’ Sinokumkholisa njani uThixo xa sithandabuza ubukho bakhe? Ukholo lokwenene lubandakanya okungakumbi kuba needemon ziyakholwa ukuba ukho. (Yakobi 2:19) Izenzo zethu zimele zibonise ukuba siyakholelwa ukuba uThixo ukho ngokuphila ngendlela emkholisayo.—Yakobi 2:20, 26.
Okwesibini, ‘simele sikholwe ukuba uThixo ungumvuzi.’ Umntu onokholo lokwenene uqinisekile ukuba imigudu yakhe yokuphila ngendlela ekholisa uThixo ayilolize. (1 Korinte 15:58) Sinokumkholisa njani uYehova xa sithandabuza ukuba uyafuna ukusivuza? (Yakobi 1:17; 1 Petros 5:7) Umntu othi uThixo akakhathali, akanaxabiso yaye akanabubele, akamazi uThixo ekuthethwa ngaye eBhayibhileni.
Ngoobani abavuzwa nguYehova? UPawulos uthi, ‘ngabo bamfuna ngenyameko.’ Enye incwadi yabaguquleli beBhayibhile ithi, igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi ‘abo bamfuna ngenyameko’ alithethi “ukumkhangela,” kunoko, lithetha “ukumnqula” uThixo. Enye incwadi ithi esi senzi sesiGrike sithetha ukuzibhokoxa. UYehova uvuza abo ukholo lwabo lubenza bamnqule ngentliziyo epheleleyo nangenzondelelo.—Mateyu 22:37.
(Hebhere 11:33-38) abathi ngokholo boyisa izikumkani kungquzulwano, baphumeza ubulungisa, bazuza izithembiso, bavingca imilomo yeengonyama, 34 baphelisa amandla omlilo, basinda kuhlangothi lwekrele, bathi bekwimo yobuthathaka basuka benziwa baba namandla, baba nobukroti emfazweni, baphanzisa imikhosi yabasemzini. 35 Abafazi babamkela abafileyo babo bevukile; kodwa abanye abantu bathuthunjiswa ngenxa yokuba bengafumananga kukhululwa ngentlawulelo, ukuze bafikelele uvuko olulunge ngakumbi. 36 Ewe, abanye basifumana isilingo sabo ngokwenziwa intlekisa nokutyakatywa, eneneni, ngokungakumbi kunoko, ngemixokelelwane neentolongo. 37 Baxulutywa ngamatye, balingwa, banqunqwa ngesarha, bafa ngokubulawa ngogonyamelo ngekrele, babehambahamba ngeemfele zeegusha, ngeemfele zeebhokhwe, ngoxa babeswele, besezimbandezelweni, bephatheke kabuhlungu; 38 yaye ihlabathi lalingabafanelanga. Babebhadu-bhadula ezinkqantosini nasezintabeni nasemiqolombeni nasemingxunyeni yomhlaba.
Qinisa Ukholo Lwakho Kwizinto Onethemba Lazo
10 KumaHebhere 11 umpostile uPawulos uthetha ngobunzima abakhonzi bakaThixo abaninzi angababizanga ngamagama abaye babunyamezela. Ngokomzekelo, lo mpostile uthetha ngamabhinqa okholo awaswelekelwa ngoonyana bawo kodwa baphinda bavuswa kamva. Emva koko uthetha ngabanye ‘abantu abathuthunjiswa ngenxa yokuba bengafumananga kukhululwa ngentlawulelo, ukuze bafikelele uvuko olulunge ngakumbi.’ (Heb. 11:35) Nangona singenakuqiniseka ukuba uPawulos wayethetha ngoobani, abanye, njengoNabhoti noZekariya baxulutywa ngamatye bafa ngenxa yokumamela uThixo nokwenza oko akufunayo. (1 Kum. 21:3, 15; 2 Kron. 24:20, 21) UDaniyeli nabahlobo bakhe babenethuba lokwamkela ‘ukukhululwa’ ngokuthi balahle iinkolelo zabo. Endaweni yoko, ukholo lwabo kumandla kaThixo lwabenza, ngokungathi kunjalo, “bavingca imilomo yeengonyama,” baza “baphelisa amandla omlilo.” —Heb. 11:33, 34; Dan. 3:16-18, 20, 28; 6:13, 16, 21-23.
