INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Ulithanda Kangakanani ILizwi LikaThixo?
IBhayibhile yincwadi engcwele ebhalwe nguYehova uThixo, ibe inezinto ezicingwe nezithethwa nguye. (2Pe 1:20, 21) Isibonisa indlela uYehova aluthethelela ngayo ulawulo lwakhe esebenzisa uBukumkani bakhe, ikwanika bonke abantu abasemhlabeni ithemba lokuba ubomi buseza kuba bhetele. IBhayibhile ibonisa nendlela anothando ngayo uTata wethu osezulwini, uYehova.—Nd 86:15.
Mntu ngamnye unesizathu esahlukileyo sokuba alithande iLizwi LikaThixo. Ngaba siyabonisa ukuba siyasithanda esi sipho, ngokuthi siyifunde yonke imihla size sizenze izinto esizifundileyo? Izinto esizenzayo zimele zibonise ukuba nathi njengomdumisi, sithi: “Hayi indlela endiwuthanda ngayo umthetho wakho!”—Nd 119:97.
BUKELA IVIDIYO ETHI BABEYIXABISA IBHAYIBHILE—ISICATSHULWA (UWILLIAM TYNDALE) UZE UPHENDULE LE MIBUZO:
Kwakutheni ukuze uWilliam Tyndale aguqulele iindawo ezithile zeBhayibhile?
Kutheni sinokuthi iyamangalisa imizamo kaTyndale yokuguqulela iBhayibhile?
Zathubeleziswa njani iikopi zeBhayibhile kaTyndale eNgilani?
Singabonisa njani ukuba siyalithanda ILizwi LikaThixo?