11 Ekubeni babenokholo, abaprofeti abafana noMikaya noYeremiya “basifumana isilingo sabo ngokwenziwa intlekisa . . . neentolongo.” Abanye abanjengoEliya “babebhadu-bhadula ezinkqantosini nasezintabeni nasemiqolombeni nasemingxunyeni yomhlaba.” Bonke banyamezela kuba ‘babenolindelo oluqinisekisiweyo lwezinto ezithenjiweyo.’—Heb. 11:1, 36-38; 1 Kum. 18:13; 22:24-27; Yer. 20:1, 2; 28:10, 11; 32:2.
Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(Hebhere 11:4) Ngokholo uAbheli wanikela kuThixo umbingelelo oxabiso likhulu ngakumbi kunokaKayin, kholo olo awathi ngalo wangqinelwa ukuba ulilungisa, uThixo enikela ubungqina ngokuphathelele izipho zakhe; yaye ngalo, nangona wafayo, usathetha.
it-1-E 804 ¶5
Ukholo
Imizekelo Yabantu Ababenokholo. UPawulos wathi “sinelifu elikhulu kangaka lamangqina”. (Heb 12:1) Mntu ngamnye uPawulos awayethetha ngaye apha wayenezizathu ezivakalayo zokholo. Umzekelo wokuqala nguAbheli, wayesazi kakuhle isithembiso esasenziwe nguYehova esasithetha ‘ngembewu’ eyayiza kutyumza intloko ‘yenyoka’. Waye wayibona indlela azaliseka ngayo amazwi athethwa nguYehova kubazali bakhe e-Edeni. Xa bagxothwayo e-Edeni uAdam nentsapho yakhe batya isonka ngokubila kwebunzi lakhe, ngenxa yokuba umhlaba wawuqalekisiwe uvelisa iinkunzana nameva. Kusenokwenzeka uAbheli wabona ukuba inkanuko kaEva isendodeni yakhe kwaye indoda yakhe iyamlawula. Ngokuqinisekileyo umama wakhe wayethetha ngeentlungu awayeziva ngaphambi kokuba azale. Nesango lomyezo wase-Eden laligadwe ziikherubhi phakathi kwazo kwakukho ikrele lomlilo elijekelezayo (Gen 3:14-19, 24) Zonke ezi zinto zanika uAbheli “ubungqina obucacileyo,” zamnika isiqinisekiso sokuba ukuhlangulwa kuzakuza ngenxa ‘yembewu ethenjisiweyo’. Ngenxa yoko, eqhutywa lukholo “wanikela kuThixo umbingelelo,” obaluleke ngaphezu kokaKayin.—Heb 11:1, 4.
(Hebhere 11:5) Ngokholo uEnoki wafuduswa khon’ ukuze angaboni kufa, yaye akafunyanwanga ndawo ngenxa yokuba uThixo wayemfudusile; kuba ngaphambi kokufuduswa kwakhe wayenobungqina bokuba wayemkholise kakuhle uThixo.
“Wayemkholisa UThixo”
Kutheth’ ukuthini ukuthi uEnoki “wafuduswa khon’ ukuze angaboni kufa”? Kusenokwenzeka ukuba uYehova wamfudusela ekufeni ngohlobo lokuba angeva zintlungu zokufa. Kodwa kuqala, uEnoki wafumana ‘ubungqina bokuba wayemkholise kakuhle uThixo.’ Njani? Kanye ngaphambi kokuba afe, mhlawumbi uThixo wambonisa umhlaba oyiparadesi. Wafa enaloo mbono omqinisekisa ukuba wayemkholisile uYehova. Ebhala ngoEnoki namanye amadoda nabafazi ababenokholo, umpostile uPawulos wathi: “Bonke aba bafela elukholweni.” (Hebhere 11:13) Emva koko, kusenokwenzeka ukuba iintshaba zakhe zawukhangela umzimba wakhe, kodwa ‘azawufumana ndawo,’ kuba mhlawumbi uYehova wayewususile, engafuni ziwonakalise okanye ziwusebenzisele ukukhuthaza unqulo lobuxoki.
Ufundo LweBhayibhile
(Hebhere 11:1-16) Ukholo lululindelo oluqinisekisiweyo lwezinto ezithenjiweyo, ubungqina obucacileyo bezinto zokwenene nangona zingabonwa. 2 Kuba abantu bamaxesha akudala baye bangqinelwa ngalo. 3 By faith we perceive that the systems of things were put in order by God’s word, so that what is seen has come into existence from things that are not visible. Ngokholo siyaqonda ukuba iinkqubo zezinto zalungelelaniswa ngelizwi likaThixo, khon’ ukuze oko kubonwayo kube kokuphuma kwizinto ezingabonakaliyo. 4 Ngokholo uAbheli wanikela kuThixo umbingelelo oxabiso likhulu ngakumbi kunokaKayin, kholo olo awathi ngalo wangqinelwa ukuba ulilungisa, uThixo enikela ubungqina ngokuphathelele izipho zakhe; yaye ngalo, nangona wafayo, usathetha. 5 Ngokholo uEnoki wafuduswa khon’ ukuze angaboni kufa, yaye akafunyanwanga ndawo ngenxa yokuba uThixo wayemfudusile; kuba ngaphambi kokufuduswa kwakhe wayenobungqina bokuba wayemkholise kakuhle uThixo. 6 Ngaphezu koko, ngaphandle kokholo akunakwenzeka ukumkholisa kakuhle, kuba lowo uzayo kuThixo umele akholwe ukuba ukho nokuba ungumvuzi wabo bamfuna ngenyameko. 7 Ngokholo uNowa, emva kokunikwa isilumkiso sobuthixo sezinto ezingekabonwa, wabonisa uloyiko lobuthixo waza wakha umkhombe wokusindisa indlu yakhe; yaye ngalo olo kholo waligwebela isohlwayo ihlabathi, waza waba yindlalifa yobulungisa bokholo. 8 Ngokholo uAbraham, xa wabizwayo, wathobela waphuma waya kwindawo awayemiselwe ukuyifumana njengelifa; waphuma, nangona wayengazi apho aya khona. 9 Ngokholo wahlala njengomphambukeli kwilizwe lesithembiso njengakwilizwe lasemzini, waza wahlala ezintenteni kunye noIsake noYakobi, iindlalifa kunye naye zesithembiso esikwasinye. 10 Kuba wayelindele isixeko esineziseko zokwenene, sixeko eso esimakhi nomenzi waso unguThixo. 11 Ngokholo noSara ngokwakhe wafumana amandla okukhawula imbewu, nakuba wayesele edlule kumda wobudala, ekubeni wambalela ekuthini uthembekile lowo wayethembisile. 12 Ngoko ke kumntu omnye, naye owayefana nofileyo, kwazalwa inkitha yabantwana abangangeenkwenkwezi zezulu nentlabathi engaselunxwemeni lolwandle, bengenakubalwa. 13 Bonke aba bafela elukholweni, nangona bengazange bayifumane inzaliseko yazo izithembiso, kodwa bazibona zisekude, bazithakazelela baza bavakalisa esidlangalaleni ukuba babengabasemzini nabemi bokwexeshana elizweni elo. 14 Kuba abo batsho izinto ezinjalo banikela ubungqina bokuba bafuna ngenyameko indawo eyeyabo. 15 Ukanti, ukuba eneneni babehleli beyikhumbula loo ndawo babesuka kuyo, ngebaba nethuba lokubuyela kuyo. 16 Kodwa ngoku bazabalazela indawo elunge ngakumbi, oko kukuthi, leyo yasezulwini. Ngoko ke uThixo akanazintloni ngabo, ukuba abizwe ngokuba unguThixo wabo, kuba ubalungiselele isixeko.
SEPTEMBA 23-29
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO HEBHERE 12-13
“Ingqeqesho Ibonisa Ukuba UYehova Uyasithanda”
(Hebhere 12:5) kodwa nikulibele ngokupheleleyo okuthethwe kuni nibongozwa njengoonyana kusithiwa: “Nyana wam, musa ukuyidelela ingqeqesho kaYehova, yaye ungatyhafi wakulungiswa nguye;
Musani Ukukhangela “Kwizinto Ezisemva”
18 Isiluleko esisenza sizive sibuhlungu. Kuthekani ukuba silingelwa ekubeni sicaphuke xa sicinga ngesiluleko esakha sasifumana? Oku kusenokungabi buhlungu nje kuphela kodwa kunokusenza buthathaka—kusibangele ukuba ‘sityhafe.’ (Heb. 12:5) Enoba ‘siyasidelela’ isiluleko ngenxa yokuba singasamkeli okanye ‘siyatyhafa’ kuba sisamkele, umphumo uba mnye—asisivumeli esi siluleko ukuba sisincede size siphucule ubuntu bethu. Kubhetele sithobele amazwi kaSolomon athi: “Bamba ingqeqesho; musa ukuyiyeka. Yilondoloze, kuba yona ibubomi bakho.” (IMize. 4:13) Njengomqhubi wemoto othobela imithetho yendlela, masisamkele isiluleko, sisisebenzise size siqhubeke siphila.—IMize. 4:26, 27; funda amaHebhere 12:12, 13.
(Hebhere 12:6, 7) kuba lowo uYehova amthandayo uyamqeqesha; enyanisweni, uyamtyakatya wonke ubani amamkela njengonyana.” 7 Bunyamezeleni ubunzima, kuba yingqeqesho. UThixo uniphethe njengoonyana bakhe. Kuba nguwuphi na unyana ongaqeqeshwayo nguyise?
“Xa Sukuba Nithandaza, Yithini, ‘Bawo’”
Ubawo onothando uyabaqeqesha abantwana bakhe, kuba uxhalabele into abaza kuba yiyo kwikamva. (Efese 6:4) Ubawo onjalo unokuba ngqongqo, kodwa akabikho ngqwabalala xa eqeqesha abantwana bakhe. Ngendlela efanayo, maxa wambi uBawo wethu wasezulwini usenokukufumanisa kuyimfuneko ukuba asiqeqeshe. Kodwa uqeqesho lukaThixo lusoloko lukhatshwa luthando yaye alukho ngqwabalala. NjengoYise, uYesu wayengekho ngqwabalala, kwanaxa abafundi bakhe babe ngasisebenzisi ngokukhawuleza isiluleko sakhe.—Mateyu 20:20-28; Luka 22:24-30.
(Hebhere 12:11) Enyanisweni, akukho ngqeqesho ibonakala ivuyisa okwangoku, kodwa ibuhlungu; ukanti kamva ivelisa isiqhamo soxolo, oko kukuthi, ubulungisa, kwabo baqeqeshiweyo yiyo.
“Phulaphulani Ingqeqesho Nize Nilumke”
18 Nangona ingqeqesho ibuhlungu, ikho into ebuhlungu ngaphezu kwayo—umonakalo obakho xa umntu engayifuni ingqeqesho. (Heb. 12:11) Masenze umzekelo ngoKayin noKumkani uZedekiya. Xa uKayin waqalisa ukuzonda uAbheli kangangokuba afune ukumbulala, uThixo wamcenga esithi: “Kutheni uvutha ngumsindo nje yaye kutheni ukhangeleka uthe khunubembe? Ukuba uyaguquka wenze okulungileyo, akusayi kuphakanyiswa yini na? Kodwa ukuba akuguquki wenze okulungileyo, isono sibuthumile ngasesangweni, sikhanuka wena; yaye ngaba wena uya kusongamela na?” (Gen. 4:6, 7) UKayin zange ammamele. Emva koko samoyisa isono. Wazifaka ngokwakhe kule ntlungu! (Gen. 4:11, 12) Yayibhetele intlungu yokuqeqeshwa nguYehova kunale wayezifake kuyo.
Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(Hebhere 12:1) Ngoko ke, ngenxa yokuba sinelifu elikhulu kangaka lamangqina elisingqongileyo, masithi nathi sibothule bonke ubunzima nesono esisithandela ngokulula, yaye masilubaleke ngonyamezelo ugqatso olubekwe phambi kwethu,
Lubaleke Ngonyamezelo Ugqatso
11 ‘Ilifu elikhulu lamangqina’ lalingengobabukeli nje, ngokungathi kunjalo, ababezele ukubukela ugqatso okanye beze kubona enoba imbaleki abayithandayo iyaphumelela kusini na. Kunoko, babebandakanyeke njengeembaleki elugqatsweni. Yaye babebaleke ngempumelelo baza bafika entanjeni. Nangona ngoku bengasekho, banokugqalwa njengoomakad’ enetha beembaleki abanokukhuthaza iimbaleki ezisakhasayo elugqatsweni. Khawucinge nje ngendlela imbaleki enokuvakalelwa ngayo xa ibisazi ukuba ingqongwe okanye ibukelwe zezinye iimbaleki ezinamava neziphumeleleyo. Ngaba ibingayi kuchukumiseka ize izilahlele nofele? Abo bakhonzi bamandulo banokungqina ukuba ugqatso lokomfuziselo, lunokuphunyelelwa kungakhathaliseki ukuba lunzima kangakanani na. Ngenxa yoko, ngokusoloko ecinga ngomzekelo ‘welifu lamangqina,’ amaKristu enkulungwane yokuqala ayenokuba nenkalipho aze ‘alubaleke ngonyamezelo ugqatso’—njengoko nathi sinokwenjenjalo namhlanje.
(Hebhere 13:9) Musani ukuthabatheka ziimfundiso ezahlukahlukeneyo nezingaqhelekanga; kuba kuhle ukuba intliziyo inikwe ukuqina ngobubele obungasifanelanga, kungekhona ngezinto ezityiwayo, abathe abo bazixakekisa ngazo abangenelwa.
Nyusa Imibingelelo Emkholisayo UYehova
10 Ngoko ke amaHebhere kwakufuneka akuphephe “ukuphetshethwa ziimfundiso ngeemfundiso nezingezizo” zeenkokeli zamaYuda. (Galati 5:1-6) ‘Intliziyo inokuqiniswa lubabalo’ ukuze ihlale ibambelele enyanisweni kungekhona ngeemfundiso ezinjalo. Kubonakala ukuba bambi babephikisana ngokutya nokunikelwa kwamadini, kuba uPawulos wathi intliziyo yabo yayingenziwanga yaqina “ngezinto ezidliwayo, abangancedekanga zizo abo bahamba kuzo.” Iingenelo ezingokomoya zazifumaneka ngokuhlonela uThixo nokuba noxabiso kwintlawulelo kungekhona ngokuxhalabela ngokungafanelekileyo izinto ezithile ezidliwayo nokugcina imihla ethile. (Roma 14:5-9) Ngaphezu koko, idini likaYesu lawabhangisa amadini awayesenziwa ngabaLevi.—Hebhere 9:9-14; 10:5-10.
Ufundo LweBhayibhile
(Hebhere 12:1-17) Ngoko ke, ngenxa yokuba sinelifu elikhulu kangaka lamangqina elisingqongileyo, masithi nathi sibothule bonke ubunzima nesono esisithandela ngokulula, yaye masilubaleke ngonyamezelo ugqatso olubekwe phambi kwethu, 2 njengoko sikhangele ngenyameko kuMmeli Oyintloko noMgqibelelisi wokholo lwethu, uYesu. Ngenxa yovuyo olwalubekwe phambi kwakhe wasinyamezela isibonda sentuthumbo, elidela ihlazo, waza wahlala phantsi ngasekunene kwetrone kaThixo. 3 Eneneni, mqwalaseleni ngokusondeleyo lowo uye wayinyamezela intetho enjalo yokuchasa yaboni ngokunxamnye nezilangazelelo zabo, ukuze ningadinwa nize nityhafe emiphefumlweni yenu. 4 Ekulweni kwenu neso sono anikade nixhathise kude kuphalale igazi, 5 kodwa nikulibele ngokupheleleyo okuthethwe kuni nibongozwa njengoonyana kusithiwa: “Nyana wam, musa ukuyidelela ingqeqesho kaYehova, yaye ungatyhafi wakulungiswa nguye; 6 kuba lowo uYehova amthandayo uyamqeqesha; enyanisweni, uyamtyakatya wonke ubani amamkela njengonyana.” 7 Bunyamezeleni ubunzima, kuba yingqeqesho. UThixo uniphethe njengoonyana bakhe. Kuba nguwuphi na unyana ongaqeqeshwayo nguyise? 8 Ukuba ke aniqeqeshwa njengabo bonke abanye, ngokwenene beniya kuba niyimigqakhwe, kungekhona oonyana. 9 Ngapha koko, sasinoobawo bethu bokwenyama bokusiqeqesha, yaye sasibahlonela. Asisayi kuthi na sizithobe kakhulu ngakumbi kuBawo wobomi bethu bokomoya size siphile? 10 Kuba kangangemihla embalwa babesiqeqesha ngokoko kwakubonakala kulungile kubo, kodwa yena wenjenjalo ngenxa yengenelo yethu ukuze sibe nenxaxheba kubungcwele bakhe. 11 Enyanisweni, akukho ngqeqesho ibonakala ivuyisa okwangoku, kodwa ibuhlungu; ukanti kamva ivelisa isiqhamo soxolo, oko kukuthi, ubulungisa, kwabo baqeqeshiweyo yiyo. 12 Ngoko ke zoluleni izandla eziwileyo namadolo anengevane, 13 nize nihlale nizenzela umendo othe tye iinyawo zenu, ukuze into eqhwalelayo ingakrunwa, kodwa kunoko iphiliswe. 14 Phuthumani uxolo nabantu bonke, nobungcwalisa ekungekho mntu uya kuyibona iNkosi ngaphandle kwabo, 15 nikuphaphele ngenyameko ukuba kungabikho namnye ububandezwayo ububele obungasifanelanga bukaThixo; kungabikho ngcambu inetyhefu iphumayo ibangele inkathazo baze abaninzi benziwe inqambi yiyo; 16 kungabikho mhenyuzi naye nabani na ongazixabisiyo izinto ezingcwele, njengoEsawu, owathi ngenxa yesidlo esinye wanikela ngamalungelo akhe obuzibulo. 17 Kanjalo niyazi ukuba emva koko xa wayefuna ukuyidla ilifa intsikelelo wagatywa, kuba, nangona wayefuna ngenyameko ukutshintsha ingqondo eneenyembezi, akalifumananga ithuba loko.
SEPTEMBA 30–OCTOBER 6
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO YAKOBI 1-2
“Indlela Esa Esonweni Nasekufeni”
(Yakobi 1:14) Kodwa ngamnye ulingwa ngokutsalwa nokuwexulwa ngumnqweno wakhe.
Isilingo
Xa utsaleleka entweni uyalingeka, ingakumbi ukuba yinto engafanelekanga. Ngokomzekelo, ngoxa usevenkileni ubona into, uyirhalele. Ngoko nangoko ucinga ukuba le nto ungakwazi ukuyiba, ungabhaqwa. Isazela siyakunqanda! Ngoko uyayisusa le ngcinga. Ngaloo ndlela usoyisile isilingo.
OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE
Ukulingeka akuthethi ukuba ungumntu ombi. IBhayibhile ithi sonke siyalingwa. (1 Korinte 10:13) Eyona nto ibalulekileyo yinto esiyenzayo xa silingwa. Abanye bahlala becinga ngezinto ezingafanelekanga baze ekugqibeleni bazenze. Abanye bayeka ngoko nangoko ukucinga ngezo zinto.
“Kodwa ngamnye ulingwa ngokutsalwa nokuwexulwa ngumnqweno wakhe.”—Yakobi 1:14.
(Yakobi 1:15) Wandule ke umnqweno, xa uthe wakhawula, uzale isono; isono, xa sithe safezwa, sivelisa ukufa.
Isilingo
IBhayibhile isibonisa izinto ezisibangela senze izinto ezimbi. UYakobi 1:15 uthi: ‘Umnqweno ongafanelekanga, xa uthe wakhawula, uzala isono.’ Ngamany’ amazwi, xa sisoloko sicinga ngezinto ezingafanelekanga, side sifikelele kwinqanaba lokuba singakwazi ukuzibamba, sizenze. Sekunjalo, singakwazi ukukuphepha ukuba ngamakhoboka ezo ngcinga, sizilawule.
Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(Yakobi 1:17) Sonke isipho esilungileyo naso sonke isipho esigqibeleleyo sivela phezulu, kuba sihla sivela kuYise wezikhanyiso zesibhakabhaka, kwaye yena akaguquguquki njengesithunzi.
it-2-E 253-254
Ukukhanya
UYehova ‘nguYise wezikhanyiso zesibhakabhaka.’ (Yak 1:17) Akaphelelanga nje ekubeni ‘nguMniki welanga lokukhanya kwemini, imimiselo yenyanga neenkwenkwezi zokukhanya kobusuku’ (Yer 31:35) ungumthombo wazo zonke imfundiso ezithetha inyani (2Ko 4:6) Umthetho wakhe, indlela agweba ngayo kunye nelizwi lakhe zikhanyisela bonke abantu abafuna ukulawulwa nguye. (Nd 43:3; 119:105; IMi 6:23; Isa 51:4) Umdumisi wabhala wathi: “Ngokukhanya okuvela kuwe sinokubona ukukhanya.” (Nd 36:9; jonga ne Nd 27:1; 43:3.) Njengelanga liqhubeka likhanya ngokukhanya “de kube semini emaqanda,” ngoko ke nendlela yamalungisa ekhanyiswa bubulumko bukaThixo iqhubeka ikhanya ngokukhanya. (IMi 4:18) Ukuze sihlale sihamba ekukhanyeni simele siqhubeke simamela uYehova (Isa 2:3-5) Ukuba umntu ujonga izinto ngendlela engafanelekanga okanye ngemehlo lokukhohlakala ukobunzulu ubumnyama ngokwaselukholweni. Kangangokuba uYesu wathi: “ukuba iliso lakho lingendawo, umzimba wakho uphela uba sebumnyameni. Ukuba ngenene ukukhanya okukuwe kububumnyama, hayi indlela obubukhulu ngayo obo bumnyama!”—Mat 6:23; jonga neDut 15:9; 28:54-57; IMi 28:22; 2Pe 2:14.
(Yakobi 2:8) Ukuba ke niyawuzalisa umthetho wakomkhulu, ngokwesibhalo esithi: “Uze umthande ummelwane wakho njengawe siqu,” nenza kakuhle.
it-2-E 222 ¶4
UMthetho
“UMthetho wakomkhulu.” “Umthetho wakomkhulu” unamandla yaye ubaluleke ngaphezu kwayo yonke imithetho ekhoyo elawula abantu. (Yak 2:8) Eyona nto wawuthetha ngayo umnqophiso woMthetho luthando; uthi “Uze umthande ummelwane wakho njengawe siqu” (umthetho wakomkhulu) lo yayingumyalelo wesibini, apho wawuxhomekeke khona uMthetho nabaProfeti. (Mat 22:37-40) Nangona amaKristu engasekho phantsi koMthetho wonqophiso, kodwa afanele awuthobele umthetho kaKumkani onguYehova kunye noNyana wakhe uKumkani uYesu Kristu okumnqophiso omtsha.
Ufundo LweBhayibhile
(Yakobi 2:10-26) Lowo uwugcina wonke uMthetho, aze aphule umyalelo omnye, unetyala lokuwaphula wonke. 11 Kuba lowo wathi: “Uze ungakrexezi,” wakwathi: “Uze ungabulali.” Ukuba, ke, akukrexezi kodwa uyabulala, unxaxhile emthethweni. 12 Intetho yenu nezenzo zenu mazibe zezabantu abalindele ukugwetywa ngomthetho wenkululeko. 13 Kuba lowo ungenanceba uya kugwetywa ngokungenanceba. Kodwa yona inceba iyasongamela isigwebo. 14 Kunceda ntoni na, bazalwana bam, ukuba umntu athi unokholo kodwa abe engenayo imisebenzi? Olo kholo alunako ukumsindisa, andibi kunjalo? 15 Ukuba umzalwana okanye udade uyadlakazela, eswele ukutya okulingene imini, 16 aze omnye kuni athi kubo: “Hambani ngoxolo, nifudumale, nihluthe,” kodwa ningabaniki izinto abazisweleyo, kunceda ngantoni oko? 17 Ngoko ke, nalo ukholo, ukuba alunamisebenzi, lufile. 18 Wosuka omnye athi: “Wena unokholo, ke mna ndinemisebenzi. Ndibonise ukholo lwakho olungenamisebenzi, mna ndokubonisa ukholo lwam ngemisebenzi yam.” 19 Uyakholwa ukuba kukho uThixo omnye, akunjalo? Wenza kakuhle. Ukanti needemon ziyakholwa zize zityhwatyhwe. 20 Uyathanda na ke ukwazi, mntundini ulambathayo, ukuba ukholo olungenamisebenzi alunto yanto? 21 UAbraham ubawo wethu akazange na avakaliswe elilungisa ngemisebenzi emva kokuba wanikela ngoIsake unyana wakhe phezu kwesibingelelo? 22 Uyabona ukuba ukholo lwakhe lwaluhambisana nemisebenzi yakhe, lwaza lwenziwa lwagqibelela ukholo lwakhe ngayo imisebenzi yakhe, 23 sazaliseka ke isibhalo esithi: “UAbraham wakholwa kuYehova, kwaza oko kwabalelwa kuye njengobulungisa,” waza wabizwa ngokuba “ngumhlobo kaYehova.” 24 Niyabona ukuba umntu uvakaliswa elilungisa ngemisebenzi, kungekhona ngokholo lodwa. 25 Ngokufanayo akazange na noRahabhi ihenyukazi avakaliswe elilungisa ngemisebenzi, emva kokuba wabamkela ngomoya wokubuk’ iindwendwe abathunywa waza wabakhupha ngandlela yimbi? 26 Ngokufanayo akazange na noRahabhi ihenyukazi avakaliswe elilungisa ngemisebenzi, emva kokuba wabamkela ngomoya wokubuk’ iindwendwe abathunywa waza wabakhupha ngandlela yimbi?